Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Emva Kwetyala Elide Bade Boyisa!

Emva Kwetyala Elide Bade Boyisa!

Emva Kwetyala Elide Bade Boyisa!

LAQALISA ngowe-1995 laza lathatha iminyaka eli-15. Ebudeni balo lonke elo xesha, amaKristu enene aseRashiya ebehlaselwa ngabachasi benkululeko yonqulo. Aba bachasi bebezimisele ukwenza amaNgqina kaYehova abe ngoomabonw’ abulawe eMoscow nakwezinye iindawo. Nakuba kunjalo, uYehova ukubone kukuhle ukuba avuze ingqibelelo yabazalwana noodade wethu abathandekayo baseRashiya ngoloyiso kweli tyala. Noko ke, yintoni eyabangela ukuba kude kuyiwe ezinkundleni?

EKUGQIBELENI BAFUMANA INKULULEKO!

Ebudeni besiqingatha sokuqala seminyaka yee-1990, abazalwana bethu baseRashiya baphinda bafumana inkululeko yonqulo ababelahlekene nayo ngowe-1917. Ngowe-1991 babhaliswa njengonqulo olusemthethweni ngurhulumente weSoviet Union. Emva kokuqhekeka kweSoviet Union, amaNgqina kaYehova abhaliswa kwiRussian Federation. Ngaphezu koko, amaNgqina awayetshutshiswa ngenxa yonqulo kumashumi eminyaka ngaphambili agqalwa nguRhulumente njengamaxhoba engcinezelo yepolitiki. Ngowe-1993, iSebe Lobulungisa LaseMoscow labhalisa iBandla LaseMoscow LamaNgqina KaYehova, njengoko sisaziwa njalo ngokwasemthethweni apho. Kwangaloo nyaka, kwasetyenziswa umgaqo-siseko omtsha eRashiya, oqinisekisa ngenkululeko yonqulo. Yiyo loo nto omnye umzalwana wathi, “Asizange siyiphuphe nokuyiphupha into yokuba singaze sifumane inkululeko enjalo!” Waphinda wathi: “Yiminyaka engama-50 silinde le nto!”

Ngokukhawuleza abazalwana noodade baseRashiya balixhakamfula elo ‘xesha lilungileyo’ ngokuthi babhinqele phezulu kumsebenzi wokushumayela, yaye abantu abaninzi basabela. (2 Tim. 4:2) Omnye umntu owayebukele wathi: “Abantu babenomdla kakhulu kunqulo.” Kungekudala, inani labavakalisi, oovulindlela namabandla laphindaphindeka. Eneneni, ukususela ngowe-1990 ukuya kowe-1995, inani lamaNgqina aseMoscow lantinga ukusuka kuma-300 ukuya kutsho kuma-5 000! Njengoko inani labakhonzi abatsha bakaYehova eMoscow lalisiya lisanda, abachasi benkululeko yonqulo bangenwa luvalo. Phakathi neminyaka yee-1990, bahlasela ngokuqhwaya imfazwe yasezinkundleni. Elo tyala latyhubela amacandelo amane ngaphambi kokuba liconjululwe.

UPHANDO LOLWAPHULO-MTHETHO LUPHUMA KWENYE INDAWO

Icandelo lokuqala leli tyala laqalisa ngoJuni 1995. Iqela laseMoscow elingumtya nethunga neCawa YaseRashiya YobuOthodoki, labhala isikhalazo lityhola abazalwana bethu ngokwaphula umthetho. Eli qela lathi limela amalungu eentsapho awayeyicekisa into yokuba amaqabane okanye abantwana bawo bengamaNgqina. NgoJuni 1996, abaphandi baqalisa ukufuna ubungqina bolo lwaphulo mthetho, kodwa babuya nembande yesikhova. Sekunjalo, kwaelo qela linye lafaka esinye isikhalazo—kwakhona lityhola abazalwana bethu ngezenzo zolwaphulo-mthetho. Abaphandi baphinda benza umsebenzi wabo, kodwa zonke ezo zityholo zafunyaniswa zibubuxoki. Nangona kunjalo, abachasi bafaka esesithathu isikhalazo, kwangezityholo ezifanayo. Kwakhona, kwaphandwa ngamaNgqina kaYehova aseMoscow, kodwa umtshutshisi wafikelela kwisigqibo esifanayo—kwakungekho sizathu sokuvula ityala lokwaphula umthetho. Emva koko abo bachasi baphinda babhala isikhalazo esifanayo okwesine, yaye umtshutshisi akazange afumane bungqina. Okumangalisayo kukuba, kwaelo qela linye laphinda lafuna ukwenza olunye uphando. Ekugqibeleni, ngoAprili 13, 1998, ityala lacinywa.

Igqwetha elalibandakanyekile kweli tyala lathi: “Emva koko, kwenzeka into engaqhelekanga.” Nangona ummeli weofisi yomtshutshisi owayesingatha uphando lwesihlanu wavuma ukuba kwakungekho bungqina besenzo solwaphulo-mthetho, wathi makufakwe isimangalo nxamnye nabazalwana bethu sokuphazamisana namalungelo abantu. Loo mmeli wathi iBandla LamaNgqina KaYehova LaseMoscow laphule umthetho wesizwe nowamazwe ngamazwe. Umtshutshisi weNorthern Administrative Circuit of Moscow wavumelana neso sityholo waza wafaka isimangalo sokuphazanyiswa kwamalungelo abantu. * NgoSeptemba 29, 1998, laqalisa ityala eNkundleni YaseGolovinsky District eMoscow. Kwaqalisa icandelo lesibini.

IBHAYIBHILE ENKUNDLENI

Enkundleni eyayizele ngabantu kumantla eMoscow, uMtshutshisi uTatyana Kondratyeva waqalisa ukuhlasela, esebenzisa umthetho karhulumente owatyobelwa ngowe-1997 ochaza amaKristu obuOthodoki, amaSilamsi, amaYuda namaBhuda njengonqulo oluqhelekileyo. * Kwalo mthetho mnye, uye wenza kwanzima ukuba ezinye iicawa zamkelwe ngokusemthethweni. Uvumela ukuba iinkundla zikwazi ukuzival’ umlomo iicawa ezikhuthaza intiyo. Esebenzisa lo mthetho, umtshutshisi watyhola amaNgqina kaYehova esithi akhuthaza intiyo ibe ahlukanisa iintsapho yaye afanelwe avalwe umlomo.

Igqwetha elimela abazalwana bethu labuza: “Ngoobani kwibandla laseMoscow abanetyala lokwaphula umthetho?” Kwaba nzima ukuba umtshutshisi aze namagama. Wasuka wathi uncwadi lwamaNgqina kaYehova lukhuthaza intiyo yonqulo. Ukungqina ibango lakhe, wafunda iphephancwadi IMboniselo noVukani! nezinye iimpapasho (bona ngasentla). Xa wabuzwa ukuba ezi mpapasho ziyikhuthaza njani intiyo, wathi: “AmaNgqina kaYehova afundisa ukuba unqulo lwawo lolwenene.”

Elinye igqwetha, elingumzalwana, lanika ijaji nomtshutshisi iBhayibhile laza lafunda eyabase-Efese 4:5, ethi: “Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo.” Kungabanga thuba lide, ijaji, umtshutshisi negqwetha—bonke ababephethe iiBhayibhile—babexubusha izibhalo ezinjengoYohane 17:18 noYakobi 1:27. Inkundla yabuza: “Ngaba ezi zibhalo zikhuthaza intiyo yonqulo?” Umtshutshisi wathi yena akayongcali yeBhayibhile. Igqwetha laveza iimpapasho zeCawa YaseRashiya YobuOthodoki ezazigxeka ngokuqatha amaNgqina kaYehova laza labuza: “Ngaba ezi zinto zibhalwe apha ziyawaphula umthetho?” Umtshutshisi waphendula wathi: “Andiyongcali kwezinto zabefundisi.”

UMTSHUTSHISI UBHUTYA ITYALA

Etyhola amaNgqina ngokuqhekeza iintsapho, umtshutshisi wathi asizibhiyozeli iiholide ezinjengeKrismesi. Noko ke, kamva wavuma ukuba umthetho waseRashiya awunyazelisi abemi ukuba babhiyozele iKrismesi. Abantu baseRashiya—kuquka amaNgqina kaYehova aseRashiya—bafanele bazenzele ukhetho. Umtshutshisi waphinda wathi intlangano yethu ‘ayibavumeli abantwana ukuba baphumle baze benze izinto ezibonwabisayo.’ Emva kokuba engcanjazisiwe, wavuma ukuba akazange akhe athethe nabantwana abakhuliswe ngabazali abangamaNgqina. Xa igqwetha labuza lo mtshutshisi ukuba wakha waya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, waphendula wathi: “Bekungekho mfuneko yokuba ndenjenjalo.”

Umtshutshisi wabiza unjingalwazi kwezengqondo njengengqina lakhe eliyingcali. Lo njingalwazi wathi ukufunda uncwadi lwethu kubangela uphazamiseko engqondweni. Xa elinye igqwethakazi lethu lathi oko lo njingalwazi akubhalele inkundla kufana twatse noko kukuxwebhu olwalubhalwe ziinkokeli zeCawa YobuOthodoki YaseMoscow, unjingalwazi wavuma ukuba ezinye zezinto azibhalileyo uzikhuphele njengokuba zinjalo. Wathi: “Sisebenzisa idiski enye.” Emva kokuba engcanjazisiwe, kwaphawuleka ukuba akazange akhe anyange nokuba libe linye iNgqina kaYehova. Ngokwahlukileyo koko, omnye unjingalwazi wezengqondo wangqina enkundleni ukuba wahlola amaNgqina angaphezu kwe-100 eMoscow. Wafumanisa ukuba eli qela liphilile engqondweni, waza wongezelela esithi amalungu eli qela aye akwazi nangakumbi ukunyamezela ezinye iinkonzo ukususela oko aba ngamaNgqina.

ULOYISO—KODWA AKUKAPHUNYWA EHLATHINI

NgoMatshi 12, 1999, ijaji yanyula izifundiswa ezintlanu ukuba zikhe zifunde uncwadi lwamaNgqina kaYehova, yaza yalimisa ityala. Liqhubeka nje eli tyala laseMoscow, ecaleni iSebe Lobulungisa LaseRashiya lalisele liyalele iqela lezifundiswa ukuba lihlole uncwadi lwethu. NgoAprili 15, 1999, eli qela leza nengxelo yokuba alifumananga nto iyingozi kwiimpapasho zethu. Ngoko, ngoAprili 29, 1999, iSebe Lobulungisa lagqiba ekubeni amaNgqina kaYehova anokuqhubeka elunqulo olusemthethweni eRashiya. Phezu kwalo nje olu phando lutsha, inkundla yaseMoscow yanyanzelisa ukuba uncwadi lwethu luphinde luhlolwe lelinye iqela. Le meko yayidida—amaNgqina kaYehova ayegqalwa liSebe Lobulungisa laseRashiya njengonqulo olusemthethweni noluthobela umthetho, kodwa kwangaxeshanye, iSebe Lobulungisa laseMoscow laliwaphandela izityholo zokwaphula umthetho!

Kwadlula phantse iminyaka emibini ngaphambi kokuba eli tyala liphinde lichotshelwe, yaye ngoFebruwari 23, 2001, uJaji Yelena Prokhorycheva wawisa isigwebo. Emva kokuhlolisisa oko kufunyenwe liqela alimiseleyo, wathi: “Akukho bungqina bunesihlahla bokuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow ufanele uvalwe.” Ekugqibeleni, kwavunywa ngokusemthethweni ukuba abazalwana bethu abanatyala kuzo zonke izityholo abatyatyekwe zona! Noko ke, umtshutshisi wasikhaba eso sigwebo waza wabhenela kwiNkundla YesiXeko saseMoscow. Emva kweenyanga ezintathu, ngoMeyi 30, 2001, loo nkundla yasichitha isigqibo esenziwe nguJaji Prokhorycheva. Yayalela ukuba eli tyala liphindwe lixoxwe kuze kusetyenziswe umtshutshisi ofanayo kodwa lichotshelwe yijaji eyahlukileyo. Ngoku kwakuza kuqalisa inqanaba lesithathu.

UKOYISWA—KODWA ITYALA ALIKAPHELI

Ngo-Oktobha 30, 2001, uJaji Vera Dubinskaya wachophela eli tyala. * UMtshutshisi Kondratyeva waphinda watyhola amaNgqina kaYehova ngokukhuthaza intiyo, kodwa wongezelela ngelithi ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova kuya kukhusela amalungelo amaNgqina eMoscow! Xa eva eso simanga, kwangoko onke amaNgqina aseMoscow angama-10 000 atyobela uxwebhu ecela ukuba inkundla isikhabe eso sicelo somtshutshisi sokufuna “ukuwakhusela.”

Umtshutshisi wathi akukho mfuneko yokuba eze nobungqina bokuba amaNgqina anetyala lokwenza into ephosakeleyo. Wathi, eli tyala liphathelele uncwadi neenkolelo zamaNgqina kaYehova, kungekhona izinto azenzayo. Wathi uza kubiza isithethi seCawa YaseRashiya YobuOthodoki njengengqina lakhe eliyingcali. Kakade ke, eso saziso sangqina ukuba ngabefundisi abona bantu baphambili ekubeni amaNgqina avalwe umlomo. NgoMeyi 22, 2003, ijaji yayalela ukuba iqela leengcali lifunde iimpapasho zamaNgqina kaYehova—kwakhona.

NgoFebruwari 17, 2004, ityala laphinda lachotshelwa ukuze kubonwe ukuba elo qela lifumene ntoni. Ezo ngcali zafumana ukuba iimpapasho zethu zikhuthaza “ukulondolozwa kweentsapho nemitshato” nokuba ibango lokuba uncwadi lwethu lukhuthaza intiyo “alunasihlahla.” Nabanye abaphengululi bavuma. Unjingalwazi wembali yonqulo wabuzwa: “Kutheni amaNgqina kaYehova eshumayela?” Waphendula inkundla, wathi: “UmKristu umele awenze umsebenzi wokushumayela. Zitsho njalo iincwadi zeVangeli yaye uKristu wayalela abafundi bakhe ukuba benjenjalo—‘hambani nize nishumayela emhlabeni wonke.’” Sekunjalo, ngoMatshi 26, 2004, ijaji yawuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow. NgoJuni 16, 2004, iNkundla YesiXeko saseMoscow yasixhasa eso sigqibo. * Lithetha ngeso sigwebo, iNgqina elingumakad’ enetha lathi: “Ngexesha leSoviet, umntu waseRashiya kwakufuneka angakholelwa kubukho bukaThixo. Namhlanje, umntu waseRashiya umele abe ngumOthodoki.”

Benza ntoni abazalwana bakuvalw’ umlomo? Benza kanye njengoNehemiya wamandulo. Xa iintshaba zabantu bakaThixo zachasa imizamo yakhe yokwakha ngokutsha iindonga zeYerusalem, uNehemiya nabantu bakhe abazange bavume ukuphazanyiswa lulo naluphi na uhlobo lwenkcaso. Kunoko, ‘baqhubeka besakha’ yaye “baqhubeka benentliziyo yokusebenza.” (Neh. 4:1-6) Ngokufanayo, abazalwana bethu eMoscow abazange bavumele abachasi ukuba babaphazamise emsebenzini ofanele wenziwe namhlanje—ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. (1 Pet. 4:12, 16) Babeqinisekile ukuba uYehova uza kubanyamekela, yaye babekulungele ukuya ukuthatha inqanaba lesine kolu zengezenge lwetyala.

INTIYO IBHEKELA PHA

NgoAgasti 25, 2004, abazalwana bethu badlulisela uxwebhu lwezikhalazo kuVladimir Putin, owayengumongameli waseRashiya ngelo xesha. Olu xwebhu, olwaluchaza indlela abavakalelwa ngayo ngokuvalwa komsebenzi, lwaluyimiqulu engama-76 yaye lutyobelwe ngabantu abangaphezu kwama-315 000. Kusenjalo, abefundisi bobuOthodoki BaseRashiya baziveza elubala into abayiyo. Isithethi seenkokeli zobuOthodoki BaseRashiya sathi: “Asifuni nokuwubona umsebenzi wamaNgqina kaYehova.” Inkokeli yamaSilamsi yathi kwenziwe “eyona nto isemagqabini” ngokuvalwa komsebenzi wawo.

Akumangalisi ke ukuba, abantu abathile baseRashiya abakholelwa yonk’ into le baba nesibindi sokuhlasela amaNgqina kaYehova. Amanye amaNgqina awayeshumayela eMoscow abethwa ngamanqindi aza akhatywa ngabachasi. Enye indoda eyayilugcwabevu ngumsindo yaleqa udade imkhupha ngaphandle kwesakhiwo yaza yamkhaba kakhulu emqolo kangangokuba wade wawa waza wabetheka ngentloko. Kwafuneka afumane unyango; sekunjalo amapolisa akazange amenze nto lowo wayemhlasele. Amanye amaNgqina abanjwa ngamapolisa, kwathatyathwa imizila yeminwe yawo, afotwa aza alala entolongweni. Abantu abanyamekela izakhiwo ekwakuqhutyelwa kuzo iintlanganiso bagrogriswa ngokuphelelwa ngumsebenzi ukuba baqhubeka beqeshisa iiholo kumaNgqina. Kungabanga thuba lide, amabandla amaninzi aphulukana neendawo awayeziqesha ukuze ahlanganisane kuzo. Amabandla angama-40 kwafuneka asebenzise isakhiwo esineeHolo zoBukumkani ezine. Elinye ibandla elisebenzisa enye yezo holo kwafuneka liqhube iiNtlanganiso Zesidlangalala kusasa ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe. Omnye umveleli ohambahambayo wathi: “Ukuze abavakalisi beze kuzo, kwakufuneka bavuke ngentsimbi yesihlanu, kodwa oko bakwenza ngaphandle kokukrikriza ngaphezu konyaka.”

“UKUZE KUBE BUBUNGQINA”

Ukuze babonise ukuba umsebenzi wethu uvalwe ngokungekho mthethweni eMoscow, ngoDisemba 2004 amagqwetha ethu acela uncedo kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. (Funda ibhokisi ethi “Isizathu Sokuba Isigwebo Esiwiswe YiRashiya Sihlaziywa EFransi,” ekwiphepha 6.) Emva kweminyaka emithandathu, ngoJuni 10, 2010, le Nkundla yakhupha isigqibo esiwahlamba ngokupheleleyo amaNgqina kaYehova etyaleni! * INkundla yazihlola zonke izityholo esityatyekwe zona yaza yafumanisa ukuba azinasihlahla. Yaphinda yathi iRashiya inembopheleleko engokwasemthethweni “yokuphelisa ukuxhatshazwa okufunyaniswe yiNkundla neyokulungisa umonakalo obangelwe kuko.”—Funda ibhokisi ethi “Isigwebo SeNkundla,” kwiphepha 8.

Isigqibo seNkundla esicaciswe kakuhle sendlela iEuropean Convention on Human Rights ewukhusela ngayo umsebenzi wamaNgqina kaYehova asibophi iRashiya kuphela kodwa namanye amazwe angama-46 angamalungu eBhunga LaseYurophu. Ukongezelela koko, ngenxa yokuphangalala kohlalutyo lomthetho nezibakala ozifunyenweyo, abaphengululi bomthetho, iijaji, abawisi-mthetho, neengcungela ezijongene namalungelo abantu ehlabathini jikelele baza kuba nomdla kwesi sigqibo. Ngoba? Kaloku, xa iNkundla yayifikelela kwesi sigqibo, ayizange ibhekisele nje kwizigqibo ezisibhozo eyayizenzile nezaziwahlamba amaNgqina kaYehova kodwa yabhekisela nakumatyala asithoba awaphunyelelwa ngamaNgqina kaYehova kwezona nkundla ziphakamileyo eArgentina, eJapan, eKhanada, eMzantsi Afrika, eRashiya, eSpeyin, eUnited Kingdom naseUnited States. Isigqibo esenziwe yiNkundla esikhaba zonke izityholo ezenziwa ngumtshutshisi waseMoscow siya kunceda onke amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ukuba akwazi ukumela unqulo lwawo.

UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga.” (Mat. 10:18) Olu zengezenge lwetyala oluthathe iminyaka eli-15 luye lwavulela abazalwana bethu ithuba lokwazisa igama likaYehova ngendlela elingazange laziswa ngayo eMoscow nakwezinye iindawo. Ingqalelo ebijoliswe kumaNgqina ngabaphandi, ngamatyala nasisigwebo esiwiswe yinkundla yamazwe ngamazwe ngenene iye ‘yaba bubungqina’ yaza yaba negalelo “ekuhanjiselweni phambili kweendaba ezilungileyo.” (Fil. 1:12) Eneneni, xa amaNgqina aseMoscow eshumayela namhlanje, abantu abaninzi badla ngokuthi, “Kanti awuvalwanga na umsebenzi wenu?” Lo mbuzo udla ngokuvulela abazalwana bethu ithuba lokuchazela abantu ngakumbi ngeenkolelo zethu. Licacile elokuba, akakho umchasi onokusiyekisa umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ebasikelela yaye ebaxhasa abazalwana noodadewethu baseRashiya esibathandayo nabanenkalipho.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 8 Eso sikhalazo safakwa ngoAprili 20, 1998. Kwiiveki ezimbini kamva, ngoMeyi 5, iRashiya yaqinisekisa ukuba iyayigqala iEuropean Convention on Human Rights.

^ isiqe. 10 “Lo mthetho wawiswa phantsi kwengcinezelo enzima evela kwiCawa YaseRashiya YobuOthodoki, ekokose isikhundla sayo eRashiya nekufuna ngamehlw’ abomvu ukubona amaNgqina kaYehova evalw’ umlomo.”—Ngokutsho kweAssociated Press, Juni 25, 1999.

^ isiqe. 20 Okumangalisayo ke kukuba, ngaloo mhla umnye, yayingunyaka weshumi upasisiwe umthetho waseRashiya ogqala amaNgqina kaYehova njengamaxhoba engcinezelo yonqulo phantsi kolawulo lweSoviet.

^ isiqe. 22 Ukuvalwa komsebenzi kwabangela ukuba kuhluthwe kuze kuthengiswe izinto ezazisetyenziswa ngamabandla aseMoscow. Abachasi babenethemba lokuba loo nto iya kubangela abazalwana bethu ukuba bangakwazi ukuqhubeka nobulungiseleli babo.

^ isiqe. 28 NgoNovemba 22, 2010, iijaji ezintlanu zeNkundla Ephakamileyo YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yasikhaba isicelo seRashiya sokuba eli tyala lichotshelwe kwiGumbi Eliphezulu lale Nkundla. Ngenxa yoko, ngoJuni 10, 2010, kwawiswa isigwebo sokugqibela, nesinyanzelisayo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]

Isizathu Sokuba Isigwebo Esiwiswe YiRashiya Sihlaziywa EFransi

NgoFebruwari 28, 1996, iRashiya yenza isivumelwano ne-European Convention on Human Rights. (NgoMeyi 5, 1998, iRashiya yasimisela ngokusemthethweni eso sivumelwano.) Ngokutyobela eso sivumelwano, urhulumente waseRashiya wathi abantu abaphantsi kolawulo lwakhe

‘banenkululeko yokuzikhethela unqulo nelungelo lokwenza izinto eziphathelele lona ekhaya nasesidlangalaleni nokulutshintsha ukuba bafuna ukwenjenjalo.’—Inqaku 9.

‘banelungelo lokuthetha nokubhala ngendlela efanelekileyo nantoni na abayicingayo nokudlulisela inkcazelo kwabanye.’—Inqaku 10.

‘banelungelo lokubamba iintlanganiso zabo ngaphandle kokuphazanyiswa.’—Inqaku 11.

Abantu okanye iintlangano eziphathwa ngokunxamnye nesi sivumelwano nezingafumananga ncedo kuzo zonke iinkundla zasekuhlaleni zinokubhenela kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu eStrasbourg, eFransi (eboniswe ngasentla). Le nkundla ineejaji ezingama-47—inani elilingana namazwe enze isivumelwano ne-European Convention on Human Rights. Isigwebo sale Nkundla simele sithotyelwe. Amazwe atyobele esi sivumelwano amele enze ngokuvisisana nesigwebo esiwisiweyo.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

Isigwebo Senkundla

Nazi ezinye zezicatshulwa ezifutshane zesigwebo seNkundla.

Esinye isimangalo besisithi amaNgqina achitha iintsapho. INkundla ifumanise kungenjalo. Ithe:

“Eyona nto engunobangela weengxaki kukuxhathisa nokungavumi kwamalungu anganquliyo ukwamkela nokuhlonela inkululeko yonqulo yezalamane zawo.”—Isiqe. 111.

INkundla ayibufumananga nobungqina obuxhasa ukuba abantu “balawulwa iingqondo,” isithi:

“INkundla ikufumanisa kumangalisa ukuba iinkundla [zaseRashiya] zingakhange zichaze igama nokuba libe linye lomntu oye wahluthwa inkululeko yokuba nesazela.”—Isiqe. 129.

Esinye isimangalo besisithi amaNgqina kaYehova onakalisa impilo yamalungu awo ngokungalwamkeli utofelo-gazi. INkundla ifumanise kungenjalo, isithi:

“Inkululeko yokwamkela nokungamkeli unyango oluthile, okanye yokukhetha enye indlela yonyango, ibalulekile kwimigaqo yokuzikhethela nokuzigqibela. Umntu omdala osezingqondweni ukhululekile ukuba, ngokomzekelo, agqibe ukuba alwenze na utyando okanye anyangwe kusini na, ibe kunjalo ke nangotofelo-gazi.”—Isiqe. 136.