Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izikhumbuzo ZikaYehova Mazibe Kukugcoba Kwentliziyo Yakho

Izikhumbuzo ZikaYehova Mazibe Kukugcoba Kwentliziyo Yakho

“Ndizidle ilifa izikhumbuzo zakho ukusa kwixesha elingenammiselo.”INDU. 119: 111.

1. (a) Ziziphi iindlela abasabela ngazo abantu kwizikhumbuzo, ibe kubangelwa yintoni oko? (b) Ikratshi linokuyichaphazela njani indlela umntu asijonga ngayo isiluleko?

ABANTU basabela ngeendlela ezahlukahlukeneyo xa benikwa imiyalelo. Kwabanye kunokuba lula ukuthobela xa bekhunjuzwa ngumntu onegunya, kodwa bakrikrize xa inguntanga wabo okanye umntu ophantsi kwegunya labo. Injalo ke nendlela abavakalelwa ngayo xa beqeqeshwa okanye belulekwa. Basenokuba buhlungu, badane, de baphoxeke, okanye banokukhuthazeka, baze bazimisele ukuphucula de benze okuthile. Yintoni eyenza bahluke kangaka? Enye into enegalelo likratshi. Ukukhukhumala kunokwenza ubani acinge ukuba isiluleko esithile asimfanelanga, aze ke asibethe ngoyaba, abe ke uyaphoswa luncedo ebenokulufumana.IMize. 16:18.

2. Yintoni eyenza amaKristu alixabise icebiso leLizwi likaThixo?

2 Noko ke, wona amaKristu okwenyani alixabisa gqitha icebiso elihle, ngakumbi xa livela kwiLizwi likaThixo. Izikhumbuzo zikaYehova zisinceda sibe nengqiqo, sikwazi ukubona ikhondo eliphosakeleyo. Zisinceda siphephe imigibe eyingozi efana nokuthanda izinto eziphathekayo, ukuziphatha kakubi, ukusela ngokugqithiseleyo nokusebenzisa iziyobisi. (IMize. 20:1; 2 Kor. 7:1; 1 Tes. 4:3-5; 1 Tim. 6:6-11) Enye into, sivuyiswa gqitha ‘yimeko elungileyo yentliziyo’ esiyifumana ngokuthobela izikhumbuzo zikaThixo.Isa. 65:14.

3. Yintoni entle esifuna ukumxelisa kuyo umdumisi?

3 Ukuze sihlale sinolwalamano oluhle noBawo wethu wasezulwini, simele siqhubeke sithobela imiyalelo yobulumko asinika yona. Ibiya kuba ntle into yokuba sifane nomdumisi owathi: “Ndizidle ilifa izikhumbuzo zakho ukusa kwixesha elingenammiselo, kuba zikukugcoba  kwentliziyo yam”! (INdu. 119:111) Ngaba nathi siyayoliswa zizikhumbuzo zikaYehova, okanye sikhe sivakalelwe kukuba ziluxanduva? Kwanaxa sikufumanisa kunzima ukuthobela isiluleko, asimele sityhafe. Simele sizame ukukholosa ngokupheleleyo ngobulumko obungenakuthelekiswa nanto bukaThixo! Makhe siqwalasele iindlela ezintathu esinokukwenza ngazo oko.

YOMELEZA INTEMBELO NGOKUTHANDAZA

4. Yiyiphi eyona nto angazange agungqe kuyo uDavide?

4 Maninzi amahla ndinyuka awatyhubela kuwo uKumkani uDavide, kodwa kukho nto inye angazange agungqe kuyo—ukukholosa ngokupheleleyo ngoMdali wakhe. Wathi: “Owu Yehova, ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam. Owu Thixo wam, ndikholose ngawe.” (INdu. 25:1, 2) Yintoni eyanceda uDavide wakholosa ngolo hlobo ngoYise osezulwini?

5, 6. Yintoni esiyixelelwa liLizwi likaThixo ngolwalamano lukaDavide noYehova?

5 Abantu abaninzi bathandaza kuThixo xa besengxakini kuphela. Ubuya kuvakalelwa njani xa umhlobo okanye isalamane sakho sithetha nawe xa sifuna imali okanye uncedo kuphela? Mhlawumbi ubuya kude usikrokrele ngelithi siyakuncukutha. Wayengenjalo ke yena uDavide. Ulwalamano awayenalo noYehova lwalubonisa ukuba unokholo ibe uyamthanda uThixo—kumnandi kukubi.INdu. 40:8.

6 Phawula amazwi kaDavide xa wayedumisa yaye ebulela kuYehova: “Owu Yehova Nkosi yethu, hayi indlela elinobungangamsha ngayo igama lakho emhlabeni wonke, isidima sakho siphela sibaliswa ngaphezu kwamazulu!” (INdu. 8:1) Ngaba uyayibona indlela awayesondele ngayo uDavide kuYise wasezulwini? Ukuxabisa kukaDavide ubungangamsha nozuko lukaThixo kwamenza wamphakamisa uYehova “imini yonke.”INdu. 35:28.

7. Kusinceda ngantoni ukusondela kuThixo ngomthandazo?

7 NjengoDavide simele sihlale sithetha noYehova ukuze sikwazi ukukholosa ngaye. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yak. 4:8) Ukusondela kuThixo ngomthandazo yenye indlela ebalulekileyo esifumana ngayo umoya oyingcwele.Funda eyoku-1 kaYohane 3:22.

8. Kutheni simele sikuphephe ukuphindaphinda amazwi afanayo xa sithandaza?

8 Xa uthandaza, ngaba unengxaki yokuphindaphinda amazwi afanayo? Ukuba kunjalo, ngaphambi kokuba uthandaze, ziphe ixesha lokucingisisa ngaloo nto ufuna ukuyithetha. Ngaba ukho umhlobo okanye isalamane ebesiya kuvuyiswa kukuva amazwi afanayo rhoqo sithetha naso? Mhlawumbi besiya kuyeka ukusiphulaphula. Kakade ke, yena uYehova akanakuze angawuphulaphuli umthandazo osuka entliziyweni yomkhonzi wakhe onyanisekileyo. Kodwa simele sikuphephe ukwenza umlembelele nje kaphela sonwabe xa sithetha naye.

9, 10. (a) Ziziphi izinto esinokuziquka xa sithandaza? (b) Yintoni enokusinceda sikwazi ukuthandaza ngokusuka entliziyweni?

9 Asinakukwazi ukwenza imithandazo esingayikhathalelanga size silindele ukuba siya kusondela kuThixo. Okukhona siphalaza imbilini yethu kuYehova, kokukhona siya kusondela kuye, size ke sikholose ngaye ngakumbi. Kodwa ziziphi izinto esinokuziquka xa sithandaza? ILizwi likaThixo lithi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” (Fil. 4:6) Inyaniso yile, thina bakhonzi bakaThixo simele siyithandazele nantoni na echaphazela ulwalamano lwethu naye okanye ubomi bethu.

10 Siya kufunda lukhulu xa siqwalasela imithandazo yamadoda nabafazi abathembekileyo ebhalwe eBhayibhileni. (1 Sam. 1:10, 11; IZe. 4:24-31) IiNdumiso ziqulethe  intlaninge yemithandazo neengoma ezinyanisekileyo ababezivumela uYehova. Kwezi ngoma nemithandazo sifumana zonke iindlela ababevakalelwa ngazo xa besentlungwini naxa bonwabile. Ukuphonononga amazwi abo kunokusinceda sikwazi ukuthandaza ngokusuka entliziyweni.

CAMNGCA NGEZIKHUMBUZO ZIKATHIXO

11. Kutheni simele sicamngce ngezibongozo zikaThixo?

11 UDavide wathi: “Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava.” (INdu. 19:7) Kwanokuba asinamava, sinako ukuba zizilumko xa sithobela imithetho kaThixo. Noko ke, ezinye izibongozo zeBhayibhile zifuna sicamngce ngazo ukuze zisincede. Oko kunokwenzeka xa kufuneka sigcine ingqibelelo phantsi kwengcinezelo esiyifumana esikolweni okanye emsebenzini, sigcine imilinganiselo kaThixo ephathelele igazi, ukungathathi cala kwimicimbi yezopolitiko nokuthobela imigaqo yeBhayibhile kwindlela yokunxiba nokuzilungisa. Xa siyazi indlela azijonga ngayo uYehova ezo zinto, siya kuhlala silungele nayiphi na ingxaki evelayo. Siya kutsho siyazi into esimele siyenze. Ukucamngca kusengaphambili kuya kusinceda sihlale sixhobile size sikwazi ukuphepha iintlungu.IMize. 15:28.

12. Kukucamngca ngayiphi imibuzo okuya kusinceda sigcine izikhumbuzo zikaThixo?

12 Njengoko silindele ukuzaliseka kwamadinga kaThixo, ngaba indlela esiphila ngayo ibonisa ukuba sithe qwa ngokomoya? Ngokomzekelo, ngaba nyhani siyakholelwa ukuba sekumbovu itshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu? Ngaba iintsikelelo esinethemba lazo, njengobomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni zisaqaqambe njengaxa sasiqala ukuva ngazo? Ngaba sisazama ngamandla ukuba nenzondelelo ngobulungiseleli bethu ngaphezu kokuba sisenza kwimibandela yobuqu? Kuthekani ngethemba lovuko, ukungcwaliswa kwegama likaYehova nokuthethelelwa kolongamo lwakhe? Ngaba ezo zinto zisabalulekile kuwe? Ukucamngca ngale mibuzo kunokukunceda uxelise umdumisi ekugcineni ‘izikhumbuzo zikaThixo ukusa kwixesha elingenammiselo.’INdu. 119:111.

13. Kwakutheni ukuze kube nzima kumaKristu okuqala ukuqonda izinto ezithile? Zekelisa.

13 Kusenokuba nzima ukuqonda ezinye izinto ezikhankanywe eBhayibhileni okwangoku kuba alikafiki ixesha likaYehova elifanelekileyo lokuba zicace. UYesu wayebaxelela ngokuphindaphindiweyo abafundi bakhe ukuba wayeza kubandezeleka aze abulawe. (Funda uMateyu 12:40; 16:21.) Kodwa abapostile babengayiqondi intsingiselo yento ayitshoyo. Bayiqonda kakuhle emva kokuba efile waza wavuswa xa wayezambathise umzimba womntu, ebonakala kwiqela labafundi, waza “wazivula ngokupheleleyo iingqondo zabo ukuba zicacelwe yintsingiselo yeZibhalo.” (Luka 24:44-46; IZe. 1:3) Ngokufanayo, abalandeli bakaKristu abazange baqonde ukuba uBukumkani bukaThixo babuza kumiselwa emazulwini, de kwathululwa umoya oyingcwele phezu kwabo ngePentekoste ka-33.IZe. 1:6-8.

14. Nakuba kwakukho izinto ababengaziqondi ngokuphathelele imihla yokugqibela, nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa ngabazalwana abaninzi ekuqaleni kweminyaka yee-1900?

14 Le ngxaki yaphinda yavela nasekuqaleni kweminyaka ye-1900, kwakukho izinto eziliqela ezingachananga awayelindele ukuba zenzeke amaKristu okwenyaniso ‘ngemihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1) Ngokomzekelo, amanye ayecinga ukuba aza kuthatyathelwa ezulwini ngephanyazo ngo-1914. Xa oko kungazange kwenzeke, aphinda ahlolisisa iZibhalo aza abona ukuba kwakusamele kuqiniswe ngamandla ekushumayeleni. (Marko 13:10) Ngoko ke, ngo-1922 uJ. F. Rutherford, owayekhokela kumsebenzi wokushumayela, wathi kwabo babekwindibano yezizwe ngezizwe  eCedar Point, eOhio, U.S.A.: “Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” Ukususela ngeloo xesha, ukuvakalisa “iindaba ezilungileyo zobukumkani” kuye kwaba yeyona nto baziwa ngayo abakhonzi bakaYehova.Mat. 4:23; 24:14.

15. Kusinceda ngantoni ukucamngca ngendlela uThixo aye waqhubana ngayo nabantu bakhe?

15 Xa sicamngca ngendlela engummangaliso uYehova aye waqhubana ngayo nabantu bakhe, mandulo nangemihla yethu, siya kuthembela ngakumbi kumandla akhe okuphumeza ukuthanda kwakhe kwixa elizayo. Izikhumbuzo zikaThixo ziphinda zisincede sigcine iziprofeto eziseza kuzalisekiswa zithe thaa ezingqondweni nasezintliziyweni zethu. Xa sisenza ngolo hlobo, siya kuzithemba nangakumbi izithembiso zakhe.

YOMELEZA UKHOLO LWAKHO NGOKUNQULA UTHIXO

16. Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo ngokuzibhokoxa ekukhonzeni uThixo?

16 UThixo wethu, uYehova, nguThixo onamandla owenza izinto eziliqela. Umdumisi wabuza oku: “Ngubani na onamandla njengawe, Ya?” Wongezelela wathi: “Isandla sakho somelele, isandla sakho sasekunene siphakamile.” (INdu. 89:8, 13) Ngokuvisisana noko, uYehova uyayixabisa yaye uyayisikelela imigudu esiyenzayo ukuze sixhase izilangazelelo zoBukumkani. Enoba ngamadoda okanye amabhinqa, baselula okanye sebekhulile, uyaqinisekisa ukuba abakhonzi bakhe abathi vuxa baze ‘badle isonka sobuvila.’ (IMize. 31:27) Sixelisa uMdali wethu ngokuba maxhaphetshu sisenza imisebenzi yakhe. Xa sisenza konke okusemandleni ukuze sikhonze uYehova sifumana ulonwabo ibe uYehova uyakholiswa koko.Funda iNdumiso 62:12.

17, 18. Sitsho njani ukuba izenzo zokholo zisinceda sikholose ngemiyalelo kaYehova? Zekelisa.

17 Izenzo zethu zokholo zisinceda njani sikwazi ukukholosa ngoYehova? Cinga ngengxelo eseZibhalweni yamaSirayeli xa ayengena kwiLizwe Lesithembiso. UYehova wayalela ababingeleli ukuba bathwale ityeya yomnqophiso baze bahambe nayo ukuya kuMlambo iYordan. Noko ke, njengokuba abantu babesondela emlanjeni, babona ukuba amanzi azizantyalantyala kuba yayilixesha leemvula. Ayeza kuthini ke ngoku amaSirayeli? Ngaba ayeza kumisa iintente apho ecaleni komlambo aze alinde iiveki de amanzi athothe? Akunjalo. Akholosa ngokupheleleyo ngoYehova aza alandela imiyalelo yakhe. Yaba yintoni imiphumo? IBhayibhile ithi: ‘Kwathi xa iinyawo zababingeleli zisithi nkxu enyeleni yamanzi, andula amanzi ema ngxi.’ Emva koko, ‘ababingeleli baqhubeka bemi bhuxe kumhlaba owomileyo phakathi eYordan njengoko wonke uSirayeli wayewela kumhlaba owomileyo.’ (Yosh. 3:12-17) Unokuyicingela nje indlela awayemangaliswe ngayo amaSirayeli njengoko ebona ezo mpuphuma zamanzi zisima! Ukholo lwawo lomelela kuba akholosa ngolwalathiso lukaYehova.

Ngaba nawe uza kukholosa ngoYehova njengokuba babenjalo abakhonzi bakaYehova ngomhla kaYoshuwa? (Funda isiqendu 17, 18)

18 Ewe kona, uYehova akabenzeli mimangaliso abantu bakhe namhlanje, kodwa uyabasikelela xa bemkhonza. Amandla asebenzayo kaThixo ayabanceda njengoko beshumayela ngoBukumkani emhlabeni wonke. UYesu Kristu ovusiweyo, iNgqina likaYehova eliyintloko wathi xa eqinisekisa abafundi bakhe ukuba wayeza kubancedisa kulo msebenzi ubalulekileyo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke . . . ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:19, 20) Namhlanje, maninzi amaNgqina awayekade eneentloni yaye esoyika ukuthetha nabantu, kodwa aye ancedwa ngumoya oyingcwele kaThixo aza anesibindi.Funda iNdumiso 119:46; eyesi-2 kwabaseKorinte 4:7.

19. Sisiphi isiqinisekiso esinaso phezu kwabo nje ubunzima esikubo?

19 Kwabanye abazalwana noodade kunzima ngenxa yokugula nokwaluphala. Ukanti, banokuqiniseka ukuba “uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke” uyayiqonda imeko yomKristu ngamnye othembekileyo. (2 Kor. 1:3) Uxabisa yonke imigudu esiyenzayo ngenxa yoBukumkani. Ngamnye kuthi umele akhumbule ukuba lukholo esinalo kwintlawulelo kaKristu olugcina umphefumlo wethu uphila ngoxa sisenza konke okusemandleni ethu.Heb. 10:39.

20, 21. Ziziphi ezinye iindlela esibonisa ngazo ukuba sikholose ngoYehova?

20 Ukunqula kwethu uThixo kuquka ukuchitha ixesha, amandla nobuncwane esinabo kangangoko iimeko zivuma. Eneneni, sikufuna ngentliziyo yethu yonke ‘ukwenza umsebenzi womvangeli.’ (2 Tim. 4:5) Inyaniso kukuba, siyavuyiswa kukwenza oku kuba kunceda abanye ‘bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Kuyacaca ukuba, ukuzukisa nokudumisa uYehova kusenza sibe zizityebi ngokomoya. (IMize. 10:22) Kuphinda kusincede sibe nolwalamano oluluqilima noMdali wethu.Roma 8:35-39.

21 Njengokuba siye sabona, akuzenzekeli ukukholosa ngemiyalelo yobulumko kaYehova; kufuneka umgudu ukuze sikholose ngaye. Ngoko ke, simele sithembele kuYehova ngokuthandaza. Camngca ngendlela uYehova aye wakuphumeza ngayo ukuthanda kwakhe kwixesha elidlulileyo nangaleyo aseza kukuphumeza ngayo kwixa elizayo. Qhubeka uzabalazela ukukholosa ngoYehova ngokumnqula. Izikhumbuzo zikaYehova ziya kuhlala zikho ukusa kwixesha elingenammiselo. Kunokuba njalo nangawe!