Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

UYesu wathi kwabo babemphulaphule: “Nimele nigqibelele, njengoko uYihlo osemazulwini egqibelele.” ‘Banokugqibelela’ njani abantu namhlanje?—Mat. 5:48.

Ukuze sifumane impendulo yalo mbuzo sifanele siqonde indlela elisetyenziswa ngayo igama elithi “ukugqibelela” eBhayibhileni. Asizizo zonke izinto ezichazwa ‘njengezigqibeleleyo’ eZibhalweni ezigqibelele ngokupheleleyo. Kakade ke, uYehova yena ugqibelele. Abantu okanye ezinye izinto zinokugqibelela ukusa kumlinganiselo othile. Igama leBhayibhile lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukugqibelela” ngokuqhelekileyo lithetha “ukuphelela,” “ukuqola” okanye “ukungabi nasiphoso” ngokwemilinganiselo ebekwe ngumntu onegunya.

UAdam noEva babedalwe bagqibelela ngandlela zonke. Babegqibelele ngokomlinganiselo ababewubekelwe nguMdali wabo. Ngenxa yokungathobeli, abazange baphile ngokuvisisana nale milinganiselo baza baphulukana nelungelo lokugqibelela, bona kunye nenzala yabo. Ngenxa ka-Adam, isono, ukungafezeki nokufa kwadluliselwa kubo bonke abantu.—Roma 5:12.

Noko ke, njengoko uYesu wabonisayo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, kwanabantu abangafezekanga banokugqibelela ukusa kumlinganiselo othile. Kuloo ntshumayelo, wachaza imilinganiselo yokubonakalisa uthando ngokupheleleyo okanye ngokugqibeleleyo. Olu thando lufana nolo lubonakaliswa nguThixo ebantwini. UYesu wathi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo; ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini, ekubeni elenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula eyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.” (Mat. 5:44, 45) Ngokubonakalisa uthando ukusa kuloo mlinganiselo, abafundi bakaYesu babeya kuba baxelisa umzekelo kaThixo ogqibeleleyo.

Namhlanje, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke azama ukufikelela loo mlinganiselo uphakamileyo wokubonakalisa uthando kwabanye. Anqwenela ukunceda zonke iintlobo zabantu enoba ngabaluphi na uhlanga okanye unqulo, ukuba bafumane ulwazi oluchanileyo lwenyaniso yeBhayibhile. Kumazwe angama-236 abantu abanomdla, abangaphezu kwe-7 000 000, bafunda iBhayibhile namaNgqina.

UYesu wabuza: “Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nabaqokeleli berhafu? Yaye ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, yintoni na into engaqhelekanga eniyenzayo? Abenzi kwaloo nto na nabantu beentlanga?” (Mat. 5:46, 47) AmaKristu okwenyaniso akabacalucaluli abantu ngenxa yemfundo abanayo okanye imvelaphi yabo; yaye akathandi kuphela abantu abanokukwazi ukubabuyekeza ngezinto ababenzela zona. Kunoko, anceda abantu abangamahlwempu nabagulayo, abancinane nabadala. Ngokubonakalisa uthando ngezi ndlela, amaKristu axelisa uYehova yaye kunokuthiwa agqibelele ukusa kumlinganiselo othile.

Ngaba siya kuze sikwazi ukufumana imfezeko esaphulukana nayo ngenxa ka-Adam? Ewe ngokuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu, abantu abathobelayo baya kwenziwa bafezeke ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, xa ‘uNyana kaThixo echitha imisebenzi kaMtyholi.’—1 Yoh. 3:8.