Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”

“Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”

“Emva kokubulela, yasiqhekeza [isonka] yaza yathi: ‘Oku kuthetha umzimba wam ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.’”—1 KOR. 11:24.

1, 2. Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yayicingwa ngabanye abapostile ngohambo lukaYesu lokugqibela ukuya eYerusalem?

‘ISIBHAKABHAKA sizole kangangokuba iceba lenyanga ibonakala gca. Bona ke abalindi basebusuku eYerusalem bamel’ ukuba balibone lisaphuma eli ceba lenyanga entsha phezolo. Ithe iSanhedrin isakuva ngoku, yaba seyibhengeza ukuba iqalile inyanga entsha, enguNisan. Emva koko kuye kwathunyelwa abathunywa ukuba basasaze ezi ndaba, de zeza kufika nalapha. Ngokuqinisekileyo uYesu uza kufuna ukuya eYerusalem ngokukhawuleza ukuze afike ngaphambi kwePasika.’

2 Mhlawumbi yiloo nto eyayicingwa ngabanye abapostile ababekunye noYesu ePereya (phesheya kweYordan) kuhambo lwakhe lokugqibela ukuya eYerusalem. (Mat. 19:1; 20:17, 29; Marko 10:1, 32, 46) Emva kokuba kubhengezwe usuku lokuqala lwenyanga yamaYuda uNisan, kwiintsuku eziyi-13 kamva yayiba nguNisan 14, apho kwakuye kuqhutywe iPasika ekutshoneni kwelanga.

3. Kutheni amaKristu enomdla kumhla wePasika?

3 Umhla weSidlo Sangokuhlwa SeNkosi, ongqamana nePasika, uza kuba semva kokutshona kwelanga ngoAprili 14, 2014. Olu iya kuba lusuku olukhethekileyo kumaKristu enyaniso nakubantu abanomdla. Ngoba? Isizathu sisifumana kweyoku-1 kwabaseKorinte 11: 23-25 ethi: ‘UYesu ngobusuku awayeza kunikelwa ngabo wathabatha isonka yaye, emva kokubulela, wasiqhekeza waza wathi: “Oku kuthetha umzimba wam ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” Wenza ngokunjalo nangokuphathelele indebe.’

4. (a) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona ngeSikhumbuzo? (b) Siwazi njani umhla esiza kuba ngawo iSikhumbuzo nyaka ngamnye? (Funda ibhokisi ethi  “ISikhumbuzo Ngo-2014.”)

4 Ekubeni iSikhumbuzo ikuphela kwesiganeko uYesu awayalela abafundi bakhe ukuba basikhumbule, siyaqiniseka ukuba nawe uza kubakho. Khawuzibuze  kwangoku: ‘Ndimele ndisilungiselele njani isikhumbuzo? Ziziphi izinto eziza kusetyenziswa? Kuza kulandelwa luphi ukhokelo kwesi siganeko? Kutheni isikhumbuzo nemifuziselo zimele zibaluleke kum?’

IMIFUZISELO

5. UYesu wathi abafundi bakhe mabenze ntoni ukulungiselela iPasika?

5 Xa uYesu wathi abapostile bakhe mabaye kulungisa igumbi ekwakuza kubanjelwa kulo iPasika, akazange athethe ngokulihombisa libe yokoyoko, kunoko wayefuna nje igumbi elifanelekileyo, elicocekileyo nelaliza kubalingana. (Funda uMarko 14:12-16.) Kwakufuneka bafune nezinto ezaziza kufuneka kwesi sidlo, eziquka isonka esingenagwele newayini ebomvu. Emva kwesidlo sePasika, uYesu wanikela ingqalelo kule mifuziselo mibini.

6. (a) Emva kwesidlo sePasika, wathini uYesu ngesonka? (b) Hlobo luni lwesonka esimele sisetyenziswe kwiSikhumbuzo?

6 Umpostile uMateyu wayelapho ibe kamva wabhala wathi: “UYesu wathabatha isonka waza, emva kokucela intsikelelo, wasiqhekeza, wanika abafundi, wathi: ‘Thabathani, nidle.’” (Mat. 26:26) Esi yayisisonka esingenagwele nesasisetyenziswa xa kusenziwa iPasika. (Eks. 12:8; Dut. 16:3) Sasisenziwa ngomgubo wengqolowa namanzi, singenalo kwagwele okanye isinongo, njengetyuwa. Ekubeni sasingenagwele, sasingenakunyuka. Kunoko sasiza kuba sicaba, size some kube lula ukusiqhekeza. Namhlanje, abadala bebandla basenokucela omnye umvakalisi ukuba asenze kwangaphambi kweSikhumbuzo, esebenzisa umgubo wengqolowa namanzi, asenze kwipani eqatywe intwana yeoli. (Ukuba umgubo wengqolowa awukho, kusenokusetyenziswa umgubo werayisi, irhasi, umbona, okanye nayiphi na efana nezi.) Kunokusetyenziswa nematzoth, isonka samaYuda esingafakwanga mithombo, amaqanda okanye amatswele.

7. Hlobo luni lwewayini awayethetha ngalo uYesu, yaye yiyiphi iwayini enokusetyenziswa eSikhumbuzweni?

7 UMateyu uqhubeka athi: “[UYesu] wathabatha nendebe waza, akuba ebulele, wayinika bona, esithi: ‘Selani kuyo, nonke.’” (Mat. 26:27, 28) UYesu wathabatha indebe eyayinewayini ebomvu. (Yayingenakuba sisiselo nje seediliya, ekubeni  lalisele lidlule kudala ixesha lokuzivuna.) Iwayini yayingekho kwisidlo sokuqala sePasika eYiputa, kodwa uYesu akazange athi akufanelekanga ukuyisela ePasikeni. Naye wayisebenzisa kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi. NamaKristu asebenzisa iwayini ngeSikhumbuzo. Ekubeni kungekho nto ifuna ukufakelwa ukwenza igazi likaYesu libe nexabiso ngakumbi, iwayini esetyenziswayo ayixutywa nabranti okanye izinongo. Kufanele kusetyenziswe iwayini esulungekileyo ebomvu, enoba nizenzele okanye niyithengile njengeBeaujolais, iBurgundy, iClaret okanye iChianti.

IMIFUZISELO ENENTSINGISELO

8. Kutheni amaKristu enomdla kwintsingiselo yesonka newayini?

8 Umpostile uPawulos wayenza yacaca into yokuba onke amaKristu ayefanele ahlale esikhumbula iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi. KumaKristu aseKorinte wathi: “Ndakwamkela eNkosini oko ndakunikezela kuni, okokuba iNkosi uYesu . . . emva kokubulela, yasiqhekeza [isonka] yaza yathi: ‘Oku kuthetha umzimba wam ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.’” (1 Kor. 11:23, 24) Ngokufanayo, nyaka ngamnye amaKristu asasikhumbula esi siganeko sikhethekileyo ibe anomdla kwintsingiselo yesonka newayini.

9. Yiyiphi imbono ephosakeleyo abanayo abanye ngesonka esasetyenziswa nguYesu?

9 Bambi abantu abahamba icawa bathi uYesu wathi: ‘Lo ngumzimba wam,’ ngoko bakholelwa ukuba isonka sajika ngokungummangaliso saba ngumzimba wakhe wokoqobo. Noko ke, oku akunakuba yinyaniso. * Umzimba wokoqobo kaYesu neso sonka singenagwele babeza kusitya, zombini zazilapho phambi kwabapostile. Ngoko, uYesu wayethetha ngokufuziselayo, njengokuba wayedla ngokwenza amaxesha amaninzi.—Yoh. 2:19-21; 4:13, 14; 10:7; 15:1.

10. Sifuzisela ntoni isonka esibakho kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi?

 10 Isonka esasiphambi kwabapostile nababesele beza kusitya, sasithetha umzimba kaYesu. Wuphi umzimba? Ngaxa lithile, abakhonzi bakaThixo babekholelwa ukuba, ekubeni uYesu waqhekeza isonka yaye kungekho nalinye ithambo lakhe elaphukayo, esi sonka sasimela “umzimba kaKristu,” ibandla labathanjisiweyo. (Efe. 4:12; Roma 12:4, 5; 1 Kor. 10:16, 17; 12:27) Noko ke, emva kokuphanda ngoku, baye baqonda ukuba isonka sasifanekisela umzimba kaYesu wokoqobo. Maxa wambi iZibhalo zichaza indlela uYesu ‘awabandezeleka ngayo enyameni’ de waxhonywa kwisibonda sentuthumbo. Ngoko kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi isonka simela umzimba kaYesu ‘awazithwala ngawo izono zethu.’—1 Pet. 2:21-24; 4:1; Yoh. 19:33-36; Heb. 10:5-7.

11, 12. (a) UYesu wathini ngokuphathelele iwayini? (b) Ithetha ntoni iwayini ebakho kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi?

11 Oku kusinceda siqonde oko uYesu wakutshoyo ngokuphathelele iwayini. Sifunda oku: “[INkosi uYesu] yenza ngokunjalo nangokuphathelele indebe, emva kokuba ifumene isidlo sangokuhlwa, isithi: ‘Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam.’” (1 Kor. 11:25) IiBhayibhile ezininzi zithetha into efanayo neyathethwa nguRobert Young esithi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam.” Ngaba lo mnqophiso wawuyindebe yokoqobo eyayisesandleni sikaYesu? Akunjalo. Igama elithi “indebe” libhekisela kwinto eyayingaphakathi kuyo—iwayini. UYesu wathi yintoni ethethwa okanye efuziselwa yiwayini? Ligazi lakhe awayeza kunikela ngalo.

12 KwiVangeli kaMarko uYesu uthi: “Oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi.” (Marko 14:24) KuMateyu sifunda ukuba igazi likaYesu laliza “kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.” (Mat. 26:28) Ngoko iwayini ebomvu ilimela kakuhle igazi lokoqobo likaYesu. Ngalo sinokukhululwa ngentlawulelo, ‘sixolelwe izigqitho zethu.’Funda eyabase-Efese 1:7.

Abapostile basela iwayini eyayimela igazi likaYesu lomnqophiso (Funda isiqendu 11, 12)

SIQHUTYWA NJANI ISIKHUMBUZO SOKUFA KUKAKRISTU?

13. Siqhutywa njani iSikhumbuzo sokufa kukaYesu?

13 Yintoni onokuyilindela ukuba uyaqala ukuya eSikhumbuzweni namaNgqina kaYehova? Siza kube siqhutyelwa kwindawo efanelekileyo, ecocekileyo apho bonke abakhoyo benokuhlala kakuhle, banandiphe esi sihlandlo. Kusenokubakho iintyatyambo ezilungiswe kakuhle, kodwa akusoze uphazanyiswe bubuxhakaxhaka bezinto zokuhombisa, yaye akuyi kuba ngathi kusemjuxuzweni. Umdala ofanelekileyo uya kunikela intetho esekelwe koko kuthethwa yiBhayibhile ngesi sihlandlo. Uya kunceda bonke abakhoyo bakuqonde oko uKristu wasenzela kona. Wafa njengentlawulelo ukuze siphile. (Funda eyabaseRoma 5:8-10.) Uya kuchaza amathemba amabini ahlukileyo afumaneka eBhayibhileni abekelwe amaKristu.

14. Ngawaphi amathemba ekuza kuthethwa ngawo kwintetho yeSikhumbuzo?

14 Elinye ithemba lelokuya kulawula noKristu ezulwini, lona liya kufunyanwa linani elincinane labalandeli bakhe, njengabapostile abathembekileyo. (Luka 12:32; 22:19, 20; ISityhi. 14:1) Elinye lifunyanwa ngamaKristu amaninzi akhonza uThixo ngokunyaniseka namhlanje. Wona anethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Kuya kwandula ke kwenziwe intando kaThixo emhlabeni njengasezulwini, into ekudala ithandazelwa ngamaKristu. (Mat. 6:10) IZibhalo zichaza ngokweenkcukacha ubomi obonwabisayo aya kubudla ngonaphakade kanaphakade.—Isa. 11:6-9; 35:5, 6; 65:21-23.

15, 16. Kwenziwa ntoni ngesonka kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi?

 15 Ngaphambi kokuba intetho iphele, isithethi siya kuchaza ukuba lifikile ixesha lokwenza oko uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakwenze. Njengoko sekukhankanyiwe, kuza kusetyenziswa imifuziselo emibini, isonka esingenagwele newayini ebomvu. Isenokubekwa kwitafile ekufuphi nesithethi. Isithethi siya kufunda ingxelo eseBhayibhileni echaza oko uYesu wakwenzayo xa wayesungula esi sihlandlo. Ngokomzekelo, ingxelo kaMateyu ithi: “UYesu wathabatha isonka waza, emva kokucela intsikelelo, wasiqhekeza, wanika abafundi, wathi: ‘Thabathani, nidle. Oku kuthetha umzimba wam.’” (Mat. 26:26) UYesu wasiqhekeza isonka esingenagwele ukuze anike abafundi bakhe ababemngqongile. NgoAprili 14 uza kubona isonka esingenagwele esele siqhekeziwe sibekwe ezipleyitini.

16 Kuya kusetyenziswa iipleyiti ezaneleyo ukuze kugqitywe kwangexesha ukuhambisela bonke abakhoyo. Akuyi kube kusenziwa naziphi na izinto ezingeyomfuneko. Kuya kwenziwa umthandazo omfutshane, emva koko kuhanjiswe iipleyiti ngocwangco, ngokwemeko yasekuhlaleni. Baya kuba mbalwa (okanye bangabikho) abaya kuthabatha isonka, njengoko bekunjalo kumabandla amaninzi kwiSikhumbuzo sika-2013.

17. Lulandelwa njani ukhokelo lukaYesu ngokuphathelele iwayini?

17 Emva koko, isithethi siya kuqhubeka nala mazwi kaMateyu: “[UYesu] wathabatha nendebe waza, akuba ebulele, wayinika bona, esithi: ‘Selani kuyo, nonke; kuba oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.’” (Mat. 26:27, 28) Ukulandela umzekelo kaYesu, kuya kwenziwa omnye umthandazo emva koko kuhanjiswe iwayini ebomvu kubo bonke abakhoyo.

18. Kutheni kubalulekile nje ukubakho kwiSikhumbuzo enoba bambalwa okanye akukho namnye othabathayo?

18 Ngentlonelo, abaninzi abathabathi kwimifuziselo kuba uYesu wathi ngabo baya kulawula naye kuphela abamele bathabathe. (Funda uLuka 22:28-30; 2 Tim. 4:18) Bonke abanye abakhoyo baya kuba ngababukeli abanentlonelo. Nakuba kunjalo bafanele babekho kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi kuba oko kubonisa indlela abalixabisa ngayo idini likaYesu. Ngoxa siqhubeka iSikhumbuzo, banokucamngca ngeentsikelelo abanokuzifumana ngedini lentlawulelo likaYesu. Banethuba lokuba phakathi ‘kwesihlwele esikhulu’ esiza kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ ezayo. Kubhekiselwa kubo xa kuthethwa ngabanquli abaye “bayihlamba imiwunduzo yabo bayenza mhlophe egazini leMvana.”—ISityhi. 7:9, 14-17.

19. Yintoni esinokuyenza ukuze silungiselele yaye singenelwe kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi?

19 AmaNgqina kaYehova emhlabeni wonke ayasilungiselela esi sihlandlo sikhethekileyo. Kwiiveki ngaphambili, siba zizinxadanxada simemela abantu eSikhumbuzweni. Ukongezelela koko, kwiintsuku ezingaphambi kweSikhumbuzo, inkoliso yethu iza kube ifunda iingxelo eziseBhayibhileni zoko kwakusenziwa nguYesu kwimihla engqamana naleyo yaloo nyaka ka-33. Siza kube sihlengahlengise iimeko zethu ukuze sibekho. Simele sifike ngaphambi kwengoma nomthandazo wokuvula ukuze samkele iindwendwe nokuze siphulaphule lonke ucwangciso. Sonke kuquka iindwendwe siya kungenelwa xa sihambisana nesithethi. Okubaluleke nangakumbi kukuba, ukubakho kwethu eSikhumbuzweni kuya kubonisa uxabiso esinalo oluphuma entliziyweni, ibe kuya kubonisa ukuba siyawuthobela umyalelo kaYesu othi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”—1 Kor. 11:24.

^ isiqe. 9 Omnye umphengululi waseJamani uHeinrich Meyer wathi: “Ekubeni umzimba kaYesu wawusaphila, ibe negazi lakhe lingekaphalali kumel’ ukuba akukho namnye kubapostile bakhe owayenokucinga ukuba utya yaye usela umzimba negazi leNkosi lokoqobo, [ngoko] uYesu wayengenakuthanda ukuba amazwi akhe aqondwe phosakeleyo.”