Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Qhubeka Usebenzisa Amandla Akho Okuqonda

Qhubeka Usebenzisa Amandla Akho Okuqonda

Qhubeka Usebenzisa Amandla Akho Okuqonda

NGUMBONO omhle ngokwenene ukubukela abantu abenza umthambo xa belolonga imizimba yabo! IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba aqeqeshe iingqondo zawo njengokuba abantu abenza umthambo beqeqesha imizimba yabo.

Kwileta yakhe eya kumaHebhere, umpostile uPawulos wathi: “Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Heb. 5:14) Kwakutheni ukuze uPawulos abongoze amaKristu angamaHebhere ukuba aqeqeshe amandla awo okucinga njengokuba umntu owenza umthambo eqeqesha izihlunu zakhe? Sinokuwaqeqesha njani amandla ethu okuqonda?

“Benifanele Ukuba Ngabafundisi”

Xa wayechaza indima kaYesu ‘njengombingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki,’ uPawulos wathi: “Ngokuphathelele yena [uYesu] sinokuninzi esingakuthetha nekunganzima ukukucacisa, ekubeni niye nabuthuntu ekuveni kwenu. Kuba, eneneni, nangona benifanele ukuba ngabafundisi ngenxa yexesha, nisafuna kwakhona uthile wokunifundisa ukususela ekuqaleni izinto eziziziqalelo zezibhengezo ezingcwele zikaThixo; yaye nisuke naba njengabasafanelwe lubisi, kungekhona ukutya okuqinileyo.”—Heb. 5:10-12.

Kuyabonakala ukuba, amanye amaKristu angamaYuda enkulungwane yokuqala ayengenzi nkqubela ngokomoya. Ngokomzekelo, kwakunzima ukuba amkele ukukhanya ngokuphathelele uMthetho nolwaluko. (IZe. 15:1, 2, 27-29; Gal. 2:11-14; 6:12, 13) Amanye kwakunzima ukuba ahlukane nezithethe eziphathelele iSabatha yeveki ngeveki noMhla Wocamagusho owawubhiyozelwa minyaka le. (Kol. 2:16, 17; Heb. 9:1-14) Ngenxa yoko uPawulos wawakhuthaza ukuba aqeqeshe amandla awo okuqonda ukuze akwazi ukwahlula okulungileyo nokubi aze ‘axhinele ekuqoleni.’ (Heb. 6:1, 2) Kumele ukuba esi sibongozo sakhe sabangela ukuba abathile bacingisise ngendlela ababesebenzisa ngayo amandla abo okuqonda yaye kusenokwenzeka ukuba sabanceda benza inkqubela ngokomoya. Kuthekani ngathi?

Qeqesha Amandla Akho Okuqonda

Sinokuwaqeqesha njani amandla ethu okuqonda ukuze sikhule ngokomoya? UPawulos wathi: “Ngokuwasebenzisa.” Njengokuba abantu abenza umthambo beqeqesha izihlunu nemizimba yabo ukuze bakwazi ukujikajika ngokulula, nathi sifanele siqeqeshe iingqondo zethu ukuze sikwazi ukwahlula okulungileyo nokubi.

UJohn Ratey, ongunjingalwazi oyingcali yokusebenza kwengqondo kwiSikolo Sezonyango saseHarvard uthi: “Eyona nto inokwenza [ingqondo] yakho ibe krelekrele, kukuyisebenzisa.” Ngokutsho kukaGene Cohen, ongumalathisi kwiCenter on Aging, Health and Humanities, kwiYunivesithi yaseGeorge Washington, “xa sicinga izinto ezintsonkothileyo, iiseli zethu zengqondo ziveza imithambo-luvo emitsha nto leyo ibangela ukuba kongezeleleke iisynapses, eziphakathi kwemithambo luvo.”

Ngoko ke, kubalulekile ukuba siqeqeshe iingqondo zethu sandise nolwazi lwethu ngeLizwi likaThixo. Ngokwenjenjalo, siya kukwazi kakuhle ukwenza ‘ukuthanda kukaThixo.’—Roma 12:1, 2.

Kunqwenele “Ukutya Okuqinileyo”

Ukuba sifuna ‘ukuxhinela ekuqoleni,’ kufuneka sizibuze: ‘Ngaba ndenza inkqubela kwindlela endiyiqonda ngayo inyaniso yeBhayibhile? Ngaba abanye bandigqala njengomntu okhulileyo ngokomoya?’ Umama uyakuvuyela ukondla usana lwakhe ngobisi nokunye ukutya kweentsana xa luseyimveku. Kodwa khawucinge indlela anokunxuba ngayo xa kunokuqengqeleka iminyaka umntwana wakhe engakufuni ukutya okuqinileyo. Ngokufanayo, siyavuya xa sibona umntu esimqhubela isifundo seBhayibhile esenza inkqubela ngokomoya de azahlulele yaye abhaptizwe. Noko ke, kuthekani ukuba emva koko loo mntu akenzi nkqubela ngokomoya? Ngaba oko akunakukudimaza? (1 Kor. 3:1-4) Umntu oqhuba isifundo uye abe nethemba lokuba ekuhambeni kwexesha naye lo mfundi mtsha uya kuqhuba ezakhe izifundo.

Xa siqiqa ngemibandela ethile, sisebenzisa amandla ethu okuqonda yaye kufuneka sizikise ukucinga. (INdu. 1:1-3) Akufuneki sivumele iziphazamiso—njengokubukela umabonwakude okanye ukuzonwabisa, nto ezo kungeyomfuneko ukuba sisebenzise iingqondo xa sizenza—zisiphazamise ekucingeni ngezinto ezibalulekileyo. Ukuze siqeqeshe iingqondo zethu, kufuneka sibe nomdla wokufunda iBhayibhile neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47) Ukongezelela kucwangciso lobuqu lokufunda iBhayibhile, kubalulekile ukuba sibe nexesha loNqulo Lwentsapho nelokuphanda imibandela eseBhayibhileni.

UJerónimo, ongumveleli ohambahambayo waseMexico, uthi nkupho nganye yeMboniselo efikayo uyayifunda. Ubekel’ ecaleni nexesha lokufundisisa kunye nenkosikazi yakhe. UJerónimo uthi: “Sifunda iBhayibhile sobabini yonke imihla yaye sifunda nezinye iimpapasho njengencwadana enemifanekiso ethi ‘Ilizwe Elihle.’ Omnye umKristu ogama linguRonald uthi uhambisana nocwangciso lweveki ngeveki lofundo lweBhayibhile lwebandla. Uzenzele nocwangciso lokuphanda ngemibandela eyahlukahlukeneyo. URonald uthi: “Olu cwangciso lundenza ndihlale ndikhangele phambili kwixesha lam lofundisiso.”

Kuthekani ngathi? Ngaba sichitha ixesha elaneleyo sifundisisa iBhayibhile yaye sicamngca ngeLizwi likaThixo? Ngaba siyawaqeqesha amandla ethu okuqonda ukuze senze izigqibo ezivumelana nemigaqo yeZibhalo? (IMize. 2:1-7) Ngamana singazimisela ukuba ngabantu abakhulileyo ngokomoya, sibe nolwazi nobulumko obufunyanwa ngabantu abaqeqesha amandla abo okuqonda ukuze bakwazi ukwahlula okulungileyo nokubi!

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Amandla ethu okuqonda siwaqeqesha “ngokuwasebenzisa”