Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kulandela Ukhokelo LukaYehova Lothando?

Ngaba Uza Kulandela Ukhokelo LukaYehova Lothando?

Ngaba Uza Kulandela Ukhokelo LukaYehova Lothando?

“Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.”—INDU. 119:128.

1, 2. (a) Xa ufuna ukwazi indlela yokufika kwindawo oya kuyo, luhlobo olunjani lwesilumkiso onokuluxabisa, yaye ngoba? (b) Luhlobo luni lwezilumkiso uYehova azinika abakhonzi bakhe, yaye ngoba?

 MASITHI ufuna ukuya kwindawo ethile. Uya kumhlobo omthembayo ukuze akubonise indlela. Njengoko ekuxelela ngocoselelo indlela oza kuhamba ngayo, usenokuthi kuwe: “Ulumke kwisiphambuka esilandelayo. Kukho ibhodi elahlekisayo. Abantu abaninzi bayayilandela baze balahleke.” Ngaba ubuya kuyixabisa inkxalabo yakhe uze usithobele isilumkiso sakhe? Ngandlel’ ithile, uYehova uyafana naloo mhlobo. UYehova usibonisa ngocoselelo indlela esifanele sihambe ngayo ukuze siye kufika kwindawo esifuna ukuya kuyo, ebubomi obungunaphakade, kodwa usilumkisa nangeempembelelo ezimbi ezinokusilahlekisa.—Dut. 5:32; Isa. 30:21.

2 Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kuxubusha ngeempembelelo asilumkisa ngazo uMhlobo wethu, uYehova uThixo. Masihlale siyikhumbula into yokuba uYehova usilumkisa kuba esixhalabele yaye esithanda. Ufuna siye kufika apho sisingise khona. Uba buhlungu xa ebona abantu benikezela kwiimpembelelo ezimbi baze balahleke. (Hez. 33:11) Kweli nqaku, siza kuxubusha ngeempembelelo ezintathu ezimbi. Eyokuqala ivela kwabanye abantu, eyesibini ivela kuthi. Eyesithathu ke yona ililize; kodwa iyingozi kakhulu. Simele sizazi ezi mpembelelo size sazi nendlela uBawo wethu osezulwini asifundisa ngayo ukuzixhathisa. Omnye umdumisi ophefumlelweyo wathi kuYehova: “Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.” (INdu. 119:128) Ngaba uvakalelwa ngendlela efanayo nawe? Makhe sibone indlela esinokuwuthiya ngayo umendo wobuxoki.

Musani Ukulandela “Isihlwele”

3. (a) Kutheni kunokuba yingozi ukulandela abanye abantu xa singaqinisekanga ngendlela emasihambe ngayo? (b) Nguwuphi umgaqo obalulekileyo esiwufumana kwiEksodus 23:2?

3 Ukuba ubunohambo olude, yintoni obuya kuyenza ukuba ubungaqinisekanga ngendlela omawuhambe ngayo? Ubunokuhendeka ukuba ulandele abanye abantu—ingakumbi xa ubone abaninzi bekhetha ukuhamba ngendlela efanayo. Loo nto ibinokukufaka engxakini. Ngaphezu koko, kusenokwenzeka ukuba wena nabo bantu aniyi ndaweni inye, okanye nabo balahlekile. Kule meko, cinga ngomgaqo oxhasa omnye wemithetho eyanikwa uSirayeli wamandulo. Abo babegweba okanye besiba ngamangqina ematyaleni balunyukiswa ngengozi ‘yokulandela isihlwele.’ (Funda iEksodus 23:2.) Ngokuqinisekileyo, kulula kakhulu kubantu abangafezekanga ukunikezela kwingcinezelo yoontanga, baze bagqwethe okusesikweni. Kodwa ke, ngaba umgaqo wokungalandeli isihlwele usebenza kuphela xa kuxoxwa amatyala? Akunjalo.

4, 5. UYoshuwa noKalebhi baphenjelelwa njani ukuba balandele isihlwele, kodwa yintoni eyabanceda baxhathisa?

4 Enyanisweni, ingcinezelo ‘yokulandela isihlwele’ inokusifikela nanini na. Inokuvela ngesiquphe, yaye kunokuba nzima ukuyixhathisa. Ngokomzekelo, cinga ngengcinezelo yoontanga abakha bajongana nayo uYoshuwa noKalebhi. Babephakathi kwamadoda ali-12 awayeye kuhlola iLizwe Lesithembiso. Ekubuyeni kwawo, amadoda alishumi kulawo ayehambile abuya nengxelo embi netyhafisayo. Ada athi abanye babemi belo lizwe babeziingxilimbela ezavela kwiiNefili, inzala yeengelosi ezavukelayo nabafazi. (Gen. 6:4) Yayibubuvuvu bokwenene obo. Kaloku, ezo ngxilimbela zingendawo zazitshayelwe ngoMkhukula kwiinkulungwane ezininzi ngaphambili, kungekho kwanzala yazo ishiyekileyo. Kodwa nezona ngcamango zingenangqiqo zinokubantlokothisa abo babuthathaka elukholweni. Ingxelo embi yezo ntlola zilishumi yakhawuleza yabangela ukuba abantu boyike yaye badyuduzele. Kungekudala, uninzi lwaqiniseka ukuba kwakuya kuba yimpazamo ukungena kwiLizwe Lesithembiso njengoko uYehova wayeyalele. Kuloo meko imaxongo, yintoni eyenziwa nguYoshuwa noKalebhi?—Num. 13:25-33.

5 Abazange balandele isihlwele. Nangona isihlwele sasingafuni nokuyiva loo nto, loo madoda mabini athetha inyaniso aza abambelela kuyo—nangona ayegrogriswa ngokuxulutywa ngamatye de afe! Ayesithatha phi isibindi esingako? Ngokuqinisekileyo, ayencedwa kukuba nokholo. Abantu abanokholo bawubona ngokucacileyo umahluko phakathi kobuxoki obuthethwa ngabantu nezithembiso ezingcwele zikaYehova uThixo. Kamva loo madoda achaza indlela awayevakalelwa ngayo ngento yokuba uYehova wayesoloko ezizalisekisa izithembiso zakhe. (Funda uYoshuwa 14:6, 8; 23:2, 14.) UYoshuwa noKalebhi babenolwalamano oluhle noThixo wabo othembekileyo, yaye babengafuni nokuyicinga into yokumenza buhlungu ngenxa yesihlwele esasingenalukholo. Ngoko bema beqinile, besimisela umzekelo omhle namhlanje.—Num. 14:1-10.

6. Kukwiziphi iimeko esinokuziva sinyanzelekile ukuba silandele isihlwele?

6 Ngaba ukhe uzive unyanzelekile ukuba ulandele isihlwele? Abantu abahlukanisiweyo noYehova nabagculela imilinganiselo yakhe basisihlwele esikhulu namhlanje. Xa kufikwa kwiindlela zokuzonwabisa nokuzihlaziya, eso sihlwele sidla ngokukhuthaza iimbono ezingenasihlahla. Sisenokuthi ukuziphatha okubi, ugonyamelo nokusebenzelana nemimoya okuxhaphake kwiinkqubo zikamabonwakude, kwiimovie, nakwimidlalo yevidiyo azinabungozi. (2 Tim. 3:1-5) Xa ukhetha indlela yokuzonwabisa nokuzihlaziya nentsapho yakho, ngaba uvumela izazela zabanye ezibuthathaka ziphembelele izigqibo ozenzayo zize ziqeqeshe nesakho isazela? Ngaba loo nto ayinakuthetha ukuba ulandela isihlwele?

7, 8. (a) Aqeqeshwa njani ‘amandla ethu okuqonda,’ yaye kutheni olo qeqesho luluncedo ngakumbi kunokulandela uludwe lwemithetho engqongqo? (b) Kutheni uwufumanisa ukhuthaza umzekelo wolutsha oluninzi olungamaKristu?

7 UYehova usiphe isipho esixabisekileyo esisinceda sikwazi ukwenza izigqibo—‘amandla ethu okuqonda.’ Kodwa ke, la mandla simele siwaqeqeshe “ngokuwasebenzisa.” (Heb. 5:14) Ukulandela isihlwele akuyi kuwaqeqesha amandla ethu okuqonda; ukanti, nemithetho engqongqo kwimiba efuna isazela ayinakuwaqeqesha. Yiloo nto, ngokomzekelo, abantu bakaYehova benganikwa uludwe lweemovie, iincwadi, neewebhusayithi zeIntanethi abamele baziphephe. Ekubeni eli hlabathi litshintsha ngokukhawuleza, uludwe olunjalo beluya kuphelelwa zisuka nje lwakuba lwenziwe. (1 Kor. 7:31) Okubi nangakumbi kukuba beluya kubangela ukuba singakwazi ukucingisisa nzulu nangenyameko ngemigaqo yeBhayibhile size senze izigqibo ezisekelwe kuloo migaqo.—Efe. 5:10.

8 Kakade ke, maxa wambi izigqibo esizenzayo ezisekelwe eBhayibhileni zinokusenza singathandwa ngabantu. Ulutsha olungamaKristu olusesikolweni lunokucinezelwa sisihlwele ukuba lujonge luze lwenze yonk’ into ejongwa neyenziwa ngabanye abantwana. (1 Pet. 4:4) Ngoko ke, kuyinto entle ukubona amaKristu aselula nakhulileyo exelisa ukholo lukaYoshuwa noKalebhi ngokungavumi ukulandela isihlwele.

Musani Ukulandela “Iintliziyo Zenu Namehlo Enu”

9. (a) Xa useluhambeni, kutheni kunokuba yingozi ukulandela intliziyo? (b) Kwakutheni ukuze umthetho okwiNumeri 15:37-39 ubaluleke kubantu bakaThixo bamandulo?

9 Impembelelo yesibini eyingozi esiza kuyixubusha ingaphakathi kuthi. Masenze umzekelo: Ukuba ubusiya kwindawo ethile, ngaba ubunokuyicinga into yokuyibekela bucala imaphu uze ulandele intliziyo yakho—mhlawumbi ungena kuzo zonke iindlela ezibonakala zinomtsalane? Licacile elokuba, ukuba ubunokulandela intliziyo ubungayi kufika apho uya khona. Kule meko, cinga ngomnye wemithetho uYehova awayinika amaSirayeli amandulo. Uninzi namhlanje lunokukufumanisa kunzima ukuwuqonda umthetho wokufakela imiphetho enemitya eluhlaza emasondweni ezambatho. (Funda iNumeri 15:37-39.) Noko ke, ngaba uyakubona ukubaluleka kwawo? Ukuthobela umthetho onjalo kwakunceda abantu bakaThixo bahlale bahlukile kwiintlanga ezazibangqongile nezazingabahedeni. Kwakubalulekile oko ukuze bamkeleke baze bahlale bekholekile kuYehova. (Lev. 18:24, 25) Noko ke, loo mthetho ubonisa nempembelelo engaphakathi eyingozi enokusilahlekisa singafiki kwindawo esiya kuyo, ebubomi obungunaphakade. Njani?

10. UYehova uye wabonisa njani ukuba ubazi kakuhle abantu?

10 Khawuphawule isizathu sokuba uYehova anike abantu bakhe lo mthetho: “Ningabhaduli nilandele iintliziyo zenu namehlo enu, eniye naba neentlobano zokuziphatha okubi ngokulandela zona.” UYehova ubazi kakuhle abantu. Uyayazi indlela intliziyo yethu, okanye umntu ongaphakathi, alukuhleka lula ngayo zizinto esizibonayo. IBhayibhile isilumkisa ngala mazwi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” (Yer. 17:9) Ngaba uyayibona indlela esasifaneleke ngayo isilumkiso sikaYehova esasisiya kumaSirayeli? Wayesazi kakuhle ukuba amaSirayeli ayenokufuna ukujonga abahedeni ababewangqongile aze alukuhlwe zizinto azibonayo. Ayenokuhendeka ukuba afane nabo bantu bangakholwayo aze kamva acinge, avakalelwe kwaye enze njengabo.—IMize. 13:20.

11. Yiyiphi indlela esinokulukuhlwa ngayo zizinto esizibonayo?

11 Kwimihla yethu, kulula nangakumbi ukuba intliziyo yethu enenkohliso ilukuhlwe yinyama yethu. Siphila kwihlabathi elikhuthaza utyekelo lwenyama. Ngoko sinokuwusebenzisa njani umgaqo okwiNumeri 15:39? Cinga ngale nto: Ukuba abantu ofunda nabo, osebenza nabo, okanye abasekuhlaleni baya benxiba ngendlela evusa inkanuko yesini, ngaba nawe unokuchaphazeleka? Ngaba akunakuhendeka ukuba ‘ulandele intliziyo yakho namehlo akho’ uze ulukuhlwe nakoko ukubonayo? Ngaba akunakulingeka ukuba uthobe imilinganiselo yakho ngokunxiba ngendlela efanayo?—Roma 12:1, 2.

12, 13. (a) Yintoni esimele siyenze ukuba amehlo ethu abhadulela kwindawo angafanele ajonge kuyo? (b) Yintoni enokusibangela ukuba sikuphephe ukuba sisilingo kwabanye abantu?

12 Kungxamisekile ukuba sisebenzele kuphawu lokuzeyisa. Ukuba amehlo ethu abhadulela kwindawo angamele ajonge kuyo, masikhumbule isigqibo sikaYobhi, owenza isivumelwano namehlo akhe—isigqibo esiqinileyo sokuba angancwasi umfazi ongengowakhe. (Yobhi 31:1) Ngokufanayo, uKumkani uDavide wenza esi sigqibo: “Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.” (INdu. 101:3) Nantoni na enokwenzakalisa isazela sethu esicocekileyo nolwalamano lwethu noYehova ‘yinto yobutshijolo’ kuthi. Oko kunokuquka nasiphi na isihendo esibonakala sinomtsalane emehlweni ethu nesinokulukuhlela intliziyo yethu ekwenzeni okubi.

13 Kwelinye icala, asiyi kufuna ukuba ‘yinto yobutshijolo’ kwabanye abantu ngokubahenda ukuba bacinge ngokwenza okubi. Ngoko sisithatha nzulu isiluleko seBhayibhile esiphefumlelweyo sokuba sinxibe impahla elungiswe kakuhle nenesidima. (1 Tim. 2:9) Ukunxiba ngendlela enesidima asiyonto esinokuyichaza ngendlela elungele thina. Simele sicinge ngezazela nobuthathaka babantu abasingqongileyo, sixhalabele uxolo lwabo lwengqondo nempilo-ntle yabo ngaphezu kwezinto esizithandayo. (Roma 15:1, 2) Ibandla lamaKristu lisikelelwe ngamawaka amaninzi abantu abaselula abamisela umzekelo omhle kulo mba. Siyazingca ngabo xa bengavumi ‘ukulandela iintliziyo zabo namehlo abo,’ bekhetha ukukholisa uYehova kwizinto zonke abazenzayo—kwanakwindlela abanxiba ngayo!

Musani Ukulandela “Izinto Ezingeyonene”

14. Sisiphi isilumkiso esiphathelele ukusukela “izinto ezingeyonene” esanikelwa nguSamuweli?

14 Masithi uhambo lwakho lukudlulisa kwintlango enkulu. Kunokwenzeka ntoni ukuba unokuphambuka endleleni usukele into ebonakala ngathi ngamanzi kodwa ingengawo? Ukusukela loo nto kunokubeka ubomi bakho esichengeni! UYehova uyazi kakuhle loo ngozi. Cinga ngalo mzekelo. AmaSirayeli ayefuna ukufana neentlanga ezaziwangqongile, ezazilawulwa ngookumkani abangabantu. Loo mnqweno wawusisono esinzulu kuba kwakufana nokuba ayamgatya uYehova njengoKumkani wawo. Nangona uYehova wawavumela ukuba abe nokumkani ongumntu, wasebenzisa umprofeti wakhe uSamuweli ukuba awalumkise ngengozi yokusukela “izinto ezingeyonene.”—Funda eyoku-1 kaSamuweli 12:21.

15. Ziziphi iindlela amaSirayeli awasukela ngazo ilize?

15 Ngaba abo bantu babecinga ukuba ukumkani wayeya kuba ngumntu wenene nowayenokuthenjwa ngaphezu koYehova? Ukuba kunjalo, enyanisweni babesukela ilize! Yaye babesengozini yokusukela nezinye izinto zikaSathana ezininzi. Ookumkani abangabantu babenokubakhokelela ngokulula ekunquleni izithixo. Abanquli-zithixo benza impazamo yokucinga ukuba izinto ezinokubonwa ngamehlo—izithixo ezenziwe ngomthi namatye—ngandlel’ ithile ziyinene yaye zinokuthenjwa ngakumbi kunoThixo ongabonakaliyo, uYehova, owadala zonke izinto. Kodwa ke, njengoko umpostile uPawulos wachazayo, izithixo ‘azinto.’ (1 Kor. 8:4) Aziboni, aziva, azithethi yaye azenzi nto. Usenokukwazi ukuzibona nokuzichukumisa, kodwa ukuba ubunokunqula nokuba sinye, ngenene ubuya kuba usukela ilize—ubuxoki nje obuya kukufaka ebugxwayibeni.—INdu. 115:4-8.

16. (a) USathana ubalukuhla njani abantu abaninzi namhlanje ukuba basukele izinto ezililize? (b) Kutheni sinokuthi izinto eziphathekayo zililize, ingakumbi xa zithelekiswa noYehova uThixo?

16 USathana usenobuchule bokweyisela abantu ukuba basukele ilize. Ngokomzekelo, uye walukuhla inkumbula yabantu ukuba ijonge izinto eziphathekayo njengeziya kuyikhusela. Imali, izinto esinazo nomsebenzi ohlawula imali eninzi zisenokubonakala ngathi ziya kusinceda. Kodwa izinto eziphathekayo zikunceda ngantoni xa uhlaselwa yimpilo, xa uqoqosho ludodobala, okanye xa kufika intlekele yemvelo? Zibenzela ntoni abantu xa beziva bengento yanto, befuna injongo yobomi, ukhokelo neempendulo zemibuzo enzulu yobomi? Zinokukunceda ngantoni xa ujongene nokufa? Ukuba sithembela ngezinto eziphathekayo ukuze sanelise iintswelo zokomoya, siya kuphoxeka. Izinto eziphathekayo azinakusihlangula; zililize nje. Ngokuhamba kwexesha, azisenzi sinqabiseke, kuba azibenzi bude ubomi babantu okanye zibenze bangaguli yaye bangafi. (IMize. 23:4, 5) Ngoko sinokubona indlela uThixo wethu, uYehova, angumntu wenene ngayo kunazo! Sinokufumana unqabiseko lwenene kuphela xa sinolwalamano oluluqilima kunye naye. Yintsikelelo exabiseke ngenene leyo! Masingaze simshiye ngenxa yokusukela ilize.

17. Yintoni ozimisele ukuyenza ngeempembelelo ezimbi esixubushe ngazo?

17 Ngaba akuyontsikelelo ukuba noMhlobo noMkhokeli onguYehova ebomini bethu? Ukuba siqhubeka sizithobela izilumkiso zakhe zothando eziphathelele iimpembelelo ezintathu ezimbi—isihlwele, iintliziyo zethu nezinto ezililize—mhlawumbi siya kubufumana ubomi obungunaphakade. Kwinqaku elilandelayo, siza kuxubusha ngezinye izilumkiso ezintathu esizinikwa nguYehova ukusinceda siwuthiye size siwuphephe umendo wobuxoki oye walukuhla abaninzi.—INdu. 119:128.

Ucinga Ntoni?

Unokuyisebenzisa njani migaqo etyhilwe kwezi Zibhalo zilandelayo?

IEksodus 23:2

INumeri 15:37-39

• Eyoku-1 kuSamuweli 12:21

INdumiso 119:128

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Ngaba ukhe uhendeke ukuba ulandele isihlwele?

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Kutheni kuyingozi ukulandela intliziyo?

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Ngaba usukela ilize?