Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Yenze Iphumelele Indlela Yakho’—Njani?

‘Yenze Iphumelele Indlela Yakho’—Njani?

‘Yenze Iphumelele Indlela Yakho’—Njani?

IGAMA elithi impumelelo libangel’ umdla! Abanye abantu baye bakwazi ukunyukela kwizikhundla eziphezulu emisebenzini baza baphumelela ekubeni zizityebi nasekuzenzeleni igama. Abanye bona baye baphupha ngokuphumelela kodwa abaphumelela.

Kumaxesha amaninzi, impumelelo ixhomekeka kwizinto ozijonga njengeziza kuqala kubomi bakho. Ezinye iinkalo ezimbini ezibalulekileyo yindlela olisebenzisa ngayo ixesha namandla akho nokukwazi ukwenza izinto ungaqhutywa ngasemva.

AmaKristu amaninzi aye afumanisa ukuba eyona nto iwenza aneliseke kukuba nenxaxheba ngokupheleleyo kubulungiseleli. Ukuba nosukelo lwenkonzo yexesha elizeleyo kuye kwanceda abaselula nabantu abadala ukuba baphumelele. Sekunjalo, kwabanye intsimi isenokuba yindinisa baze babeke ezinye izinto kwindawo yokuqala. Inokubangelwa yintoni loo nto? Yintoni onokuyenza ukuze uhlale ucinga ngezona zinto zibalulekileyo? Yaye ‘unokuyenza njani iphumelele indlela yakho’?—Yosh. 1:8.

Izinto Ezingenakuthanani Nezifundo Zesikolo Nezinto Ozithandayo

Ulutsha olungamaKristu lufanele lugcine ulungelelwano phakathi kokukhonza uThixo wenene nokwenza ezinye izinto. Ulutsha olwenjenjalo luya kuphumelela ebomini ibe lufanele lunconywe.

Noko ke, amanye amaKristu aselula aye azixakekise ngezinto ezininzi ezingenakuthanani nezifundo zesikolo nangezinye izinto azithandayo. Ukwenza ezo zinto kusenokungabi yinto ephosakeleyo. Kodwa ke, amaKristu aselula amele azibuze le mibuzo: ‘Ziya kundityela ixesha elingakanani ezi zinto? Kuthekani ngabantu endiya kunxulumana nabo? Xa ndisiba nenxaxheba kwezo zinto ndizichanaba kubantu abanesimo sengqondo esinjani? Yaye yintoni endiya kuba ndiyibeka kuqala ebomini bam?’ Kusenokwenzeka ukuba uyayibona into yokuba umntu unokuthi phithi zezi zinto kangangokuba angabi nalo ixesha namandla okugcina ulwalamano lwakhe noThixo. Siyacaca ke ngoku isizathu sokubaluleka kokwazi ezona zinto ziza kuqala ebomini.—Efe. 5:15-17.

Masenze umzekelo ngoWiktor. * Uthi: “Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ndangena kwiqela levolleyball. Ekuhambeni kwexesha, ndaphumelela amabhaso neembasa ezininzi. Ndandinethuba elihle lokuzibalula kulo mdlalo.” Isibakala sokuba olu sukelo lukaWiktor lwaluqalisa ukonakalisa ulwalamano lwakhe noThixo samkhathaza kakhulu ekuhambeni kwexesha. Ngeny’ imini, wabiwa bubuthongo esazama ukufunda iBhayibhile. Kwakhona, wafumanisa ukuba nentsimi ayisamvuyisi. “Lo mdlalo wawundigqiba amandla, yaye ngokukhawuleza ndabona ukuba wawundenza ndizonqene izinto eziphathelele ukunqula uThixo. Ndandisazi ukuba andenzi konke okusemandleni am.”

Kuthekani Ngemfundo Enomsila?

UmKristu unembopheleleko esekelwe kwiZibhalo yokunyamekela intsapho yakhe, yaye oko kuquka ukuyondla. (1 Tim. 5:8) Sekunjalo, ngaba ukufeza le mbopheleleko kufuna umntu abe nesidanga sasekholeji okanye eyunivesithi?

Kuya kuba kuhle ukuhlola indlela ukusukela imfundo ephakamileyo okunokuluchaphazela ngayo ulwalamano lukabani noYehova. Ukuze icace le ngongoma, makhe siqwalasele umzekelo okwiZibhalo.

UBharuki wayengunobhala kamprofeti uYeremiya. UBharuki wakha wanamabhongo kunokuba anikel’ ingqalelo kwiintsikelelo awayezifumana ngokukhonza uYehova. Wayiphawula le nto uYehova waza wamlumkisa esebenzisa uYeremiya esithi: “Uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna.”—Yer. 45:5.

Yayiziintoni “izinto zinkulu” awaqhubeka ezifunela zona uBharuki? Mhlawumbi wahendeka ukuba azenzele igama kwinkqubo yezinto yamaYuda. Okanye izinto ezinkulu yayikukuba nezinto eziphathekayo. Enoba yiyiphi na kwezi, wayengasazikhathalelanga ezona zinto zibalulekileyo, ezazimnceda ahlale esondele kuYehova. (Fil. 1:10) Kodwa ke, kuyacaca ukuba uBharuki wasiphulaphula isilumkiso sikaYehova eseza ngoYeremiya waza wawufumana umphefumlo wakhe njengexhoba.—Yer. 43:6.

Sifunda ntoni kule ngxelo? Isiluleko esanikwa uBharuki sibonisa ukuba kwakukho into eyayingahambi kakuhle. Wayezifunela izinto ezinkulu. Ukuba unendlela yokuziphilisa, ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukuba ude uchithe ixesha, imali namandla kwimfundo enomsila kuba nje ufuna ukwanelisa amabhongo akho okanye awabazali nezalamane zakho?

Masenze umzekelo ngoGrzegorz, owakha iinkqubo zekhompyutha. Wathi akucengwa ngabantu asebenza nabo, wavuma ukufumana uqeqesho olongezelelekileyo lwekhompyutha. Kungekudala kwaba nzima ukuba nexesha lokukhonza uThixo. Uthi: “Ndandingasakwazi ukunyamezela. Ndandityiwa sisazela kuba ndandingakwazi ukwenza izinto zokomoya endandizibekele usukelo lokuzenza.”

Ukuzinikela Ngokugqithiseleyo Kumsebenzi Wempangelo

ILizwi likaThixo likhuthaza amaKristu enene ukuba akhuthale emsebenzini aze abe ngabaqeshwa nabaqeshi abanokuthenjwa. Umpostile uPawulos wathi: “Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu.” (Kol. 3:22, 23) Kodwa ke, ngoxa kuncomeka ukukhuthala emsebenzini, kukho into engakumbi efunekayo—ulwalamano oluhle noMdali. (INtshu. 12:13) Ukuba umKristu unokuzinikela ngokugqithiseleyo kumsebenzi wempangelo, kunokuba lula ukungalukhathaleli kangako ulwalamano lwakhe noYehova.

Ukuzinikela ngokugqithiseleyo kumsebenzi wempangelo kunokubangela ukuba umKristu angakwazi ukunikela ingqalelo kwizinto zokomoya nokunceda intsapho yakhe. UKumkani uSolomon wathi ‘ukuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima’ kudla ngokuhamba ‘nokusukelana nomoya.’ Ukuba umKristu uthe phithi yimpangelo, unokude abe noxinezeleko olungapheliyo noluqobayo. Unokuba likhoboka lomsebenzi wakhe kangangokuba adinwe engqondweni nasemzimbeni. Ukuba kunjalo, ngaba ngenene ‘unokuba nemihlali aze abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima’? (INtshu. 3:12, 13; 4:6) Okona kubalulekileyo, ngaba akayi kubuya emsebenzini ediniwe yaye exinezelekile kangangokuba angakwazi ukufeza iimbopheleleko zakhe entsatsheni nokwenza imisebenzi yamaKristu?

UJanusz, ohlala eMpuma Yurophu, wazinikela ngokugqithiseleyo kwishishini lakhe lokwenza iigadi. Uthi: “Abantu behlabathi babendothulela umnqwazi kuba ndandizilahlela nofele emsebenzini yaye ndiyigqiba yonke imisebenzi endiyinikiweyo. Kodwa ndaba buthathaka ngokomoya, ndaza ndayeka ukuya entsimini. Kungekudala ndayeka nokuya ezintlanganisweni. Ndaba nekratshi kangangokuba andizange ndisihoye isiluleko sabadala ndaza ndaya ndizikhwebula ebandleni.”

Unako Ukwenza Ubomi Bakho Buphumelele

Sixubushe ngeenkalo ezintathu umKristu anokuzixakekisa ngazo de abeke ulwalamano lwakhe noYehova esichengeni. Ngaba ikho kwezi zinto ozixakekise ngayo nawe? Ukuba kunjalo, le mibuzo, izibhalo kunye namagqabaza alandelayo aya kukunceda uqonde enoba usekwindlela esingisa kwimpumelelo kusina na.

Izinto ezingenakuthanani nezifundo nezinto ozithandayo: Ngaba uzixakekise ngokugqithiseleyo ngezi zinto? Ngaba zikutyel’ ixesha obukade ulichitha usenza izinto zokomoya? Ngaba ukufumanisa kungasaniki mdla ukunxulumana nabanye abazalwana? Ukuba kunjalo, kutheni ungaxelisi uKumkani uDavide, owabongoza uYehova ngala mazwi: “Ndazise indlela endifanele ndihambe ngayo”?—INdu. 143:8.

UWiktor, ekuthethwe ngaye ngaphambili, wancedwa ngumveleli ohambahambayo. Lo mveleli wathi kuye: “Ndiyabona ukuba akuziva yivolleyball.” UWiktor uthi, “Loo mazwi andivusa ebuthongweni. Ndaqonda ukuba besendigabadele. Kungekudala, ndahlukana neetshomi zehlabathi ndaza ndazifunela abahlobo ebandleni.” Namhlanje uWiktor ukhonza uYehova ngenkuthalo ebandleni lakhe. Uthi: “Buza abahlobo, abazali, okanye abadala bebandla lakho ukuze uqonde enoba izinto ezenziwa esikolweni zikwenza usondele kuYehova okanye ucezele kude kuye kusini na.”

Kutheni ungaxeleli abadala ebandleni lakho ukuba ungathanda ukufikelela amalungelo angakumbi enkonzweni kaThixo? Ngaba akunakuxhasa abantu abakhulileyo ngokubatyelela okanye ngokubanceda ekuthengeni izinto okanye kweminye imisebenzi? Enoba ungakanani na ngeminyaka, unako ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo, uchazele abanye ngesizathu sokuba uvuye.

Imfundo enomsila: UYesu walumkisa nxamnye ‘nokuzifunela uzuko.’ (Yoh. 7:18) Enoba ugqibe entwenini ngokuphathelele apho uya kuma khona nemfundo, ngaba uye ‘waqiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi’?—Fil. 1:9, 10.

UGrzegorz, umakhi weenkqubo zekhompyutha, wenza utshintsho ebomini bakhe. Wathi: “Ndalisebenzisa icebiso labadala ndaza ndaphila ubomi obulula. Ndaqonda ukuba kwakungeyomfuneko ukufumana imfundo yehlabathi engakumbi. Yayiza kundityela nje ixesha namandla am.” UGrzegorz wazixakekisa ngezinto zebandla. Ekuhambeni kwexesha, waphumelela kwisikolo ekuthiwa ngoku siSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga. Ewe, ‘wazongela ixesha’ lokufumana imfundo yobuthixo engakumbi.—Efe. 5:16.

Umsebenzi wempangelo: Ngaba uzinikele ngokugqithiseleyo kumsebenzi wempangelo kangangokuba uyibekele bucala imisebenzi yamaKristu? Ngaba uzipha ixesha elaneleyo lokuncokola nentsapho yakho? Yaye ebandleni, ngaba uyaziphucula iintetho ozinikelayo? Kuthekani ngokuncokola nabanye nize nakhane? “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe,” yaye uYehova uya kukusikelela kakhulu uze ‘ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakho nzima.’—INtshu. 2:24; 12:13.

UJanusz, ekuthethwe ngaye ngaphambili, akazange aphumelele kwishishini lakhe lokwenza iigadi; kunoko latshona. Uthe akungabi nayo nepeni le emdaka kwaye etshone zwabha ematyaleni, wabalekela kuYehova. UJanusz walungelelanisa imicimbi yakhe yaye sithetha nje ukhonza njengovulindlela othe ngxi nanjengomdala webandla. Uthi: “Xa ndisaneliswa zizinto endinazo ndize kwangaxeshanye ndizibhokoxe enkonzweni, ndiba noxolo lwengqondo nentliziyo ezolileyo.”—Fil. 4:6, 7.

Khawuziphe ixesha uzihlole ngokunyaniseka iintshukumisa zakho nezinto eziza kuqala kuwe. Ukukhonza uYehova likhondo elisa kwimpumelelo kanaphakade. Makube yeyona nto iphambili kubomi bakho.

Kusenokufuneka wenze utshintsho oluthile, de wahlukane nezinye izinto ezingenamsebenzi ukuze ukungqine ngokwakho “ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Kodwa unako ‘ukuyenza iphumelele indlela yakho’ ngokumkhonza ngomphefumlo uphela.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 8 Amanye amagama atshintshiwe.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 31]

Unokuyenza Njani Indlela Yakho Iphumelele?

Ekubeni kukho izinto ezininzi ezikuphazamisayo, unokuhlala njani ucinga ngezona zinto zibalulekileyo? Ziphe ixesha lokuhlola iintshukumisa zakho nezinto eziza kuqala kuwe ngokuzibuza le mibuzo ilandelayo:

IZINTO EZINGENAKUTHANANI NEZIFUNDO ZESIKOLO KUNYE NEZINTO OZITHANDAYO

▪ Ngabantu abanesimo sengqondo esinjani ozichanaba kubo ngokuba nenxaxheba kwezo zinto?

▪ Zifuna ixesha elingakanani?

▪ Ngaba zinokuba yeyona nto iphambili ebomini bakho?

▪ Ngaba zikutyela ixesha obukade ulichitha kwizinto zokomoya?

▪ Kuthekani ngabantu oza kunxulumana nabo?

▪ Ngaba ufumanisa ukuba wonwaba kakhulu xa ukunye nabo kunaxa ukunye nabazalwana bakho?

IMFUNDO ENOMSILA

▪ Ukuba unendlela yokuziphilisa, ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukuchitha ixesha, imali namandla akho kwimfundo enomsila?

▪ Ukuze ukwazi ukuzixhasa, ngaba kuyimfuneko ukuba ude ube nesidanga sasekholeji okanye saseyunivesithi?

▪ Ziza kuchaphazeleka njani iintlanganiso?

▪ Ngaba uye ‘waqiniseka ngezona zinto zibalulekileyo’?

▪ Ngaba kufuneka umthembe ngakumbi uYehova ukuba uza kukunyamekela?

UMSEBENZI WEMPANGELO

▪ Ngaba umsebenzi owukhethileyo uyakuvumela ukuba ‘ube nemihlali uze ubone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakho nzima’?

▪ Ngaba akubuyi udiniwe emzimbeni nangokwemvakalelo kangangokuba ungakwazi ukusingatha iimbopheleleko zakho entsatsheni nakwizinto zokomoya?

▪ Ngaba uzipha ixesha elaneleyo lokuncokola nentsapho yakho?

▪ Ngaba uzinikele ngokugqithiseleyo emsebenzini kangangokuba izinto obufanele uzenze njengoMkristu uzibekele bucala?

▪ Ngaba lo msebenzi uye wawuchaphazela umgangatho weentetho ozinikelayo?

[Umfanekiso okwiphepha 30]

UYehova wamlumkisa uBharuki ngokuba namabhongo