Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Ndiphathele Imisongo, Ngokukodwa Eyesikhumba’

‘Ndiphathele Imisongo, Ngokukodwa Eyesikhumba’

‘Ndiphathele Imisongo, Ngokukodwa Eyesikhumba’

NGALA mazwi angasentla, umpostile uPawulos wayebongoza uTimoti, owayengumthunywa wevangeli naye, ukuba amphathele into yokufunda. Yimisongo enjani awayebhekisela kuyo uPawulos? Kwakutheni ukuze athethe la mazwi? Kwaye yintoni esinokuyifunda kwesi sicelo sakhe?

Phakathi nenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, xa uPawulos wayebhala la mazwi, iincwadi ezingama-39 zeZibhalo zesiHebhere zazahlulwe zaba ziincwadi ezingama-22 okanye ezingama-24, ekusenokwenzeka ukuba zaziyimisongo eyahlukileyo. UNjingalwazi Alan Millard waphawula ukuba le misongo, nangona yayibiza intloko yetreyini, “yayifikeleleka kubantu abafumileyo.” Abanye babo ubuncinane babenomsongo omnye. Ngokomzekelo, ithenwa elingumTiyopiya lalinomsongo kwinqwelo yalo kwaye “lifunda ngokuvakalayo umprofeti uIsaya.” ‘Lalisemagunyeni phantsi kukaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya kwaye liphathiswe bonke ubuncwane bakhe.’ Limele ukuba lalifume ngokwaneleyo ukuba lide libe neenxalenye zeZibhalo.—IZe. 8:27, 28.

Kwisicelo awasenza kuTimoti, uPawulos wabhala wathi: “Xa usiza, uze undiphathele ingubo yokwaleka endayishiya eTrowa kuKarpo, nemisongo, ngokukodwa eyesikhumba.” (2 Tim. 4:13) Le nto ibonisa ukuba uPawulos wayeneencwadi eziliqela. Kuzo zonke iincwadi awayenazo, liLizwi likaThixo eyona ncwadi yayibalulekile kuye. Ethetha ngegama elithi “eyesikhumba” elikule ndinyana, umphengululi weBhayibhile uA. T. Robertson wathi: “Le kusenokwenzeka ukuba yayiyimibhalo yeencwadi zeTestamente Endala, ibe imisongo yesikhumba yayibiza ngaphezu kweyompapiri.” Kwasebutsheni bakhe, uPawulos ‘wayefundiswe ezinyaweni zikaGamaliyeli,’ owayefundisa uMthetho kaMoses kwaye ehlonitshwa ngabantu bonke. Ngoko iyaqondakala into yokuba uPawulos abe nemisongo yakhe yeLizwi likaThixo.—IZe. 5:34; 22:3.

Indlela AmaKristu Awayeyisebenzisa Ngayo Imisongo

Sekunjalo, yayingenguye wonk’ ubani owayenemisongo yeZibhalo Ezingcwele. Noko ke, inkoliso yamaKristu elo xesha yayilifumana njani iLizwi likaThixo? Incwadi yangaphambilana uPawulos awayeyibhalele uTimoti isithela thsuphe. Wabhala wathi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni . . . ndide ndifike.” (1 Tim. 4:13) Ufundo lwasesidlangalaleni lwaluyinxalenye yocwangciso lweentlanganiso zebandla lamaKristu, into eyayiqhelekile phakathi kwabantu bakaThixo ukususela ngexesha likaMoses.—IZe. 13:15; 15:21; 2 Kor. 3:15.

Ekubeni wayengumdala, uTimoti kwakufuneka ‘azibhokoxe’ ekufundeni ngokuvakalayo, ukuze kungenelwe abo babengenazo iZibhalo. Ngokuqinisekileyo xa kwakufundwa iLizwi likaThixo esidlangalaleni, wonke umntu wayephulaphula ngenyameko ukuze eve yonke into efundwayo, kwaye abazali nabantwana bamele ukuba babezixubusha emakhaya izinto ezifundwe kwiintlanganiso.

UMsongo WoLwandle Olufileyo kaIsaya umalunga neemitha ezisi-7,3 ubude. Umsongo wawudla ngokuba nzima kuba wawuba nentonga macala kwaye wawudla ngokuba nesingxobo sokuwukhusela. Kusenokwenzeka ukuba inkoliso yamaKristu yayingakwazi ukuyiphatha ibe mininzi xa eshumayela. Kwanokuba uPawulos wayenayo eminye yemisongo yeZibhalo awayeyisebenzisa, kusenokwenzeka ukuba wayengakwazi ukuyithwala yonke ahambe nayo xa etyelela kwezinye iindawo. Kuyabonakala ukuba eminye yayo wayishiya kumhlobo wakhe uKarpo eTrowa.

Yintoni Esinokuyifunda Kumzekelo KaPawulos?

Ngaphambi nje kokuba enze isicelo sakhe, uPawulos, owayevalelwe okwesibini kwintolongo yaseRoma, wabhala wathi: “Ndiwulwile umlo omhle, ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni . . . Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa.” (2 Tim. 4:7, 8) Kusenokwenzeka ukuba la mazwi wawabhala malunga nowama-65 C.E. ebudeni bentshutshiso kaNero. Ngesi sihlandlo wayephethwe gadalala entolongweni. Enyanisweni, wayeyibona into yokuba sele kumbovu ukuba abulawe. (2 Tim. 1:16; 4:6) Iyaqondakala ke into yokuba uPawulos achaze umnqweno wakhe osuka entliziyweni wokuba aphathelwe imisongo yakhe. Nangona wayeqinisekile ukuba wayelwe umlo omhle de kwasa ekugqibeleni, wayelangazelela ukuqhubeka ezomeleza ngokufunda iLizwi likaThixo.

Kusenokwenzeka ukuba uTimoti wayesese-Efese xa wafumana isicelo sikaPawulos. (1 Tim. 1:3) Ukusuka e-Efese uye eRoma ngumgama omalunga neekhilomitha ezili-1 600 xa udlula eTrowa. Kwakule ncwadi inye, uPawulos wabongoza uTimoti esithi: “Yenza unako-nako ukuba ufike ngaphambi kobusika.” (2 Tim. 4:21) IBhayibhile ayitsho ukuba uTimoti wayifumana kusini na inqanawa eyamfikisa eRoma ngexesha uPawulos awayenqwenela ukuba afike ngalo.

Yintoni esinokuyifunda kwisicelo sikaPawulos sokuba aphathelwe ‘imisongo, ngokukodwa eyesikhumba’? Waqhubeka elilangazelela iLizwi likaThixo ngeli xesha lalinzima kangaka kubomi bakhe. Akungebi yiloo nto ke eyayimenza asoloko ephilile ngokomoya, ekhuthele yaye elukhuthazo nakubantu abaninzi?

Namhlanje, sisikeleleke ngokwenene ukuba sineBhayibhile epheleleyo! Abanye bethu bade babe neeBhayibhile eziliqela nezingafaniyo. NjengoPawulos, kufuneka sisebenzele ekubeni nomdla wokuziqonda izinto ezinzulu zeZibhalo. Kwiincwadi ezili-14 eziphefumlelweyo uPawulos awayenelungelo lokuzibhala, eyesibini kuTimoti yayiyeyokugqibela. Isicelo sakhe sivela ngasekupheleni kwale ncwadi. Eneneni, isibongozo esenziwa nguPawulos kuTimoti ‘sokuba aphathelwe imisongo, ngokukodwa eyesikhumba,’ sasiyenye yezinto zokugqibela awazicelayo kwezibhaliweyo.

Ngaba nawe unomnqweno wokulwa umlo omhle wokholo de kuse ekugqibeleni, kanye njengoko uPawulos wenzayo? Ngaba uzimisele ukuhlala uxakekile enkonzweni kaYehova yaye ukulungele ukwenza umsebenzi wokushumayela kangangoko iNkosi isafuna ukuba siqhubeke siwenza? Ngoko kutheni ungenzi oko uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba akwenze? “Zilumkele wena nemfundiso yakho” ngokufunda rhoqo iBhayibhile, ngoku efumaneka kubantu abaninzi kunakuqala neyenziwe ngendlela ebhetele kunemisongo.—1 Tim. 4:16.

[Imaphu/Imifanekiso ekwiphepha 18, 19]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

E-Efese

ETrowa

ERoma