Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ungenza Okungakumbi Ukuze Ulumkise Abantu?

Ngaba Ungenza Okungakumbi Ukuze Ulumkise Abantu?

Ifilimu engenamazwi ethi A Trip Down Market Street ishiya ababukeli bayo bebamb’ ongezantsi njengoko ibonisa ngokweenkcukacha indlela ababephila ngayo abantu baseSan Francisco, eU.S.A., ekuqaleni kweminyaka ye-1900. Abenzi bayo babebophelela ikhamera ngaphambili emotweni ehambayo baze bajikeleze izitrato eziphithizelayo. Kwizinto abazifotayo, ubona iinqwelo zamahashe neemoto zaloo mihla, abantu abathengayo namakhwenkwe athengisa amaphephandaba.

Eyona nto iyenza ibe manyumnyezi le filimu sisibakala sokuba isenokuba yenziwa ngoAprili 1906, ngaphambi nje kwenyikima nomlilo owabulala amawaka abantu ngoAprili 18, ushiya inxalenye yeso sixeko iyingqushu. Mhlawumbi abanye babantu abavelayo kule filimu kwakusele iintsuku nje bafe. UScott Miles, oyinzalelwane yomnye wabenzi bale filimu, uthi: “Kule filimu ubona nje abantu abangenalo nofifi ngento eza kubehlela. Usuke nje ubasizele.”

Kungacingelwanga, ngo-1906 inyikima eyaba nomlilo yashiya inxalenye enkulu yesixeko iSan Franscisco iyingqushu

Neyanamhlanje imeko iphantse ifane naleyo. Nathi siba novelwano xa sicinga ngabamelwane bethu. Bayaqhubeka nje nobomi babo bengenalo nofifi ngentlekele ezayo—ukutshatyalaliswa kwale nkqubo yezinto. Noko ke, ngokungafaniyo naloo nyikima yayingaziwa, thina sinethuba lokulumkisa abamelwane bethu ngemini yomgwebo kaYehova. Mhlawumbi nawe uzibekela ixesha veki nganye lokushumayela kwindlu ngendlu, kodwa ngaba unokwenza okungakumbi ukuze ulumkise abantu?

UYESU WAYENGATSHAYISI EKUSHUMAYELENI

Umzekelo kaYesu ngowokuxeliswa kuba wayesoloko ekulungele ukushumayela. Wayeshumayela kuye nabani na adibana naye, enoba ngumqokeleli werhafu adibana naye endleleni okanye libhinqa adibana nalo equleni. (Luka 19:1-5; Yoh. 4:5-10, 21-24) Kwanaxa wayezibekele ixesha lokuphumla, uYesu wavuma ukufundisa abantu. Ekubeni wayesiba novelwano ngabantu, wayengenzi nje uphela sonwabe xa eshumayela. (Marko 6:30-34) Ngaba bakho abantu abamxelisayo uYesu namhlanje?

BASEBENZISA ONKE AMATHUBA ABAWAFUMANAYO

UMelika uhlala kwiiflethi ezinqatyisiweyo. Abamelwane bakhe abaninzi ngabafundi abasuka  kwamanye amazwe abasebenzisa iiselfowuni, ngoko iinkcukacha zabo azifumaneki lula. Usebenzisa ithuba alifumanayo lokushumayela kubo xa edibana nabo ezipasejini naseliftini. Uthi: “Ndiyijonga njengentsimi yam le.” UMelika uhlala ephethe iincwadi ngeelwimi ezahlukahlukeneyo, ibe baninzi abazithathayo. Uye abaxelele nangeWebhsayithi yethu ethi jw.org. Baninzi abaye bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

NoSonia uxhakamfula onke amathuba awafumanayo okushumayela. Uphangela ekliniki, ibe uzibekele usukelo lokushumayela kubo bonke abantu aphangela nabo. Waqala ngokuzama ukwazi umntu ngamnye nezinto anomdla kuzo. Emva koko, wasebenzisa ixesha lekhefu ukuze ancokole nabo ngoThixo. USonia watsho wakwazi ukuqhuba izifundo zeBhayibhile ezibini. Ngoku, uceba ukumana esebenzisa ixesha lekhefu ukuze athethe nabo beze ekliniki.

WAXHAKAMFULE AMATHUBA AVELAYO

Omnye umntu owasinda kuloo nyikima ngo-1906 wathi “yeyona ntlekele ihlasimlis’ umzimba kwezakha zathwaxa isixeko okanye iphondo.” Sekunjalo, zonke iintlekele ziya kuba ncinane kakhulu xa zithelekiswa naleyo yemini yempindezelo iza kufikela bonke “abo bangamaziyo uThixo” kungekudala. (2 Tes. 1:8) UYehova unqwenela ukuba abantu baguquke baze basithobele isilumkiso esivakaliswa ngamaNgqina akhe.2 Pet. 3:9; ISityhi. 14:6, 7.

Ngaba uzimisele ukuxhakamfula onke amathuba owafumanayo okushumayela ebantwini?

Unelungelo lokuvula amehlo abantu, batsho babone ukuba siphila kumaxesha anzima uze ubancede bayeke ukuzingca baze bamfune uYehova. (Zef. 2:2, 3) Ngaba uza kuxhakamfula onke amathuba owafumanayo okushumayela kubantu ophangela nabo, kubamelwane nakwabo udibana nabo? Ngaba uza kwenza okungakumbi ukuze ulumkise abantu?