Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kuncama Izinto Ezithile Ngenxa YoBukumkani?

Ngaba Uza Kuncama Izinto Ezithile Ngenxa YoBukumkani?

 Ngaba Uza Kuncama Izinto Ezithile Ngenxa Yobukumkani?

“UThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”—2 KOR. 9:7.

1. Ziziphi izinto ezincanywa ngabaninzi, ibe ngoba?

NGOKUZITHANDELA abantu baye bancame izinto ezithile ngenxa yezo zibalulekileyo kubo. Abazali bachitha ixesha, imali namandla ukuze bancede abantwana babo. Iimbaleki eziselula nezifuna ukumela ilizwe lazo kwiiOlimpiki, zithi ngoxa oontanga bazo bedlala yaye bezonwabisa zibe zona zibila zisoma kangangeeyure eziliqela mihla le zizilolonga. NoYesu wancama izinto ezithile ngenxa yezo zazibalulekile kuye. Akazange azifunele ubunewunewu, engazange abe nabo nabantwana. Kunoko wasebenzisa ixesha namandla akhe ukuze axhase uBukumkani bukaThixo. (Mat. 4:17; Luka 9:58) Nabalandeli bakhe bancama izinto ezininzi ukuze baxhase uBukumkani bukaThixo. Ukuphumelela kobo Bukumkani kwakuyeyona nto ibalulekileyo kubo, ibe bancama izinto ezithile ukuze babuxhase kangangoko banako. (Mat. 4:18-22; 19:27) Ngoko nathi simele sizibuze oku, ‘Yiyiphi eyona nto ibalulekileyo kubomi bam?’

2. (a) Ziziphi izinto ekunyanzelekileyo ukuba azincame onke amaKristu okwenyaniso? (b) Yiyiphi imisebenzi eyongezelelekileyo abayenzayo abanye?

2 Kukho izinto ekunyanzelekileyo ukuba azincame onke amaKristu okwenyaniso ukuze abe nolwalamano oluhle noYehova. Ezo zinto ziquka ukuchitha ixesha namandla ukuze athandaze, afunde iBhayibhile, aqhube unqulo lwentsapho, aye kwiintlanganiso aze ashumayele iindaba ezilungileyo. * (Yosh. 1:8; Mat. 28:19, 20; Heb. 10:24, 25) Ngenxa yemigudu esiyenzayo nokusikelelwa nguYehova, umsebenzi wokushumayela utyhalela phambili, ibe baninzi abangumsinga ukuya ‘kwintaba yendlu kaYehova.’ (Isa. 2:2) Bexhasa  imisebenzi yoBukumkani, abaninzi bancama izinto ezithile ukuze bakhonze eBheteli, bancedise ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nezeeNdibano, balungiselele iindibano, okanye benze umsebenzi wokunceda xa kwehle iintlekele zemvelo. Le misebenzi ingakumbi akunyanzelekanga ukuba bayenze ukuze bazuze ubomi obungunaphakade kodwa iyimfuneko ukuze kuxhaswe uBukumkani.

3. (a) Yintoni esiya kuyizuza xa sizincama ngenxa yoBukumkani? (b) Yiyiphi imibuzo esimele sizibuze yona?

3 Zange khe ibe nkulu kangaka imfuneko yokuxhasa umsebenzi woBukumkani. Kuvuyisa gqitha ukubona abantu abaninzi kangaka bezincama ngokuzithandela ukuze benze ukuthanda kukaYehova. (Funda iNdumiso 54:6.) Ukuba nathi sinokuba nalo moya wesisa, siya kuzuza uvuyo olungathethekiyo njengoko silindele ukufika koBukumkani bukaThixo. (Dut. 16:15; IZe. 20:35) Iya kuba ntle into yokuba sonke sihlolisise iimeko zethu. Ziziphi ezinye izinto esinokuzenza ukuze sixhase uBukumkani? Silisebenzisa njani ixesha esinalo, imali, amandla nezakhono zethu? Ziziphi izinto esimele siqinisekise ukuba asizityesheli xa sisenza le mibingelelo? Makhe sixubushe ngezinto esinokuzifunda kwimizekelo embalwa yemibingelelo eyenziwa ngokuzithandela.

IMIBINGELELO YAMASIRAYELI MANDULO

4. Ukwenza imibingelelo kwakuwanceda njani amaSirayeli?

4 AmaSirayeli kwakulindeleke ukuba enze imibingelelo ukuze axolelwe izono zawo. Le mibingelelo yayifuneka ukuze uYehova akholiswe ngawo. Eminye kwakunyanzelekile ukuba ayenze; eminye ayeyenza ngokuzithandela. (Lev. 23:37, 38) Umnikelo otshiswayo wawunokwenziwa ngokuzithandela, okanye ube sisipho kuYehova. Umnikelo obalaseleyo ngulowo wenziwa xa kwakunikelwa itempile eyakhiwa ngomhla kaSolomon.—2 Kron. 7:4-6.

5. UYehova wabenzela liphi ilungiselelo abo bangathathi-ntweni?

5 Ngothando uYehova wayeqonda ukuba abantu abanamandla alinganayo okunikela, ngoko wayefuna ukuba ngamnye anikele ngokwamandla akhe. Umthetho kaYehova watsho phandle ukuba igazi lesilwanyana lalimele liphalazwe, nto leyo ‘eyayisisithunzi sezinto ezilungileyo ezaziza kuza’ ngoNyana wakhe, uYesu. (Heb. 10:1-4) Noko ke, uYehova wayengekho ngqwabalala kwindlela osebenza ngayo loo mthetho. Ngokomzekelo, uThixo wayeyamkela iminikelo yamavukuthu xa umntu engenayo imfuyo. Ngoko ke, namahlwempu ayekwazi ukufumana  uvuyo lokunikela kuYehova. (Lev. 1:3, 10, 14; 5:7) Nakuba amaSirayeli ayenokunikela ngezilwanyana ezahlukeneyo, kwakukho izinto ezimbini ezazifuneka kumntu ngamnye owenza umbingelelo wokuzithandela.

6. Yintoni eyayifuneka kumntu ngamnye owenza umbingelelo, ibe kwakubaluleke kangakanani ukuthobela ezo zinto zazifuneka?

6 Into yokuqala, umntu wayemele anikele ngeyona nto ibhetele anayo. UYehova waxelela amaSirayeli ukuba nawuphi na umnikelo wawo wawumele ungabi nasiphene ukuze ‘azuze inkoliseko yakhe.’ (Lev. 22:18-20) Nasiphi na isilwanyana esinesiphene, sasingayi kwamkeleka kuYehova. Into yesibini, umntu owenza umnikelo wayemele acoceke phambi koThixo yaye ahlambuluke. Xa engahlambulukanga, wayemele aqale enze umnikelo wesono okanye wetyala ukuze aphinde abe nobuhlobo noYehova. Kusemva kokwenza oko apho wawunokwamkeleka khona umnikelo wakhe. (Lev. 5:5, 6, 15) Oku kwakubaluleke gqitha. UYehova wathi nabani na kubantu bakhe odla umbingelelo wobudlelane, owawuquka iminikelo yokuzithandela ngoxa engahlambulukanga, wayemele abulawe. (Lev. 7:20, 21) Kwelinye icala, xa umntu owenza umbingelelo enobuhlobo obuhle noYehova ube nombingelelo wakhe ungenasiphene, loo mntu wayefumana uvuyo nolwaneliseko.—Funda eyoku-1 yeziKronike 29:9.

UKWENZA IMIBINGELELO NAMHLANJE

7, 8. (a) Luluphi uvuyo olufunyanwa ngabaninzi abazincamayo ukuze baxhase uBukumkani? (b) Ziziphi izinto esinazo esinokunikela ngazo?

7 Namhlanje, baninzi abazibhokoxa ngokuzithandela ukuze bakhonze uYehova, ibe kumvuyisa gqitha oko. Zininzi iintsikelelo esizifumana ngokuzibhokoxa sisenza imisebenzi eza kunceda abazalwana bethu. Omnye umzalwana osebenza ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nasekuncedeni abo behlelwe ziintlekele zemvelo uthi akakwazi nokuluchaza ulwaneliseko alufumana ngokwenza lo msebenzi. Uthi, “Ukubona uvuyo noxabiso lwabazalwana bezo ndawo ndiye ndancedisa kuzo emva kokuba befumene iHolo yoBukumkani okanye uncedo emva kwentlekele kundenza ndizimisele ukutyhalela phambili.”

Iminikelo emininzi yayisenziwa ngokuzithandela, kanye njengokuba sisenjenjalo kwiminikelo esiyenzayo namhlanje (Funda isiqendu 7-13)

8 Intlangano kaYehova namhlanje isoloko ikhangela iindlela zokuxhasa umsebenzi kaYehova. Ngo-1904, uMzalwan’ uC. T. Russell wathi: “Ngamnye kuthi ufanele aqonde ukuba umiselwe yiNkosi ukuze anikele ngexesha lakhe, imali, abe ngumzekelo omhle, njl. njl., aze azibhokoxe esebenzisa izakhono, ubuchule namandla ukuze azukise  iNkosi.” Nakuba sizuza iintsikelelo ezininzi, sincama izinto ezithile ukuze sinikele kuYehova. (2 Sam. 24:21-24) Ngamana singazabalazela ukuzisebenzisa kakuhle izinto esinazo ngokuzinikela kuYehova.

Abasebenzi baseBheteli eOstreliya

9. Nguwuphi umgaqo esinokuwulandela nowafundiswa nguYesu okuLuka 10:2-4 ngokuphathelele indlela yokusebenzisa ixesha?

9 Ixesha. Kuthath’ ixesha nomgudu ongathethekiyo ukuguqulela nokuprinta iincwadi zethu, ukwakha iindawo zokunqula, ukulungiselela iindibano, ukuncedisa xa kwehle iintlekele kuquka neminye imisebenzi eyimfuneko. Suku ngalunye luneeyure nje eziyi-24 esixhomekeke kuzo. UYesu wasinika umgaqo onokusinceda sikwazi ukulisebenzisa kakuhle. Xa wayethumela abafundi bakhe ukuba baye kushumayela, uYesu wabaxelela ukuba ‘bangabulisi nabani na ngokumwola endleleni.’ (Luka 10:2-4) Kwakutheni ukuze abayalele oko? Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Abantu baseMpuma babengabulisani nje kuphela ngokuthoba intloko kancinane, okanye ngokuxhawulana, kodwa babesangana kaninzi, bagobe, de banabe phantsi. Konke oku kwakusitya ixesha elininzi.” UYesu wayengakhuthazi abalandeli bakhe ukuba babe krwada. Eyona nto wayebanceda kuyo kukuze baqonde ukuba lalilincinane ixesha ababenalo ukuze bafeze izinto ezibaluleke ngakumbi. (Efe. 5:16) Ngaba thina asinakuthobela kwalo mgaqo ukuze sichithe ixesha elingakumbi sixhasa umsebenzi woBukumkani?

Abavakalisi boBukumkani kwiHolo yoBukumkani eKenya, eAfrika

10, 11. (a) Ziziphi ezinye iindlela esetyenziswa ngazo iminikelo eyenziwa kumsebenzi wehlabathi lonke? (b) Nguwuphi umgaqo okweyoku-1 kwabaseKorinte 16:1, 2 onokusinceda?

10 Imali. Ininzi gqitha imali efunekayo ukuze kuxhaswe imisebenzi yoBukumkani. Nyaka ngamnye kuchithwa izigidi ngezigidi zeerandi kuhlawulwa iindleko zabaveleli abahambahambayo, oovulindlela abakhethekileyo nabathunywa bevangeli. Ukususela ngo-1999, zingaphezu kwe-24 500 iiHolo zoBukumkani eziye zakhiwa kumazwe angathathi ntweni. Kuyo yonke loo nto, kusafuneka iiHolo zoBukumkani ezimalunga ne-6 400. Nyanga nganye kuprintwa iimagazini ezimalunga nezigidi eziyi-100 zeMboniselo noVukani! Wonke lo msebenzi uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela.

11 Umpostile uPawulos wachaza umgaqo esimele siwusebenzise xa sicinga ngokunikela. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 16:1, 2.) Ephefumlelwe, wakhuthaza abazalwana baseKorinte ukuba bangalindi de kuphele iveki apho beza kubona ukuba kusele malini na, kunoko wathi kusuku lokuqala evekini babemele babekele bucala okuthile ngokwamandla abo. Njengakwinkulungwane yokuqala, abazalwana noodade namhlanje baceba kusengaphambili baze banikele ngesisa ngokweemeko zabo. (Luka 21:1-4; IZe. 4:32-35) UYehova uvuyiswa gqitha kukuba nesisa kwabakhonzi bakhe.

Itshantliziyo kwiKomiti Yokwakha Yenqila yaseTuxedo, eNew York, United States

12, 13. Ziziphi izinto ezinokuxhalabisa abanye de banganikeli ngamandla nobuchule babo, kodwa uYehova uya kubanceda njani?

12 Amandla nobuchule. UYehova uyasixhasa kwimigudu esiyenzayo njengoko sibhokoxa amandla nobuchule bethu sixhasa uBukumkani. Uthembisa ukuba uya kusinceda xa sidiniwe. (Isa. 40:29-31) Ngaba siyabeya ubuchule esinabo ukuba singancedisa kulo msebenzi? Ngaba sivakalelwa ukuba kukho abanye abafaneleka bhetele kunathi? Khumbula ukuba, uYehova unokumxhobisa nabani na akwazi ukusebenzisa ubuchule bemvelo anabo, kanye njengokuba wenzayo kuBhetsaleli no-Oholiyabhi.—Eks. 31:1-6; jonga umfanekiso osekuqaleni.

13 UYehova usikhuthaza ukuba singazibambi kunoko senze konke okusemandleni ethu. (IMize. 3:27) Xa kwakuvuswa itempile, uYehova waxelela amaYuda aseYerusalem ukuba acamngce ngomsebenzi wokwakha awayewenza. (Hag. 1:2-5) Ayesele ephazanyiswa zezinye izinto, elibele tu ngomsebenzi kaYehova. Iya kuba ntle into yokuba sihlolisise enoba izinto ezibalulekileyo kuthi zivisisana nokuthanda kuYehova kusini  na. Ngaba ‘singabeka intliziyo yethu ezindleleni zethu’ ukuze sibe nenxaxheba ngakumbi kumsebenzi wokuxhasa uBukumkani kule mihla yokugqibela?

UKUNIKELA NGOKWAMANDLA ETHU

14, 15. (a) Sikhuthazwa njani ngumzekelo wabazalwana bethu abahlala kumazwe angathathi ntweni? (b) Nguwuphi umnqweno esimele sibe nawo?

14 Abaninzi bahlala kwiindawo ekutsalwa nzima nekugqugqise ubuhlwempu kuzo. Intlangano yethu izimisele “ukulinganisa” ukuswela kwabazalwana bethu abahlala kuloo mazwe. (2 Kor. 8:14) Nakuba kunjalo, nabo abo bazalwana bakuloo mazwe angathathi ntweni bayalixabisa ilungelo lokupha. UYehova uyavuya xa ebona amahlwempu evakalelwa kukuba amele aphe ngokuchwayita.—2 Kor. 9:7.

15 Kwelinye ilizwe elitsala nzima gqitha eAfrika, abazalwana babekela bucala isiqwenga somhlaba kwiigadi zabo, basilime baze baxhase uBukumkani ngokunikela ngemali abayifumene ngokuthengisa eso sivuno. Kwakwelo lizwe, kwaye kwenziwa amalungiselelo okwakha iHolo yoBukumkani eyayifuneka ngamandla. Abazalwana noodade balapho babefuna ukufaka isandla. Noko ke, loo holo yayiza kwakhiwa kanye ngexesha abaxakeke kukulima ngalo. Kangangendlela ababezimisele ngayo, babesebenza kwiHolo yoBukumkani emini baze baye kutyala amasimi abo ngokuhlwa. Incomeka gqitha indlela abazincama ngayo! Oku kusikhumbuza abazalwana baseMakedoni benkulungwane yokuqala. Babengamahlwempu ngokugqithiseleyo, ukanti babongoza becela ukunikwa ilungelo lokunceda kumsebenzi owawusenziwa. (2 Kor. 8:1-4) Ngamana ngamnye kuthi ‘anganikela ngomlinganiselo wentsikelelo asisikelela ngayo uYehova.’—Funda iDuteronomi 16:17.

16. Singaqinisekisa njani ukuba iminikelo yethu yamkelekile kuYehova?

16 Noko ke, simele sikulumkele ukutyeshela izinto ezibalulekileyo, njengeentsapho zethu. Njengokuba kwakunjalo kumaSirayeli amandulo, simele siqinisekise ukuba iminikelo yethu yokuzithandela iyamkeleka kuThixo. Simele sikhumbule ukuba iintsapho zethu nokunqula zezona mbopheleleko zibalulekileyo sinazo kuYehova. Ukunikela kwethu ngexesha nangezinto esinazo sinceda abanye akumele kusenze singazihoyi iintsapho zethu zize zingabi nalo ulwalamano noThixo okanye zidlakazele. Enyanisweni xa sisenjenjalo, besiya kufana nabantu abanikela ngento abangenayo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:12.) Ukongezelela koko, simele siqinisekise ukuba sihlala sinokholo olomeleleyo. (1 Kor. 9:26, 27) Noko ke, xa siphila ngokuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile, siye sivuyiswe gqitha yaye saneliseke yiminikelo yethu, ibe ‘yamkeleka ngakumbi’ kuYehova.

IMINIKELO YETHU IXABISEKE GQITHA

17, 18. Sivakalelwa njani ngabo bonke abo bazincamayo bexhasa uBukumkani, ibe yintoni esimele sicingisise ngayo?

17 Abazalwana noodadewethu abaninzi ‘bazigalela njengomnikelo othululwayo’ ngokuzibhokoxa kwabo bexhasa imisebenzi yoBukumkani. (Fil. 2:17) Sibabulela ngokwenene abo baye bazincama bexhasa lo msebenzi. Abanye esibothulel’ umnqwazi ngabafazi nabantwana baba bazalwana bakhokelayo kumsebenzi woBukumkani ngenxa yesisa sabo nokuzincama.

18 Usemninzi umsebenzi ofunekayo ukuze kuxhaswe uBukumkani. Ngamana sonke singakuthandazela oku njengoko sicinga ngeendlela ezingakumbi esinokufak’ isandla ngazo kulo msebenzi. Qiniseka ukuba mkhulu umvuzo esinokuwufumana ngoku, singasathethi ke ngalowo siya kuwufumana ‘kwinkqubo yezinto ezayo.’—Marko 10:28-30.

^ isiqe. 2 Funda inqaku elithi “Ukunikela Imibingelelo Yomphefumlo Uphela KuYehova,” kwiMboniselo kaJanuwari 15, 2012, iphepha 21-25.