Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—Yixhathiseni Ingcinezelo Yoontanga

Lutsha—Yixhathiseni Ingcinezelo Yoontanga

Lutsha—Yixhathiseni Ingcinezelo Yoontanga

‘Amazwi enu makanongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.’—KOL. 4:6.

1, 2. Luvakalelwa njani olunye ulutsha ngokwahluka kwabanye yaye ngoba?

 NGOKUQINISEKILEYO ibinzana elithi “ingcinezelo yoontanga” akuliva ngondiva kodwa ulazi kakuhle ukuba lithetha ukuthini. Mhlawumbi ukhe ucengwe ngumntu ukuba wenze into oyaziyo ukuba iphosakele. Uye uvakalelwe njani? UChristopher oneminyaka eli-14 ubudala uthi, “Maxa wambi ndiye ndinqwenele ukusuka nje ndinyamalale okanye ndenze yonke into eyenziwa ngabanye abantwana besikolo.”

2 Ngaba ingcinezelo yoontanga iyakongamela? Ukuba kunjalo, inokuba siyintoni isizathu? Ngaba oko akwenziwa kukuba ufuna bakuthande? Akukho nto iphosakeleyo ngokuvakalelwa ngaloo ndlela. Kaloku, nabantu abadala bayafuna ukuthandwa ngoontanga babo. Enoba sibancinane okanye sibadala, akukho mntu ukufunayo ukungathandwa ngabanye. Noko ke, abanye abantu baya kukuthiya ngenxa yokuba ungafuni ukwenza okuphosakeleyo. NoYesu wayengathandwa ngabo bonke abantu. Sekunjalo, uYesu wayesoloko esenza okufanelekileyo. Nangona abanye bamlandelayo baza baba ngabafundi bakhe, abanye bamdelela uNyana kaThixo yaye ‘bamphatha njengongabalulekanga.’—Isa. 53:3.

Inamandla Kangakanani Ingcinezelo Yoontanga?

3. Kutheni kuyimpazamo ukuvumela ukuphenjelelwa ngoontanga?

3 Maxa wambi, usenokufuna ukwenza izinto ngendlela oontanga bakho abenza ngayo kuba ufuna bakuthande. Leyo yimpazamo enkulu. AmaKristu akafanele abe ‘ziintsana, akhukuliswe ngamaza.’ (Efe. 4:14) Abantwana abancinane banokuphenjelelwa lula ngabanye. Nangona ungumntu oselula ngoku, uza kuba mdala ngenye imini. Ngoko, ukuba ukholelwa ukuba imilinganiselo kaYehova yenzelwe ukuze kungenelwe wena, ufanele uphile ngayo. (Dut. 10:12, 13) Ukuba akwenjinjalo oko kuya kuthetha ukuba ubomi bakho bulawulwa ngabanye abantu. Enyanisweni, xa uyekelela kwingcinezelo yabanye ufana nje nonopopi.—Funda eyesi-2 kaPetros 2:19.

4, 5. (a) UAron wanikezela njani kwingcinezelo yoontanga yaye yintoni onokuyifunda koku? (b) Ziziphi iindlela oontanga bakho abanokuzama ukukuphembelela ngazo?

4 Ngesinye isihlandlo, uAron, umntakwaboMoses wanikezela kwingcinezelo yoontanga. Xa wacelwa ngamaSirayeli ukuba awenzele uthixo, wawenzela. UAron wayengelogwala. Ngaphambili, wahamba noMoses baya kuthetha noFaro, owayeyeyona ndoda inamandla eYiputa. UAron wathetha naye ngenkalipho evakalisa isigidimi sikaThixo. Kodwa uAron wanikezela kwingcinezelo yamaSirayeli. Inamandla ngokwenene ingcinezelo yoontanga! Kwaba lula ngoAron ukuma phambi kokumkani waseYiputa kodwa oontanga bakhe bamoyisa.—Eks. 7:1, 2; 32:1-4.

5 Umzekelo ka-Aron ubonisa ukuba asingobantu baselula kuphela okanye abo banomnqweno wokwenza okuphosakeleyo abajamelana nengcinezelo yoontanga. Ingcinezelo yoontanga inokuchaphazela nabo bafuna ngokunyanisekileyo ukwenza okulungileyo, kuquka wena. Oontanga bakho basenokuzama ukukunyanzela ukuba wenze into eyingozi, basenokukutyhola okanye bakugculele. Enoba ingcinezelo yoontanga iza ngayiphi na indlela, kunzima ukuyixhathisa. Ukuze ukwazi ukuyixhathisa kufuneka ukwazi ukuyimela into oyikholelwayo.

“Hlalani Nizicikida Oko Nikuko Nina Ngokwenu”

6, 7. (a) Kutheni kubalulekile ukuba uqiniseke ngezinto ozikholelwayo yaye yintoni enokukunceda? (b) Yiyiphi imibuzo onokuzibuza yona ukuze uqinise ukholo lwakho?

6 Ukuze ukwazi ukuxhathisa ingcinezelo yoontanga, kufuneka kuqala uqiniseke ukuba oko ukukholelwayo kuchanile yaye imilinganiselo ophila ngayo ifanelekile. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 13:5.) Ukuqiniseka ngento oyikholelwayo kuya kukunceda ube nenkalipho nangona kusenokwenzeka ukuba ungumntu oneentloni. (2 Tim. 1:7, 8) Kodwa kwanomntu okhaliphileyo ngokwemvelo, unokukufumanisa kunzima ukumela into angaqinisekanga ngayo. Ngoko, kutheni ungenzi uhlolisiso ukuze uqiniseke ukuba iimfundiso zeBhayibhile ziyinyaniso ngokwenene? Qala ngeemfundiso ezisisiseko. Ngokomzekelo, uyakholelwa kuThixo yaye ukhe ubeve abantu abathi bayakholelwa ukuba ukho. Ngoko ke zibuze, ‘Yintoni endenza ndikholelwe ukuba uThixo ukho?’ Injongo yalo mbuzo asikokukwenza uthandabuze kodwa kukuqinisa ukholo lwakho. Kwakhona zibuze, ‘Yintoni endenza ndiqiniseke ukuba iZibhalo ziphefumlelwe nguThixo?’ (2 Tim. 3:16) ‘Yintoni endenza ndiqiniseke ukuba le ‘yimihla yokugqibela’?’ (2 Tim. 3:1-5) ‘Yintoni endenza ndikholelwe ukuba imilinganiselo kaYehova iyingenelo kum?’—Isa. 48:17, 18.

7 Usenokuba mathidala ukuzibuza le mibuzo, unoloyiko lokuba akuyi kukwazi ukuyiphendula. Oko kuya kufana nokungafuni ukujonga usiba lwepetroli emotweni yakho kuba usoyika ukuba kungenzeka ukuba ‘lukuEmpty’! Ukuba imoto yakho ayinapetroli ufanele ukwazi oko uze wenze okuthile. Ngokufanayo, naxa ungaqinisekanga kakuhle ngezinto ozikholelwayo, kuhle ukuba ukwazi oko.—IZe. 17:11.

8. Chaza indlela onokuqiniseka ngayo ukuba kububulumko ukuthobela umyalelo kaThixo wokuphepha uhenyuzo.

8 Cinga ngalo mzekelo. IBhayibhile ikubongoza ukuba ‘usabe kulo uhenyuzo.’ Zibuze, ‘Kutheni kububulumko ukuba ndiwuthobele lo myalelo?’ Cinga ngazo zonke izizathu ezibangela ukuba oontanga bakho baziphathe ngaloo ndlela. Cinga nangezizathu ezahlukahlukeneyo ezibangela ukuba kuthiwe umntu ohenyuzayo “wona nxamnye nomzimba wakhe.” (1 Kor. 6:18) Ngoku hlolisisa ezo zizathu, uze uzibuze: ‘Yiyiphi eyona nto ndifanele ndiyenze? Ngaba ndiya kungenelwa ngokuziphatha kakubi ngokwesini?’ Cingisisa nangakumbi ngalo mbandela ngokuzibuza, ‘Ndiya kuvakalelwa njani ukuba ndiye ndanikezela ekuziphatheni kakubi ngokwesini?’ Oontanga bakho basenokukuncoma, kodwa uya kuvakalelwa njani kamva xa ukunye nabazali bakho okanye namanye amaKristu kwiHolo yoBukumkani? Uya kuvakalelwa njani xa uzama ukuthandaza kuThixo? Ngaba uya kuncama ukuba nolwalamano oluhle noThixo kuba nje ufuna ukukholisa abo ufunda nabo?

9, 10. Ukuqiniseka ngezinto ozikholelwayo kunokukunceda njani ukwazi ukumelana nengcinezelo yoontanga?

9 Xa uselula, ‘amandla akho engqiqo’ asebenza kakhulu. (Funda eyabaseRoma 12:1, 2.) Sebenzisa eli thuba ukuze ucinge nzulu ngesizathu sokuba kubalulekile ukuba liNgqina likaYehova. Oko kuya kukunceda uqiniseke ngakumbi ngezinto ozikholelwayo. Xa ujamelane nengcinezelo yoontanga uya kukwazi ukuyixhathisa. Uya kuvakalelwa njengomnye udade ongumKristu oselula, othi: “Xa ndixhathisa ingcinezelo yoontanga kufana nokungathi ndixelela abanye ngoko ndikukholelwayo. Ndibonisa ukuba unqulo lwam luyeyona nto ibalulekileyo. Indlela endicinga ngayo nendiziphatha ngayo, usukelo endinalo ebomini, zonke ezo zinto zisekelwe kunqulo lwam.”

10 Eneneni, kufuna umgudu ukuhlala usenza into oyaziyo ukuba ifanelekile. (Luka 13:24) Usenokuzibuza enoba kuyingenelo kusini na oko. Kodwa khumbula oku: Ukuba ubonakala ungaqinisekanga okanye uneentloni zokumela izinto ozikholelwayo, abanye baya kukubona oko yaye banokukucinezela ngakumbi. Kanti ukuba uthetha uqinisekile ngezinto ozikholelwayo, oontanga bakho baya kukuyeka.—Thelekisa uLuka 4:12, 13.

‘Camngca Ngaphambi Kokuba Uphendule’

11. Ukuzilungiselela kusengaphambili kunokukunceda njani kwingcinezelo yoontanga?

11 Enye into ebalulekileyo ukuze ukwazi ukuxhathisa ingcinezelo yoontanga, kukuzilungiselela kwangaphambili. (Funda iMizekeliso 15:28.) Ukuzilungiselela kuthetha ukucinga kusengaphambili ngemeko onokujamelana nayo. Maxa wambi oko kunokukunceda ungangeni engxakini. Ngokomzekelo, masithi ubona abantwana besikolo betshaya. Ngaba mhlawumbi baza kukunika nawe icuba? Ukuba uyabona ukuba bangayenza loo nto, ufanele wenze ntoni? IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” Unokujika uhambe ngenye indlela ukuze ubaphephe. Loo nto ayithethi ukuba uligwala; likhondo lobulumko elo.

12. Yiyiphi indlela onokuphendula ngayo xa ugculelwa?

12 Kuthekani ukuba ujamelana nemeko engenakuphepheka? Mhlawumbi umhlobo wakho ngeligculelayo uyakubuza, “Ngaba usenyulu?” Kufuneka ulandele isiluleko esikweyabaseKolose 4:6, esithi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” Njengoko esi sibhalo sibonisa, indlela owuphendula ngayo loo mbuzo iya kuxhomekeka kwiimeko. Akuyomfuneko ukuba impendulo yakho ibe yingcombolo ende esekelwe eBhayibhileni. Impendulo emfutshane nengqalileyo inokwanela. Ngokomzekelo, xa uphendula lo mbuzo uphathelele ukuba nyulu, unokusuka nje uthi, “Ewe ndisenyulu,” okanye uthi, “Andithandi ukuthetha nabanye abantu ngalo mbandela.”

13. Kutheni kubalulekile ukusebenzisa ukuqonda xa uphendula umntu okugculelayo?

13 Xa eqonda ukuba ukuchaza into eninzi akuzukunceda nganto, uYesu wayedla ngokuphendula nje ngamazwi ambalwa. Xa wayebuzwa nguHerode, uYesu akazange amphendule. (Luka 23:8, 9) Kudla ngokuba kuhle ukungayiphenduli imibuzo egculelayo. (IMize. 26:4; INtshu. 3:1, 7) Kwelinye icala, usenokuphawula ukuba umntu ubuza kuba engaziqondi kakuhle izinto ozikholelwayo—mhlawumbi ngokuphathelele iintlobano zesini—nangona kusenokwenzeka ukuba ekuqaleni ebekutshabhisa. (1 Pet. 4:4) Xa kunjalo, kunokufuneka umcacisele kakuhle ngokusekelwe eBhayibhileni. Musa ukuthula kuba usoyika. Hlala ‘ukulungele ukuzithethelela.’—1 Pet. 3:15.

14. Xa ucinezelwa ngoontanga, unokuphindisa njani ngobuchule?

14 Kwezinye iimeko, usenokuphindisa. Noko ke, oko ufanele uzame ukukwenza ngobuchule. Ngokomzekelo, ukuba umntwana ofunda naye ukunyanzela ukuba utshaye, unokuthi, “Enkosi” uze wongezelele uthi, “Ayifani nawe into yokutshaya!” Ngaba uyabona ukuba ngoku naye umfaka engxakini? Kunokuba umcacisele isizathu sokuba ungatshayi, umenza acinge ngobubi bale nto ayenzayo. a

15. Kuxa kutheni apho kufuneka usuke phakathi koontanga bakho abazama ukukucinezela yaye ngoba?

15 Kuthekani ukuba nangona usenza loo migudu oontanga bakho baqhubeka bekugculela? Kuya kuba kuhle ukuba usuke phakathi kwabo. Ukuba akuhambi, uya kuzibona sele ulalanisa. Ngoko, mka kuloo ndawo. Akukho sizathu sokuba uzive ngathi woyisiwe. Eneneni, nguwe owoyisileyo. Akukhange ube ngunopopi woontanga bakho, kodwa uye wavuyisa intliziyo kaYehova.—IMize. 27:11.

Zilungiselele ‘Amacebo Ayingenelo’

16. Banokukuphembelela njani abo bazibiza ngokuba bangamaKristu?

16 Maxa wambi, olunye ulutsha oluzibiza ngokuba lungabakhonzi bakaYehova lusenokukuphembelela ukuba wenze into engafanelekanga. Ngokomzekelo, kuthekani ukuba ufika kwimbutho elungiselelwe lolo lutsha kungekho mntu omdala oza kuba liliso? Okanye kuthekani ukuba oselula ozibiza ngokuba ungumKristu uza notywala kwimbutho yolonwabo, ibe uyazi ukuba wena nabanye abakhoyo anivumelekanga ngokwasemthethweni ukuba nisele? Zininzi iimeko apho kuya kufuneka usebenzise isazela sakho esiqeqeshwe yiBhayibhile. Omnye umKristu okwishumi elivisayo uthi: “Mna nodadewethu saphuma phakathi kwimovie ekwakusetyenziswa izithuko kuyo. Abanye esasihamba nabo abazange baphume. Abazali bethu basincoma ngento esayenzayo. Noko ke, abo sasihamba nabo baba nomsindo besithi sibenza babonakale bengabantu ababi.”

17. Xa usiya embuthweni, ziziphi izinto ofanele uzenze ukuze uhlale ubambelele kwimilinganiselo kaThixo?

17 Njengoko sibonile kula mava angasentla, ukusebenzisa isazela sakho esiqeqeshwe yiBhayibhile kusenokwenza abanye bakujonge kakubi. Sekunjalo, yenza oko ukwaziyo ukuba kulungile. Zilungiselele kwangaphambili. Ukuba uya embuthweni, yazi kusengaphambili indlela oza kuphuma ngayo kuyo ukuba izinto zenzeka ngendlela obungayilindelanga. Abanye abantwana baye benze amalungiselelo nabazali babo ukuba baya kubafowunela xa befuna ukulandwa ukuze bafike ekhaya kwangexesha. (INdu. 26:4, 5) Loo ‘macebo aba yingenelo.’—IMize. 21:5.

‘Yiba Nemihlali Ebutsheni Bakho’

18, 19. (a) Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova ufuna wonwabe? (b) Uvakalelwa njani uThixo ngabo baxhathisa ingcinezelo yoontanga?

18 UYehova ukudale ngenjongo yokuba unandiphe ubomi yaye ufuna wonwabe. (Funda iNtshumayeli 11:9.) Khumbula ukuba oontanga bakho bafumana nje ‘ukuziyolisa ngesono okwexeshana.’ (Heb. 11:25) UThixo oyinyaniso ufuna ufumane okungaphezu koko. Ufuna wonwabe ngonaphakade. Ngenxa yoko, xa ujamelene nesilingo sokwenza into engafunwayo nguThixo, khumbula ukuba imithetho emiselwe nguYehova iya kunceda kwawena.

19 Njengomntu osemtsha, khumbula ukuba enoba oontanga bakho bayakuthanda ngoku, kwiminyaka ezayo, abaninzi kubo baya kuba bengasalazi negama eli lakho. Ukanti, xa uxhathisa ingcinezelo yoontanga, uYehova uyakubona oko yaye akayi kuze akulibale ukuthembeka kwakho. Uya ‘kukuvulela amasango ezikhukula emazulwini aze okunene aqongqothele phezu kwakho intsikelelo kude kungasweleki nto.’ (Mal. 3:10) Ngapha koko, ukupha umoya wakhe oyingcwele ukukunceda kwezo nkalo usilela kuzo. Ngokuqinisekileyo, uYehova uya kukunceda uxhathise iingcinezelo yoontanga!

[Umbhalo osemazantsi]

a Funda isicangca esinomxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, iphepha 132 nele-133.

Ngaba Uyakhumbula?

• Inempembelelo kangakanani ingcinezelo yoontanga?

• Ukuqiniseka ngezinto ozikholelwayo kunokukunceda njani ukuze uxhathise ingcinezelo yoontanga?

• Unokuzilungiselela njani ukuze ukwazi ukumelana nengcinezelo yoontanga?

• Wazi njani ukuba uYehova uyakuxabisa ukuthembeka kwakho?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Kwakutheni ukuze uAron avume ukwenza ithole legolide?

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Zilungiselele—yazi kusengaphambili into oza kuyithetha