Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iindaba Ezilungileyo Ezifunwa Ngabantu Bonke

Iindaba Ezilungileyo Ezifunwa Ngabantu Bonke

Iindaba Ezilungileyo Ezifunwa Ngabantu Bonke

“Iindaba ezilungileyo . . . enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso.”—ROMA 1:16.

1, 2. Kutheni ushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani,’ yaye ziziphi iinkalo zazo ozibethelelayo?

 ‘NDIYAKUVUYELA ukuxelela abantu iindaba ezilungileyo suku ngalunye.’ Mhlawumbi wakha wawacinga okanye wawathetha loo mazwi. NjengeNgqina likaYehova elizinikeleyo, uyakwazi ukubaluleka kokushumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani.” Kusenokwenzeka ukuba usazi ngentloko isiprofeto sikaYesu esiphathelele lo msebenzi.—Mat. 24:14.

2 Xa ushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani,’ uqhubeka nomsebenzi owaqaliswa nguYesu. (Funda uLuka 4:43.) Akuthandabuzeki ukuba, enye yeengongoma ozibethelelayo kukuba kungekudala uThixo uza kungenelela kwimicimbi yabantu. ‘Ngembandezelo enkulu,’ uya kuphelisa unqulo lobuxoki nabo bonke ubungendawo emhlabeni. (Mat. 24:21) Kusenokwenzeka ukuba ubalaselisa nokuba uBukumkani bukaThixo buya kubuyisela iParadesi emhlabeni ukuze kubekho uxolo nolonwabo. Eneneni, ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ ziyinxalenye ‘yeendaba ezilungileyo ezavakaliswa kwangaphambili kuAbraham, ezizezi: “Ziya kusikelelwa ngawe zonke iintlanga.”’—Gal. 3:8.

3. Kutheni sinokuthi umpostile uPawulos wagxininisa iindaba ezilungileyo kwincwadi yabaseRoma?

3 Noko ke, akungebi asinikeli ngqalelo ingako kweyona nkalo ibalulekileyo yeendaba ezilungileyo ezifunwa ngabantu? Kwincwadi awayeyibhalela abaseRoma, umpostile uPawulos wasebenzisa igama elithi “ubukumkani” isihlandlo nje esinye, kodwa wasebenzisa ibinzana elithi ‘iindaba ezilungileyo’ izihlandlo ezili-12. (Funda eyabaseRoma 14:17.) Yiyiphi inkalo yeendaba ezilungileyo uPawulos awayesoloko ebhekisela kuyo kuloo ncwadi? Kutheni ezo ndaba zilungileyo zibalulekile? Ibe kutheni sifanele sizikhumbule xa sishumayela “iindaba ezilungileyo zikaThixo” kubantu abakwintsimi yethu?—Marko 1:14; Roma 15:16; 1 Tes. 2:2.

Oko Kwakuswelwe Ngabantu BaseRoma

4. Xa wayevalelwe entolongweni okwesihlandlo sokuqala eRoma, uPawulos washumayela ngantoni?

4 Siya kufunda lukhulu xa siphawula imibandela uPawulos awathetha ngayo xa wayevalelwe entolongweni okwesihlandlo sokuqala eRoma. Sifunda ukuba xa amaYuda amaninzi eza kumtyelela, wanikela ‘ubungqina obucokisekileyo ngokuphathelele (1) ubukumkani bukaThixo waza wasebenzisa ukweyisela kubo ngokuphathelele (2) uYesu.’ Waba yintoni umphumo? “Bambi bazikholelwa izinto awayezitsho; abanye babengakholwa.” Emva koko, uPawulos ‘wayebamkela ngobubele bonke ababesiza kuye, eshumayela kubo (1) ubukumkani bukaThixo yaye efundisa ngezinto eziphathelele (2) iNkosi uYesu Kristu.’ (IZe. 28:17, 23-31) Kucacile ukuba, uPawulos wanikel’ ingqalelo kuBukumkani bukaThixo. Kodwa yiyiphi enye into awayibethelelayo? Yeyona nto ibalulekileyo kuBukumkani—indima kaYesu kwinjongo kaThixo.

5. Yiyiphi intswelo uPawulos awathetha ngayo kwincwadi yabaseRoma?

5 Bonke abantu kufuneka bazi ngoYesu baze babe nokholo kuye. Kwincwadi yabaseRoma, uPawulos wathetha ngale ntswelo. Ngaphambilana, wabhala ‘ngoThixo, anikela kuye inkonzo engcwele ngomoya wakhe ngokunxibelelene neendaba ezilungileyo ezingoNyana wakhe.’ Wongezelela wathi: “Andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.” Kamva wabhekisela kwixesha ‘laxa uThixo ngoKristu Yesu egweba izinto ezifihlakeleyo zoluntu, ngokuvumelana neendaba ezilungileyo azivakalisayo.’ Wabalisa esithi: “Ndasusela eYerusalem ndajikeleza ndaya kufikelela eIliriko ndizishumayela ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu.” * (Roma 1:9, 16; 2:16; 15:19) Ucinga ukuba sasiyintoni isizathu sokuba uPawulos agxininise uYesu Kristu kwabaseRoma?

6, 7. Lisenokuba lasekwa njani ibandla laseRoma yaye lalibunjwa ngoobani?

6 Asazi ukuba laqala njani ibandla laseRoma. Ngaba amaYuda okanye abo baguqukele ebuYudeni ababekho ngePentekoste yowama-33 C.E. babuyela eRoma bengamaKristu? (IZe. 2:10) Okanye ngaba ngamaKristu angabarhwebi nawayetyelele awafika asasaza inyaniso eRoma? Enoba kwenzeka njani, xa uPawulos wayebhala incwadi yakhe malunga nowama-56 C.E., elo bandla lalisele linexesha likho. (Roma 1:8) Lalibunjwa ngabantu abaneemvelaphi ezinjani?

7 Bambi babengamaYuda. UPawulos wabulisa uAndroniko noYuniya ebabiza “izalamane zam,” nto leyo esenokuba ithetha ukuba babengamaYuda akowabo. UAkwila owayengumenzi weentente eRoma, nomfazi wakhe, uPrisila, nabo babengamaYuda. (Roma 4:1; 9:3, 4; 16:3, 7; IZe. 18:2) Kodwa kusenokwenzeka ukuba abazalwana noodade abaninzi uPawulos awabathumelela imibuliso babengabeeNtlanga. Bambi kusenokwenzeka ukuba ‘babengabendlu kaKesare,’ mhlawumbi bengamakhoboka namagosa angaphantsi kaKesare.—Fil. 4:22; Roma 1:6; 11:13.

8. Yiyiphi ingxaki ababejamelene nayo abaseRoma?

8 MKristu ngamnye eRoma wayejamelene nengxaki esinayo nathi namhlanje. UPawulos wayichaza ngale ndlela: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Licacile elokuba, bonke abo uPawulos wababhalelayo kwakufuneka baqonde ukuba babengaboni yaye babefanele babe nokholo kwindlela uThixo awayeza kuyanelisa ngayo loo ntswelo.

Ukwamkela Ukuba Sinesono

9. UPawulos watsalel’ ingqalelo kuwuphi umphumo osenokubakho ngenxa yeendaba ezilungileyo?

9 Ngaphambilana kwincwadi awayibhalela abaseRoma, uPawulos wachaza umphumo omhle onokubangelwa ziindaba ezilungileyo awayesoloko ethetha ngazo, wathi: “Andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo, kumYuda kuqala kwanakumGrike.” Ewe, usindiso lwalunokufumaneka. Noko ke, kwakufuneka ukholo, ngokuvisisana nenyaniso ecatshulwe kuHabhakuki 2:4, ethi: “Lowo ulilungisa—uya kuphila ngokholo.” (Roma 1:16, 17; Gal. 3:11; Heb. 10:38) Kodwa iindaba ezilungileyo, ezinokukhokelela elusindisweni, zinxulumene njani nesibakala sokuba ‘sonke sonile’?

10, 11. Kutheni ingcamango ekweyabaseRoma 3:23 ingengomnqa kwabanye kodwa isothusa kwabanye?

10 Ngaphambi kokuba umntu abe nokholo olukhokelela elusindisweni, ufanele ayamkele into yokuba ungumoni. Abo bakhule bekholelwa kuThixo nabaqheleneyo neBhayibhile abayi kuyifumanisa ingumnqa loo nto. (Funda iNtshumayeli 7:20.) Enoba bayavumelana noko okanye bayathandabuza, bayayiqonda intsingiselo yamazwi kaPawulos xa wathi: “Bonke bonile.” (Roma 3:23) Sekunjalo, xa sisentsimini, sisenokudibana nabantu abaninzi abangayiqondiyo intsingiselo yaloo mazwi.

11 Kumazwe athile, ngokuqhelekileyo abantu abazi ukuba bazelwe bengaboni yaye bazuze isono njengelifa. Ewe, basenokuqonda ukuba bayazenza iimpazamo, baneempawu ezingathandekiyo yaye kusenokwenzeka ukuba kukho izinto ezimbi abakhe bazenza. Ibe bayabona ukuba nabanye abantu bakwimeko efanayo. Sekunjalo, ngenxa yendlela abakhule ngayo, abasiqondi isizathu sokuba bona nabanye abantu bekwimeko enjalo. Eneneni, kwezinye iilwimi, ukuba uthi umntu ngumoni, abanye basenokucinga ukuba uthi usisaphuli-mthetho. Kucacile ukuba, umntu okhulele kwimeko enjalo akazijongi njengomoni ngendlela uPawulos awayethetha ngayo.

12. Kutheni abantu abaninzi bengakholelwa ukuba sonke singaboni?

12 Nakumazwe eNgqobhoko, abantu abaninzi abakholelwa ukuba bangaboni. Kutheni kunjalo nje? Nangona besiya ecaweni ngezihlandlo ezithile, ibali leBhayibhile lika-Adam noEva baligqala njengentsomi. Abanye bakhulela kwindawo enabantu abangakholelwayo kuThixo. Bayabuthandabuza ubukho bukaThixo yaye ngenxa yoko abaqondi ukuba kukho uMntu Ophakamileyo obekela abantu imilinganiselo yokuziphatha nokuba ukungayithobeli kusisono. Ngandlel’ ithile, bafana nabo uPawulos kwinkulungwane yokuqala awabachaza ‘njengabangenathemba nabangenaye uThixo ehlabathini.’—Efe. 2:12.

13, 14. (a) Sisiphi esinye sezizathu zokuba abo bangakholelwayo kuThixo nakwisono bengenakungxengxezeleka? (b) Ukungakholelwa kwisono kuye kwabakhokelela entwenini abantu abaninzi?

13 Kwincwadi yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos uchaza izizathu ezibini zokuba imvelaphi enjalo ingenakuba sisingxengxezo—ngelo xesha nanamhlanje. Isizathu sokuqala sesokuba indalo ngokwayo inikela ubungqina bobukho boMdali. (Funda eyabaseRoma 1:19, 20.) Oku kuvisisana noko kwathethwa nguPawulos xa wayebhalela amaHebhere eseRoma, esithi: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Heb. 3:4) Loo mazwi akwabonisa ukuba kukho uMdali owenze okanye obangele kwabakho indalo iphela.

14 Ngoko wayefanele ke uPawulos ukuba xa wayebhalela abaseRoma athi nabaphi na abantu—kuquka namaSirayeli amandulo—abanqula izithixo ezingaphiliyo ‘abanakungxengxezeleka.’ Kunjalo ke nakwabo babeziphatha kakubi ngokwesini ngendlela engqubanayo neyemvelo efanele isetyenziswe ngayo imizimba yamadoda namabhinqa. (Roma 1:22-27) Ebhekisela kwezo zibakala, uPawulos wayefanele ukugqiba ngelithi “amaYuda kwakunye namaGrike bonke baphantsi kwesono.”—Roma 3:9.

Into ‘Engqina’ Ukuba Sinesono

15. Ngoobani abanezazela, yaye yintoni umphumo woko?

15 Incwadi yabaseRoma ichaza esinye isizathu sokuba abantu befanele bayamkele into yokuba bangaboni yaye kufuneka bafumane indlela yokukhululeka kule meko. Ngokuphathelele imithetho uThixo awayinika uhlanga lwakwaSirayeli lwamandulo, uPawulos wabhala wathi: “Bonke abo bona phantsi komthetho baya kugwetywa ngomthetho.” (Roma 2:12) Eqiqa ngokubhekele phaya, uthi abantu beentlanga abangawaziyo loo mthetho kaThixo badla ‘ngokwenza ngemvelo izinto zomthetho.’ Siyintoni isizathu sokuba abantu abanjalo ngokuqhelekileyo bewuchasa umbulo, ukubulala nobusela? UPawulos wasichaza isizathu: Banezazela.—Funda eyabaseRoma 2:14, 15.

16. Kutheni ukuba nesazela kungathethi kuthi umntu akasoze one?

16 Sekunjalo, kusenokwenzeka ukuba uye wabona ukuba, ukuba nesazela esisebenza njengengqina elingaphakathi akuthethi kuthi umntu uya kulandela ukhokelo lwaso. Imeko yamaSirayeli amandulo iyakubonisa oko. Nangona amaSirayeli ayenezazela awayezinikwe nguThixo yaye enemithetho engqalileyo evela kuThixo ephathelele ubusela nokukrexeza, ayedla ngokwenza ngokuchasene nezazela zawo noMthetho kaYehova. (Roma 2:21-23) Ayenetyala ngokuphindwe kabini yaye ngokuqinisekileyo ayenesono, engayifikeleli imilinganiselo kaThixo nokuthanda kwakhe. Oku kwalonakalisa ulwalamano lwawo noMdali wawo.—Lev. 19:11; 20:10; Roma 3:20.

17. Luluphi ukhuthazo esilufumana kwincwadi yabaseRoma?

17 Oko siye sakuqwalasela kule ncwadi yabaseRoma kusenokuyenza ibonakale ngathi imaxongo imeko yethu kuSomandla. Noko ke, uPawulos akazange aphelele apho. Ecaphula amazwi kaDavide akwiNdumiso 32:1, 2, lo mpostile uthi: “Banoyolo abo bazenzo zabo zokuchas’ umthetho zixolelweyo nabazono zabo zigutyungelweyo; unoyolo umntu osono sakhe uYehova angayi kuze asiqwalasele.” (Roma 4:7, 8) Ewe, uThixo uye wenza ilungiselelo elifanelekileyo lokuxolela izono.

Iindaba Ezilungileyo EzingoYesu

18, 19. (a) Yiyiphi inkalo yeendaba ezilungileyo eyabalaseliswa nguPawulos kweyabaseRoma? (b) Ukuze sifumane iintsikelelo zoBukumkani, yintoni esimele siyamkele?

18 Mhlawumbi uthi, “Ezo ziindaba ezilungileyo ngokwenene!” Ngokwenene zilungile, ibe loo nto isibuyisela kwinkalo yeendaba ezilungileyo eyabalaseliswa nguPawulos kwincwadi yabaseRoma. Njengoko kukhankanyiwe, uPawulos wathi: “Andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso.”—Roma 1:15, 16.

19 Ezo ndaba zilungileyo zazingendima kaYesu ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo. UPawulos wayenokukhangela phambili ‘kumhla waxa uThixo ngoKristu Yesu egweba izinto ezifihlakeleyo zoluntu, ngokuvumelana neendaba ezilungileyo.’ (Roma 2:16) Xa wayethetha oko, wayengabusingeli phantsi ‘ubukumkani bukaKristu noThixo’ okanye oko uThixo aya kukwenza ngoBukumkani. (Efe. 5:5) Kodwa wayebonisa ukuba ukuze siphile size sinandiphe iintsikelelo eziya kufumaneka kuBukumkani bukaThixo, sifanele siyamkele into yokuba (1) singaboni phambi koThixo yaye (2) siqonde nesizathu sokuba sifanele sibe nokholo kuYesu Kristu ukuze izono zethu zixolelwe. Xa umntu eqonda aze amkele ezo nxalenye zenjongo kaThixo aze abone indlela ezimenza ngayo abe nekamva eliqaqambileyo, unokudanduluka athi, “Ewe, ngokwenene ezo ziindaba ezilungileyo!”

20, 21. Xa sisentsimini, kutheni sifanele sikhumbule iindaba ezilungileyo ekuthethwa ngazo kwincwadi yabaseRoma, yaye usenokuba yintoni umphumo?

20 Ngokuqinisekileyo sifanele sihlale siyikhumbula le nkalo yeendaba ezilungileyo xa sisentsimini. Ebhekisela kuYesu, uPawulos wacaphula amazwi kaIsaya athi: “Akukho namnye ukholwayo kuye uya kudaniswa.” (Roma 10:11; Isa. 28:16) Isigidimi esingoYesu sisenokungabi yinto entsha kwabo baqheleneyo noko iBhayibhile ikuthethayo ngesono. Noko ke, kwabanye esi sigidimi sinokuba yinto entsha, into abangayaziyo okanye engakholelwayo ngokwesithethe sabo. Njengoko abantu abanjalo beqalisa ukukholelwa kuThixo nakwiZibhalo, kuza kufuneka sibacacisele indima kaYesu. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha indlela eyabaseRoma isahluko sesi-5 eyichaza ngayo le nkalo yeendaba ezilungileyo. Mhlawumbi uya kulifumanisa liluncedo kubulungiseleli bakho elo nqaku.

21 Kuvuyisa ngokwenene ukunceda abo bantliziyo zinyanisekileyo ukuba baqonde iindaba ezilungileyo ezikhankanywe ngokuphindaphindiweyo kwincwadi yabaseRoma, iindaba ezilungileyo ‘enyanisweni ezingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.’ (Roma 1:16) Ngaphezu kokuba siya kuvuzwa, siya kubona abanye bevumelana namazwi awacatshulwa nguPawulos kweyabaseRoma 10:15 ethi: “Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!”—Isa. 52:7.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 5 Amabinzana afana nala akho nakwezinye iincwadi eziphefumlelweyo.—Marko 1:1; IZe. 5:42; 1 Kor. 9:12; Fil. 1:27.

Ngaba Uyakhumbula?

• Incwadi yabaseRoma ibalaselisa yiphi inkalo yeendaba ezilungileyo?

• Sisiphi isibakala esifanele sincede abanye basiqonde?

• “Iindaba ezilungileyo ezingoKristu” zinokuba yintsikelelo njani kuthi nakwabanye?

[Imibuzo YeSifundo]

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

Iindaba ezilungileyo ezibalaseliswa kweyabaseRoma zaziquka indima kaYesu ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Sonke sazalwa sinesiphako esibulalayo—isono!