Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kuphepheni ‘Ukugungqiswa Ngokukhawuleza Kwingqiqo Yenu’!

Kuphepheni ‘Ukugungqiswa Ngokukhawuleza Kwingqiqo Yenu’!

 Kuphepheni ‘Ukugungqiswa Ngokukhawuleza Kwingqiqo Yenu’!

“Bazalwana, . . . siyanicela ukuba ningagungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yenu.”—2 TES. 2:1, 2.

1, 2. Kutheni inkohliso ixhaphake kangaka namhlanje, ibe isasazwa njani? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UKUQHATHA nenkohliso zizinto ezixhaphakileyo kweli hlabathi siphila kulo. Kodwa akumele kusothuse oku. Kaloku, iBhayibhile yenza kucace ukuba uSathana uMtyholi liqothaqikili elingenantanga, yaye nguye obamb’ iintambo kule nkqubo yezinto. (1 Tim. 2:14; 1 Yoh. 5:19) Njengokuba sisondela ngamandla kwisiphelo sale nkqubo yezinto ingendawo, uSathana uya evutha ngumsindo kuba “ixesha analo lifutshane.” (ISityhi. 12:12) Ngoko ke, silindele ukuba ibe nochatha inkohliso yabo baphenjelelwa nguMtyholi, ngakumbi nxamnye nabanquli bakaYehova.

2 Kumajelo osasazo kukhe kuvezwe iintetho ezingeyonyaniso nobuvuvu obuzicaceleyo ngabakhonzi bakaYehova neenkolelo zabo. Kuye kusetyenziswe amaphephandaba, iinkqubo zeTV neintanethi ukusasaza obu buxoki. Ngenxa yoku, bambi baye baphazamiseka, bakhawuleza babukholelwa bonke obo buxoki bengakhange bahlole eyona nyaniso.

3. Yintoni enokusikhusela kumaqhinga kaMtyholi?

3 Ukuze sizikhusele kula maqhinga kaMtyholi, uThixo uye wasinika iLizwi lakhe, ‘eliyingenelo ekulungelelaniseni izinto.’ (2 Tim. 3:16) Oko kwabhalwa nguPawulos kusinceda sibone ukuba amaKristu aseTesalonika ayekhohlisiwe, aza akholelwa ubuvuvu. Wawabongoza ukuba ‘angagungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yawo.’ (2 Tes. 2:1, 2) Ziziphi izinto esinokuzifunda kwesi silumkiso sikaPawulos, ibe singancedakala njani thina namhlanje?

IZILUMKISO EZILUNCEDO

4. AmaKristu aseTesalonika alunyukiswa njani ngokuza ‘kwemini kaYehova,’ ibe silunyukiswa njani thina?

4 Kwincwadi yakhe yokuqala awayibhalela ibandla  laseTesalonika, uPawulos walumkisa ngokuza ‘kwemini kaYehova.’ Wayengafuni ukuba abazalwana bakhe babe sebumnyameni ize loo mini ibafikele ngequbuliso. Ekubeni ‘babengoonyana bokukhanya’ wababongoza ukuba ‘bahlale bephaphile, bethe qwa.’ (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:1-6.) Namhlanje silindele ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Oko kuya kuthetha ukuqalisa kwemini enkulu kaYehova. Into eya kusinceda kukuyiqonda bhetele indlela eza kuzaliseka ngayo injongo kaYehova. Kwangaxeshanye, ebandleni sihlala sifumana izikhumbuzo ezisinceda sihlale sithe qwa. Ukukhumbula ezi zilumkiso kuya kusomeleza size sizimisele ‘ukunikela kuThixo inkonzo ngokwamandla ethu engqiqo.’—Roma 12:1.

UPawulos wabhala iincwadi ezazilumkisa amaKristu (Funda isiqendu 4, 5)

5, 6. (a) Kwincwadi yakhe yesibini awayibhalela abaseTesalonika, yintoni awathetha ngayo uPawulos? (b) Yintoni uYesu aza kuyenza kungekudala, ibe simele sizibuze ntoni thina?

5 Ngokukhawuleza, uPawulos waphinda wawabhalela incwadi yesibini loo maKristu aseTesalonika. Kule yesibini, wathetha ngokuza kwembandezelo xa iNkosi uYesu isiza kuphumeza umgwebo kaThixo kwabo “bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo.” (2 Tes. 1:6-8) Isahluko 2 sale ncwadi sibonisa ukuba abathile kwelo bandla babesele ‘begungqiswa’ kukoyika ukuza kwemini kaYehova kangangokuba babekholelwa ukuba yayisele igalelekile. (Funda eyesi-2 kwabaseTesalonika 2:1, 2.) Loo maKristu okuqala ayengayiqondi ngokupheleleyo indlela eza kuzaliseka ngayo injongo kaYehova, kanye njengokuba uPawulos wakuvumayo oko ngokuphathelele ukuprofeta esithi: “Kuba sinolwazi oluyinxenye yaye siprofeta ngokuyinxenye; kodwa xa oko kupheleleyo kufika, oko kuyinxenye kuya kubhangiswa.” (1 Kor. 13:9, 10) Noko ke, izilumkiso eziphefumlelweyo ezabhalwa nguPawulos, ngumpostile uPetros nabanye abazalwana abathanjisiweyo abathembekileyo belo xesha, zabanceda bahlala benokholo.

6 Ephefumlelwe, uPawulos wabacacisela ukuba ngaphambi kokufika kwemini kaYehova, kwakuza kuqala kuvele uwexuko olukhulu ‘nomchasi-mthetho.’ * Emva koko, iNkosi uYesu yayiza ‘kubatshitshisa’ bonke abo bakhohlisiweyo. Xa echaza  isizathu soku kutshitshiswa kwabo, lo mpostile wathi ‘kungenxa yokuba babengalwamkelanga uthando lwenyaniso.’ (2 Tes. 2:3, 8-10) Iya kusinceda into yokuzibuza oku: ‘Ndiyithanda kangakanani inyaniso? Ngaba ndiyifunda rhoqo iMboniselo nezinye iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni, ekulungiselelwa ngazo ibandla labantu bakaThixo elisehlabathini lonke ukuze ndihlale ndiyazi indlela ecaciswa ngayo inyaniso?’

ZIKHETHE NGOBULUMKO IZINXULUMANI

7, 8. (a) Ziziphi iingozi awayejamelene nazo amaKristu okuqala? (b) Yiyiphi ingozi enkulu asenokuba kuyo amaKristu namhlanje?

7 Uwexuko yayingekokuphela kwengozi awayejamelene nayo amaKristu. UPawulos wabhalela uTimoti esithi “ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.” Wandula ke wabonisa ukuba “ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.” (1 Tim. 6:10) Enye ingozi eyayiza kuwathi mbende ‘yimisebenzi yenyama.’Gal. 5:19-21.

8 Nangona zazikho ezo ngozi, siyaqondakala isizathu sokuba uPawulos alumkise abaseTesalonika ngobungozi baloo madoda awabiza ngokuba ‘ngabapostile bobuxoki’ kwenye incwadi. Phakathi kwawo kwakukho lawo ayethetha “izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (2 Kor. 11:4, 13; IZe. 20:30) Kamva, uYesu walincoma ibandla lase-Efese ngenxa yokungakwazi kwalo “ukubathwala abantu ababi.” Loo maKristu ase-Efese ‘abavavanya’ abanjalo aza abafumana bengabapostile bobuxoki, amaxoki avunyiweyo. (ISityhi. 2:2) Eny’ into ebangel’ umdla kukuba, kwincwadi yakhe yesibini eyayisiya kwabaseTesalonika, uPawulos wababongoza wathi: “Siyaniyala, bazalwana, egameni leNkosi uYesu Kristu, ukuba nizikhwebule nakuwuphi na umzalwana ohamba ngokungalungelelananga.” Emva koko wakhankanya ngokungqalileyo amaKristu ‘awayengafuni kusebenza.’ (2 Tes. 3:6, 10) Ukuba abazalwana nje abangafuni kusebenza kwakusithiwa abalungelelananga, kwakuya kubekela phi ke kwabo bawexukayo! Ukunxulumana nabanjalo ngelo xesha kwakuyingozi ngokukhethekileyo ibe kwakumele kuphetshwe—kusenjalo ke nanamhlanje.—IMize. 13:20.

9. Kutheni simele silumkele nabani na ozama ukusehlisa esenyusa ngeembono zakhe okanye ogxeka abadala?

9 Ayifikanga igalelekile imbandezelo enkulu nesiphelo sale nkqubo yezinto, ngoko ezi zilumkiso ziphefumlelweyo zibaluleke ngakumbi kuthi. Asifuni nakancinane ‘ukuyiphosa injongo’ yokuba uYehova esenzela ububele obungasifanelanga size siphoswe lidinga lobomi obungunaphakade, enoba kusezulwini okanye emhlabeni. (2 Kor. 6:1) Sifanele silumkele nabani na oza kwiintlanganiso zethu aze azame ukusehlisa esenyusa ngeembono zakhe, okanye agxeke abadala.—2 Tes. 3:13-15.

‘GCINANI IZITHETHE’

10. AmaKristu aseTesalonika abongozwa ukuba abambelele kwiziphi izithethe?

10 UPawulos wabongoza abazalwana bakhe baseTesalonika ukuba ‘beme beqinile’ baze babambelele kwizinto abazifundileyo. (Funda eyesi-2 kwabaseTesalonika 2:15.) Ziziphi “izithethe” ababezifundisiwe? Ngokuqinisekileyo yayingezizo ezo zonqulo lobuxoki. Kodwa uPawulos wayebhekisela kwiimfundiso yena nabanye ababezifumene kuYesu nezo uThixo wayephefumlele uPawulos ukuba azibhale eBhayibhileni. UPawulos wabancoma abazalwana bakhe abakwibandla laseKorinte kuba wathi, ‘basoloko bemkhumbula yaye babambelele nkqi kwizithethe awayebanike zona.’ (1 Kor. 11:2) Ezo mfundiso zazinokuthenjwa ngokwenene kuba zazivela kumthombo othembekileyo.

11. Ziziphi iindlela abathile abaye bangamaxhoba enkohliso ngazo?

 11 Xa wayebhalela amaHebhere, uPawulos wakhankanya iindlela ezimbini ezazinokwenza umKristu aphulukane nokholo lwakhe aze ayeke ukunyaniseka kuYehova. (Funda amaHebhere 2:1; 3:12.) Wathetha ‘ngokukhukuliseka’ kunye ‘nokumka.’ Kusenokuba nzima ukukhawuleza usibone isikhephe xa siqalisa ukukhukuliseka. Kodwa njengokuba sikhukuliseka, uya uvuleka umgama ukusuka elunxwemeni. Kwelinye icala, umntu unokuzikhethela ngokwakhe ukumka atyhalele phambili ngesikhephe eshiya unxweme. Zombini ezi ndlela ziyibonisa kakuhle imeko yabathile abaye bangamaxhoba enkohliso, bazivumela ngokwabo ukuba baphelelwe yintembelo kwinyaniso.

12. Ziziphi namhlanje izinto ezisukelwayo ezinokusenza siphelelwe yinzondelelo?

12 Kusenokuba kwenzeka ezo zinto kanye kwabathile baseTesalonika. Kuthekani namhlanje? Zininzi izinto ezinokusichithela ixesha. Cinga nje ngobuninzi beeyure ezichithwa ngumntu enxibelelana nabanye kwi-intanethi, efunda yaye ephendula imiyalezo, esenza izinto azithandayo okanye egcina imbali yeziganeko zemidlalo. Nayiphi kwezi zinto inokumphazamisa umKristu ize imenze ayeke ukuba nenzondelelo. Ungaba yintoni umphumo? Usenokuyeka ukuthandaza ngokusuka entliziyweni, ukufundisisa iLizwi likaThixo, ukuya kwiintlanganiso kuquka ukushumayela iindaba ezilungileyo. Yintoni esinokuyenza ukuze siphephe ukugungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yethu?

IZINTO EZINOKUSINCEDA SIPHEPHE UKUGUNGQISWA

13. Njengokuba kwakuxeliwe, sinjani isimo sengqondo sabaninzi namhlanje, ibe yintoni eya kusinceda singaphelelwa lukholo?

13 Into esiqiniseke ngayo kukuba simele sihlale sikhumbula ukuba isiphelo seli hlabathi likaSathana sisondele kwaye ukukhetha ukunxulumana nabo baphikayo ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ kunokuba yingozi. Umpostile uPetros wathi xa ethetha ngeli xesha: “Kuya kufika abagculeli nokugculela kwabo, beqhubeka ngokweminqweno yabo baze bathi: ‘Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo? Kuba ukususela ngomhla ookhokho bethu abalala ngawo ekufeni, zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.’” (2 Pet. 3:3, 4) Ukulifundisisa kwethu rhoqo yonke imihla iLizwi likaThixo kuya kusinceda sinikele ingqalelo kwixesha esiphila kulo—sihlale sikhumbula ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ Olu wexuko lwaluxeliwe lwavela kwakudala ibe lusekho nanamhlanje. “Umchasi-mthetho” usaqhubeka nangoku echasa abakhonzi bakaThixo. Ngenxa yoko, kufuneka sihlale sikuphaphele ukusondela kwemini kaYehova.—Zef. 1:7.

Ukulungiselela kakuhle nokuba nenxaxheba ekushumayeleni kusinceda sikuphephe ukugungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yethu (Funda isiqendu 14, 15)

14. Ukushumayela rhoqo iindaba ezilungileyo kusikhusela njani?

14 Amava aye angqina ukuba eyona ndlela iya kusinceda sihlale siphaphile size siphephe ukugungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yethu, kukushumayela rhoqo iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngoko, xa uKristu Yesu, iNtloko yebandla yayiyalela abalandeli bayo ukuba benze abafundi abantu beentlanga zonke, babafundise ukuba bazigcine zonke izinto eyabafundisa zona, yayibanika icebiso elaliya kubalondoloza. (Mat. 28:19, 20) Ukuba siyawuthobela lo myalelo wakhe siya kuba nenzondelelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Ngaba unokuyicingela into eyayisenzeka xa abazalwana baseTesalonika babesenza nje uphela sonwabe xa beshumayela naxa befundisa? Khumbula la mazwi athethwa nguPawulos kubo: “Musani ukuwucima umlilo womoya. Musani ukukudelela ukuprofeta.” (1 Tes. 5:19, 20) Zibangel’ umdla  ngokwenene iziprofeto esizifundayo size sincokole ngazo nabanye!

15. Ziziphi izinto eziluncedo esinokuxubusha ngazo kunqulo lwentsapho?

15 Yinyaniso ukuba, sifuna ukunceda iintsapho zethu zikwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo. Abazalwana noodade abaninzi bafumanisa ukuba enye into ebanceda baphumelele kukuba nenxalenye yokuncokola ngentsimi xa bekunqulo lwentsapho. Nisenokuxubusha ngendlela amalungu entsapho anokubuyela ngayo kwabo babonise umdla entsimini. Yintoni abaza kuthetha ngayo xa bephinda bebuya? Ziziphi izinto ezinokuhlala zibangela umdla kubantu esishumayela kubo? Liliphi elona xesha lifanelekileyo lokuya kubo? Xa bekunqulo lwentsapho, abaninzi baye bachithe ixesha elithile bexubusha ngeentlanganiso zebandla ukuze bazazi kakuhle izinto eziza kufundiswa apho. Ngaba aninakwenjenjalo nani kweyakho intsapho? Yonke le migudu iya komeleza ukholo lwenu nize niphephe ukugungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yenu. (INdu. 35:18) Ewe, unqulo lwentsapho luya kunikhusela ekubeni nibe nifunisela nasekubeni namathandabuzo.

16. Liliphi ithemba analo amaKristu athanjisiweyo eliwakhuthaza ukuba alondoloze amandla awo engqiqo?

16 Xa sicingisisa ngendlela uYehova aye wabasikelela ngayo abantu bakhe ukutyhubela iminyaka ebanceda baziqonde ngakumbi iziprofeto zeBhayibhile, siya kutsho sizixabise ngakumbi iintsikelelo ezisengaphambili. AmaKristu athanjisiweyo anethemba lokulawula kunye noKristu ezulwini. Eli themba limele liwakhuthaze ngokwenene ukuba alondoloze amandla awo engqiqo! Amele ukuba abhekisela kuwo la mazwi athethwa nguPawulos kwabaseTesalonika esithi: “Simelwe kukuhlala simbulela uThixo ngenxa yenu, bazalwana, abathandiweyo nguYehova, kuba uThixo waninyula . . . ngokungcwaliswa ngomoya nangokholo lwenu enyanisweni.”—2 Tes. 2:13.

17. Luluphi ukhuthazo olufumana kweyesi-2 kwabaseTesalonika 3:1-5?

17 Nabo baza kuphila ngonaphakade emhlabeni bamele bazame ukukuphepha ukugungqiswa ngokukhawuleza kwingqiqo yabo. Ukuba unethemba lokuphila emhlabeni, amele akukhuthaze amazwi kaPawulos awawabhalela amanye amaKristu athanjisiweyo aseTesalonika (Funda eyesi-2 kwabaseTesalonika 3:1-5.) Ngamnye kuthi umele abe nombulelo ngala mazwi othando. Ewe, iincwadi ezazisiya kwabaseTesalonika zazilumkisa ngabo bahlala befunisela ingcaciso ngezinto ezingacaciswayo yiBhayibhile baze bakholelwe nantoni na. Ekubeni siphila kweli xesha lesiphelo, sizibulela gqitha ezi zilumkiso.

^ isiqe. 6 Njengokuba sifunda kwiZenzo 20:29, 30 uPawulos wabonisa ukuba ngaphakathi kwibandla lamaKristu kwakuza “kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” Imbali ibonisa phandle ukuba ethubeni kwavela amahlelo abefundisi alawula amarhamente. Ngenkulungwane yesithathu, “umchasi-mthetho” wayesele ebonakala ukuba liqela labefundisi beNgqobhoko.—Funda iMboniselo, kaFebruwari 1, 1990, iphepha 10-14.