Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Musani Ukuwenza Buhlungu Umoya Oyingcwele KaYehova

Musani Ukuwenza Buhlungu Umoya Oyingcwele KaYehova

Musani Ukuwenza Buhlungu Umoya Oyingcwele KaYehova

“Musani ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo, eniye natywinwa ngawo.”—EFE. 4:30.

1. Yintoni uYehova ayenzele abantu abazizigidi yaye yiyiphi imbopheleleko abanayo?

UYEHOVA ubenzele into ekhethekileyo abantu abazizigidi abaphila kweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo. Wenze ilungiselelo lokuba bakwazi ukusondela kuye ngoNyana wakhe okuphela kozelweyo, uYesu Kristu. (Yoh. 6:44) Ukuba uzahlulele kuThixo yaye uphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho, nawe ungomnye wabo. Ekubeni ubhaptizwe egameni lomoya oyingcwele, unembopheleleko yokuphila ngokuvisisana naloo moya.—Mat. 28:19.

2. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?

2 Thina bantu ‘bahlwayelela umoya’ sambatha ubuntu obutsha. (Gal. 6:8; Efe. 4:17-24) Kodwa umpostile uPawulos uyasiluleka yaye uyasilumkisa ukuba singawenzi buhlungu umoya oyingcwele kaThixo. (Funda eyabase-Efese 4:25-32.) Ngoku siza kukhe sihlolisise esi siluleko sikampostile. Wayethetha ukuthini uPawulos xa ethetha ngokwenza buhlungu umoya kaThixo? Umntu ozahlulele kuYehova unokuyenza njani into enjalo? Sinokukuphepha njani ukuwenza buhlungu umoya kaYehova?

Oko Kwakuthethwa NguPawulos

3. Ungayichaza njani intsingiselo yamazwi akweyabase-Efese 4:30?

3 Okokuqala, phawula amazwi kaPawulos akweyabase-Efese 4:30. Wathi: “Musani ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo, eniye natywinwa ngawo ukwenzela imini yokukhululwa ngentlawulelo.” UPawulos wayengafuni ukuba amanye amaKristu alubeke engozini ulwalamano lwawo noThixo. UYehova ‘wayewatywine ngomoya wakhe ukwenzela imini yokukhululwa ngentlawulelo.’ Umoya kaThixo wawulitywina okanye “umqondiso woko kuzayo” owawenzelwe abagcini bengqibelelo abathembekileyo ibe usenjalo nangoku. (2 Kor. 1:22) Ukutywinwa kwabo kubonisa ukuba bangabakaThixo yaye baza kuphila ezulwini. Abo batywiniweyo bali-144 000.—ISityhi. 7:2-4.

4. Kutheni kubalulekile ukuphepha ukuwenza buhlungu umoya kaThixo?

4 Ukuwenza buhlungu umoya kusenokuba linyathelo lokuqala elinokubangela amandla kaThixo asebenzayo angabi nampembelelo kubomi bomKristu. Oku sinokukubona kumazwi kaDavide awawathetha emva kokuba enze isono noBhatshebha. Eguqukile, uDavide wabongoza uYehova wathi: “Musa ukundilahla phambi kobuso bakho; nomoya wakho oyingcwele musa ukuwususa kum.” (INdu. 51:11) Kuphela ngabo bathanjisiweyo ‘nabazingqine bethembekile kwada kwasa ekufeni’ abaya kufumana “isitshaba” sobomi bokungafi ezulwini. (ISityhi. 2:10; 1 Kor. 15:53) AmaKristu anethemba lokuphila emhlabeni nawo kufuneka afumane umoya oyingcwele ukuze agcine ingqibelelo yawo kuThixo aze afumane isipho sobomi ngenxa yokuba nokholo kwidini likaKristu lentlawulelo. (Yoh. 3:36; Roma 5:8; 6:23) Ngenxa yoko, sonke simele sikulumkele ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaYehova.

UmKristu Unokuwenza Buhlungu Njani Umoya?

5, 6. UmKristu unokuwenza buhlungu njani umoya kaYehova?

5 NjengamaKristu azahluleleyo, sinokukuphepha ukuwenza buhlungu umoya. Sinako ukukwenza oku ukuba ‘siqhubeka sihamba ngokomoya,’ kuba asiyi kulawulwa yiminqweno yenyama ephosakeleyo yaye asiyi kubonakalisa iimpawu ezingamkholisiyo uThixo. (Gal. 5:16, 25, 26) Kodwa sisenokungahlali sinjalo. Sinokuwenza buhlungu umoya kaThixo ngokuzivumela sikhukuliseke ngokuthe ngcembe, mhlawumbi singaqondanga, size senze into egatywayo liLizwi likaThixo eliphefumlelwe ngomoya.

6 Ukuba siqhubeka sisenza izinto ezichasene nolwalathiso lomoya oyingcwele, siya kuwenza buhlungu umoya kunye noYehova, onguMthombo wawo. Xa sihlolisisa eyabase-Efese 4:25-32, siza kubona indlela esifanele siziphathe ngayo nendlela esinokukuphepha ngayo ukuwenza buhlungu umoya kaThixo.

Indlela Yokuphepha Ukuwenza Buhlungu Umoya

7, 8. Chaza isizathu sokuba sifanele sinyaniseke.

7 Sifanele sinyaniseke. Kweyabase-Efese 4:25, uPawulos wathi: “Ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye.” Ekubeni simanyene ‘njengamalungu omnye elomnye,’ asifanele sibe nenkohliso okanye sizame ukuqhatha amanye amaKristu ngabom, kuba oko kufana nokuba siyawaxokisa. Nabani na oqhubeka esenza oko akanakuba nolwalamano oluhle noThixo.—Funda iMizekeliso 3:32.

8 Amazwi nezenzo zenkohliso zinokubangela kungabikho manyano ebandleni. Ngoko ke, sifanele sibe njengomprofeti othembekileyo uDaniyeli, ekungazange kufunyanwe kunganyaniseki kuye. (Dan. 6:4) Sifanele sihlale sikhumbula isiluleko sikaPawulos esiya kumaKristu anethemba lokuphila ezulwini sokuba lungu ngalinye ‘lomzimba kaKristu’ lixhomekeke kwamanye yaye lifanele lihlale limanyene nabalandeli bakaYesu abathanjisiweyo nabathembekileyo. (Efe. 4:11, 12) Ukuba sinethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi, nathi sifanele sithethe inyaniso ukuze sixhase umanyano lwabazalwana ehlabathini lonke.

9. Kutheni kubalulekile ukuba senze ngokuvisisana neyabase-Efese 4:26, 27?

9 Simele simchase uMtyholi, singamvumeli ukuba asenzakalise ngokomoya. (Yak. 4:7) Umoya oyingcwele uyasinceda ukuze sichase uSathana. Ngokomzekelo, sinokukwenza oku ngokuphepha ukuba nomsindo ongalawulekiyo. UPawulos wathi: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.” (Efe. 4:26, 27) Ukuba ngenxa yesizathu esivakalayo siba nomsindo, ukuthandaza entliziyweni ngokukhawuleza kunokusinceda sibe ‘nomoya opholileyo,’ size sizeyise kunokuba senze into eya kuwenza buhlungu umoya kaThixo. (IMize. 17:27) Ngoko masingahlali sicaphukile size sivulele uSathana ithuba lokuba asilukuhlele ekwenzeni okungendawo. (INdu. 37:8, 9) Enye indlela esinokumxhathisa ngayo kukwenza ngokuvumelana nesiluleko sikaYesu sokuba sicombulule iingxaki ngokukhawuleza.—Mat. 5:23, 24; 18:15-17.

10, 11. Kutheni singafanele sibe okanye singanyaniseki?

10 Masingaze sibanjiswe sisilingo sokuba okanye sokunganyaniseki. Ngokuphathelele ubusela, uPawulos wathi: “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.” (Efe. 4:28) Ukuba umKristu ozahluleleyo uyeba, eneneni uya kube ‘uhlasela igama likaThixo’ aze azise ugculelo kulo. (IMize. 30:7-9) Ukuba lihlwempu akubuthetheleli ubusela. Abo bathanda uThixo nommelwane bayaqonda ukuba ayikho into ethethelela ubusela.—Marko 12:28-31.

11 UPawulos akachazi nje kuphela into esingafanele siyenze; uchaza nento esifanele siyenze. Ukuba siphila size sihambe ngomoya oyingcwele, siya kuzibhokoxa ukuze sinyamekele iintsapho zethu size ‘sabele lowo usweleyo.’ (1 Tim. 5:8) UYesu nabapostile bakhe babenengxowa-mali yokunceda amahlwempu, kodwa uYudas Skariyoti owaba ngumngcatshi wayedla ngokuyithabatha enye yaloo mali. (Yoh. 12:4-6) Ngokuqinisekileyo wayengakhokelwa ngumoya oyingcwele. Ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo, njengoPawulos siya ‘kuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.’ (Heb. 13:18) Ngaloo ndlela siya kukuphepha ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaYehova.

Ezinye Iindlela Esinokukuphepha Ngazo Ukuwenza Buhlungu Umoya

12, 13. (a) Njengoko kuboniswe kweyabase-Efese 4:29, yintetho enjani esifanele siyiphephe? (b) Intetho yethu ifanele ibe njani?

12 Simele sizilumkele izinto esizithethayo. UPawulos wathi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.” (Efe. 4:29) Kwakhona, lo mpostile akasixeleli nje into esingamele siyenze kodwa usixelela naleyo sifanele siyenze. Umoya kaThixo uya kusenza ‘sithethe ilizwi elakhayo ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.’ Ngaphezu koko, asifanele sikhuphe ‘ilizwi elibolileyo’ emilonyeni yethu. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukubola’ lisetyenziswa xa kuchazwa isiqhamo, intlanzi okanye inyama ebolileyo. Kanye njengokuba sikwenyanya ukutya okunjalo okubolileyo, siyithiyile intetho uYehova ayigqala njengembi.

13 Intetho yethu ifanele ibonakalise intlonelo, ububele ize ‘inongwe ngetyuwa.’ (Kol. 3:8-10; 4:6) Abantu bafanele babone ukuba sahlukile xa besiva oko sikuthethayo. Ngoko masincede abanye ngokuthetha oko ‘kulungele ukwakha.’ Ngamana singavakalelwa njengomdumisi owacula wathi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.”—INdu. 19:14.

14. Eyabase-Efese 4:30, 31, ithi yintoni esifanele siyiphephe?

14 Sifanele sibuphephe ubukrakra, ingqumbo, ukutshabhisa nabo bonke ububi. Emva kokulumkisa ngokwenza buhlungu umoya kaThixo, uPawulos wathi: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.” (Efe. 4:30, 31) Njengabantu abangafezekanga, sonke sifanele sizame ngamandla ukuze silawule iingcamango nezenzo zethu. Ukuba ‘sinobukrakra bolunya nomsindo nengqumbo,’ siya kuwenza buhlungu umoya kaThixo. Kuya kuba njalo naxa sigcina zonke izinto esikhutyekiswe ngazo, sibe nengqumbo yaye singafuni ukubaxolela abo basonileyo. Kwanaxa siqalisa ukugatya isiluleko seBhayibhile, sisenokuba nemikhwa enokusenza sone umoya ibe sisenokungena engxakini.

15. Ukuba soniwe, yintoni esifanele siyenze?

15 Sifanele sibe nobubele, imfesane size sixolele. UPawulos wathi: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.” (Efe. 4:32) Kwanokuba sibuhlungu kakhulu ngenxa yokoniwa, sifanele sixolele njengokuba noThixo exolela. (Luka 11:4) Masithi omnye umKristu uthethe into embi ngathi, size siye kuye ngenjongo yokulungisa le ngxaki kunye naye. Uyakhathazeka ngale nto ayenzileyo aze acele ukuba simxolele. Siyamxolela, kodwa sifanele senze okungakumbi. ILevitikus 19:18 ithi: “Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu; yaye uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu. NdinguYehova.”

Sifanele Siphaphe

16. Zekelisa ngotshintsho ekusenokufuneka silwenze ukuze singawenzi buhlungu umoya kaYehova.

16 Naxa kungekho mntu usibonayo, sisenokuwela esilingweni sokufuna ukwenza into engamkholisiyo uThixo. Ngokomzekelo, masithi umzalwana othile ubephulaphula umculo ongafanelekanga. Ekuhambeni kwexesha, isazela sakhe siyamkhathaza ngenxa yokutyeshela isiluleko seBhayibhile esikwiimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45) Usenokuthandaza ngale ngxaki aze akhumbule amazwi kaPawulos akweyabase-Efese 4:30. Kuba ezimisele ukungenzi nanye into eza kuwenza buhlungu umoya kaThixo, ugqiba ekubeni angaphindi awuphulaphule loo mculo. UYehova uya kumsikelela loo mzalwana ngokuba nesimo sengqondo esinjalo. Ngoko ke, ngalo lonke ixesha masikuphephe ukuwenza buhlungu umoya kaThixo.

17. Kunokwenzeka ntoni ukuba asiphaphanga yaye asithandazi?

17 Ukuba asiphaphanga yaye asithandazi, sisenokuzibona sisenza into engacocekanga okanye engafanelekanga eya kuwenza buhlungu umoya. Ekubeni umoya oyingcwele uvelisa iziqhamo ezibonisa ubuntu bukaBawo wethu wasezulwini, xa siwenza buhlungu naye uba buhlungu—nto leyo singafuni ukuyenza. (Efe. 4:30) Ababhali abangamaYuda benkulungwane yokuqala bathi uYesu wenza imimangaliso ngamandla avela kuSathana. (Funda uMarko 3:22-30.) Ezo ntshaba zikaKristu ‘zanyelisa umoya oyingcwele’ ngaloo ndlela zenza isono esingaxolelekiyo. Masingaze sikwenze oko!

18. Sinokuqiniseka njani ukuba asenzanga sono singaxolelekiyo?

18 Ekubeni singafuni ukwenza isono esingaxolelekiyo, sifanele sikhumbule oko kwathethwa nguPawulos ngokwenza buhlungu umoya. Kodwa kuthekani ukuba siye senza isono esinzulu? Ukuba siguqukile saza sancedwa ngabadala, sinokugqiba kwelokuba uThixo usixolele yaye ngaloo ndlela asiwonanga umoya oyingcwele. UThixo unokusinceda sikuphephe ukuphinda sone umoya nangayiphi na indlela.

19, 20. (a) Ziziphi izinto esifanele siziphephe? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

19 UThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze abantu bakhe babe nothando, uvuyo nomanyano. (INdu. 133:1-3) Ngoko ke, sifanele sikuphephe ukuwenza buhlungu umoya ngokubandakanyeka kwintlebendwane okanye ngokuthetha izinto ezingabonisi ntlonelo ngabalusi abamiselwe ngomoya oyingcwele. (IZe. 20:28; Yude 8) Kunoko, sifanele senze izinto eziya kubangela ukuba kubekho umanyano nokuhlonelana ebandleni. Asifanele sikhethane sibe ngamaqela ahlukahlukeneyo phakathi kwabantu bakaThixo. UPawulos wathi: “Ndiyanibongoza, bazalwana, ngegama leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.”—1 Kor. 1:10.

20 UYehova ukulungele ukusinceda sikuphephe ukuwenza buhlungu umoya wakhe. Masiqhubeke sithandazela umoya oyingcwele size sizimisele ukungawenzi buhlungu. Kwanga singaqhubeka ‘sihlwayelela umoya,’ sifune ulwalathiso lwawo ngokunyaniseka ngoku nangonaphakade.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Kuthetha ukuthini ukwenza buhlungu umoya kaThixo?

• Umntu ozahlulele kuYehova unokuwenza buhlungu njani umoya?

• Ziziphi iindlela esinokukuphepha ngazo ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Yicombulule ngokukhawuleza ingxaki

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Intetho yakho ifana nasiphi isiqhamo?