IMBONISELO—EFUNDWAYO Meyi 2013

Le Mboniselo iza kusicacisela indlela esinokuphumelela ngayo njengabavangeli, ize ichaze iimpawu ezinokusinceda sikwazi ukuncokolisana kakuhle njengentsapho.

Phumeza Indima Yakho Njengomvangeli

Kutheni kubalulekile nje ukuba abantu beve iindaba ezilungileyo namhlanje? Sinokuyiphumeza njani indima yethu njengabavangeli?

Ngaba ‘Uyayizondelela Imisebenzi Emihle’?

Le Mboniselo ixubusha indlela umsebenzi wethu wokushumayela nokuziphatha kwethu okutsalela ngayo abantu kuThixo.

Imibuzo Evela Kubafundi

Iintlanga ezininzi mandulo zazibulala izaphuli-mthetho ezithile ngokuzixhoma esibondeni okanye epalini. Ayesenza njani wona amaSirayeli mandulo?

Yomeleza Umtshato Wakho Ngonxibelelwano Oluhle

Ukuncokolisana kubalulekile ukuze isibini sonwabe. Le Mboniselo iza kuchaza iimpawu ezinokusinceda sikwazi ukuncokolisana kakuhle.

Bazali, Nani Bantwana—Nxibelelanani Ngothando

Ziziphi ezinye izinto ezithintela unxibelelwano oluhle? Zinokoyiswa njani?

IBALI LOBOMI

Into Eyenza Ubomi Bethu Bube Nenjongo

UPatricia unabantwana ababini abanesifo esingaqhelekanga. Funda indlela abaye baphila ngayo ubomi obunenjongo phezu kwabo nje ubunzima.

Londoloza ILifa Onalo Ngokwenza Ukhetho Lobulumko

Liliphi ilifa lokomoya elibekwe phambi kwamaKristu, yaye sinokufunda ntoni ngeli lifa lethu kumzekelo osisilumkiso kaEsawu?

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

Bema Beqinile “Ngelixa Lovavanyo”

Funda indlela ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi I ngowe-1914 okwenza abantu abaninzi ehlabathini babona ukuba aBafundi BeBhayibhile abaz’ ukuba nanxaxheba kuloo mfazwe.