Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—Vumelani ILizwi LikaThixo Linikhokele

Lutsha—Vumelani ILizwi LikaThixo Linikhokele

Lutsha—Vumelani ILizwi LikaThixo Linikhokele

“Zuza ubulumko, zuza ukuqonda.”—IMIZE. 4:5.

1, 2. (a) Yintoni eyanceda umpostile uPawulos wakwazi ukoyisa ingxaki awayenayo? (b) Unokubuzuza njani ubulumko nokuqonda?

 “XA NDINQWENELA ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” Ngaba uyamazi umntu owathetha loo mazwi? Ngumpostile uPawulos. Nangona uPawulos wayemthanda uYehova, maxa wambi wayekufumanisa kunzima ukwenza okulungileyo. Kwakumenza avakalelwe njani oku? Wathi: “Hayi usizana endilulo!” (Roma 7:21-24) Ngaba uyayiqonda indlela awayevakalelwa ngayo uPawulos? Ngaba maxa wambi ukufumanisa kunzima ukwenza okulungileyo? Ngaba nawe oku kuyakukhathaza njengoPawulos? Ukuba kunjalo, musa ukudimazeka. UPawulos waphumelela nakuba wayenale ngxaki, nawe unokuphumelela.

2 UPawulos waphumelela kuba wavuma ukukhokelwa ‘ngamazwi aphilileyo.’ (2 Tim. 1:13, 14) Ngenxa yoko, waba nobulumko nokuqonda okwamnceda wakwazi ukuhlangabezana neengxaki nokwenza izigqibo ezifanelekileyo. UYehova uThixo unokukunceda ube nobulumko nokuqonda. (IMize. 4:5) Usilungiselele amacebiso ayingenelo, afumaneka kwiLizwi lakhe iBhayibhile. (Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.) Cinga ngendlela onokungenelwa ngayo kwimigaqo eseZibhalweni ngokuphathelele indlela obaphatha ngayo abazali bakho, osebenzisa ngayo imali naxa uwedwa.

Ukukhokelwa LiLizwi LikaThixo Entsatsheni

3, 4. Kutheni unokukufumanisa kunzima ukuthobela imithetho yabazali bakho, kodwa yintoni ebangela ukuba abazali bamisele imithetho?

3 Ngaba ukufumanisa kunzima ukuthobela imithetho oyimiselwe ngabazali bakho? Yintoni esenokubangela oko? Kusenokwenzeka ukuba ufuna inkululeko engakumbi. Leyo yinto yokwemvelo. Yinxalenye yokukhula. Noko ke, ngoxa usahlala nabazali bakho, ufanele ubathobele.—Efe. 6:1-3.

4 Ukuqonda isizathu sokuba abazali bakho bakumisele imithetho kunokwenza kube lula ukuba uyithobele. Eneneni, maxa wambi usenokuvakalelwa njengoBrielle a oneminyaka eli-18 ubudala, owathi ngabazali bakhe: “Balibele ukuba nabo babekhe baba batsha. Abafuni ukuba ndichaze uluvo lwam, ndizenzele ukhetho okanye ndiphile njengomntu omdala.” NjengoBrielle, usenokuvakalelwa kukuba abazali bakho bakubandeza inkululeko. Noko ke, abazali bakho bakumisela imithetho kuba benenkxalabo ngawe. Ngaphezulu, abazali abangamaKristu bayazi ukuba uYehova ubanike imbopheleleko yokuba bakunyamekele.—1 Tim. 5:8.

5. Unokungenelwa njani ngokuthobela abazali bakho?

5 Eneneni, ukuthobela imithetho emiselwe ngabazali bakho kufana nokuhlawula ityala lakho lasebhankini, xa ulihlawula ngokunyaniseka, ibhanki iya kukwazi ukukuvumela ukuba wenze elinye ityala. Ngokufanayo, ufanele ubahlonele yaye ubathobele abazali bakho. (Funda iMizekeliso 1:8.) Ukuba uyathobela, abazali bakho basenokukunika inkululeko engakumbi. (Luka 16:10) Kakade ke, ukuba unomkhwa wokungayithobeli imithetho, abazali bakho basenokungakuniki inkululeko engakumbi.

6. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ukuba bathobele?

6 Enye indlela abazali abanokunceda ngayo abantwana babo bathobele imithetho, kukumisela umzekelo omhle. Ukuba bayayithobela imithetho kaYehova banokubonisa abantwana babo ukuba imithetho kaThixo ayikho nzima. Oko kuya kunceda nabantwana ukuba bayithobele ngokulula imithetho yabazali. (1 Yoh. 5:3) Ngapha koko, iBhayibhile ichaza izihlandlo apho uYehova wavumela abakhonzi bakhe ukuba bachaze izimvo zabo kwimibandela ethile. (Gen. 18:22-32; 1 Kum. 22:19-22) Ngaba maxa wambi abazali banokunika abantwana ithuba lokuchaza izimvo zabo kwimibandela ethile?

7, 8. (a) Luluphi ucelomngeni abajamelana nalo abanye abantwana? (b) Yintoni enokukunceda ungenelwe kuqeqesho?

7 Abantwana basenokuvakalelwa kukuba abazali babo babagxeka ngokungeyomfuneko. Maxa wambi, usenokuvakalelwa njengoCraig oselula owathi, “UMama wayefana nepolisa—wayesoloko endigadile.”

8 Maxa wambi, kudla ngokufuneka ugxekwe xa uqeqeshwa. IBhayibhile ibonisa ukuba kwanaxa kufanelekile ukuba sifumane uqeqesho, akukho lula ukuba silwamkele. (Heb. 12:11) Yintoni enokukunceda ukuze ungenelwe kuqeqesho olufumanayo? Into ebalulekileyo ofanele uyikhumbule kukuba abazali bakho bakululeka kuba bekuthanda. (IMize. 3:12) Bafuna ukukunceda uphephe imikhwa emibi uze uhlakulele elungileyo. Abazali bakho bayaqonda ukuba xa bengakuqeqeshi, kufana nokungathi bakuthiyile. (Funda iMizekeliso 13:24.) Kwakhona ufanele uyilindele into yokuba uya kuzenza iimpazamo. Ngoko xa ululekwa, jonga iingenelo onokuzifumana kweso siluleko. “Inzuzo [yobulumko] ilunge ngakumbi kunenzuzo yesilivere nemveliso yabo kunegolide.”—IMize. 3:13, 14.

9. Kunokuba bacinge ukuba badlelw’ indlala, yintoni enokwenziwa ngabantu abaselula?

9 Noko ke, abazali bayazenza iimpazamo. (Yak. 3:2) Xa bekululeka, basenokuthetha bengacinganga. (IMize. 12:18) Yintoni enokubangela abazali bakho bathethe ngale ndlela? Basenokubangelwa kukuxinezeleka okanye basenokuba bakhathazwa kukucinga ukuba abakuqeqeshanga kakuhle. Kunokuba ucinge ukuba bakudlel’ indlala, kutheni ungabonisi uxabiso ngoncedo lwabo? Ukuba usamkela lula isiluleko, oko kuya kukunceda naxa sele ukhulile.

10. Yintoni enokwenza kube lula ukuthobela imithetho yabazali bakho?

10 Ngaba ungathanda ukuba abazali bakho bakumisele imithetho ekunokuba lula ukuba uyithobele? Ukuba kunjalo, ufanele uphucule indlela onxibelelana ngayo kunye nabo. Unokukwenza njani oku? Okokuqala ufanele uphulaphule. IBhayibhile ithi: ‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe ukuqumba.’ (Yak. 1:19) Kunokuba uzame ukuzithethelela, zama ukuzibamba uze uphulaphule abazali bakho. Phulaphula into abayithethayo kungekhona indlela abathetha ngayo. Emva koko, thetha nabo ngentlonelo uvume ukuba wenze impazamo yaye akuzukuphinda uyenze. Oko kuya kubabonisa ukuba uyivile into ebebeyithetha. Kuthekani ukuba ufuna ukuchaza isizathu sokuba wenze ngendlela owenze ngayo? Kudla ngokuba bubulumko ‘ukunqanda imilebe yakho’ de wenze loo nto ifunwa ngabazali bakho. (IMize. 10:19) Ukuba abazali bakho bayabona ukuba uyabaphulaphula, kuya kuba lula ukuba nabo bakuphulaphule. Xa usenza ngolo hlobo, ubonisa ukuba ukhokelwa liLizwi likaThixo.

Ukukhokelwa LiLizwi LikaThixo Xa Usebenzisa Imali

11, 12. (a) ILizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba senze ntoni ngokuphathelele imali yaye ngoba? (b) Abazali bakho banokukunceda njani ukwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali?

11 IBhayibhile ithi: ‘Imali iyakhusela.’ Kodwa kwakule ndinyana kuthiwa ubulumko buxabiseke ngaphezu kwemali. (INtshu. 7:12) ILizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sibe nembono efanelekileyo ngemali, singayithandi. Kutheni sifanele sikuphephe ukuthanda imali? Cinga ngalo mzekelo: Kwincutshe yompheki, imela ebukhali iluncedo gqitha. Kodwa loo mela inokuba yingozi kumntu ongayisebenzisi kakuhle. Nemali inokuba luncedo xa isetyenziswa kakuhle. Noko ke, abo “bazimisele ukuba zizityebi” badla ngokuncama abahlobo, ulwalamano namalungu eentsapho zabo bade bancame nolwalamano lwabo noThixo. Ngenxa yoko, bazingxwelerha “ngeentlungu ezininzi.”—Funda eyoku-1 kuTimoti 6:9, 10.

12 Unokufunda njani ukusebenzisa imali kakuhle? Kutheni ungaceli abazali bakho ukuba bakucebise ngendlela yokusebenzisa imali? USolomon uthi: “Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi, kwaye umntu onokuqonda ngulowo uzuza ulwalathiso lobuchule.” (IMize. 1:5) Ibhinqa eliselula eligama linguAnna lacela icebiso kubazali balo. Lithi, “UTata wandifundisa indlela yokusebenzisa imali yaye wandibonisa indlela ekubaluleke ngayo oko.” Nonina ka-Anna wamfundisa izinto ezibalulekileyo. UAnna uthi: “Wandibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthelekisa amaxabiso ngaphambi kokuba ndithenge.” Uye wangenelwa njani uAnna koku? Uthi: “Ngoku ndiyakwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali yam. Andisafazi nje ngemali, yaye oko kundenza ndibe noxolo lwengqondo kuba andenzi matyala angeyomfuneko.”

13. Unokuzeyisa njani kwindlela oyisebenzisa ngayo imali?

13 Ukuba uthenga yonke into le oyibonayo okanye usebenzisa imali kuba uqhayisela abahlobo bakho, unokuzibhaqa sele usematyaleni. Yintoni enokukunceda uphephe le migibe? Xa usebenzisa imali, kufuneka ufunde ukuzeyisa. UEllena oneminyaka engaphezulwana kwama-20 ubudala, uyakwenza oko. Uthi: “Xa ndihamba nabahlobo bam, ndiceba kwangaphambili ukuba ndiza kusebenzisa imali engakanani. . . . Ndikufumanisa kububulumko nokuhamba nabahlobo abayisebenzisa kakuhle imali nabandikhuthaza ukuba ndithelekise amaxabiso, ndingathengi nje into yokuqala endiyibonayo.”

14. Kutheni sifanele silumkele ‘amandla akhohlisayo obutyebi’?

14 Imali ibalulekile yaye kubalulekile nokuyisebenzisa kakuhle. Noko ke, uYesu wathi abantu abonwabe ngokwenene ngabo “bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mat. 5:3) Wathi umdla womntu kwizinto zokomoya unokuphazanyiswa ‘ngamandla akhohlisayo obutyebi.’ (Marko 4:19) Ngoko kubalulekile ukuba sivumele ukukhokelwa liLizwi likaThixo size sibe nembono elungeleleneyo ngemali.

Ukukhokelwa LiLizwi LikaThixo Naxa Uwedwa

15. Ukunyaniseka kwakho kuThixo kusenokuvavanywa nini?

15 Ucinga ukuba ukunyaniseka kwakho kuThixo kunokuvavanywa nini—xa ukunye nabanye okanye xa uwedwa? Kusenokwenzeka ukuba xa usesikolweni okanye emsebenzini uhlala uphaphile ngokomoya. Ulumkele nantoni na enokukufaka engozini ngokomoya. Kodwa xa uyekelele umxakatho usenokulalanisa kwimilinganiselo yokuziphatha.

16. Kutheni ufanele uthobele uYehova naxa uwedwa?

16 Kutheni ufanele uthobele uYehova naxa uwedwa? Khumbula: Unokumenza buhlungu uYehova okanye umvuyise. (Gen. 6:5, 6; IMize. 27:11) Izinto ozenzayo ziyamchaphazela uYehova kuba ‘ukukhathalele.’ (1 Pet. 5:7) Ufuna umphulaphule ukuze ungenelwe. (Isa. 48:17, 18) Xa abanye babakhonzi bakaYehova kuSirayeli wamandulo bengazange basiphulaphule isiluleko sakhe, bamenza buhlungu. (INdu. 78:40, 41) Kwelinye icala, uYehova wayemthanda kakhulu umprofeti uDaniyeli kuba ingelosi yathi ‘uyindoda enqweneleka kakhulu.’ (Dan. 10:11) Kwakutheni? UDaniyeli wahlala enyanisekile kuThixo kungekhona xa wayephakathi kwabantu kodwa naxa wayeyedwa.—Funda uDaniyeli 6:10.

17. Yiyiphi imibuzo onokuzibuza yona xa ukhetha indlela yokuzonwabisa?

17 Ukuze uhlale unyanisekile kuThixo naxa uwedwa, umele ube ‘namandla okuqonda ukuze ukwazi ukwahlula okulungileyo nokubi’ uze uwaqeqeshe “ngokuwasebenzisa” ngokwenza okulungileyo. (Heb. 5:14) Ngokomzekelo, xa ukhetha umculo ofuna ukuwuphulaphula, iimovie oza kuzibukela okanye amajelo eInternet oza kuwavula, nantsi into eya kukunceda wenze ukhetho olufanelekileyo uze uphephe okubi. Zibuze le mibuzo: “Ngaba oku kuza kundinceda ndibe nolwazelelelo okanye ngaba kuya kundenza ndivuye xa ‘omnye esehlelwa yintlekele’?” (IMize. 17:5) Ngaba kuya kundinceda ‘ndithande okulungileyo’ okanye kuya kundenza ndingakwazi ‘ukuthiya okubi’?’ (Amosi 5:15) Into oyenzayo xa uwedwa ibonisa oko kusentliziyweni yakho.—Luka 6:45.

18. Yintoni ofanele uyenze ukuba ubusenza ngokufihlakeleyo into oyaziyo ukuba iphosakele?

18 Yintoni ofanele uyenze ukuba ubusenza ngokufihlakeleyo into oyaziyo ukuba iphosakele? Khumbula ukuba, “okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.” (IMize. 28:13) Asibobulumko ukuqhubeka usenza into ephosakeleyo uze ‘uwenze buhlungu umoya oyingcwele kaThixo’! (Efe. 4:30) Unembopheleleko phambi koThixo nabazali bakho yokuvuma isono osenzileyo yaye kuya kukunceda nawe oko. “Amadoda amakhulu ebandla” aya kukunceda. Umfundi uYakobi uthi: ‘Makamthandazele umoni amthambise ngeoli egameni likaYehova. Yaye umthandazo wokholo uya kumphilisa lowo ungaphilanga, uYehova amvuse. Kanjalo, ukuba uye wenza izono, uya kuxolelwa.” (Yak. 5:14, 15) Kuyinyaniso ukuba, oku kunokubangela iintloni yaye kusenokuba nemiphumo ebuhlungu. Kodwa ukucela uncedo kunokukusindisa ungangeni engxakini engakumbi yaye uya kuba nesazela esicocekileyo.—INdu. 32:1-5.

Vuyisa Intliziyo KaYehova

19, 20. UYehova ufuna ukuba ufumane ntoni kodwa yintoni ofanele uyenze?

19 UYehova ‘unguThixo onoyolo,’ yaye ufuna nawe wonwabe. (1 Tim. 1:11) Unomdla kuwe. Enoba akukho mntu oyibonayo imigudu oyenzayo ukuze wenze okulungileyo, yena uyakubona. Akukho nto ifihlakeleyo kuYehova. Akasoloko ejonge iimpazamo ozenzayo kodwa uhlala ekujongile ukuze akuxhase kwimigudu yakho yokwenza okulungileyo. “Amehlo [kaThixo] asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 Kron. 16:9.

20 Ngoko ke vumela iLizwi likaThixo ukuba likukhokele uze uwasebenzise amacebiso owafumana kulo. Uya kuba nobulumko nokuqonda ukuze ukwazi ukoyisa iingxaki nokwenza izigqibo ezifanelekileyo. Akuyi kukholisa abazali bakho noYehova kuphela kodwa nawe uya konwaba ngokwenene.

[Umbhalo osemazantsi]

a Asilogama lakhe eli.

Ungaphendula Njani?

• Yintoni enokwenziwa ngabaselula ukuze bangenelwe kwimithetho yabazali babo?

• Kutheni kubalulekile ukuba nembono elungeleleneyo ngemali?

• Unokuhlala njani unyanisekile kuYehova naxa uwedwa?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ngaba uya kuhlala unyanisekile kuThixo naxa uwedwa?