IMBONISELO—EFUNDWAYO Juni 2013
Le Mboniselo iza kusenza sizixabise ngakumbi iimpawu zikaYehova ezingadli ngakuxutyushwa.
IBALI LOBOMI
Ukuthobela UYehova Kundizisele Iintsikelelo Ezininzi
Funda ibali lobomi likaElisa Piccioli. Uye waqhubeka ezimisele nangona eye wajamelana nemiqobo, wancama izinto ezininzi waza waswelekelwa ngumntu amthandayo.
Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova
Kuthetha ukuthini ukungeneka nokungakhethi buso? Ukucinga ngomzekelo kaYehova kuya kusinceda sizibonakalise ezo mpawu.
Kuxabise Ukuba Nesisa Nengqiqo KukaYehova
UYehova ungumzekelo omhle wokuba nesisa nengqiqo. Ukufunda kuye kuya kusinceda sibonakalise ezi mpawu.
Kuxabise Ukunyaniseka Nokuxolela KukaYehova
Ukunyaniseka nokuxolela ziimpawu ezithandekayo kumhlobo wokwenene. Ukuxelisa umzekelo kaYehova kuya kusinceda sizihlakulele ezi mpawu zibalulekileyo.
Imibuzo Evela Kubafundi
Yayingoobani “oonyana boThixo oyinyaniso” abakhankanywe eBhayibhileni?
Vumela Ingqeqesho KaYehova Ikubumbe
UYehova, “uMbumbi wethu,” uye wabumba abantu kunye neentlanga. Sinokufunda ntoni koko, ibe kunokusinceda njani ukubunjwa nguye namhlanje?
Badala—Ngaba Niyayihlaziya ‘Imiphefumlo Ediniweyo’?
Abadala abangamaKristu bawalungiselela njani amatyelelo okwalusa? Abadala banokukhuthaza umntu odiniweyo okanye odandathekileyo ngokumnika “isiphiwo sokomoya.”
Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wazifunda ngocoselelo iiMboniselo zakutsha nje? Khawubone enoba uwakhumbula kangakanani.