Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Imisebenzi Yakhe Ilandelana Naye’

‘Imisebenzi Yakhe Ilandelana Naye’

‘Imisebenzi Yakhe Ilandelana Naye’

UTHEODORE JARACZ olilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ugqibe ikhondo lakhe lasemhlabeni ekuseni ngoLwesithathu, ngoJuni 9, 2010. Ufe eneminyaka engama-84 ubudala eshiya uMelita, inkosikazi yakhe ebeneminyaka engama-53 etshate nayo. Amanye amalungu entsapho yakhe asaphilayo ngudadewabo nabatshana bakhe abathathu.

UMzalwan’ uJaracz wazalwa ngoSeptemba 28, 1925, ePike County, eKentucky, eMerika, yaye ngoAgasti 10, 1941, xa wayeneminyaka eli-15 ubudala wafuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova. Kwiminyaka emibini elandelayo, xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, waba nguvulindlela othe ngxi eqalisa inkonzo yexesha elizeleyo aphantse wagqiba iminyaka engama-67 ekuyo.

Ngowe-1946, xa uMzalwan’ uJaracz wayeneminyaka engama-20 ubudala waya kwiklasi yesixhenxe yeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi. Ukugqiba kwakhe kweso sikolo, uMzalwan’ uJaracz wanikwa isabelo sokukhonza njengomveleli ohambahambayo kummandla waseCleveland, eOhio eUnited States. Ngowe-1951, wathunyelwa kwisebe laseOstreliya apho wakhonza njengesicaka sesebe. INcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1983 yathi uMzalwan’ uJaracz “wayelukhuthazo kakhulu kubazalwana kulo lonke elo ngokulandela ulwalathiso lwentlangano nangokukhuthala kwinkonzo yasentsimini.”

Emva kokubuyela eUnited States, uMzalwan’ uJaracz watshata noMelita Lasko ngoDisemba, 10, 1956. Emva nje kokutshata kwabo baqalisa umsebenzi wokuhambahamba bekhonza iziphaluka nezithili kummandla omkhulu waseUnited States. Ngowe-1974, uMzalwan’ uJaracz wamenyelwa ukuba abe lilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova.

Siya kuhlala simkhumbula uMzalwan’ uJaracz njengomkhonzi kaYehova ozinikeleyo nonyanisekileyo owayezinikele ngokupheleleyo kumsebenzi wobuthixo. Ebeyithanda yaye eyinyamekela inkosikazi yakhe yaye ebezithanda nezinto zokomoya ebeka izilangazelelo zabanye kuqala kunezakhe. (1 Kor. 13:4, 5) Ebebathanda abantu kuba ebefuna baphathwe ngokufanayo yaye kuboniswe inceba kubo. Ngaphezu koko, enye indlela ebebonisa ngayo ukuba uyabathanda abantu yinzondelelo ebenayo ngobulungiseleli basentsimini.

Nangona kubuhlungu ukuphulukana nelungu lentsapho yaseBheteli esilithandayo nelizibhokoxayo emsebenzini, siyavuya kuba uMzalwan’ uJaracz ukhonze uYehova ngokunyanisekileyo amashumi ngamashumi eminyaka. Siqinisekile ukuba uye ‘wazingqina ethembekile de kwasekufeni, yaye usifumene isithsaba sobomi.’ (ISityhi. 2:10) Siqinisekile nokuba ‘imisebenzi yakhe ilandelana naye.’—ISityhi. 14:13.