Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yibani Nemihlali Ngenxa Yomtshato WeMvana!

Yibani Nemihlali Ngenxa Yomtshato WeMvana!

“Masibe nemihlali size sivuye ngokugqithiseleyo . . . ngenxa yokuba umtshato weMvana ufikile.”—ISITYHI. 19:7.

1, 2. (a) Ngumtshato kabani oza kubangela uvuyo emazulwini? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo?

KUSOLOKO kufuna ixesha elininzi ukulungiselela umtshato. Kodwa ngoku siza kunikela ingqalelo kumtshato okhetheke gqitha—owasebukhosini. Khawufan’ ucinge! Lo umtshato ubulungiselelwa kangangeminyaka emalunga ne-2 000. Alifikanga ligalelekile ixesha lokuba umyeni amanyaniswe nomtshakazi wakhe. Kungekudala, kwibhotwe likaKumkani kuza kube kusitsho umculo omyoli, ize indimbane yezidalwa zasezulwini imemeze isithi: “Dumisani uYa, ngenxa yokuba uYehova uThixo wethu, uSomandla, uqalisile ukulawula njengokumkani! Masibe nemihlali size sivuye ngokugqithiseleyo, yaye masimnike uzuko, ngenxa yokuba umtshato weMvana ufikile nomfazi wayo uzilungisile.”—ISityhi. 19:6, 7.

2 Le “Mvana” iza kuba nomtshato obangela uvuyo emazulwini, nguYesu Kristu. (Yoh. 1:29) Inxibe njani? Ngubani umtshakazi wayo? Yintoni ebeyenza ukulungiselela ukutshata nale Mvana? Itshata nini? Lo mtshato uza kubangela uvuyo ezulwini, kodwa ngaba olu vuyo luyafunyanwa ngabo baza kuphila emhlabeni ngonaphakade? Ngomdla omkhulu, siza kuqwalasela le mibuzo njengoko siqhubeka nokuhlolisisa iNdumiso 45.

 ‘IZAMBATHO ZAKHE ZIQHOLIWE’

3, 4. (a) Yintoni esiyichazelwayo ngezambatho zomtshato zoMyeni, ibe yintoni eyongezelela kuvuyo lwakhe? (b) Ngoobani “iintombi zookumkani” ‘neqabane elingukumkanikazi’ abavuyisana noMyeni?

3 Funda iNdumiso 45:8, 9UMyeni, uYesu Kristu uvathe ezobuqaqawuli zasebukhosini. Ngokufanelekileyo, kwizambatho zakhe kuphuma ivumba elimnandi njengelo ‘lobona bulawu, okanye iziqholo ezibalaseleyo,’ njengemore nekasiya ezaziphakathi kwezinongo ekwakusenziwa ngazo ioli yokuthambisa engcwele kwaSirayeli.—Eks. 30:23-25.

4 Umculo otsho kwibhotwe lasezulwini wongezelela kolo vuyo loMyeni njengokuba kusondela umtshato. Abanye abavuyisana noKumkani ‘liqabane elingukumkanikazi,’ eliyinxalenye esezulwini yentlangano kaYehova nequka “iintombi zookumkani,” iingelosi. Kuchulumancisa gqitha ukuva amazwi aphuma emazulwini esithi: “Masibe nemihlali size sivuye ngokugqithiseleyo . . . ngenxa yokuba umtshato weMvana ufikile.”

UMTSHAKAZI ULUNGISELELWE UMTSHATO

5. Ngubani “umfazi weMvana”?

5 Funda iNdumiso 45:10, 11. Sibonile ukuba ngubani uMyeni, kodwa ngubani umtshakazi? Ubunjwa ngamalungu ebandla akhokelwa nguYesu Kristu. (Funda eyabase-Efese 5:23, 24.) Aza kulawula noKristu, uMesiya kuBukumkani bakhe. (Luka 12:32) La maKristu athanjisiweyo ayi-144 000 ‘ahlala eyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona.’ (ISityhi. 14:1-4) Aba ‘ngumfazi weMvana,’ aze ahlale nayo ezulwini.—ISityhi. 21:9; Yoh. 14:2, 3.

6. Kutheni amaKristu athanjisiweyo kusithiwa ‘ayintombi yokumkani,’ ibe kutheni eyalelwa ukuba ‘abalibale abantu bawo’?

6 Kulo mtshakazi weMvana akuthiwa “ntombi” nje kuphela kodwa kuphinda kuthiwe ‘yintombi yokumkani.’ (INdu. 45:13) Ngubani lo ‘kumkani’? NguYehova, ibe uye wawenza “abantwana” bakhe amaKristu athanjisiweyo. (Roma 8:15-17) Ekubeni eza kuba ngumtshakazi ezulwini, amaKristu athanjisiweyo ayalelwa oku: “Uze ubalibale abantu bakowenu nendlu kayihlo.” Amele agcine iingqondo zawo “zimiliselwe kwizinto zaphezulu, kungekhona kwizinto zasemhlabeni.”—Kol. 3:1-4.

7. (a) Yintoni aye wayenza uKristu ukuze alungise umtshakazi wakhe? (b) Umtshakazi umjonga njani uMyeni wakhe?

7 Ukutyhubela iinkulungwane, uKristu ebelungisa umtshakazi wakhe ukuze alungele umtshato wasezulwini. Umpostile uPawulos waye wachaza ukuba, uKristu ‘walithanda ibandla waza wazinikela ngenxa yalo, ukuze alingcwalise, alihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi, ukuze alizise kuye ibandla limbejembeje, lingenabala okanye mibimbi okanye nayiphi na yezinto ezinjalo, kodwa ukuze libe ngcwele yaye lingabi nasiphako.’ (Efe. 5:25-27) UPawulos wathi kumaKristu athanjisiweyo aseKorinte: “Ndiyanikhweletela ngekhwele lobuthixo, kuba ngokobuqu ndanithembisa ukunitshatisela kwindoda enye ukuze ndininikele ninjengentombi enyulu kuKristu.” (2 Kor. 11:2) Ekubeni unqulo lwakhe lucocekile yaye lwamkelekile kuThixo, uMyeni wakhe onguKumkani uYesu Kristu umgqala njengomhle lo mtshakazi wakhe. Naye ke umtshakazi uyayamkela into yokuba uKristu “uyinkosi” yakhe, ngoko ‘uyaqubuda kuye’ kuba uza kuba yindoda yakhe.

UMTSHAKAZI ‘UZISWA KUKUMKANI’

8. Kutheni ifanelekile nje into yokuba kuthiwe umtshakazi ‘uzuke’ ngokwenene?

8 Funda iNdumiso 45:13, 14a. Umtshakazi “uhonjiselwe indoda yakhe” yaye ‘uzuke’ ngokwenene elungele umtshato wakhe nokumkani. KwiSityhilelo 21:2, umtshakazi ufaniswa nesixeko, iYerusalem Entsha. Esi sixeko sasezulwini “sinozuko lukaThixo” yaye ‘ubukhazikhazi  baso bunjengelona litye lixabisekileyo, njengelitye leyaspisi elikhanya ngokwekristale.’ (ISityhi. 21:10, 11) Ubuqaqawuli beYerusalem Entsha buchazwa kakuhle kwincwadi yeSityhilelo. (ISityhi. 21:18-21) Ayimangalisi ke into yokuba umdumisi echaza umtshakazi ‘njengozuke wonke’! Ngapha koko, lo mtshato wasebukhosini wenzeka ezulwini.

9. Ngubani “ukumkani” aziswa kuye umtshakazi, ibe uvathiswe njani loo mtshakazi?

9 Lo mtshakazi uziswa kuMyeni—uKumkani onguMesiya. UKristu ebesoloko emlungisa, ‘ukuze amngcwalise, amhlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi. Ungcwele yaye akanasiphako.’ (Efe. 5:26, 27) Naye ke umtshakazi umele ukuba uvathe ngendlela efanele esi sihlandlo, ibe kunjalo kanye! Kaloku ujizekwe ‘ngesinxibo esinezakhelo zegolide, ibe uza kuziswa kukumkani enezivatho zodidi ezilukiweyo.’ Elungiselelwa ukutshata neMvana, ‘uye wavathiswa ngelinen eqaqambileyo, ecocekileyo, ecikizekileyo, kuba ilinen ecikizekileyo imela izenzo zobulungisa zabo bangcwele.’—ISityhi. 19:8.

‘UMTSHATO UFIKILE’

10. Uqhubeka nini umtshato weMvana?

10 Funda iSityhilelo 19:7. Uqhubeka nini umtshato weMvana? Nakuba iSityhilelo 19:7 sisithi ‘umfazi wayo uzilungiselele’ umtshato, iivesi ezilandelayo azithethi kwanto ngomtshato. Kunoko, zicacisa inxalenye yokugqibela yembandezelo enkulu. (ISityhi. 19:11-21) Ngaba oku kuthetha ukuba lo mtshato uqhubeka ngaphambi kokuba uMyeni onguKumkani aphelelise uloyiso lwakhe? Akunjalo. Imibono echazwa kwincwadi yeSityhilelo ayibhalwanga ngokulandelelana kweziganeko. KwiNdumiso 45, ngaphambi kokuba atshate, uKumkani, uYesu Kristu uqala abhinqe ikrele lakhe aze ‘oyise’ iintshaba zakhe.—INdu. 45:3, 4.

11. Ziza kulandelelana njani iziganeko zokoyisa kukaKristu?

11 Ngokusuka koku siyakwazi ukubona ukuba ezi ziganeko ziza kulandelelana ngolu hlobo: Okokuqala, kuza kugwetywa ‘ihenyukazi elikhulu,’ iBhabhiloni Enkulu, ingqokelela yazo zonke iicawa zonqulo lobuxoki. (ISityhi. 17:1, 5, 16, 17; 19:1, 2) Emva koko, uKristu uya kutyhalela phambili egweba yonke inkqubo engendawo kaSathana esemhlabeni ngokuyitshabalalisa eArmagedon, ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhi. 16:14-16; 19:19-21) Ekugqibeleni, uKumkani Oligorha uya kukuphelelisa ukoyisa kwakhe ngokumphosa enzonzobileni uSathana needemon zakhe, batsho bafane nabafileyo kuba bengenakwenza kwanto.—ISityhi. 20:1-3.

12, 13. (a) Uza kuqhubeka nini umtshato weMvana? (b) Emazulwini, ngoobani abaza kuvuya ngenxa yomtshato weMvana?

12 Xa amaKristu athanjisiweyo esifa emhlabeni ebudeni bobukho bukaKristu, avuselwa ezulwini. Ngaxa lithile emva kokuba kutshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu, uYesu uza kuhlanganisa onke amalungu asesemhlabeni kulawo abumba umtshakazi. (1 Tes. 4:16, 17) Ngoko ke, ngaphambi kokuba kuqalise iArmagedon, onke amalungu abumba “umtshakazi” aya kube esezulwini. Umtshato weMvana uya kuqhubeka emva kwaloo mfazwe. Iya kuba sisihlandlo sovuyo ngokwenene eso sokutshata kweMvana. ISityhilelo 19:9 sithi: “Banoyolo abo bamenyelwe kwisidlo sangokuhlwa somtshato weMvana.” Ewe, uya kuvuya ngokwenene lo mtshakazi! Lo Myeni unguKumkani uya kuvuya gqitha kuba liya kube liphelele inani lezinxulumani zakhe ezithanjisiweyo ezulwini ukuze ngokufuziselayo ‘zidle, zisele etafileni yakhe eBukumkanini bakhe.’ (Luka 22:18, 28-30) Noko ke, asingoMyeni nomtshakazi wakhe kuphela abaza kuvuyiswa ngulo mtshato weMvana.

 13 Njengokuba siye sabona, indimbane yasezulwini imanyene njengoko ivuma isithi: “Masibe nemihlali size sivuye ngokugqithiseleyo, yaye masimnike uzuko [uYehova], ngenxa yokuba umtshato weMvana ufikile nomfazi wayo uzilungisile.” (ISityhi. 19:6, 7) Noko ke, kuthekani ngabakhonzi bakaYehova abasemhlabeni? Ngaba nabo baza kuxhamla kolu vuyo?

“ZIYA KUZISWA NGEMIHLALI”

14. Njengokuba kuye kwakhankanywa kwiNdumiso 45, ngoobani “iintombi ezinyulu” ezinxulumana nomtshakazi?

14 Funda iNdumiso 45:12, 14b, 15. Umprofeti uZekariya waxela kwangaphambili ukuba ngexesha lesiphelo, abantu beentlanga babeza kuba nombulelo ngokunxulumana namaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni. Wathi: “Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga aya kubamba, ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: ‘Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” (Zek. 8:23) KwiNdumiso 45:12, la ‘madoda alishumi’ okomfuziselo achazwa ngokuba ‘ayintombi yaseTire’ nangokuba ‘azizityebi phakathi kwabantu.’ Eza kwintsalela yabathanjiswa ephethe izipho, efuna ukwamkeleka nokuncedwa ukuze akhonze uThixo. Ukususela ngo-1935, izigidi zabantu ziye zavumela intsalela yamaKristu athanjisiweyo ukuba ‘izikhokelele ebulungiseni.’ (Dan. 12:3) La ‘madoda alishumi’ azizinxulumani ezinyanisekileyo kumaKristu athanjisiweyo yaye aye azicoca ngokuzinxwema kunqulo lobuxoki, ngoko kuthiwa ‘aziintombi ezinyulu.’ Ezi ‘ntombi zinyulu’ zinxulumana nomtshakazi ziye zazahlulela kuYehova ibe ziye zabonisa ukuba zingabalawulwa abathembekileyo balo Myeni unguKumkani.

15. “Iintombi ezinyulu” ziye zawancedisa njani amalungu abumba umtshakazi aselapha emhlabeni?

 15 Amalungu asaseleyo kulawo abumba umtshakazi anombulelo ongazenzisiyo kwezi ‘ntombi zinyulu’ ngenxa yenzondelelo yazo ekushumayeleni “iindaba ezilungileyo zoBukumkani” kuwo wonke umhlaba omiweyo. (Mat. 24:14) Asingomoya nomtshakazi kuphela abathi: “Yiza!” kodwa kwanabo bevayo bathi: “Yiza!” (ISityhi. 22:17) Ewe, ‘ezinye izimvu’ ziye zeva amalungu athanjisiweyo abumba umtshakazi esithi “Yiza!” zaza nazo zazibandakanya zisithi “Yiza!” kubemi bomhlaba.—Yoh. 10:16.

16. Liliphi ilungelo elinikwe ezinye izimvu nguYehova?

16 Intsalela yabathanjiswa iyazithanda ezi zinxulumani zayo ibe iyavuyiswa kukwazi ukuba ekubeni zizezinye izimvu, uYise woMyeni, uYehova uzinike ilungelo lokuba nazo zichwayite yimihlali ngenxa yomtshato weMvana. Kwaprofetwa kwathiwa ezi ‘ntombi zinyulu’ “ziya kuziswa ngemihlali nokuvuya.” Ewe, ezinye izimvu ezinethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, ziza kuba nemihlali kunye nentsapho kaYehova ekwindalo iphela ngenxa yomtshato weMvana emazulwini. Ngokufanelekileyo, incwadi yeSityhilelo ichaza amalungu ‘esihlwele esikhulu’ ngokuthi ‘emi phambi kwetrone naphambi kweMvana.’ Anikela kuYehova inkonzo engcwele ekwintendelezo esemhlabeni yetempile yakhe yokomoya.—ISityhi. 7:9, 15.

Umtshato weMvana ubangela uvuyo ‘kwiintombi ezinyulu’ ezinxulumana nomtshakazi (Funda isiqendu 16)

“ESIKHUNDLENI SOOKHOKHO BAKHO IYA KUBA NGOONYANA BAKHO”

17, 18. Umtshato weMvana uza kuza njani neentsikelelo, ibe ngoobani uKristu aza kuba nguyise kubo ngoLawulo Lweminyaka Eliwaka?

17 Funda iNdumiso 45:16. “Iintombi ezinyulu” ezinxulumana nomtshakazi kaKristu wasezulwini ziya kuba nemihlali ngakumbi xa zibona iintsikelelo eziza naloo mtshato emhlabeni. UMyeni onguKumkani uya kunikela ingqalelo emhlabeni aze avuse “ookhokho” bakhe abasemhlabeni, abo baza kuba ‘ngoonyana’ bakhe basemhlabeni. (Yoh. 5:25-29; Heb. 11:35) Phakathi kwabo uya kumisela ‘iinkosana emhlabeni wonke.’ Akuthandabuzeki ukuba, uKristu uza kumisela abanye phakathi kwabadala abathembekileyo abakhoyo namhlanje ukuze bakhokele uluntu kwihlabathi elitsha.—Isa. 32:1.

18 Ebudeni boLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uKristu uya kuba nguyise nakwabanye. Enyanisweni, uya kuba nguyise wabo bonke abemi bomhlaba abazuza ubomi obungunaphakade ngenxa yokuba benokholo kwidini lentlawulelo likaYesu. (Yoh. 3:16) Ngoko ke, uba ‘nguBawo Ongunaphakade’ kubo.—Isa. 9:6, 7.

‘BAKHANKANYA IGAMA LIKAKUMKANI’

19, 20. Iziganeko ezibangel’ umdla ezikwiNdumiso 45 ziwachaphazela njani onke amaKristu namhlanje?

19 Funda iNdumiso 45:1, 17. Ngokwenene, onke amaKristu amele abe nomdla kwiziganeko ezibhalwe kwiNdumiso 45. AmaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni avuyiswa gqitha kukwazi ukuba sekumbovu amanyaniswe nabazalwana bawo kunye noMyeni ezulwini. Ezinye izimvu zizithoba ngakumbi kuKumkani wazo ozukileyo ibe zinombulelo gqitha ngelungelo lokunxulumana namalungu abumba umtshakazi asaphila emhlabeni. Emva komtshato, uKristu nabo aza kulawula nabo eBukumkanini baya kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo kubantu abaphila kulo mhlaba.—ISityhi. 7:17; 21:1-4.

20 Njengokuba sikhangele phambili ekuzalisekeni ‘kwento elungileyo’ ngokuphathelele uKumkani onguMesiya, ngaba oko akusenzi sizimisele ngakumbi ‘ukukhankanya igama lakhe’? Ngamana singaba phakathi kwabo ‘baza kubonga uKumkani ngonaphakade.’