Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Mandulo, kwakufuzisela ntoni ukukrazula kukabani izambatho zakhe?

IZIBHALO zithetha ngeziganeko eziliqela apho abantu bakrazula izambatho zabo. Abany’ abantu namhlanje basenokungasiqondi esi senzo, kodwa yayiyindlela amaYuda awayebonakalisa ngayo ukuphazamiseka, ukuba sentlungwini, ukuhlazeka, umsindo okanye ukuzila.

Ngokomzekelo, xa wafumanisa ukuba icebo lokusindisa uYosefu umninawa wakhe lipatyalakile, uRubhen “wazikrazula izambatho zakhe.” Uyise uYakobi “wazikrazula iingubo zakhe” ecinga ukuba uYosefu uqwengwe sisilwanyana sasendle. (Gen. 37:18-35) Akuva ukuba bonke abantwana bakhe babulewe, uYobhi “wasikrazula isambatho sakhe.” (Yobhi 1:18-20) Omnye umthunywa waya kuMbingeleli omkhulu uEli ‘izambatho zakhe zikrazukile’ eye kumazisa ukuba amaSirayeli oyisiwe edabini, oonyana bakhe ababini babulewe, nokuba ityeya yomnqophiso ithinjiwe. (1 Sam. 4:12-17) Xa uYosiya weva amazwi oMthetho waza waziqonda iimpazamo zabantu bakhe, “wazikrazula izambatho zakhe.”—2 Kum. 22:8-13.

Ngoxa kwakuxoxwa ityala likaYesu, uMbingeleli Omkhulu uKayafa “wakrazula izambatho zakhe zangaphezulu” akuva oko wayesithi kukunyelisa ephazama. (Mat. 26:59-66) Ngokwesiko loorabhi nabani na ove igama likaThixo linyeliswa wayenyanzelekile ukuba akrazule izambatho zakhe. Enye ingcamango yoorabhi eyavela emva kokutshatyalaliswa kwetempile yaseYerusalem yayisithi “nabani na ova igama likaThixo linyeliswa kule mihla akunyanzelekanga ukuba akrazule izambatho zakhe, kungenjalo uya kuphelelwa zizambatho.”

Kakade ke, ukukrazula komntu isambatho sakhe kwakungathethi nto kuThixo, ngaphandle kokuba loo mntu ubuhlungu nyhani. Yiloo nto uYehova waxelela abantu bakhe ukuba ‘bakrazule iintliziyo zabo, kungekhona izambatho zabo, baze babuyele kuye.’—Yow. 2:13.