IMBONISELO—EFUNDWAYO Disemba 2013

Le Mboniselo ixubusha ngeendlela esinokuzikhusela ngayo singaphulukani nokholo lwethu. Ixubusha nangexesha esimele senziwe ngalo iSikhumbuzo Sangokuhlwa SeNkosi nentsingiselo yaso kuthi.

UYehova Wayebafihla Kwizithunzi Zeentaba

AmaNgqina kaYehova ahlala eJamani ayelufumana njani uncwadi lweBhayibhile xa kwakulawula amaNazi? Ziziphi iingozi awayejamelene nazo?

Kuphepheni ‘Ukugungqiswa Ngokukhawuleza Kwingqiqo Yenu’!

Ziziphi izilumkiso eziluncedo ezabhalwa nguPawulos kwincwadi yesibini kwabaseTesalonika? Yintoni enokusinceda siphephe ukukhohliswa?

Ngaba Uza Kuncama Izinto Ezithile Ngenxa YoBukumkani?

Funda iindlela esinokulisebenzisa ngazo ixesha esinalo, imali, amandla nobuchule bethu ukuze sixhase uBukumkani bukaThixo.

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba uzikhumbula kangakanani na.

‘Oku Koba Sisikhumbuzo Kuni’

Yintoni amaKristu amele ayazi ngePasika? Sibaluleke ngantoni iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi kuthi sonke?

“Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”

Siwazi njani umhla esimele sibe ngawo iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi? Sifuzisela ntoni isonka newayini?

Ukujamelana Nentlungu Yokufelwa Liqabane

Intlungu yokuphulukana neqabane iyamngcungcuthekisa umntu yaye ithatha ixesha. Cinga ngendlela ithemba lovuko elifumaneka kwiLizwi likaThixo elingumthombo wentuthuzelo ngayo.

Isalathiso Semibandela SeMboniselo Yohlelo Lokufundisa Sika-2013

Khangela isalathiso semibandela yamanqaku aye apapashwa kwiMboniselo Yohlelo Lokufundisa ka-2013.