Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Bona Ukuthandeka KukaYehova’

‘Bona Ukuthandeka KukaYehova’

Iimeko ezinzima zinokubangela intlungu engathethekiyo. Zinokusikhathaza, zisithez’ amandla zize zichaphazele indlela esibujonga ngayo ubomi. UKumkani uDavide wakwaSirayeli wayeneengxaki ezininzi. Wajamelana njani nazo? Kwindumiso echukumisayo, uDavide uthi: “Ngelizwi lam, ndamemeza kuYehova ndicela uncedo; ngelizwi lam, ndakhala kuYehova ndifuna ubabalo. Ndakuphalazela kuye ukuxhalaba kwam; ndaqhubeka ndikuxela kuye ukubandezeleka kwam, ekutyhafeni komoya wam ngaphakathi kwam. Wandula ke wena wayazi indlela yam.” UDavide wathandaza kuThixo ecela uncedo.—INdu. 142:1-3.

Xa wayejongene nobunzima, uDavide wathandaza kuYehova ecela uncedo

Kwenye indumiso, uDavide wathi: “Inye into endiyicelileyo kuYehova—ndiya kufuna yona, ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, ndibone ukuthandeka kukaYehova ndize ndikhangele ngoxabiso etempileni yakhe.” (INdu. 27:4) UDavide wayengengomLevi, kodwa unokuba nawo umfanekiso-ngqondweni wakhe emi ngaphandle kwentendelezo engcwele. UDavide uzaliswa ngumbulelo kangangokuba unqwenela ukuchitha ubomi bakhe bonke apho ukuze ‘abone ukuthandeka kukaYehova.’

Igama elithi “ukuthandeka” linxulunyaniswa nento “okholwayo yiyo, eyanelisa ingqondo neemvakalelo.” UDavide wayesoloko elixabisa ilungiselelo esilenzelwe nguThixo ukuze simnqule. Kuya kuba kuhle ukuzibuza, ‘Ngaba ndivakalelwa ngendlela uDavide awayevakalelwa ngayo?’

‘KHANGELA NGOXABISO’ KWILUNGISELELO LIKATHIXO

Namhlanje, ukunqula uYehova akuxhomekekanga kwisakhiwo esithile sokoqobo. Kunoko, kuxhomekeke kwitempile yokomoya kaThixo—ilungiselelo elingcwele lonqulo lokwenyaniso. * Ukuba ‘sikhangela ngoxabiso’ kweli lungiselelo, nathi siya ‘kukubona ukuthandeka kukaYehova.’

Cinga nje ngesibingelelo somnikelo otshiswayo esasenziwe ngobhedu esasiphambi komnyango womnquba. (Eks. 38:1, 2; 40:6) Eso sibingelelo sasimela ukukulungela kukaThixo ukwamkela ubomi bukaYesu obaba lidini. (Heb. 10:5-10) Cinga indlela okubaluleke ngayo kuthi oko! Umpostile uPawulos wathi: “Xa sasiziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe.” (Roma 5:10) Xa sinokholo kwigazi likaYesu elaphalalayo, siya kuba ngabahlobo bakaThixo akholiswayo ngabo nabathembayo. Oku kuya kusinceda ‘sisondelelane noYehova.’—INdu. 25:14.

Ekubeni ‘zicinywa izono’ zethu, siye sifumane ‘amaxesha okuhlaziya avela kuYehova.’ (IZe. 3:19) Imeko yethu ifana naleyo yebanjwa eligwetyelwe ukufa, suke lithi ngoxa lisalindele ukubulawa, lizisole lize litshintshe kwiindlela zalo. Ibona olu tshintsho, ijaji enovelwano iyalicima elo tyala ize isijike eso sigwebo sokufa. Unokuzicingela nawe indlela elivuya ngayo eli banjwa! Njengaloo jaji, uYehova uba novelwano ngabantu abaguqukayo aze asijike isigwebo sokufa.

YOLISWA LUNQULO LOKWENYANISO

Phakathi kwezinto asenokuba wayezibona zisenziwa uDavide xa kunqulwa uYehova, kukuhlanganisana kwezihlwele zamaSirayeli, ukufundwa ngokuvakalayo nokucaciswa koMthetho, ukutshiswa  kwesiqhumiso nenkonzo engcwele eyayisenziwa ngababingeleli nabaLevi. (Eks. 30:34-38; Num. 3:5-8; Dut. 31:9-12) Le ndlela yokunqula yamaSirayeli isasetyenziswa nanamhlanje.

Nakule mihla yethu, “hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!” (INdu. 133:1) Kuye kwabakho ulwando olukhulu ‘kumanyano lwabazalwana luphela.’ (1 Pet. 2:17) ILizwi likaThixo lifundwa ngokuvakalayo lize licaciswe kwiintlanganiso zethu. UYehova uye wasebenzisa intlangano yakhe ukuze asifundise. Kukho neencwadi ezininzi esinokuzisebenzisa xa sifundisisa naxa sisenza unqulo lwentsapho. Elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo lathi: “Ukuvuka ndicamngce ngeLizwi likaYehova, ndicinge ngentsingiselo yalo ndize ndifune ulwazi nokuqonda, kundishiya ndanelisekile yaye ndisondele kuYehova.” Yinyaniso ukuba ‘ulwazi lunokuthandeka emphefumlweni wethu.’—IMize. 2:10.

Namhlanje, abakhonzi bakaThixo bathandaza kuye mihla le. KuYehova, loo mithandazo injengempepho enevumba elimnandi. (INdu. 141:2) Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba siyamkholisa uYehova uThixo xa sithandaza!

Xa wayethandaza, uMoses wathi: “Ukuthandeka kukaYehova uThixo wethu makube phezu kwethu, nomsebenzi wezandla zethu wumisele ngokuqinileyo phezu kwethu.” (INdu. 90:17) Xa sizimisele kumsebenzi wokushumayela, uYehova uyasisikelela. (IMize. 10:22) Kusenokwenzeka ukuba bakho abantu esiye sabanceda bafunda inyaniso. Okanye mhlawumbi siye sanyamezela kubulungiseleli phezu nje kokungabi namdla kwabantu, ukukhathazwa yimpilo, iintlungu nentshutshiso. (1 Tes. 2:2) Enoba ziziphi iingxaki esiye sanazo, ngaba asikubonanga “ukuthandeka kukaYehova” nendlela akholiswa ngayo yimigudu esiyenzayo?

UDavide wathi: “UYehova sisahlulo sesabelo endisinikiweyo nesendebe yam. Ulibambe waliqinisa iqashiso lam. Izintya zokulinganisa zindiwele ezindaweni ezithandekayo.” (INdu. 16:5, 6) UDavide wayesixabisa ‘isahlulo’ sakhe, ubuhlobo obusondeleyo noYehova nelungelo lokumkhonza. NjengoDavide, sisenokunyamezela ubunzima, kodwa zininzi iintsikelelo esizifumanayo! Ngoko masiqhubeke siyoliswa lunqulo lokwenyaniso size ‘sikhangele ngoxabiso’ kwitempile yokomoya kaYehova.

^ isiqe. 6 Funda iMboniselo kaJulayi 1, 1996, iphepha 14-24.