Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Sifanele Sibahlonele Abakhulileyo?

Kutheni Sifanele Sibahlonele Abakhulileyo?

Kutheni Sifanele Sibahlonele Abakhulileyo?

NGASELUNXWEMENI lwaseKhalifoniya, eUnited States, kukho umthi abantu abathanda ukuwufota kakhulu kunayo yonke imithi ekhoyo emhlabeni. Lo mthi waziwa ngokuba yiLone Cypress. Ingxelo ibonisa ukuba lo mthi uneminyaka engaphezu kwengama-250 ukho. Kuye kwenziwa izinto ezininzi kulo mthi mhle nowaziwa ngokomelela. Ngokomzekelo, uye wabotshelelwa ngamatyathanga ukuze uqine yaye kuye kwabekwa amatye emazantsi kuwo.

ILone Cypress isenza sicinge ngamaKristu akhulileyo aphakathi kwethu anyamezela ngendlela emangalisayo. Enye yeendlela abakwenza ngazo oku kukushumayela iindaba ezilungileyo. Umprofeti uYoweli waxela kwangaphambili ukuba ‘amadoda amadala’ ayeya kuvakalisa isigidimi seBhayibhile. (Yow. 2:28-32; IZe. 2:16-21) Khawucinge nje ngeeyure aba bakhulileyo abazichitha benceda abanye bafunde ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mat. 24:14) Abanye kwaba bavakalisi boBukumkani abakhulileyo baye banyamezela ukutshutshiswa kangangeminyaka baza bajamelana nezinye iingxaki. Ukuba umthi wecypress waziwa ngokomelela yaye uqiniswa ngamatye namatyathanga, kucacile ukuba nabantu abakhulileyo bayakufuna ukuxatyiswa nokuphathwa ngesidima nembeko.

UYehova uThixo wanika abantu bakhe bamandulo lo myalelo: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu.” (Lev. 19:32) Phakathi kwabakhonzi bakaYehova namhlanje, kukho abaninzi abangumzekelo omhle wokuthembeka nabachithe amashumi eminyaka ‘behamba noThixo.’ (Mika 6:8) Njengokuba beqhubeka bephila ngemigaqo yeZibhalo, ngokwenene izimvi zabo ‘zisisithsaba sokuhomba.’—IMize. 16:31.

Umpostile uPawulos wayalela uTimoti oselula oku: “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu.” Kunoko, uTimoti kwakufuneka ‘ayibongoze njengoyise’ aze aphathe ‘abafazi abakhulu njengoonina.’ (1 Tim. 5:1, 2) Ngokungathi kunjalo, uTimoti wayefanele ‘asukume’ phambi kweengwevu. Kucacile ke ukuba uYehova ufuna sithethe nabakhulileyo ngembeko.

EyabaseRoma 12:10 ithi: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” Abaveleli abasebandleni ngokuqinisekileyo bawaphatha ngembeko amaKristu akhulileyo. Kodwa sonke sifanele sikhokele ekuboniseni imbeko omnye komnye.

Kakade ke, amalungu entsapho anembopheleleko ekhethekileyo yokunyamekela abazali bawo, ooninakhulu nooyisemkhulu. Abantu baye bakhangela iindlela zokulondoloza iLone Cypress yaye oku basakwenza nangoku. Ngokuqinisekileyo nathi sifanele sikhangele iindlela zokuqhubeka sibaphatha ngesidima abazali bethu abakhulileyo, oomakhulu nootatomkhulu bethu. Ngokomzekelo, ukubaphulaphula kuya kusinceda siphephe ukufuna ukwenza izinto ngendlela yethu kuphela size singabacingeli bona.—IMize. 23:22; 1 Tim. 5:4.

UYehova uyabaxabisa abakhulileyo phakathi kwethu. Akasoze abashiye. (INdu. 71:18) UThixo oyinyaniso uyabomeleza ukuze baqhubeke bemkhonza ngokuthembeka. Nathi masiqhubeke sibaxhasa yaye sibaphatha ngembeko abakhulileyo.

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Njengokuba i“Lone Cypress” kufuneka ixhaswe, nabantu abakhulileyo bafuna ukuphathwa ngesidima nembeko

[Inkcazelo]

American Spirit Images/age fotostock