Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova

Zixabise Ngokupheleleyo Iimpawu ZikaYehova

“Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” —EFE. 5:1.

1. (a) Ziziphi iimpawu zikaYehova anokucinga ngazo umKristu? (b) Yintoni okuya kusinceda kuyo ukuhlolisisa iimpawu zikaThixo?

ZIZIPHI iimpawu ezithi qatha kuwe xa ucinga ngobuntu bukaYehova? Kwabaninzi kuthi qatha uthando, okusesikweni, ubulumko namandla. Kodwa, siyazi ukuba uYehova unentabalala yeempawu ezintle. Enyanisweni, singade siqabele ngaphaya kwama-40 xa sibala iimpawu zakhe ezimangalisayo, ekuxutyushwe ngazo kwiimpapasho zethu. Ungazicingela ukuba zininzi kangakanani izinto ezibangel’ umdla ngobuntu bukaYehova esinokuzifumana kufundisiso lobuqu okanye olwentsapho! Yintoni esinokuyenza ukuze sizuze kolo fundisiso? Lunokusinceda simxabise ngakumbi uBawo wethu wasezulwini. Xa simxabisa ngakumbi uYehova, siya kukunqwenela ngamandla ukusondela kuye size simxelise.—Yosh. 23:8; INdu. 73:28.

2. (a) Zekelisa indlela esinokwenza ngayo ukuze sizixabise ngakumbi iimpawu zikaYehova. (b) Yintoni esiza kuyiqwalasela?

2 Kuthetha ukuthini kanti, “ukuxabisa” into ethile? Njengokuba siza kulisebenzisa kweli nqaku, eli gama lithetha ukuqonda elona xabiso lento. Ukuxabisa into kukhula ngokukhula. Umzekelo: Siye sikuxabise ngakumbi ukutya okutsha ngokuva ivumba lako, sikungcamle size sigqibele ngokukupheka. Ngokufanayo, siye siluxabise ngakumbi uphawu lukaYehova ngokuzama ukulwazi, sicamngce ngalo size siluxelise. (Efe. 5:1) Injongo yeli nqaku namabini alandelayo kukusinceda sizixabise ngakumbi iimpawu zikaThixo ekusenokwenzeka ukuba asidli ngokucinga ukuba zibaluleke kangako. Kulo ngalunye siza kuqwalasela oku: Luthetha ukuthini? UYehova ulubonisa njani? Sinokumxelisa njani ekuboniseni lona?

 UYEHOVA UYANGENEKA

3, 4. (a) Ungamchaza njani umntu ongenekayo? (b) UYehova usiqinisekisa njani ukuba uyangeneka?

3 Makhe siqale ngophawu lokungeneka. Ungamchaza njani umntu ongenekayo? Usenokuthi, ‘Ngumntu onobubele, ofumanekayo xa umfuna nekulula ukuthetha naye.’ Umntu ongenekayo nongangenekiyo udla ngokubonakala ngento ayithethayo nangendlela enza ngayo—izimbo zomzimba, ubuso nezinye.

4 UYehova ubonisa njani ukuba uyangeneka? Nakuba enguMdali usomandla wendalo emangalisayo, uYehova usiqinisekisa ngokuthi ukulungele yaye uzimisele ukuphulaphula imithandazo yethu aze ayiphendule. (Funda iNdumiso 145:18; Isaya 30:18, 19.) UThixo siyakwazi ukuthetha naye nanini na naphi na enoba lixesha elingakanani. Sikhululekile ukuthetha naye, sisazi ukuba akanakuze asiphathe kakubi ngokwenjenjalo. (INdu. 65:2; Yak. 1:5) ILizwi likaThixo lichaza uYehova ngendlela efanayo nabantu ukubonisa ukuba ufuna ukungeneka kubo. Ngokomzekelo, umdumisi uDavide wathi “amehlo kaYehova” abhekiswe kuthi ‘nesandla sakhe sasekunene sihlala sisibambe nkqi.’ (INdu. 34:15; 63:8) Umprofeti uIsaya wafanisa uYehova nomalusi, esithi: ‘Ngengalo yakhe uya kuqokelela ndawonye amatakane; uya kuwathwala ngesifuba sakhe.’ (Isa. 40:11) Khawukucinge nje oko! UYehova ufuna sisondele kuye kanye njengetakane elisesifubeni somalusi onenyameko. Akakho umntu ongamfuniyo uBawo ongeneka njengalo sinaye! Sinokumxelisa njani ke thina uYehova kule nkalo?

UPHAWU OLUXATYISWA GQITHA

5. Kutheni kubalulekile nje ukuba abadala bangeneke?

5 Kumazwekazi ahlukahlukeneyo, amaNgqina anenzondelo akha abuzwa oku, “Luluphi olona phawu uluxabisayo kumdala?” Inkoliso yawo yaphendula yathi, “Ngongenekayo.” Yinyaniso ukuba, mKristu ngamnye umele abe nalo ngokupheleleyo  olu phawu, kodwa ibaluleke ngokukhethekileyo into yokuba abadala bangeneke. (Isa. 32:1, 2) Echaza isizathu sokuba ecinga ukuba olu phawu lubalulekile, omnye udade wathi: “Kuxa umdala engeneka kuphela apho enokusinceda nangezinye iimpawu ezintle anazo.” Ngaba uyakubona ukuba sengqiqweni koko? Kodwa yintoni eyenza umntu angeneke?

6. Nguwuphi undoqo ukuze ungeneke?

6 Undoqo ukuze ungeneke kukubonisa umdla kwabanye. Ukuba umdala uyabakhathalela abanye aze akulungele ukuzincama ngenxa yabo, abazalwana noodade, kuquka abaselula baya kukuphawula oko. (Marko 10:13-16) UCarlos oneminyaka eli-12 uthi: “Ndiye ndibabone abadala bencumile eholweni yaye benobubele, ndiyayithanda loo nto.” Kakade ke, akwanelanga ukuba umdala athi yena uyangeneka, umele alubonakalise olo phawu. (1 Yoh. 3:18) Angakwenza njani oko?

7. Yintoni ebangela ukuba ukunxiba ibheji kusoloko kuvusa incoko, ibe sifunda ntoni koko?

7 Khawucinge ngalo mahluko. Kutshanje, omnye umzalwana wayenxibe ibheji yendibano xa wayegoduka ngenqwelo-moya evela kwindibano yelinye ilizwe. Xa umntu osebenza kuloo nqwelo-moya wabona loo bheji inamagama athi “Mabufike UBukumkani Bakho!” wathi kuloo mzalwana, “Mabufike, kudala sibulindile—kuza kufuneka khe sithethe ngabo.” Emva kwexesha bathetha ngabo, ibe loo mntu wavuyiswa kukufumana amaphephancwadi ethu. Baninzi kuthi eye yenzeka kubo le nto. Yintoni le itsala abantu kangaka kwibheji yendibano? Kaloku, amazwi ayo afana nqwa nokuthi ebantwini: “Ndikulungele ukuthetha nani. Ningandibuza ukuba ndiyaphi.” Ibheji ngumqondiso obonakalayo onceda abantu babone ukuba sikulungele ukuthetha nabo ngeenkolelo zethu. Nabo ke, abadala abangamaKristu bafuna ukudlulisela imiqondiso ethi kubazalwana babo: “Ndikulungele ukuthetha nani.” Yiyiphi eminye yaloo miqondiso?

8. Abadala bawubonisa njani umdla wabo onyanisekileyo kwabanye, ibe oko kulichaphazela njani ibandla?

8 Izithethe ziyahluka ngokwamazwe ngamazwe, kodwa ngokuqhelekileyo xa sibancumela, sibaxhawula, sibabulise singangxamanga abazalwana bethu, sibabonisa ukuba sinomdla onyanisekileyo kubo. Ngubani omele abe ngowokuqala ukwenza oku? Sinokucinga ngomzekelo esawushiyelwa nguYesu. UMateyu usichazela ukuba kwintlanganiso yakhe nabafundi bakhe, “UYesu wasondela waza wathetha kubo.” (Mat. 28:18) Nabo ke, abadala namhlanje ngabo abaya kuqala kubazalwana baze bathethe nabo. Kulichaphazela njani oko ibandla? Udade onguvulindlela oneminyaka engama-88 wathi: “Uncumo namazwi akhuthazayo avela kubadala xa ndingena kwiHolo yoBukumkani andenza nditsaleleke kubo.” Omnye udade othembekileyo wongezelela wathi: “Oku kusenokubonakala njengento engenamsebenzi, kodwa xa umdala endamkela ngoncumo kwintlanganiso, ndichukumiseka gqitha.”

UKUNGENEKA NOKUFUMANEKA

9, 10. (a) Nguwuphi umzekelo omhle omiselwa nguYehova? (b) Yintoni enokwenziwa ngabadala ukulungiselela ukuba bafumaneke?

 9 Kakade ke, asinakungeneka ukuba asifumaneki. UYehova usimisela umzekelo omhle kule nkalo. ‘Akakho kude kuye ngamnye wethu.’ (IZe. 17:27) Enye indlela abadala abalungiselela ngayo ukuba bafumaneke, kukuqinisekisa ukuba banexesha lokuncokola nabazalwana noodade—abakhulileyo nabaselula emva kweentlanganiso zebandla. Omnye umzalwana onguvulindlela wathi: “Xa umdala endibuza impilo aze eme  aphulaphule impendulo, ndiye ndivakalelwe ukuba uyandixabisa.” Udade osele eza kugqiba iminyaka engama-50 ekhonza uYehova wathi: “Abadala abachitha ixesha ukuze bancokole nam emva kwentlanganiso bandenza ndizive ndixabisekile.”

10 Yinyaniso ukuba, ikho neminye imisebenzi emele yenziwe ngabalusi abangamaKristu. Kodwa ke, into emele ibe phambili kwiintlanganiso kukunikela ingqalelo kwizimvu.

UYEHOVA AKAKHETHI BUSO

11, 12. (a) Kuquka ntoni ukungakhethi buso? (b) UYehova unguwo njani kuthi umzekelo wokungakhethi buso?

11 Ukungakhethi buso lolunye uphawu oluthandekayo analo uYehova. Kutheth’ ukuthini ukungakhethi buso? Kuquka ukwenza izinto ngobulungisa, ukungenzeleli elinye icala okanye uthande elinye ngaphezu kwelinye. Zimbini izinto anazo umntu ongakhethi buso ngokwenene: sisimo sengqondo nezenzo. Kutheni zifuneka zombini nje? Kaloku kuxa umntu engakhethi buso kuphela apho aya kukwazi ukuphatha wonke umntu ngendlela efanayo. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ibinzana elithi “akakhethi buso” ngokoqobo lithetha “umntu ongathathi buso,” into ethetha ukungakhethi obunye ubuso kunobunye. (IZe. 10:34; Kingdom Interlinear) Ngoko ke, umntu ongakhethi buso akanikeli ngqalelo nje kwinkangeleko okanye iimeko zomntu, kodwa kumntu ngokwakhe.

12 UYehova ngowona mzekelo wokungakhethi buso. ILizwi lakhe lithi “akakhethi buso.” (Funda iZenzo 10:34, 35; iDuteronomi 10:17.) Imeko eyavela ngomhla kaMoses ikubonisa kakuhle oko.

Iintombi zikaTselofehadi zakuxabisa ukungakhethi buso kukaThixo (Funda isiqendu 13, 14)

13, 14. (a) Yiyiphi imeko eyavelela iintombi ezintlanu zikaTselofehadi? (b) UYehova wabonisa njani ukuba akakhethi buso kuloo meko?

 13 Ngaphambi nje kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso, kwavela imeko eyafaka engxakini iintombi ezizalwa kunye ezintlanu ezazingatshatanga. Yayinjani loo meko? Njengezinye iintsapho zamaSirayeli, ezi ntombi zazisazi ukuba intsapho yazo iza kufumana umhlaba owawabelwe uyise. (Num. 26:52-55) Kodwa uyise, uTselofehadi wohlanga lwakwaManase wayefile. Ngokwesiko, yayingoonyana bakaTselofehadi ababemele banikwe ilifa lakhe, kodwa yena wayezele iintombi zodwa. (Num. 26:33) Ekubeni kungekho nyana uza kunikwa elo lifa lentsapho, ngaba umhlaba waloo ntsapho wawuza kunikwa izalamane zize ezo ntombi ziphulukane nelifa lakowazo?

14 Ezi ntombi zaya kuMoses zambuza: “Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwentsapho yakhe kuba engenanyana?” Zabe sezicenga zisithi: “Owu khawusinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.” Ngaba uMoses waziphendula ngokuthi, ‘Niyazi ukuba  umthetho uthini akukho nto ndiza kuyenza’? Nakanye, “wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.” (Num. 27:2-5) Yathini impendulo? UYehova wathi kuMoses: “Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha. Ufanele nakanjani na uzinike ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulidlulisele kuzo ilifa likayise.” UYehova akazange aphelele apho. Wasebenzisa eso sigqibo saloo meko yezo ntombi saba ngumthetho, wamyalela oku uMoses: “Xa ithe yafa indoda ingenanyana, nimele nilidlulisele ilifa layo kwintombi yayo. (Num. 27:6-8; Yosh. 17:1-6) Ukususela ngoko, onke amabhinqa akwaSirayeli analoo ngxaki ayeza kukhuselwa.

15. (a) UYehova ubaphatha njani abantu bakhe, ngokukhethekileyo abo bangenabani? (b) Chaza eminye imizekelo eseBhayibhileni engqina ukuba uYehova akakhethi buso?

15 Eso yaba sisigqibo sobubele nesingakhethi buso ngokwenene! Loo mabhinqa ayengenamntu uza kuwanceda, kodwa uYehova wawaphatha ngesidima njengawo onke amanye amaSirayeli. (INdu. 68:5) Lo ngomnye nje wemizekelo emininzi eseBhayibhileni engqina le nyaniso: UYehova akakhethi buso kubo bonke abakhonzi bakhe.—1 Sam. 16:1-13; IZe. 10:30-35, 44-48.

SINOKUMXELISA UYEHOVA

16. Yintoni esinokuyenza ukuze singakhethi buso?

16 Sinokumxelisa njani uYehova singakhethi buso? Khumbula ukuba zimbini izinto ezifunekayo ukuze ungakhethi buso. Kuxa singakhethi buso kuphela apho siya kuphatha abanye kakuhle. Yinyaniso ukuba, sonke sicinga ukuba sinengqondo ephangaleleyo yaye asikhethi buso. Kodwa ke, usenokuvuma ukuba akusoloko kulula ukuzazi kakuhle iimvakalelo zethu. Yintoni ke esinokuyenza ukuze sazi ukuba saziwa ngokungakhethi buso? Xa wayefuna ukwazi ukuba abantu bathini ngaye, yena uYesu wababuza oku abahlobo bakhe abathembekileyo: “Abantu bathi ungubani uNyana womntu?” (Mat. 16:13, 14) Kutheni ungaxelisi yena nje nawe? Unokubuza omnye kubahlobo obathembayo enoba udume njani na kwinkalo yokungakhethi buso. Ukuba uthi ubonakala unekhethe elithile lobuhlanga, labantu ohlala nabo okanye ngokwemeko yabo yemali, yintoni onokuyenza? Thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova umcele akuncede utshintshe ukuze ukwazi ukubonakala ukuba akukhethi buso.—Mat. 7:7; Kol. 3:10, 11.

17. Ziziphi iindlela zokungakhethi buso esinokubaphatha ngazo abanye?

 17 Kwibandla lamaKristu, sivakalisa umnqweno wethu wokuxelisa uYehova ongakhethi buso ngokuphatha bonke abazalwana noodadewethu ngesidima nobubele. Ngokomzekelo, xa sisenzela abantu ububele simema zonke iintlobo zabazalwana bethu, kuquka abo banemvelaphi eyahlukileyo kweyethu, abo bangamahlwempu, iinkedama okanye bafelwe ngamaqabane. (Funda eyabaseGalati 2:10; Yakobi 1:27.) Enye into, xa sishumayela ngoBukumkani asikhethi buso sishumayela kubantu beentlanga zonke, kuquka abo bavela kwamanye amazwe. Sivuyiswa gqitha yinto yokuba sikwazi ukufumana uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezimalunga nama-600. Abukho ubungqina obudlula obo bokuba asikhethi buso!

18. Yiyiphi indlela oya kubonisa ngayo ukuba uyakuxabisa ukungeneka nokungakhethi buso kukaYehova?

18 Ngokwenene, njengoko sicamngca ngokungeneka nokungakhethi buso kukaYehova, siya simxabisa ngakumbi. Kona ke, ukumxabisa ngakumbi kumele kusenze simxelise ngokupheleleyo, sibaphathe njengaye abazalwana bethu nabantu esishumayela kubo.

“Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo.” —INdu. 145:18 (Funda isiqendu 9)

“UYehova uThixo wenu . . . ongakhethi buso.”—Dut. 10:17 (Funda isiqendu 17)