IMBONISELO—EFUNDWAYO Meyi 2014

Le Mboniselo isixelela ngeendlela ezintathu esinokuyiphendula ngazo imibuzo enzima entsimini. Kutheni kubalulekile ukuba sihlale sinyanisekile kwintlangano kaThixo?

‘Okwam Ukutya Kukuba Ndenze Ukuthanda KukaThixo’

UKumkani uDavide, umpostile uPawulos, noYesu Kristu babefuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Singahlala njani sinenzondelelo entsimini xa sishumayela kwiindawo ezinabantu abangenamdla?

Singenza Njani Ukuze Sikwazi “Ukuphendula Bonke Ngabanye”?

Sinokuqiqa njani ngeZibhalo xa sibuzwa imibuzo enzima? Khawuve iindlela ezintathu esinokuzisebenzisa ukuze sikwazi ukuphendula.

Sebenzisa UMthetho Omkhulu Kubulungiseleli Bakho

Simele sibaphathe njani abantu esidibana nabo entsimini? Amazwi kaYesu akuMateyu 7:12 a?

IBALI LOBOMI

UYehova Uye Wandinceda Ngokwenene

UKenneth Little uchaza indlela aye wancedwa ngayo nguYehova uThixo wayeka ukuba neentloni waza wazithemba. Funda ngendlela uThixo ebesoloko eyisikelela ngayo imigudu yakhe.

UYehova NguThixo Wolungelelwano

Ingxelo eseBhayibhileni ethetha ngoSirayeli wamandulo namaKristu enkulungwane yokuqala ibonisa njani ukuba abakhonzi bakaYehova abasemhlabeni bamele balungelelaniswe nakule mihla yethu?

Ngaba Uhambisana Nentlangano KaYehova?

Kungekudala iArmagedon iza kuphelisa inkqubo yezinto engendawo kaSathana. Kutheni kubalulekile ukuba sihlale sinyanisekile kwinxalenye esemhlabeni yentlangano kaThixo?

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

‘Usemninzi Umsebenzi Wokuvuna’

AmaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-760 000 ashumayela iindaba ezilungileyo eBrazil. ABafundi beBhayibhile bawuqalisa njani umsebenzi wokuvuna eMzantsi Merika?