Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Okwam Ukutya Kukuba Ndenze Ukuthanda KukaThixo’

‘Okwam Ukutya Kukuba Ndenze Ukuthanda KukaThixo’

Yintoni ekwenza wonwabe? Ngaba kukuba nolwalamano nomntu othile, njengeqabane lomtshato, ukukhulisa intsapho okanye ukugcina ubuhlobo? Umele ukuba uyonwaba xa uhleli nabantu obathandayo nisitya. Noko ke, ekubeni ungumkhonzi kaYehova, ngaba akonwabi ngakumbi xa usenza ukuthanda kwakhe, ufunda iLizwi lakhe uze ushumayele iindaba ezilungileyo?

Xa wayedumisa uMdali, uKumkani uDavide wakwaSirayeli wathi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile, nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.” (INdu. 40:8) Phezu kwazo nje iinzingo awatyhubela kuzo, uDavide wayevuyiswa ngokwenene kukwenza ukuthanda kukaThixo. Kakade ke, asingoDavide kuphela umkhonzi kaYehova owayesonwatyiswa kukukhonza uThixo oyinyaniso.

Enxulumanisa la mazwi eNdumiso 40:8 noMesiya, okanye uKristu, umpostile uPawulos wathi: “Xa engena ehlabathini [uYesu] uthi: ‘“Akufunanga mbingelelo namnikelo, kodwa undilungiselele umzimba. Akukholiswanga yiminikelo etshiswa kuphele nangumnikelo wesono.” Ndandula ke ndathi, “Khangela! Ndiyeza (emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam) ukuza kwenza intando yakho, Thixo.”’”Heb. 10:5-7.

Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wayesonwatyiswa kukubukela indalo, kukuhlala nabahlobo nokutya kunye nabanye. (Mat. 6:26-29; Yoh. 2:1, 2; 12:1, 2) Noko ke, eyona nto wayenomdla kuyo neyayimonwabisa yayikukwenza ukuthanda kukaYise wasezulwini. Enyanisweni, uYesu wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yoh. 4:34; 6:38) KwiNkosi yabo, abafundi bakaYesu bafunda imfihlelo yolonwabo lokwenene. Ngovuyo olukhulu, ngokuzithandela baxelela nabanye ngesigidimi soBukumkani.Luka 10:1, 8, 9, 17.

‘HAMBANI NIYE KUBENZA ABAFUNDI’

UYesu wayalela abalandeli bakhe wathi: “Hambani . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona. Yaye, khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:19, 20) Ukuze siphumeze olu thumo kufuneka siye ebantwini naphi na apho  bafumaneka khona, sibuyele kwabo baye banomdla size sibafundise iBhayibhile. Ukwenza lo msebenzi kusivuyisa gqitha.

Uthando lusinceda siqhubeke sishumayela nakuba sidibana nabantu abangenamdla

Enoba abantu banomdla kwisigidimi sethu okanye akunjalo, indlela esiwujonga ngayo lo msebenzi iya kusinceda sonwabe. Kutheni sizingisa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo nakuba sidibana nabantu abangenamdla okanye abangafuni nokuziva? Kungenxa yokuba siqonda ukuba ukushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi kubonisa indlela esimthanda ngayo uThixo nommelwane. Enyanisweni, ubomi bethu nobabamelwane busesichengeni. (Hez. 3:17-21; 1 Tim. 4:16) Makhe sijonge ezinye iinkalo eziye zanceda abazalwana bethu abaninzi bahlala benenzondelelo okanye zabavuselela ukuze bashumayele kwiimeko ezinzima.

SEBENZISA ONKE AMATHUBA

Ukusebenzisa imibuzo efanelekileyo kusoloko kusiba nemiphumo emihle entsimini. Ngenye intsasa, uAmalia wabona indoda ifunda iphepha epakini. Waya kuyo wayibuza ukuba akukho ndaba zimnandi izifumeneyo na. Xa yathi azikho, uAmalia wathi, “Ndikuphathele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.” Oku kwavusa umdla waloo ndoda, ibe yavuma ukufundiswa iBhayibhile. UAmalia wafumana izifundo ezithathu kuloo paki ngokusebenzisa le ndlela inye.

UJanice yena ushumayela kwindawo aphangela kuyo. Xa omnye unogada nomntu asebenza naye waba nomdla kwinqaku leMboniselo, uJanice wathembisa ukuba uza kumana ebaphathela le magazini. Wenza into efanayo nakomnye umntu asebenza naye, owayechukunyiswe yimibandela eyahlukahlukeneyo ethetha ngayo iMboniselo noVukani! Oku kwakhokelela ekubeni kuze omnye umsebenzi naye efuna ezi magazini. UJanice uthi: “Le yaba yintsikelelo evela kuYehova!” Ekugqibeleni wazibona sele enabantu abayi-11 asoloko ebaphathela ezi magazini.

HLALA UNETHEMBA

Omnye umveleli ohambahambayo wacebisa ukuba xa abavakalisi beshumayela kwindlu ngendlu abamele baqukumbele incoko yabo ngokusuka nje bathembise umninimzi ngokuphinda babuye. Into abanokuyenza kukumbuza oku: “Akungethandi ndikubonise indlela esisiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile?” okanye, “Luluphi usuku oza kufumaneka ngalo ukuze siphinde sincokole ngalo mba?” Lo mveleli wanikela ingxelo yokuba ukubuza le mibuzo kwanceda abazalwana bebandla awayetyelele kulo bakwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile eziyi-44 kwiveki nje enye.

Ukukhawuleza sibuyele kwabo banomdla kudla ngokuba luncedo. Ngoba? Kaloku oko kubonisa ukuba sinomdla wokwenene wokunceda abo bantliziyo zinyanisekileyo bayazi iBhayibhile. Xa lalibuzwa isizathu sokuba livume ukufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova, elinye ibhinqa lathi,  “Ndatsalwa kukundithanda kwawo nangumdla wokwenene awayenawo kum.”

Usenokumbuza oku umninimzi, “Akungethandi ndikubonise indlela esisiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile?”

Kwixesha nje elingephi emva kokubuya kwiSikolo Senkonzo Soovulindlela, uMadaí wayesele eqhuba izifundo zeBhayibhile eziyi-15 wabe sele edlulisele eziyi-5 ukuze zifundelwe ngabanye abavakalisi. Eziliqela kwezo zifundo zaqalisa ukubakho rhoqo kwiintlanganiso. Yintoni eyamncedayo wakwazi ukuqalisa izifundo ezingako? Esikolweni yabethelelwa imfuneko yokubuyela rhoqo de abafumane abo bebebonise umdla ekuqaleni. Elinye iNgqina eliye lanceda abaninzi bafunda inyaniso yeBhayibhile lithi: “Ndiye ndafumanisa ukuba ukusoloko ubuyela ebantwini kubalulekile ukuze ubancede bamazi uYehova.”

Ukubuyela ngokukhawuleza ebantwini kubonisa ukuba sinomdla kwabo bafuna ukwazi iBhayibhile

Kufuneka umgudu ukuze ubuyele ebantwini uze uqhube izifundo zeBhayibhile. Kodwa ke, ayikho into enokuthelekiswa nomvuzo wokwenjenjalo. Xa sizibhokoxa sishumayela ngoBukumkani, siya kukwazi ukunceda abanye ‘bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso,’ ibe oko kunokusindisa ubomi babo. (1 Tim. 2:3, 4) Thina ke oku kunokusizisela uvuyo nolonwabo olungathethekiyo.