Singenza Njani Ukuze Sikwazi “Ukuphendula Bonke Ngabanye”?
“Amazwi enu makasoloko ekholekile, . . . ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”
1, 2. (a) Chaza amava abonisa ukubaluleka kokubuza imibuzo echuliweyo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Kutheni kungeyomfuneko ukuba soyike ukuncokola ngemiba enzima?
KWIMINYAKA ethile edluleyo, omnye udade wayencokola ngeBhayibhile nendoda yakhe engeloNgqina. Ngaphambili, le ndoda yayililungu eliphambili kwenye icawa. Kuloo ncoko yabo, yathi ikholelwa ukuba uThixo uneziqu ezithathu. Eqonda ukuba indoda yakhe isenokuba ayiyiqondi kakuhle eyona nto ithethwa yile mfundiso, ngobuchule wayibuza, “Ukholelwa into yokuba uThixo unguThixo, uYesu unguThixo nomoya oyingcwele unguThixo; ukanti, bonke abangoThixo bathathu kodwa banguThixo omnye?” Imangalisiwe le ndoda yathi, “Hayi, andikholelwa loo nto mna!” Yaba iqalile ke ngolo hlobo incoko yabo ngoThixo.
2 La mava akubonisa kakuhle ukubaluleka kokubuza imibuzo echuliweyo nekhethwe kakuhle. Aphinde abonise nenye inkalo ebalulekileyo: Akuyomfuneko ukuba soyike ukuncokola ngemiba enzima njengoThixo Oziqu Zithathu, isihogo, okanye ukubakho koMdali. Ukuba sithembele kuYehova nakuqeqesho asinika lona, singahlala sikwazi ukuphendula ngendlela echukumisa iintliziyo zabo sithetha nabo. (Kol. 4:6) Ngoku makhe sihlolisise izinto ezidla ngokwenziwa ngabazalwana abanamava xa bethetha ngale mibandela. Siza kuhlolisisa indlela (1) yokubuza imibuzo eza kwenza umntu akhuphe imbilini, (2) yokumnceda acingisise ngoko kutshiwo yiBhayibhile, (3) neyokwenza imizekeliso eza kuphuhlisa eyona ngongoma.
BUZA IMIBUZO EZA KWENZA UMNTU AKHUPHE IMBILINI
3, 4. Kutheni kubalulekile ukubuza imibuzo ukuze sazi eyona nto ayikholelwayo umntu? Zekelisa.
3 Imibuzo inokusinceda siyiqonde kakuhle eyona nto ayikholelwayo umntu. Kutheni kubalulekile nje oko? IMizekeliso 18:13 ithi: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.” Enyanisweni, ngaphambi kokuvusa umbandela othile weBhayibhile, simele siqale sazi eyona nto ayikholelwayo umntu. Kungenjalo, sisenokuchitha ixesha elininzi siphikisana nomntu ngento angazange aqale kwaukuyikholelwa!
4 Masithi sincokola nomntu othile ngesihogo. Asinguye wonk’ umntu okholelwa ukuba isihogo yindawo yokoqobo evutha umlilo. Abaninzi bakholelwa ukuba isihogo sithetha nje ukwahlukaniswa komntu noThixo. Ngoko ke, sisenokuthi: “Ekubeni abantu bekholelwa izinto ezahlukahlukeneyo ngokuphathelele isihogo, ndicela ukwazi eyona nto uyikholelwayo wena.” Ukuva impendulo yakhe, kuya kusinceda sikwazi bhetele ukumnceda aqonde oko kuthethwa yiBhayibhile.
5. Imibuzo inokusinceda njani sazi isizathu sokuba umntu akholelwe kwinto ethile?
5 Imibuzo echuliweyo inokusinceda sazi isizathu sokuba umntu akholelwe kwinto ethile. Ngokomzekelo, kuthekani ukuba sidibana nomntu othi akakholelwa kuThixo? Kusenokuba lula ukugqiba ekubeni utyhefwe ziimbono ezixhaphakileyo, njengemfundiso yokuba akakho umdali. (INdu. 10:4) Noko ke, abanye abantu baye baphelelwa lukholo kuThixo ngenxa yothotho lwezinto ezibuhlungu abaye bazibona okanye zabehlela. Kusenokuba nzima kubo ukwamkela into yokubakho koMdali onothando ngoxa benyamezele ezo ntlungu. Ngoko ke, xa umninimzi ebuthandabuza ubukho bukaThixo, sinokumbuza, “Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngolo hlobo?” Ukuba uthi akunjalo, sinokumbuza ngeyona nto yabangela ukuba angakholelwa kuThixo. Impendulo yakhe inokusinceda siqonde eyona ndlela sinokumnceda ngayo akholelwe kuThixo.
6. Yintoni esimele siyenze xa umntu ephendula?
6 Xa umntu ephendula, simele simphulaphule yaye siyamkele indlela avakalelwa ngayo. Ngokomzekelo, unokusichazela ngentlekele ethile eyabangela ukuba athandabuze ukuba ukho uMdali onothando. Ngaphambi kokumbonisa ubungqina bokuba ukho uThixo, simele simbonise ukuba siyavelana naye yaye simazise ukuba akukho nto iphosakeleyo ngokuzibuza isizathu sokuba sibandezeleke. (Hab. 1:2, 3) Ukuba nomonde kwethu nokumbonisa ukuba siyamthanda kunokumenza afune ukwazi ngakumbi. *
MNCEDE ACINGISISE NGOKO KUTSHIWO ZIZIBHALO
7. Yiyiphi eyona nto ixhomekeka kuyo impumelelo yethu entsimini?
7 Ngoku makhe sijonge indlela esinokuqiqa ngayo ngoko kutshiwo ziZibhalo. Kakade ke, eyona nto siyisebenzisayo entsimini yiBhayibhile. Isinceda ‘siwufanelekele yaye siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 3:16, 17) Ubukhulu becala impumelelo yethu entsimini ayixhomekeki kubuninzi beevesi esizifundayo, kodwa kwindlela esiqiqa ngayo nesizicacisa ngayo ezo siye sazifunda. (Funda iZenzo 17:2, 3.) Ngokomzekelo, cinga ngezi meko zintathu zilandelayo.
8, 9. (a) Yiyiphi indlela esinokuqiqa ngayo nomntu okholelwa ukuba uYesu uyalingana noThixo? (b) Ziziphi ezinye iindlela esinokuqiqa ngazo kulo mba oye wazifumanisa ziphumelela?
8 Imeko 1: Entsimini sidibana nomntu okholelwa ukuba uYesu uyalingana noThixo. Ziziphi izibhalo esinokumnceda ngazo? Sisenokumcela ukuba afunde uYohane 6:38, apho uYesu athi: “Ezulwini ndihlele ukuza kwenza, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo wandithumayo.” Emva kokuhlolisisa le vesi, sisenokumbuza: “Ukuba uYesu unguThixo, ngubani owamthumayo? Ngaba loo mntu akakho mkhulu kunoYesu? Kaloku, umthumi uba mkhulu kunomthunywa.”
9 Ngendlela efanayo, sinokufunda kwabaseFilipi 2:9, apho umpostile uPawulos achaza into awayenzayo uThixo emva kokufa kukaYesu waza wamvusa. Le vesi ithi: “UThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo [uYesu] waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.” Ukuze sincede umntu aqiqe ngesi sibhalo, sinokumbuza oku: “Ukuba uYesu wayelingana noThixo ngaphambi kokuba afe waza ke uThixo wamphakamisela kwisikhundla esingentla kuneso wayekuso, ngaba oko akuthethi kuthi ungaphezu koThixo ngoku? Ingenzeka njani into yokuba kubekho umntu omkhulu kunoThixo?” Ukuba umntu uyalihlonela iLizwi likaThixo yaye unyanisekile, ukuqiqa naye ngolo hlobo kunokumnceda awuhlolisise ngakumbi lo mbandela.
10. (a) Sinokuqiqa njani nomntu okholelwa kubukho besihogo? (b) Ziziphi iindlela zokuqiqa oye wazifumanisa ziluncedo xa uncokola nomntu ngesihogo?
10 Imeko 2: Kumninimzi ayingeni tu eyokuba abantu abangendawo abayi kutshiswa ngonaphakade esihogweni. Kusenokwenzeka ukuba ukholelwa kwisihogo kuba efuna ukubona abangendawo bephenduliswa ngezenzo zabo. Singaqiqa njani nomntu ovakalelwa ngolo hlobo? Okokuqala, simele simqinisekise ukuba abangendawo baza kohlwaywa. (2 Tes. 1:9) Emva koko sinokumcela ukuba afunde iGenesis 2:16, 17, ebonisa ukuba isohlwayo sesono kukufa. Sinokumcacisela ukuba ngokona kwakhe, uAdam wabangela ukuba bonke abantu bazalwe benesono. (Roma 5:12) Sinokumbonisa ukuba uThixo akazange athethe nto ngokohlwaywa esihogweni. Emva koko sinokubuza oku, “Ukuba uAdam noEva babesesichengeni sokungcungcuthekiswa ngomlilo ngonaphakade, ngaba wayengamele abalumkise ngoko?” Sinokwandula ke sifunde iGenesis 3:19, apho uThixo wawisa khona isigwebo emva kokuba bonile kodwa akathetha kwanto ngesihogo. Eyona nto wayixelelwayo uAdam kukuba wayeza kubuyela eluthulini. Sinokubuza oku, “Ngaba yayiya kuba ntle into yokuba uThixo axelele uAdam ukuba uza kubuyela eluthulini ngoxa eneneni esazi ukuba uza kumthuthumbisa esihogweni?” Ukuba loo mntu unengqondo ephangaleleyo, loo mibuzo inokumnceda acingisise nzulu ngalo mba.
11. (a) Yiyiphi enye indlela esinokuqiqa ngayo nomntu okholelwa ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini? (b) Yiyiphi indlela odla ngokuqiqa ngayo ngenkolelo yokuya ezulwini?
11 Imeko 3: Entsimini, sidibana nomntu okholelwa ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini. Le nkolelo inokuyichaphazela indlela umntu ayiqonda ngayo iBhayibhile. Ngokomzekelo, masithi besincokola naye ngeSityhilelo 21:4. (Yifunde.) Umntu usenokucinga ukuba iintsikelelo ekuthethwa ngazo kule vesi zifunyanwa ngabantu abaphila ezulwini. Singaqiqa njani naye? Kunokuba simfundele ezinye iivesi ukuze simncede, sinokunikela ingqalelo kwiinkcukacha ezikwesi sibhalo. Sithi, “kungabi sabakho kufa.” Sinokumbuza enoba uyavuma na ukuba ukuze into ikwazi ukungabi sabakho, imele iqale ibekho. Umele ukuba uya kuyivuma loo nyaniso. Sinokwandula ke simbonise ukuba ukufa zange kwabakho ezulwini; abantu bafa apha emhlabeni kuphela. Kusengqiqweni ke ukugqiba ekubeni iSityhilelo 21:4 sibhekisela kwiintsikelelo eziza kuba lapha emhlabeni.
YENZA IMIZEKELISO EZA KUPHUHLISA EYONA NGONGOMA
12. Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise imizekeliso?
12 Ukongezelela kwimibuzo, uYesu wayesebenzisa imizekeliso xa eshumayela. (Funda uMateyu 13:34, 35.) Imizekeliso kaYesu yayimnceda ukuze atyhile eyona nto isezintliziyweni zabantu awayethetha nabo. (Mat. 13:10-15) Yayiphinda izenze zibangele umdla iimfundiso zakhe kuze kube lula nokuzikhumbula. Thina sinokuyisebenzisa njani imizekeliso xa sifundisa abanye?
13. Nguwuphi umzekelo esinokuwenza ukuchaza ukuba uThixo mkhulu kunoYesu?
13 Eyona nto iluncedo kukusebenzisa imizekeliso elula. Ngokomzekelo, xa sicacisa ukuba uThixo mkhulu kunoYesu, sinokwenza oku. Sinokuchaza ukuba uThixo noYesu bafanisa ulwalamano lwabo nolwentsapho. UThixo wabhekisela kuYesu ngokuthi nguNyana wakhe, ngoxa yena uYesu wachaza uThixo ngokuba nguYise. (Luka 3:21, 22; Yoh. 14:28) Emva koko, sinokumbuza oku umninimzi: “Ukuba ubufuna ukundifundisa ukuba abantu ababini bayalingana, entsatsheni ngabaphi abantu ubuya kuzekelisa ngabo?” Umntu usenokuthi ngamawele. Xa esitsho sinokumncoma ngomzekelo ofaneleke ngolu hlobo. Nantsi into esinokuyibuza: “Ukuba mna nawe siyakwazi ukucinga ngomzekeliso ofaneleke ngolu hlobo, ngaba uYesu
14. Nguwuphi umzekeliso obonisa ukuba bekungayi kuba sengqiqweni ukuba uThixo asebenzise uMtyholi ukungcungcuthekisa abantu esihogweni?
14 Nanku omnye umzekelo. Abanye bakholelwa ukuba uSathana nguye “olawula” isihogo. Umzekeliso unokunceda umzali abone indlela ebekungayi kuba sengqiqweni ngayo ukuba uThixo asebenzise uMtyholi ukungcungcuthekisa abantu kweso sihogo. Sisenokuthi: “Masithi umntwana wakho akeva yaye wenza izinto ezimbi gqitha. Ubuya kumthini?” Umzali usenokuthi ebeya kuzama ukumnceda. Usenokuwa evuka ezama ukumnceda abuyise olo nyawo lugwenxa. (IMize. 22:15) Xa kunjalo, sinokumbuza into ebeya kuyenza xa iwe phantsi yonke loo migudu yokunceda loo mntwana. Abaninzi bebeya kuthi into emfaneleyo sisohlwayo. Sinokubuza oku, “Ubuya kuthini xa usiva ukuba ngumntu othile ongendawo oye wabangela ukuba loo mntwana wakho abe nemvukelo?” Umzali ebeya kucatshukiswa nakanjani na yinto eyenziwe nguloo mntu. Ukuphuhlisa eyona ngongoma yalo mzekeliso, sinokumbuza oku umzali, “Xa usazi ukuba ngumntu othile ongendawo oye walukuhla umntwana wakho, ngaba ubuya kuyenza into yokucela kwaloo mntu ukuba akohlwayele umntwana?” Ebengayi kuyenza nakanjani loo nto. Ngoko, kuyacaca ukuba noThixo ebengenakuze asebenzise uSathana ukohlwaya abantu abalahlekiswe kwangulo Mtyholi-ndini!
HLALA ULUNGELELENE
15, 16. (a) Kutheni singamele silindele ukuba wonk’ umntu esishumayela kuye uya kusamkela isigidimi soBukumkani? (b) Ngaba simele sibe nobuchule obukhethekileyo ukuze sikwazi ukunceda abantu entsimini? Cacisa. (Funda nebhokisi ethi “ Isixhobo Esisinceda Sikwazi Ukuphendula.”)
15 Siyaqonda ukuba asinguye wonk’ umntu esishumayela kuye oya kusamkela isigidimi soBukumkani. (Mat. 10:11-14) Oko kuya kuhlala kunjalo kwanokuba sibuza imibuzo efanelekileyo, siqiqa ngendlela esemagqabini yaye sisebenzisa imizekeliso ephambili. Eneneni ke, bambalwa gqitha nabo bazamkelayo iimfundiso zikaYesu
16 Kwelinye icala, kwanokuba sivakalelwa kukuba asinabo ubuchule obukhethekileyo bokushumayela, singakwazi ukubanceda abantu entsimini. (Funda iZenzo 4:13.) ILizwi likaThixo lisenza sikholelwe ukuba ‘bonke abo banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ baya kuzamkela iindaba ezilungileyo. (IZe. 13:48) Ngoko ke, masizame ukuhlala silungelelene kwindlela esizijonga ngayo thina kwanabo sizama ukubachazela ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngamana singalusebenzisa kakuhle uqeqesho esilunikwa nguYehova, sibe nentembelo yokuba luya kunceda thina kwanabo basiphulaphulayo. (1 Tim. 4:16) UYehova unokusinceda sikwazi “ukuphendula bonke ngabanye.” Njengokuba siza kubona, enye indlela yokuphumelela kubulungiseleli bethu kukwenza ngokuvisisana noko abantu badla ngokubhekisela kuko ngokuthi nguMthetho Omkhulu.
^ isiqe. 6 Funda inqaku elithi “Ngaba Singakwazi Ukuba Nokholo KuMdali?” kwiMboniselo kaOktobha 1, 2009.