Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyambona “Lowo Ungabonakaliyo”?

Ngaba Uyambona “Lowo Ungabonakaliyo”?

“Waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—HEB. 11:27.

1, 2. (a) Yintoni eyayisenza uMoses abonakale esengozini? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yintoni eyayisenza uMoses angamoyiki ukumkani?

UFARO wayengumlawuli onamandla nothixo ophilayo kumaYiputa. Ngokutsho kwencwadi ethi When Egypt Ruled the East, ebantwini “kwakungekho sidalwa silingana naye ngobulumko namandla.” Ukuqinisekisa ukuba uyoyikwa ngabalawulwa bakhe, uFaro wayenesithsaba esinomfanekiso wephimpi elilungele ukuhlasela—into eyayikhumbuza iintshaba zakhe ukuba wayenokuzithi qwaka qwaka zingabikho. Unokuzicingela ke, indlela awavakalelwa ngayo uMoses xa uYehova wathi kuye: “Yiza ke ndikuthumele kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.”—Eks. 3:10.

2 UMoses waya eYiputa, wavakalisa isigidimi sikaThixo ibe wajamelana nengqumbo kaFaro. Emva kwezibetho ezisithoba kwelo lizwe, uFaro wamtyityimbisela umnwe uMoses esithi: “Mandingaphindi ndikubone phambi kobuso bam, kuba mhla ndakubona nje phambi kobuso bam uya kuba ngofileyo.” (Eks. 10:28) Ngaphambi kokuba emke phambi koFaro, uMoses waprofeta echaza ukuba izibulo lale kumkani laliza kufa. (Eks. 11:4-8) Ekugqibeleni, uMoses wayalela zonke iintsapho zamaSirayeli ukuba  zixhele ibhokhwe okanye inkunzi yegusha—isilwanyana esasingcwele kuthixo wamaYiputa uRa—zize zitshize igazi laso kwimigubasi yemizi yazo. (Eks. 12:5-7) Wayeza kuthini uFaro? UMoses wayengoyiki. Ngoba? Ngokholo wathobela uYehova, “engawoyiki umsindo wokumkani, kuba waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—Funda amaHebhere 11:27, 28.

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula ngokholo awayenalo uMoses ‘kuLowo ungabonakaliyo’?

3 Ngaba ukholo lwakho lomelele kangangokuba ude ube ngathi ‘uyambona uThixo’? (Mat. 5:8) Ukuze nathi sibe nokholo olomeleleyo de sibe ngathi siyambona “Lowo ungabonakaliyo,” makhe sithethe ngoMoses. Ukholo awayenalo kuYehova lwamkhusela njani ekoyikeni abantu? Wabonisa njani ukuba unokholo kwizithembiso zikaThixo? Ukukwazi kwakhe ukumbona “Lowo ungabonakaliyo” kwamnceda njani xa yena namaSirayeli babesengozini?

AKAZANGE AWOYIKE “UMSINDO WOKUMKANI”

4. Emehlweni abantu, wayenjani uMoses xa ethelekiswa noFaro?

4 Emehlweni abantu, kwakungekho yakhe uMoses xa ethelekiswa noFaro. Ubomi bakhe babubonakala buxhomekeke kwinceba kaFaro. NoMoses wambuza oku uYehova: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa?” (Eks. 3:11) Kwiminyaka eyi-40 ngaphambili, uMoses waye wasaba eYiputa esindis’ ubomi bakhe. Mhlawumbi wazibuza, ‘Ngaba bubulumko ukubuyela eYiputa ndizibek’ esichengeni sokuvusa umsindo kakumkani?’

5, 6. Yintoni eyanceda uMoses woyika uYehova kunoFaro?

5 Ngaphambi kokuba uMoses abuyele eYiputa, uThixo wamfundisa umgaqo obalulekileyo, kanye loo mgaqo uMoses wabhala ngawo kamva kwincwadi kaYobhi esithi: “Ukoyika uYehova—bubulumko obo.” (Yobhi 28:28) Ukuze ancede uMoses abe nolo loyiko aze enze ngobulumko, uYehova wamenza waqonda umahluko okhoyo phakathi kwabantu noThixo uSomandla. UYehova wabuza: “Ngubani na owenze umlomo womntu nowenze isimumu okanye isithulu okanye obona kakuhle okanye imfama? Asindim na, mna Yehova?”—Eks. 4:11.

6 Wafunda ntoni uMoses? Kwakungekho sizathu sokuba oyike. Wayethunywe nguYehova, owayeza kumxhobisa ngayo nantoni na efunekayo ukuze adlulisele isigidimi sakhe kuFaro. Ngapha koko, uFaro kwakungekho yakhe tu xa ethelekiswa noYehova. Enye into, esi yayingesosihlandlo sokuqala abakhonzi bakaThixo besengozini phantsi komlawuli waseYiputa. Mhlawumbi uMoses wacamngca ngendlela uYehova awakhusela ngayo uAbraham, uYosefu nkqu naye Moses kooFaro bangaphambili. (Gen. 12:17-19; 41:14, 39-41; Eks. 1:22–2:10) Enokholo ‘kuLowo ungabonakaliyo,’ ngesibindi uMoses waya kuFaro waza wavakalisa onke amazwi awayewathunywe nguYehova.

7. Ukuba nokholo kuYehova kwamkhusela njani omnye udade?

7 Ukuba nokholo kwanceda omnye udade ogama linguElla wema eqinile akaboyika abantu. Ngo-1949, uElla wabanjwa e-Estonia ngamagosa ezokhuselo eSoviet, iKGB, amkhulula impahla wasala eze, aza ammisa phambi kwamapolisa aselula. Uthi: “Ndahlazeka. Kodwa emva kokuthandaza kuYehova, ndazola ndaba seluxolweni.” Emva koko, uElla wavalelwa yedwa kangangeentsuku ezintathu. Uthi: “La magosa akhwaza: ‘Le nto siyenzela ukuba igama likaYehova lingaze likhunjulwe e-Estonia. Uza kuthunyelwa enkampini abanye baza kusiwa eSiberia.’ Bandingcikiva besithi: ‘Uphi lo Yehova wakho?’” Ngaba uElla wayeza koyika abantu okanye wayeza kuthembela kuYehova? Xa wayencinwa, ngenkalipho  wathi kwabo bagculeli: “Ndiyicingisise kakuhle le nto, kubhetele ukuthothoza kule ntolongo ndingumhlobo kaThixo kunokuba ndikhululwe abe uThixo endilahlile.” KuElla, uYehova wayengumntu wokwenene kanye njengaloo madoda ayephambi kwakhe. Ngenxa yokholo, wakwazi ukugcina ingqibelelo.

8, 9. (a) Liyintoni iyeza lokoyika abantu? (b) Ngubani omele ucinge ngaye xa ulingelwa ekubeni woyike abantu?

8 Ukuba nokholo kuYehova kuya kukunceda uyeke ukoyika. Xa abasemagunyeni bezama ukukuyekisa ukunqula uThixo, kusenokubonakala ngathi ubomi, impilo-ntle nekamva lakho zixhomekeke kubo. Usenokude ungaqiniseki enoba kububulumko kusini na ukuqhubeka ukhonza uYehova xa oko kubacaphukisa. Khumbula ukuba: Iyeza lokoyika abantu kukuba nokholo kuThixo. (Funda iMizekeliso 29:25.) UYehova uyabuza: “Kutheni na ke usoyika umntu ofayo nje, unyana womntu oya kwenziwa abe njengengca eluhlaza?”—Isa. 51:12, 13.

9 Hlala ucinga ngoBawo usomandla. Uyababona, unovelwano ngabo yaye uyabanceda abo bacinezelwayo ngabasemagunyeni. (Eks. 3:7-10) Nokuba sekufuneka umele ukholo lwakho kwabasemagunyeni, ‘ungaxhaleli ukuba uya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba uya kuyinikwa ngelo lixa into oya kuyithetha.’ (Mat. 10:18-20) Abalawuli babantu akukho yabo tu xa bethelekiswa noYehova. Xa usomeleza ukholo lwakho ngoku, uya kutsho umbone uYehova njengoMntu wokwenene olungele ukukunceda.

WABA NOKHOLO KWIZITHEMBISO ZIKATHIXO

10. (a) Yiyiphi imiyalelo uYehova awayinika amaSirayeli ngenyanga kaNisan 1513 B.C.E.? (b) Yintoni eyabangela ukuba uMoses ayithobele imiyalelo kaThixo?

10 Ngo-1513 B.C.E, kwinyanga kaNisan, uYehova waxelela uMoses noAron ukuba badlulisele kumaSirayeli imiyalelo engaqhelekanga eyile: Makakhethe inkunzi yegusha okanye ibhokhwe, ayixhele aze atshize ngegazi layo kwimigubasi yemizi yawo. (Eks. 12:3-7) Wenza ntoni uMoses? Kamva umpostile uPawulos wabhala wathi ngoMoses: “Ngokholo wabhiyozela ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze umtshabalalisi angabi nakuwachukumisa amazibulo abo.” (Heb. 11:28) UMoses wayesazi ukuba uYehova uthembekile, ngoko waba nokholo kwisithembiso sokuba wayeza kuwabulala amazibulo angoonyana amaYiputa.

11. Yintoni eyabangela ukuba uMoses alumkise amanye amaSirayeli?

11 Kuyabonakala ukuba abakhe oonyana uMoses babekwaMidiyan, kude naloo ndawo ‘yayinomtshabalalisi.’ * (Eks. 18:1-6) Sekunjalo, ngokuthobeka wazilumkisa ezinye iintsapho zamaSirayeli ezazinoonyana abasengozini. Ubomi babusesichengeni, ibe uMoses wayebathanda abazalwana bakhe. IBhayibhile ithi: “Ngoko nangoko uMoses wabiza onke amadoda amakhulu akwaSirayeli waza wathi kuwo: . . . ‘Nize nilixhele ixhoba lepasika.’”—Eks. 12:21.

12. Sisiphi isigidimi esibalulekileyo esisinikwe nguYehova ukuba sisidlulisele?

12 Besalathiswa yingelosi, abantu bakaYehova badlulisela esi sigidimi sibalulekileyo: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.” (ISityhi. 14:7) Ngoku lixesha lokuba sivakalise eso sigidimi. Simele silumkise abamelwane bethu ukuba baphume kwiBhabhiloni Enkulu, ukuze ‘bangamkeliswa kwizibetho zayo.’ (ISityhi. 18:4) ‘Ezinye izimvu’ zincedisa amaKristu athanjisiweyo ekubongozeni abo bahlukanisiweyo noThixo ukuba ‘baxolelaniswe naye.’—Yoh. 10:16; 2 Kor. 5:20.

Ukuthembela kwizithembiso zikaYehova kuya kukunceda uhlale unomnqweno wokushumayela iindaba ezilungileyo (Funda isiqendu 13)

13. Yintoni eya kusinceda siqhubeke sinomnqweno wokushumayela iindaba ezilungileyo?

13 Seyisekile ukuba lifikile ngokwenene “ilixa lokugweba.” Sinokholo lokuba uYehova akakubaxi ukungxamiseka komsebenzi  wokushumayela nowokwenza abafundi. Embonweni, umpostile uYohane ‘wabona iingelosi ezine zimi kwiimbombo zone zomhlaba, zibambe ngokuqinileyo imimoya yomine yomhlaba.’ (ISityhi. 7:1) Ngaba unokholo olukunceda uzibone ezo ngelosi njengoko zilungele ukukhulula le mimoya yentshabalalo iza kubangela imbandezelo enkulu kweli hlabathi? Ukuba uyazibona ngamehlo okholo, oko kuya kukunceda ube nesibindi sokushumayela iindaba ezilungileyo.

14. Yintoni esenza ‘silumkise ongendawo endleleni yakhe engendawo’?

14 Sithetha nje amaKristu okwenene sele engabahlobo noYehova yaye anethemba lobomi obungunaphakade. Sekunjalo, siyaqonda ukuba yimbopheleleko yethu ‘ukulumkisa ongendawo endleleni yakhe engendawo ukuze ahlale ephila.’ (Funda uHezekile 3:17-19.) Kakade ke, asishumayeli nje kuba sibaleka ukuba netyala legazi. Sishumayela kuba sithanda uYehova nabamelwane. UYesu wasibonisa kakuhle eyona nto ithethwa luthando nenceba kumzekeliso wakhe womSamariya olungileyo. Sinokuzibuza oku, ‘Njengalo mSamariya, ngaba nam, “ndiba nosizi” ndize ndishumayele?’ Ngapha koko, asinakuze sifune ukufana nombingeleli nomLevi ekuthethwa ngabo kulo mzekeliso, sizithethelele njengoko ‘sicezela phaya.’ (Luka 10:25-37) Ukuba nokholo kwizithembiso zikaThixo nokuthanda ummelwane kuya kusenza sibe nomdla wokuzibhokoxa kangangoko kumsebenzi wokushumayela ngaphambi kokuba sishiywe lixesha.

“BADLULA KULWANDLE OLUBOMVU”

15. Kwakutheni ukuze amaSirayeli azive ephakathi kwenyama nozipho?

15 Ukholo lukaMoses ‘kuLowo  ungabonakaliyo’ lwamnceda xa amaSirayeli ayesengozini emva kokushiya kwawo iYiputa. IBhayibhile ithi: “Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, bawabona amaYiputa ehamba emva kwabo; boyika kakhulu oonyana bakaSirayeli baza badanduluka kuYehova.” (Eks. 14:10-12) Ngaba kwakusenzeka into engalindelekanga? Nakanye. UYehova wayechazile wathi: “Ndoyiyeka ngokwenene ibe lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele ngokuqinisekileyo ndize ndizukiseke ngoFaro nangomkhosi wakhe wamajoni wonke; azi ngokuqinisekileyo amaYiputa ukuba ndinguYehova.” (Eks. 14:4) Kuyo yonke loo nto, amaSirayeli abona nje oko kusemehlweni awo—uLwandle Olubomvu phambi kwawo, kwabe kusiza iinqwelo zomkhosi kaFaro zigabadula emva kwawo, ngoxa ekhokelwa lixhego lomalusi oneminyaka eyi-80! Aziva ephakathi kwenyama nozipho.

16. Ukholo lwamomeleza njani uMoses kuLwandle Olubomvu?

16 UMoses zange ankwantye nakancinane. Kwakutheni? Kaloku ngamehlo akhe okholo wabona into enamandla ngakumbi kunolwandle okanye umkhosi. ‘Wabona usindiso lukaYehova,’ esazi ukuba uYehova uza kuwalwela amaSirayeli. (Funda iEksodus 14:13, 14.) Ukholo lukaMoses lwabomeleza abantu bakaThixo. IBhayibhile ithi: “Ngokholo badlula kuLwandle Olubomvu ngokungathi kukumhlaba owomileyo, kodwa wona amaYiputa xa alinga ukwenjenjalo aginywa.” (Heb. 11:29) Emva koko, “bamoyika abantu uYehova baza bakholwa kuYehova nakuMoses umkhonzi wakhe.”—Eks. 14:31.

17. Sisiphi isiganeko esizayo esiza kuvavanya ukholo lwethu?

17 Sekumbovu, nathi sibonakale siphakathi kwenyama nozipho. Kwincopho yembandezelo enkulu, oorhulumente beli hlabathi baya kube bezithe qwaka qwaka iintlangano zonqulo ezinkulu nezibunjwa yinyambalala yabantu kunokuba sinjalo. (ISityhi. 17:16) Kwisiprofeto sakhe uYehova uchaza imeko esiya kubonakala sisesichengeni ngayo ngokuthi, ‘lilizwe elivulekileyo lasemaphandleni, elingenaludonga, namivalo okanye iingcango.’ (Hez. 38:10-12, 14-16) Emehlweni abantu, siya kubonakala sisesichengeni. Yintoni oza kuyenza?

18. Chaza isizathu sokuba sinokukwazi ukuma siqinile kwimbandezelo enkulu.

18 Asimele sityhwatyhwe. Ngoba? Kaloku uYehova sele esichazele ngokuhlaselwa kwabantu bakhe. Uye wasichazela nemiphumo. “‘Ngaloo mini, ngemini yokufika kukaGogi emhlabeni wakwaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ubushushu bam bunyuke buze empumlweni yam. Ndiya kuthetha ndinobukhwele, ngomlilo wokuvutha komsindo wam.’” (Hez. 38:18-23) UThixo uya kubatshabalalisa bonke abo bafuna ukwenzakalisa abantu bakhe. Ukuba nokholo kwakho kwimiphumo ‘yemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko,’ kuya kukunceda ‘ulubone usindiso lukaYehova’ utsho ukwazi ukugcina ingqibelelo.—Yow. 2:31, 32.

19. (a) Babesondelelene kangakanani uYehova noMoses? (b) Ukuba uyamgqala uYehova kuzo zonke iindlela zakho, yintoni ekuqinisekisa ngayo iBhayibhile?

19 Zilungiselele ngoku ezo ziganeko zibangel’ imincili ‘ngokuqhubeka uqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo’! Yomeleza ulwalamano lwakho noYehova uThixo ngokufundisisa nokuthandaza rhoqo. UMoses wayesondelelene gqitha noYehova waza wasetyenziswa ngamandla kangangokuba iBhayibhile ithi uYehova wamazi “ubuso ngobuso” uMoses. (Dut. 34:10) UMoses wayengumprofeti obalaseleyo. Noko ke, nawe ukholo lunokukunceda umazi kangangoko uYehova kanye njengaxa ubunokumbona ngokoqobo. Ukuba usoloko umgqala ‘kuzo zonke iindlela zakho’ njengoko iBhayibhile ikukhuthaza ukuba wenjenjalo, “uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMize. 3:6.

^ isiqe. 11 Kuyacaca ukuba uYehova wathumela ingelosi ukuba ibulale amaYiputa.—INdu. 78:49-51.