Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xolelanani Ngesisa

Xolelanani Ngesisa

“Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa.”—KOL. 3:13.

1, 2. Kutheni kubalulekile ukuba uyihlole indlela okulungele ngayo ukuxolela?

ILIZWI likaYehova elibhaliweyo lisinceda sifunde indlela asijonga ngayo isono nendlela asabela ngayo xa senze izono. Kwakhona iLizwi lakhe lisichazela nangokuxolela kwakhe. Kwinqaku elidluleyo, sithethe kakhulu ngendlela isimo sengqondo sikaDavide noManase esabangela ngayo ukuba uYehova abaxolele. Ukuzisola kwabo, nokuba buhlungu ngenxa yezono zabo kwabenza bazivuma ekuhleni, bazishiya izenzo zabo zobungendawo baza baguquka ngokunyanisekileyo. Ngenxa yoko, uYehova wabenzela inceba.

2 Makhe sithethe nangolunye uhlobo lokuxolela. Ucinga ukuba ubuya kumjonga njani uManase ukuba elinye lamaxhoba amsulwa yayisisizalwana sakho? Ngaba wawuza kukwazi ukumxolela uManase? Lo ngumbuzo ofanelekileyo namhlanje kuba siphila kwihlabathi elichas’ umthetho, elinogonyamelo nelizingcayo. Kutheni umKristu kufuneka exolele? Yaye ukuba uye waphathwa kakubi, yintoni enokukunceda ukwazi ukulawula umsindo, usabele ngendlela uYehova afuna usabele ngayo uze ukulungele ukuxolela?

ISIZATHU SOKUBA KUFUNEKE SIXOLELE

3-5. (a) Nguwuphi umzekelo uYesu awawenzayo ukuze ancede abaphulaphuli bakhe babone ukuba kufuneka bexolele? (b) Yintoni esiyifundayo kumzekeliso kaYesu okuMateyu 18:21-35?

3 Ukukulungela ukuxolela abo basikhubekisayo—enoba ngamalungu ebandla okanye akunjalo—kubalulekile ukuze sihlale siseluxolweni namalungu eentsapho zethu, abahlobo, abanye abantu noYehova. IZibhalo zibonisa ukuba thina maKristu sifanele sibaxolele abanye enoba basona ngokufuthi kangakanani. Ebonisa ukuba sengqiqweni koku, uYesu  wenza umzekeliso wekhoboka elinetyala.

4 Eli khoboka lalityala inkosi yalo umvuzo weentsuku ezizizi-60 000 000; sekunjalo inkosi yalo yalicima ityala. Emva koko, laphuma laza ladibana nelinye ikhoboka elalilityala umvuzo weentsuku ezili-100. Eli khoboka lacela ukuba kuboniswe umonde kulo kodwa ikhoboka ebekucinywe ityala lalo elikhulu layalela ukuba eli khoboka lilidlelane lalo liphoswe entolongweni. Inkosi yawo yaba lugcwabevu ngumsindo ngenxa yoko. Yabuza yathi: “Ubungafanele na ukuba ube nenceba nawe kwikhoboka elilidlelane lakho, njengokuba nam ndiye ndanenceba kuwe? Ngako oko yaqumba inkosi yalo, yalinikela kubagcini-ntolongo [eli khoboka lingazange lixolele elinye], de lihlawule konke oko lalikutyala.”—Mat. 18:21-34.

Yayiyintoni ingongoma yomzekeliso kaYesu?

5 Wayefuna ukusifundisa ntoni uYesu ngalo mzekeliso? Uqukumbela ngokuthi: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.” (Mat. 18:35) Ingongoma kaYesu icacile. Izono esiye sazenza ebomini bethu bonke njengabantu abangafezekanga zibubungqina bokuba asikwazi ukuyifikelela imilinganiselo kaYehova. Sekunjalo, ukulungele ukuzixolela zonke izono zethu. Ngoko, nabani na ofuna ukuba ngumhlobo kaYehova unyanzelekile ukuba azixolele iintsilelo zabanye abantu. KwiNtshumayelo yaseNtabeni uYesu wathi: “Ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.”—Mat. 6:14, 15.

6. Kutheni kungasoloko kulula ukuxolela?

6 Usenokuthi, ‘kulula ukuyithetha le nto kodwa ukuthetha akufani nokwenza.’ Isizathu soko sikukuba xa sikhutyekiswe asidli ngakucinga ngaphambi kokuba senze. Umntu unokuba lugcwabevu ngumsindo, azive engcatshiwe, anqwenele ukuba kwenziwe okusesikweni  okanye afune ukuziphindezela. Phofu abanye bacinga ukuba abanakuze bakwazi ukumxolela umntu obakhubekisileyo. Ukuba uvakalelwa ngaloo ndlela, unokukwazi njani ukuxolela ngale ndlela afuna ngayo uYehova?

HLOLA IIMVAKALELO ZAKHO

7, 8. Yintoni enokukunceda uxolele ukuba uye wakhutyekiswa?

7 Sinokuba buhlungu gqitha xa sikhutyekisiwe okanye sicinga ukuba sikhutyekisiwe. Elinye ityendyana elalicatshulwe kuphando olwenziwa ngomsindo lathi: “Ngenye imini xa . . . ndandivutha ngumsindo, ndagqwashula ndemka ekhaya ndizixelela ukuba soze ndiphinde ndibuye. Imozulu yangaloo mini yayintle, ibe njengoko ndihamba phakathi kwemithi neentyatyambo umsindo waya uthomalala yaye emva kweeyure eziliqela ndabuya sele ndiyilibele yonke loo nto.” Njengoko sibona kumzekelo weli tyendyana, ukubethwa ngumoya uze uziphe ithuba lokucingisisa kunokukunceda ungenzi nto oza kuzisola ngayo.—INdu. 4:4; IMize. 14:29; Yak. 1:19, 20.

8 Noko ke, yintoni onokuyenza ukuba isaqhubeka ikukhathaza le nto ikukhubekisileyo? Zama ukuqonda isizathu sokuba ube nomsindo. Ngaba kungenxa yokuba uye awaphathwa ngembeko? Okanye kungenxa yokuba uvakalelwa kukuba lo mntu wenze ngabom? Ngaba nyhani le nto ayenzileyo imbi ngolo hlobo? Ukuhlola nokuqonda isizathu sendlela ozenza ngayo izinto kuya kukunceda ubone eyona ndlela isekelwe eBhayibhileni onokusabela ngayo. (Funda iMizekeliso 15:28; 17:27.) Ukuqiqa ngaloo ndlela kunokukunceda ukulungele ukuxolela. Xa uzilungisa ngaloo ndlela izinto, nangona ingelula, uvumela ilizwi likaThixo liphicothe “iingcamango notyekelo lwentliziyo [yakho]” lize likwalathisele ekubeni uxolele njengoYehova.—Heb. 4:12.

MUSA UKUBA NOCHUKU

9, 10. (a) Unokusabela njani ukuba uvakalelwa kukuba ukhutyekisiwe? (b) Ukuxolela kunokuyitshintsha njani indlela esizijonga ngayo izinto?

9 Zininzi izinto ezicaphukisayo ebomini. Ngokomzekelo, masithi uqhuba imoto yakho, kuze kuthi gqi enye imoto iphantse ikutshayise. Uza kuthini? Kusenokwenzeka ukuba ukhe weva kuthethwa ngabaqhubi abaye baxabana baza babambana ngezixhanti. Noko ke, licacile elokuba ekubeni ungumKristu awufanele wenze loo nto.

10 Kule meko bekuya kuba bhetele gqitha ukuba ungakhawulezi ucaphuke. Kusenokwenzeka ukuba nawe khange uqhube kakuhle ngenxa yokuba uphazanyiswe yinto ethile. Okanye kusenokwenzeka ukuba imoto yalo mntu uphantse wakutshayisa inengxaki. Eyona ngongoma sifuna ukuyitsho ngalo mzekelo kukuba, sinokuwuthomalalisa umsindo nokuphoxeka xa sizama ukuqonda isizathu sokuba soniwe, sicinga ngaphambi kokuba senze yaye sikulungele ukuxolela. INtshumayeli 7:9 ithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.” Musa ukuba nochuku. Kwiimeko ezininzi, sisenokucinga ukuba umntu othile usikhubekise ngabom; kanti kungenxa nje yokungafezeki okanye ukungaqondani. Musa ukukhawuleza ube nomsindo xa umntu enze okanye ethethe into ongayithandiyo yaye kulungele ukuxolela. Uya konwaba ukuba ukwenzile oko.—Funda eyoku-1 kaPetros 4:8.

‘NGAMANA UXOLO LWENU LUNGABUYELA KUNI’

11. Indlela abasiphatha ngayo abantu imele isenze sisabele njani thina bavakalisi boBukumkani?

11 Unokuzibamba njani xa udibana nomntu okrwada entsimini? Xa uYesu wathumela abashumayeli abangama-70,  wabayalela ukuba bayinqwenelele uxolo ndlu nganye abangena kuyo. UYesu wathi: “Ukuba umhlobo woxolo ulapho, uxolo lwenu luya kuhlala phezu kwakhe. Kodwa ukuba akakho, luya kubuyela kuni.” (Luka 10:1, 5, 6) Siyavuya xa abantu bephulaphula entsimini, kuba bayangenelwa kwisigidimi esisishumayelayo. Noko ke, maxa wambi abantu abasiphathi kakuhle. Yintoni esifanele siyenze? UYesu wathi uxolo esilunqwenelela izindlu esingena kuzo lufanele lube kuthi. Enoba abantu basiphatha njani na, sifanele sishiye ndlu nganye siseluxolweni. Ukuba siyacaphuka xa abantu besiphatha kakubi, asinakuba seluxolweni.

12. Kweyabase-Efese 4:31, 32, uPawulos wathi simele senze ntoni?

12 Zama ukuba noxolo enoba uphi na kungekho xa usentsimini nje kuphela. Ukukulungela ukuxolela akuthethi kuziqwabazel’ iliso izinto ezimbi ezenziwa ngabanye okanye senze ngathi asikhathazekanga. Noko ke, ukuxolela kuthetha ukungabi nanzondo nokuhlala siseluxolweni. Abanye abantu basoloko becinga ngezinto ezimbi abazenziwe ngabanye baze baqumbe, ngaloo ndlela izenzo zabanye zibenze bangonwabi. Musa ukuzivumela ulawulwe ziingcinga ezinjalo. Khumbula ukuba akunakonwaba ufukame ingqumbo. Ngoko ke, xolela!—Funda eyabase-Efese 4:31, 32.

YENZA IZINTO NGENDLELA EKHOLISA UYEHOVA

13. (a) UmKristu ‘uwafumba’ njani ‘amalahle omlilo’ phezu kwentloko yotshaba lwakhe? (b) Unokuba yintoni umphumo ukuba asiziphindezeli xa sikhutyekiswa?

13 Maxa wambi usenokukwazi ukunceda umntu okonileyo ukuba ayixabise indlela aziphatha ngayo amaKristu. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “‘Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba ngokwenza oku woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.’ Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.” (Roma 12:20, 21) Ukumphatha kakuhle umntu okucaphukisayo, kunokwenza noyena mntu unentloko elukhuni athambe aze atshintshe. Ngokubonisa ukuqonda novelwano—kuquka nothando—kumntu okukhubekisileyo, unokumnceda afunde inyaniso yeBhayibhile. Enoba wenziwe ntoni, ukungaziphindezeli kwenza lo mntu ukonileyo abone indlela entle ngayo ihambo yakho.—1 Pet. 2:12; 3:16.

14. Enoba umntu uye wakuphatha kakubi kangakanani, kutheni ungafanele umzonde?

14 Kukho abantu esifanele sikulumkele ukunxulumana nabo ngokungeyomfuneko. Aba baquka abo babekade bengamaKristu kodwa benza izono, abaguquka baza basuswa. Ukuba umntu onjalo uye wakukhathaza, kunokuba nzima kakhulu ukumxolela enoba sele eguqukile, ekubeni kunokuthath’ ixesha ngaphambi kokuba uxole. Kwiimeko ezinjalo, unokuqhubeka ucela uYehova ukuba akuncede umxolele loo moni uguqukileyo. Ungalibali ukuba, asikwazi ukubona oko kusentliziyweni yomntu. NguYehova owaziyo. Ubona yonk’ into esentliziyweni yomntu yaye unomonde kubantu abonayo. (INdu. 7:9; IMize. 17:3) Yiloo nto iZibhalo zisithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:17-19) Ngaba ukho umntu onelungelo  lokugweba omnye umntu? Akunjalo. (Mat. 7:1, 2) Kodwa unokuqiniseka ukuba uThixo uya kugweba ngendlela efanelekileyo.

15. Yintoni eya kusinceda singabi nomsindo xa siphathwa kakubi?

15 Ukuba uvakalelwa kukuba ulixhoba lokungekho sikweni uze ukufumanise kunzima ukuxolela lo mntu ukonileyo nakubeni eguqukile, kuya kukunceda ukuqonda ukuba naye loo mntu ukukhubekisileyo lixhoba. Njengathi, naye wazalwa sele engafezekanga. (Roma 3:23) UYehova uvelana nabo bonke abantu abangafezekanga. Ngoko, sifanele sibathandazele abantu abasikhubekisayo. Ayinakufane yenzeke into yokuba uqhubeke uzonda umntu kodwa ube umthandazela kwelinye icala. Into yokuba asifanele sibathiye abantu abasiphatha kakubi, icace gca kula mazwi kaYesu athi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.”—Mat. 5:44.

16, 17. Ufanele wenze ntoni xa abadala abangamaKristu besithi umoni uguqukile, yaye ngoba?

16 Ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, abadala abangamaKristu baphathiswe imbopheleleko yokusingatha amatyala abenzi bubi ebandleni. Aba bazalwana abazi yonke into njengoThixo, kodwa bazabalazela ukwenza izigqibo ezivisisana noko kubhalwe kwiLizwi likaThixo bekhokelwa ngumoya oyingcwele. Ngenxa yoko, emva kokuba bethandaze kuYehova becela uncedo lwakhe, izigqibo abazenzayo ziya kuvisisana nokuthanda kwakhe.—Mat. 18:18.

AmaKristu anyanzelekile ukuba axolele

17 Nantsi ke into ekufuneka sinyaniseke kuyo. Ngaba uza kumxolela uze umqinisekise ukuba uyamthanda umoni oguqukileyo? (2 Kor. 2:5-8) Kusenokungabi lula ukwenjenjalo, ingakumbi ukuba wayekonile okanye one isalamane sakho. Noko ke, ukuba uyamthemba uYehova kunye nendlela azilungisa ngayo izinto, uya kwenza ngobulumko. Uya kube ubonisa ukuba ngokwenene uxolela ngesisa.—IMize. 3:5, 6.

18. Ziziphi iingenelo onokuzifumana ngenxa yokuxolela ngesisa?

18 Iingcali zengqondo zithi ukuxolela kuyanceda. Kusenza sonwabe nto leyo ephucula ubomi bethu yaye siba nobuhlobo nabanye abantu. Kwelinye icala, ukungaxoleli kuya gulisa, kukuxabanisa nabantu, kubangela uxinezeleko nezinye iingxaki. Eyona ntsikelelo siyifumanayo ngenxa yokuba sikulungele ukuxolela, lulwalamano oluhle noBawo wethu wasezulwini, uYehova.—Funda eyabaseKolose 3:12-14.