Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xelisa Ukholo LukaMoses

Xelisa Ukholo LukaMoses

“Ngokholo uMoses, xa wayekhulile, wala ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro.”—HEB. 11:24.

1, 2. (a) Sisiphi isigqibo awasenzayo uMoses xa wayeneminyaka eyi-40? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Sasiyintoni isizathu sokuba uMoses akhethe ukuxhatshazwa kunye nabantu bakaThixo?

UMOSES wayebazi ubomi awayesethubeni lokubuphila eYiputa. Wayedla ngokuwabona amapomakazi ezindlu zezityebi zalapho. Naye wayengowasebukhosini. ‘Wayefundiswe bonke ubulumko bamaYiputa,’ mhlawumbi njengeenkwenkwezi, izibalo kunye nezinye izifundo zesayensi. (IZe. 7:22) Wayesethubeni lokufumana ubutyebi, igunya kunye namalungelo ayengenakufunyanwa nguye nawuphi na umYiputa oqhelekileyo!

2 Sekunjalo, xa wayeneminyaka eyi-40, uMoses wenza isigqibo esimel’ ukuba sayothusa intsapho yasebukhosini eyayimkhulisile. Akazange akhethe nobomi obu bomYiputa “oqhelekileyo,” kodwa wakhetha ukuhlala namakhoboka! Ngoba? Kaloku uMoses wayenokholo. (Funda amaHebhere 11:24-26.) Ngokholo, uMoses wabona ngaphaya kwezinto ezazimngqongile. Wabonisa ukholo ‘kuLowo ungabonakaliyo,’ uYehova, enethemba lokuba izithembiso zikaThixo ziza kuzaliseka.—Heb. 11:27.

3. Yiyiphi imibuzo emithathu eza kuphendulwa kweli nqaku?

3 Nathi simele sibone ngaphaya kwezinto ezisingqongileyo. Masibe ‘luhlobo olunokholo.’ (Heb. 10:38, 39) Ukuze someleze ukholo lwethu, makhe sihlolisise oko kubhalwe ngoMoses kumaHebhere 11:24-26. Njengoko sisenjenjalo, khawukhangele iimpendulo zale mibuzo: Ukholo lwamnceda njani uMoses ukuze alwe  neminqweno yenyama? Xa wayegculelwa, ukholo lwamnceda njani ukuze awaxabise amalungelo anawo okukhonza uThixo? Ibe kwakutheni ukuze uMoses akhangele “ngenyameko emvuzweni”?

WALWA NEMINQWENO YENYAMA

4. Yintoni awayeyiqonda uMoses ‘ngokuziyolisa ngesono’?

4 Ukholo lwanceda uMoses waqonda ukuba ‘ukuziyolisa ngesono’ yinto nje yokwexeshana. Abanye babesenokugqiba kwelokuba, nakuba iYiputa yayingene zwabha kunqulo zithixo nolwemimoya, yayiligunya lehlabathi, babe abantu bakaYehova bengamakhoboka! Kodwa uMoses wayesazi ukuba uThixo unako ukuzijika izinto. Nangona abantu ababecingel’ izisu zabo babebonakala ngathi bayaphumelela, uMoses wayenethemba lokuba abangendawo baza kutshatyalaliswa. Ngenxa yoko, akazange ahendeke ‘kukuziyolisa ngesono okwexeshana.’

5. Yintoni eza kusinceda silwe ‘nokuziyolisa ngesono okwexeshana’?

5 Unokulwa njani nomnqweno ‘wokuziyolisa ngesono okwexeshana’? Ungaze ulibale ukuba ubumnandi besono yinto egqithayo. Yiba nokholo uze ubone ukuba “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.” (1 Yoh. 2:15-17) Camngca ngekamva laboni abangaguqukiyo. Bakumhlaba “omtyibilizi . . . bafikelele esiphelweni ngento enkwantyisa ngequbuliso!” (INdu. 73:18, 19) Xa usesilingweni sokwenza isono, zibuze, ‘Ndizifunela ikamva elinjani?’

6. (a) Kwakutheni ukuze uMoses ale “ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro”? (b) Kutheni sinokuthi uMoses wenza isigqibo sobulumko?

6 Ukholo lukaMoses lwamnceda wakwazi ukwenza isigqibo sento awayeza kuyenza ngobomi bakhe. “Ngokholo uMoses, xa wayekhulile, wala ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro.” (Heb. 11:24) UMoses akazange aqiqe ngelokuba angakwazi ukuqhubeka ekhonza uThixo ngoxa eyinxalenye yentsapho yasebukhosini, aze asebenzise ubutyebi negunya lakhe ukuze ancede abazalwana bakhe abangamaSirayeli. Kunoko, uMoses wayezimisele ukuthanda uYehova ngentliziyo, umphefumlo namandla akhe onke. (Dut. 6:5) Isigqibo awasenzayo uMoses samsindisa entlungwini. Kaloku inkoliso yobuncwane baseYiputa awabuncamayo yathinjwa kwangamaSirayeli! (Eks. 12:35, 36) UFaro wahlazeka waza wabulawa. (INdu. 136:15) Kodwa yena uMoses wasinda waza wasetyenziswa nguThixo ukuba akhokele uhlanga lonke. Ngoku ubomi bakhe babunentsingiselo.

7. (a) Ngokutsho kukaMateyu 6:19-21, kutheni simele sijonge ngaphaya kwekamva lokwexeshana? (b) Balisa amava abonisa umahluko phakathi kobutyebi bokwenyama nobutyebi bokomoya.

7 Ukuba ungumkhonzi kaYehova oselula, ukholo lunokukunceda njani ukhethe into oza kuyenza ngobomi bakho? Bubulumko ukucebela ikamva. Kodwa ngaba ukholo kwizithembiso zikaThixo luza kubangela ukuba uzibekele ikamva lokwexeshana okanye elingunaphakade? (Funda uMateyu 6:19-21.) Kwafuneka izibuze loo mibuzo enye intwazana edanisayo egama linguSophie. Wayenethuba lokufundiswa aze asebenze kwiinkampani zomdaniso kulo lonke elaseUnited States. Uthi: “Kwakumnandi ukuthandwa. Ndandide ndizive ndibhetele kuneentanga zam. Kodwa ndandingonwabanga.” USophie wabukela ividiyo ethi Young People Ask—What Will I Do With My Life? Uthi: “Ndabona ukuba impumelelo nothando endilufumana ehlabathini zazindenza ndingakwazi ukunqula uYehova ngentliziyo yam yonke. Ndathandaza kakhulu. Emva koko ndayeka ukudanisa.” Uvakalelwa njani ngesigqibo awasenzayo? “Andibukhumbuli tu obo bomi ndandibuphila. Ngoku ndonwabe nyhani. Mna nomyeni wam singoovulindlela. Asingabo oosaziwayo, ibe asinazinto zininzi. Kodwa sinoYehova, izifundo zeBhayibhile kunye nezinto esisafuna ukumenzela zona uYehova. Andizisoli tu.”

8. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokunceda umntu oselula akhethe into aza kuyenza ngobomi bakhe?

 8 UYehova uyayazi eyona nto isifaneleyo. UMoses wathi: “Yintoni na uYehova uThixo wakho ayifunayo kuwe ngaphandle kokuba woyike uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke uze umthande yaye umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke; ugcine imiyalelo kaYehova nemimiselo yakhe endikuyalela ngayo namhlanje, ukuze kulunge kuwe?” (Dut. 10:12, 13) Ngoku uselula, khetha umsebenzi oza kukunceda ukwazi ukumthanda uYehova uze umkhonze “ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke.” Qiniseka ukuba olo khetho luya kubangela ukuba “kulunge kuwe.”

WAYEWAXABISA AMALUNGELO OKUKHONZA UTHIXO

9. Kutheni kusenokuba kwakunzima ngoMoses ukuba asixabise isabelo sakhe?

9 UMoses “walubalela ungcikivo lukaKristu ekuthini lububutyebi obukhulu ngakumbi kunobuncwane baseYiputa.” (Heb. 11:26) ‘WayenguKristu,’ okanye “Othanjisiweyo,” kuba nguye owayekhethwe nguYehova ukuba akhokele amaSirayeli xa ayephuma eYiputa. UMoses wayesazi ukuba lo msebenzi wawungeyondlwan’ iyanetha, ibe wawunokumzisela “ungcikivo.” Ngaphambilana, omnye umSirayeli wade wathi kuye: “Umiselwe ngubani na ukuba ube yinkosana nomgwebi phezu kwethu?” (Eks. 2:13, 14) Kamva, noMoses wabuza wathi kuYehova: “Uya kundiphulaphula njani ke yena uFaro?” (Eks. 6:12) Ukuze axhobele olo ngcikivo, uMoses waxelela uYehova izinto ezazimxhalabisa. UYehova wamnceda njani uMoses ukuze enze lo msebenzi unzima?

10. UYehova wamxhobisa njani uMoses ukuze akwazi ukuphumeza isabelo sakhe?

10 Okokuqala, uYehova wamqinisekisa ngala mazwi uMoses: “Ndiya kuba nawe.” (Eks. 3:12) Okwesibini, uYehova wamnika isibindi uMoses xa wamxelela ngenye intsingiselo yegama lakhe: “Ndinguye Lowo Ndiya Kuzingqina Ndinguye.” * (Eks. 3:14) Okwesithathu, wanika uMoses amandla angummangaliso, nto leyo eyayibonisa ukuba ngokwenene uMoses uthunywe nguThixo. (Eks. 4:2-5) Okwesine, uYehova wamnika uAron, ukuze amncedise ekuthetheni nasekuphumezeni isabelo sakhe. (Eks. 4:14-16) Xa wayesele eza kufa, uMoses wayeqinisekile ukuba uThixo uyabaxhobisa abantu bakhe ukuze baphumeze nawuphi na umsebenzi abanika wona, kangangokuba wada wathi kuYoshuwa owayeza kungena ezihlangwini zakhe: “UYehova uhamba phambi kwakho. Uya kuba nawe yena. Akayi kukulahla okanye akushiye ngokupheleleyo. Uze ungoyiki okanye unkwantye.”—Dut. 31:8.

11. Kwakutheni ukuze uMoses asixabise isabelo sakhe?

11 Exhaswa nguYehova, uMoses wayesixabisa isabelo sakhe, esijonga ‘njengobutyebi obukhulu ngakumbi kunobuncwane baseYiputa.’ Kakade ke, kwakuyintoni ukukhonza uFaro xa kuthelekiswa nokukhonza uThixo onguSomandla? Ukuba yinkosana yaseYiputa kwakuyintoni xa kuthelekiswa nokuba ‘nguKristu,’ okanye othanjisiweyo kaYehova? UMoses wavuzwa ngenxa yokuba enoxabiso. Waba nobuhlobo obusondeleyo noYehova, owamnceda waba ‘nesandla esomeleleyo’ njengoko wayekhokelela amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso.—Dut. 34:10-12.

12. Ngawaphi amalungelo esiwanikwe nguYehova?

12 Nathi kukho isabelo esisinikiweyo. Esebenzisa uNyana wakhe, uYehova uye wasinika umsebenzi wokushumayela, njengokuba wenjenjalo kumpostile uPawulos kunye nabanye. (Funda eyoku-1 kuTimoti  1:12-14.) Sonke sinelungelo lokushumayela iindaba ezilungileyo. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Abanye bakwinkonzo yexesha elizeleyo. Abazalwana ababhaptiziweyo nabafanelekayo bazizicaka zolungiselelo nabadala emabandleni. Noko ke, izalamane zakho nabanye abangengomaKristu basenokungawaboneli ntweni la malungelo, mhlawumbi bade bakugculele ngenxa yokuzincama kwakho. (Mat. 10:34-37) Ukuba uyatyhafa xa bekugculela, usenokude ucinge ukuba udlale ngexesha lakho uze ungaziboni uwafanelekela la malungelo. Ukuba kwenzeke loo nto kuwe, ukholo lunokukunceda njani unyamezele?

13. UYehova usinceda njani sikwazi ukwenza izabelo asinika zona?

13 Bongoza uYehova akuxhase uze ube nokholo lokuba uza kukunceda. Mxelele izinto ezikuxhalabisayo. Kaloku nguye okuthumileyo, ibe uza kukunceda uphumelele. Njani? Kanye ngalaa ndlela wamnceda ngayo uMoses. Okokuqala, uYehova ukuqinisekisa ngala mazwi: “Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” (Isa. 41:10) Okwesibini, ukunceda ukhumbule ukuba izithembiso zakhe zinokuthenjwa: “Ndikuthethile oko; yaye ndiya kukuzisa. Ndikuyilile, yaye ndiya kukwenza.” (Isa. 46:11) Okwesithathu, uYehova ukunika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze ukwazi ukwenza umsebenzi wokushumayela. (2 Kor. 4:7) Okwesine, ukuze akuncede ukwazi ukunyamezela, uBawo wethu ukunika abazalwana abasehlabathini lonke ‘abanokukuthuthuzela baze bakwakhe.’ (1 Tes. 5:11) Njengokuba uYehova ekunceda wenze izabelo zakho, ukholo lwakho luza kukhula yaye uza kuyiqonda into yokuba amalungelo owafumanayo abubutyebi obungaphezu kwayo nantoni na onokuyifumana kweli hlabathi.

“WAYEKHANGELE NGENYAMEKO EMVUZWENI”

14. Yintoni eyanceda uMoses waqiniseka ukuba uza kuvuzwa?

14 UMoses “wayekhangele ngenyameko emvuzweni.” (Heb. 11:26) Nakuba kwakukho iinkcukacha awayengazazi ngekamva lakhe, uMoses wasebenzisa loo ntwana yolwazi awayenalo ukuze enze izigqibo. Njengokhokho wakhe uAbraham, uMoses wayeqinisekile ukuba uYehova unokubavusa abafileyo. (Luka 20:37, 38; Heb. 11:17-19) Indlela awayemthemba ngayo uThixo yamnceda akacinga ukuba iminyaka eyi-40 awayichitha eyimbacu neminye eyi-40 ayichithe  entlango ibe yinkcitha-xesha. Nangona wayengayazi ncam indlela uThixo aza kuzizalisekisa ngayo izithembiso zakhe, ukholo lwamnceda waqiniseka ukuba uza kuvuzwa.

15, 16. (a) Kuza kusinceda njani ukuzenzela umfanekiso-ngqondweni womvuzo wethu? (b) Ziintoni okhangele phambili kuzo xa kulawula uBukumkani bukaThixo?

15 Ngaba ‘ukhangele ngenyameko emvuzweni’ wakho? NjengoMoses, asinazo zonke iinkcukacha zendlela uThixo aza kuzizalisekisa ngayo izithembiso zakhe. Ngokomzekelo, asazi ‘ukuba linini ixesha elimisiweyo’ lembandezelo enkulu. (Marko 13:32, 33) Sekunjalo, luninzi gqitha ulwazi esinalo ngeParadesi xa luthelekiswa nolukaMoses. Nakuba singenazo zonke iinkcukacha, izithembiso esinazo ngobomi phantsi koBukumkani bukaThixo zisenza ‘sikhangele ngenyameko’ kubo. Ukuzenzela umfanekiso-ngqondweni wehlabathi elitsha kuza kusinceda sibufune kuqala uBukumkani. Njani? Khawucinge ngalo mzekelo: Ngaba ubuya kuyithenga indlu ongazi nto ingako ngayo? Tu kaloku! Ngendlela efanayo, asinakudlala ngobomi bethu ngenxa yethemba elingacacanga. Ukholo lumele lusenze sibe nomfanekiso-ngqondweni wendlela obuza kuba yiyo ubomi phantsi koBukumkani.

Kuza kuba mnandi nyhani ukuncokola nabantu abanokholo abanjengoMoses! (Funda isiqendu 16)

16 Ukuze buthi thaa engqondweni yakho uBukumkani bukaThixo, ‘khangela ngenyameko’ kubomi bakho eParadesi. Ngokomzekelo, xa ufunda eBhayibhileni ngobomi babantu ababephila ngaphambi kukaYesu, cinga ngemibuzo oza kubabuza yona emva kokuvuswa kwabo. Cinga nangemibuzo abaza kukubuza yona ngobomi bakho kwimihla yokugqibela. Cinga nje ngendlela oza kuvuya ngayo xa ubona ookhokho bakho abafa kudala uze ubafundise ngoThixo nangezinto abenzele zona. Yiba nombono wendlela ekuza kuba mnandi ngayo ukufunda ngezilwanyana zasendle xa uzibukele zihleli ngoxolo. Cinga ngendlela oza kusondela ngayo kuYehova njengoko usiya ufezeka.

17. Kunokusinceda njani namhlanje ukuzenzela umfanekiso-ngqondweni womvuzo wethu?

17 Ukuzenzela umfanekiso-ngqondweni womvuzo wethu kusinceda singatyhafi, kodwa sonwabe size senze izigqibo ezibonisa ukuba sijonge kubomi obungunaphakade. UPawulos wathi kumaKristu athanjisiweyo: “Ukuba sinethemba loko singakuboniyo, sihlala sikulinde ngonyamezelo.” (Rom. 8:25) Loo mgaqo usebenza kuwo onke amaKristu anethemba lokuphila ngonaphakade. Nangona singekawufumani umvuzo wethu, ukholo lwethu lomelele kangangokuba siwulinde ngomonde ‘umvuzo.’ NjengoMoses, iminyaka esiyichithe sisebenzela uYehova asiyijongi njengenkcitha-xesha. Kunoko, sinesiqinisekiso sokuba “izinto ezibonwayo zezokwexeshana, kodwa izinto ezingabonwayo zingunaphakade.”—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:16-18.

18, 19. (a) Kutheni simele silwe nzima ukuze sihlale sinokholo? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?

18 Ukholo lusinceda sibone “ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Heb. 11:1) Umntu wokwenyama akayiboni indlela ekuxabiseke ngayo ukukhonza uYehova. Umntu onjalo ulijonga eli lungelo ‘njengobudenge.’ (1 Kor. 2:14) Noko ke, thina sinethemba lokuphila ngonaphakade size sibone abantu bevuswa, izinto ezingabonwayo ngabantu ehlabathini. Kanye njengezithandi zobulumko zemihla kaPawulos ezazisithi ‘lipholopholo,’ abantu abaninzi bacinga ukuba ithemba esishumayela ngalo yintsom’ emini.—IZe. 17:18.

19 Ekubeni siphila phakathi kwabantu abangenalukholo, simele silwe nzima ukuze sihlale sinokholo. Bongoza uYehova “ukuze ungatyhafi elukholweni.” (Luka 22:32) Hlala ucinga ngemiphumo emibi yesono, indlela ekuxabiseke ngayo ukukhonza uYehova, nethemba onalo lokuphila ngonaphakade. Noko ke, ukholo lukaMoses lwalungaphelelanga ekumncedeni abone ezo zinto. Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlolisisa indlela olwamnceda ngayo ukholo lwakhe wabona “Lowo ungabonakaliyo.”—Heb. 11:27.

^ isiqe. 10 Xa ethetha ngamazwi kaThixo akwiEksodus 3:14, omnye umphengululi weBhayibhile wathi: “Akukho nto inokumthintela ekwenzeni ukuthanda kwakhe . . . Eli gama [uYehova] laliza kuba yinqaba yamaSirayeli, alisebenzise ukuze ahlale ethembeni aze athuthuzeleke.”