Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yayingoobani “oonyana boThixo oyinyaniso” abakhankanywe kwiGenesis 6:2, 4 ababephila ngaphambi koMkhukula?

Ubungqina bubonisa ukuba elibinzana libhekisela koonyana bokomoya bakaThixo. Kodwa bubuphi obo bungqina?

Eyokuqala kwezo ndinyana ithi: “Baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.”—Gen. 6:2.

KwiZibhalo zesiHebhere, ibinzana elithi “oonyana boThixo oyinyaniso” nelithi ‘oonyana bakaThixo’ afumaneka kwiGenesis 6:2, 4; kuYobhi 1:6; 2:1; 38:7; nakwiNdumiso 89:6. Yintoni eboniswa zezi zibhalo ngokuphathelele aba ‘nyana bakaThixo’?

Kuyacaca ukuba “oonyana boThixo oyinyaniso” esifunda ngabo kuYobhi 1:6 yayizizidalwa zomoya ezahlanganisana phambi koThixo. Phakathi kwazo kwakukho noSathana, owayevela “ekubhaduleni emhlabeni.” (Yobhi 1:7; 2:1, 2) Ngokufanayo, kuYobhi 38:4-7, sifunda ‘ngoonyana bakaThixo abakhwazayo bencoma xa uThixo wayebeka ilitye lembombo’ lomhlaba. Bamele ukuba yayiziingelosi, kuba abantu babengekadalwa ngelo xesha. Kuyacaca ukuba aba ‘nyana bakaThixo’ bakhankanywe kwiNdumiso 89:6 asingobantu, kodwa zizidalwa zokomoya zasezulwini ezihlala noThixo.

Ngoobani ke “oonyana boThixo oyinyaniso” abakhankanywe kwiGenesis 6:2, 4? Zezi zibakala zeBhayibhile ezenza sigqibe ekubeni le ngxelo ibhekisela koonyana bokomoya bakaThixo abaye beza emhlabeni.

Bambi kunzima ukuyamkela into yokuba iingelosi zinokuba nomdla wesondo. Amazwi kaYesu akuMateyu 22:30 abonisa ukuba ukutshata neentlobano zesini yinto engekhoyo ezulwini. Kodwa, zikho izihlandlo apho iingelosi zaye zambatha imizimba yabantu, zatya de zasela nabantu. (Gen. 18:1-8; 19:1-3) Ngoko, kusengqiqweni ukugqiba ekubeni xa zambethe loo mizimba, zazinokuba nazo iintlobano zesini namabhinqa.

Zikho izizathu ezisekelwe eBhayibhileni ezenza sikholelwe ukuba ezinye iingelosi zakwenza oko. UYude 6, 7 uthelekisa isono samadoda aseSodom, awathi ngokuchasene nemvelo alandela inyama, ndawonye “neengelosi ezingasigcinanga isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala.” Ingongoma kukuba ezo ngelosi kunye naloo madoda aseSodom “zahenyuza ngokugqithiseleyo zaza zalandela inyama ngokuchasene nemvelo.” Umongo ofanayo kweyoku-1 kaPetros 3:19, 20 unxulumanisa iingelosi ezingathobeliyo ‘nemihla kaNowa.’ (2 Pet. 2:4, 5) Ngenxa yoko, inyathelo lezo ngelosi zingathobeliyo zomhla kaNowa linokuthelekiswa nesono seSodom neGomora.

Esi sigqibo siyavakala xa siqonda ukuba “oonyana boThixo oyinyaniso” abakhankanywe kwiGenesis 6:2, 4 babeziingelosi ezazambathisa imizimba yabantu zaza zaneentlobano zesini namabhinqa.

 IBhayibhile ithi uYesu “washumayela koomoya abasentolongweni.” (1 Pet. 3:19) Kuthetha ukuthini oku?

Umpostile uPetros uchaza aba moya njengabo “babekhe abathobela xa umonde kaThixo wawulindile ngemihla kaNowa.” (1 Pet. 3:20) Kuyacaca ukuba, uPetros wayebhekisela kwiingelosi ezathelela uSathana kwimvukelo. UYude ukhankanya iingelosi ‘ezingazange zigcine isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala,’ aze achaze ukuba uThixo “uzigcinele umgwebo wemini enkulu ngemixokelelwane kanaphakade phantsi kwentsunguzi yobumnyama.”—Yude 6.

Kutshiwo njani ukuba izidalwa zomoya azizange zithobele ngomhla kaNowa? Ngaphambi koNogumbe, aba moya bangendawo bazambathisa imizimba yabantu—into awayengenanjongo yayo uThixo. (Gen. 6:2, 4) Ngapha koko, ezo ngelosi zalala namabhinqa into enxamnye nemvelo. UThixo akazange adale izidalwa zomoya ukuba zilale namabhinqa. (Gen. 5:2) Ezi ngelosi zingendawo, nezingathobeliyo uThixo uza kuzitshabalalisa ngexesha lakhe. Ngokwamazwi kaYuda, okwangoku ‘zikwintsunguzi yobumnyama’—kanye njengentolongo yokomoya.

UYesu washumayela nini yaye njani kwaba ‘moya basentolongweni’? UPetros uthi oku kwenzeka emva kokuba uYesu ‘enziwa waphila esemoyeni.’ (1 Pet. 3:18, 19) Phawula nokuba uPetros uthi uYesu “washumayela.” Ukusebenzisa kukaPetros isenzi sexesha elidluleyo kubonisa ukuba oku kushumayela kwenzeka ngaphambi kokuba abhale incwadi yakhe yokuqala. Ngoko, kubonakala ukuba emva kokuvuswa kwakhe uYesu, wavakalisa kwezo zidalwa zingendawo umgwebo opheleleyo oza kuzifikela. UYesu wayengaziphi nesuntswana lethemba. Wayevakalisa umgwebo. (Yona 1:1, 2) Ekubeni uYesu wayesele ebonise ukholo nokunyaniseka kwakhe de kwasa ekufeni waza wavuswa—engqine ukuba uMtyholi akanandlela yakubambelela kuye—wayekufanelekele ukuvakalisa loo mgwebo.—Yoh. 14:30; 16:8-11.

Kwixa elizayo, uYesu uza kumbopha aze amphose enzonzobileni uSathana nezo ngelosi zakhe. (Luka 8:30, 31; ISityhi. 20:1-3) De kube lelo xesha, aba moya bangathobeliyo baya kube bekwintsunguzi yobumnyama bokomoya, ibe abanakubhungca kwintshabalalo yabo.—ISityhi. 20:7-10.