Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uhlelo Olutsha LwesiNgesi Esenziwe Lula

Uhlelo Olutsha LwesiNgesi Esenziwe Lula

Uhlelo Olutsha LwesiNgesi Esenziwe Lula

KULUVUYO ukunazisa ukuba ukususela kule nkupho yeMboniselo yohlelo lokufundisa siza kulinga kangangonyaka ukupapasha nyanga nganye uhlelo lwesiNgesi esenziwe lula, oluza kuphuma ngaxeshanye nolu luqhelekileyo. Luza kuba namanqaku afundwayo yaye, xa kukho isithuba esaneleyo, kuza kufakwa namanye amanqaku. Sikholelwa ukuba eli lungiselelo liza kwanelisa iintswelo zokomoya zamaNgqina kaYehova amaninzi. Kutheni sisitsho?

IsiNgesi lulwimi oluthethwa ngabazalwana bethu abakumazwe afana neFiji, iGhana, iKenya, iLiberia, iNigeria, iPapua New Guinea, nakwiSolomon Islands. Nangona abazalwana bethu abakula mazwe besenokuba bathetha iilwimi zasekuhlaleni okanye abakhuliswe ngazo, badla ngokuthetha isiNgesi ngalo lonke ixesha bencokola ebandleni nasentsimini. Noko ke, isiNgesi abasithethayo silula kuneso sisisebenzisa kwiimpapasho zethu. Kwakhona, kukho nabanye abantu bakaYehova abaye bafudukela kumazwe apho bemele bathethe isiNgesi nangona bengasazi kakuhle. Ngaphezu koko, abakwazi kufumana iintlanganiso zebandla ngolwimi lwabo.

Ukuze sihlale sifumana ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo sincedwa ngamanqaku esiwaxubusha veki nganye kwiSifundo SeMboniselo. Ngoko ke, ukuze bonke abezileyo bangenelwe koku kutya, kulungiselelwe uhlelo lwesiNgesi esenziwe lula olusebenzisa amagama aqhelekileyo, igrama nokwakhiwa kwezivakalisi eziqondakala lula. Olu hlelo lutsha luza kuba noqweqwe olwahlukileyo. Imixholwana, iziqendu, imibuzo yempinda nemifanekiso ekumanqaku afundwayo iza kufana naleyo yohlelo oluqhelekileyo. Ngenxa yoko, wonke umntu unokusebenzisa nokuba luluphi uhlelo aze abe nenxaxheba kwiSifundo SeMboniselo.

Siyathemba ukuba eli lungiselelo litsha liya kuyiphendula imithandazo yabantu abaninzi abebethe kuYehova: “Ndiqondise, ukuze ndifunde imiyalelo yakho.” (INdu. 119:73) Siqinisekile ukuba abo bangasazi kakuhle isiNgesi, kunye nabantwana abathetha isiNgesi, baya kusilungiselela bhetele iSifundo SeMboniselo veki nganye. Sibulela uYehova ngokuthi ngenxa ‘yothando ngomanyano lwabazalwana luphela’ asebenzise “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ukusinika ukutya kokomoya ngokuyintabalala.—1 Pet. 2:17; Mat. 24:45.

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova