Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:

UYesu washumayela nini “koomoya abasentolongweni”? (1 Pet. 3:19)

Kuyabonakala ukuba emva kokuba uYesu evusiwe, wavakalisa kwizidalwa ezingendawo umgwebo opheleleyo oza kuzifikela.—6/15, iphepha 23.

Ziziphi izinto ezintathu ezinokubangela iingxaki kumtshato wesibini?

Kukungakwazi ukubeka umtshato wangaphambili kwindawo yawo ize loo nto iphazamise lo ukhoyo; xa kunzima ukuhlala nabahlobo bakho bakudala abangaqhelananga neqabane litsha; xa kunzima ukuthemba iqabane lakho elitsha kuba elangaphambili lalingathembekanga.—7/1, iphepha 9-10.

UYesu Uzigweba Nini Izimvu Neebhokhwe? (Mat. 25:32)

Kuya kuba xa eze kugweba abantu ebudeni bembandezelo enkulu, emva kokuba kutshatyalaliswe unqulo lobuxoki.—7/15, iphepha 6.

Kuya kuba nini ukulila nokutshixiza kwamazinyo abangendawo okuchazwe kumzekeliso wengqolowa nokhula? (Mat. 13:36, 41, 42)

Oku kuya kwenzeka ebudeni bembandezelo enkulu, besakuqonda ukuba abakwazi kusaba kwintshabalalo.—7/15, iphepha 13.

Azaliseka nini amazwi kaYesu aphathelele ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi? (Mat. 24:45-47)

Oku akuzange kwenzeke ngePentekoste ka-33, kodwa aqalisa ukuzaliseka emva ko-1914. Ngo-1919, uYesu wamisela ikhoboka phezu kwabendlu yakhe, abaquka onke amaKristu anikwa ukutya kokomoya.—7/15, iphepha 21-23.

UYesu ulimisela nini ikhoboka phezu kwayo yonke impahla yakhe?

Oko kuya kwenzeka kwixesha elizayo, ebudeni bembandezelo enkulu xa abo babumba ikhoboka elithembekileyo befumana umvuzo wokuphila ezulwini.—7/15, iphepha 25.

Ngaba amagama abantu angachazwanga eBhayibhileni ashiywe kuba beneempawu ezimbi okanye bengabalulekanga ngokwaneleyo?

Akunjalo. IBhayibhile iwashiya engachazwanga amagama abanye abantu, enoba babelungile okanye beneempawu ezimbi. (Rute 4:1-3; Mat. 26:18) Zimbini kuphela iingelosi ezithembekileyo ekuchazwe amagama azo.—8/1, iphepha 10.

Ukongezelela kumandla avela kuThixo, yintoni eyanceda amaNgqina ayi-230 asinda kuhambo olude olusuka kwinkampu yoxinaniso yaseSachsenhausen?

Nangona ayengasenamandla ngenxa yendlala nezifo, aqhubeka esomelezana ukuze atyhalele phambili.—8/15, iphepha 18.

Kutheni isikhuthaza nje ingxelo yokuwela kwamaSirayeli uMlambo iYordan esiya kwiLizwe Lesithembiso?

Nakuba loo mlambo wawuphuphuma izantyalantyala zamanzi, uYehova wawamisa ngxi amanzi awo ukuze abantu bakhe bawele. Oko kumele ukuba kwalomeleza ukholo lwawo, ibe le ngxelo imele isomeleze nathi.—9/15, iphepha 16.

Yintoni esiyifundayo kwinto yokuba iBhayibhile isoloko isebenzisa imibala?

Indlela iBhayibhile ethetha ngayo ngemibala isinceda sibone ukuba uThixo uyaliqonda ifuthe eba nalo imibala kuthi, kwanokuba isinceda sikhumbule izinto.—10/1, iphepha 14-15.

Sizaliseka njani namhlanje isiprofeto esikuMika 5:5 sabalusi abasixhenxe neendwalutho ezisibhozo?

‘Abalusi abasixhenxe neendwalutho ezisibhozo’ ekuthethwa ngabo kuMika 5:5 babhekisela kubadala abasebandleni, abomeleza abantu bakaThixo ukuba baxhobele ukuhlaselwa okwaxelwa kwangaphambili.—11/15, iphepha 20.

Ziziphi izizathu esinazo zokufuna uThixo?

Sifuna ulwalathiso olufanelekileyo neempendulo kwiingxaki zobomi, ibe zombini ezo zinto sinokuzifumana kuThixo. Ufuna ukusinceda sonwabe, yaye ukuze enjenjalo, uza kuzalisekisa izithembiso ezikwiLizwi lakhe.—12/1, iphepha 4-6.