Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sebenzisa UMthetho Omkhulu Kubulungiseleli Bakho

Sebenzisa UMthetho Omkhulu Kubulungiseleli Bakho

“Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”MAT. 7:12.

1. Ngaba yenza umahluko indlela esibaphatha ngayo abantu entsimini? Yenza umzekelo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

ESINYE isibini esingamaKristu eFiji sasikwiphulo lokumemela abantu kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Ngoxa sasithetha nelinye ibhinqa phambi komzi walo, kwaqalisa ukunetha. Sanika eli bhinqa enye iambrela saza sona sabambisana ngenye. Savuya gqitha xa sabona eli bhinqa lize eSikhumbuzweni. Lavuma ukuba alisayikhumbuli kakuhle eyona nto yayithethwe ngala maNgqina xa ayelityelele. Kodwa lachukunyiswa yindlela awaliphatha ngayo laqonda ukuba alinakungezi eSikhumbuzweni. Yintoni eyaba negalelo kwindlela elasabela ngayo eli bhinqa? Esi sibini sasebenzisa oko kwaziwa ngokuba nguMthetho Omkhulu.

2. Yintoni uMthetho Omkhulu, ibe sinokuwuqhelisela njani?

2 Yintoni uMthetho Omkhulu? Sisiluleko sikaYesu esithi: “Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mat. 7:12) Sinokukwenza njani oku? Ngokwenza izinto ezimbini. Okokuqala sifanele sizibuze, ‘Ukuba ibindim, bendiza kufuna ukuphathwa njani?’ Emva koko, sifanele senze konke okusemandleni ukumphatha ngaloo ndlela omnye umntu.1 Kor. 10:24.

3, 4. (a) Chaza isizathu sokuba uMthetho Omkhulu ungasebenzi kumaKristu odwa. (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

 3 Sidla ngokuwusebenzisa lo mthetho kwamanye amaKristu. Kodwa uYesu wayengathi ngamaKristu kuphela esimele siwaphathe ngale ndlela. Wawukhankanya lo mthetho xa wayethetha ngendlela esimele siphathe ngayo abantu ngokubanzi kuquka neentshaba zethu. (Funda uLuka 6:27, 28, 31, 35.) Ukuba neentshaba zethu simele siziphathe ngokwalo mthetho, kubekisele phi ngabantu esishumayela kubo—abaninzi kubo ekunokwenzeka ukuba ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’!IZe. 13:48.

4 Ngoku siza kukhe sithethe ngemibuzo emine ekufuneka ihlale isengqondweni xa sisentsimini: Ngoobani endithetha nabo? Ndithetha nabo phi? Liliphi elona xesha lifanelekileyo lokuthetha nabo? Ndimele ndithethe njani nabo? Njengoko siza kubona, le mibuzo inokusinceda siqonde indlela abantu abafuna ukuphathwa ngayo, size sazi eyona ndlela yokuthetha nomntu ngamnye.1 Kor. 9:19-23.

NGOOBANI ENDITHETHA NABO?

5. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?

5 Entsimini sidla ngokuthetha nabantu abaneemvelaphi neengxaki ezingafaniyo. (2 Kron. 6:29) Xa uthetha nomntu, zibuze oku: ‘Ukuba ibindim lo ushunyayezwayo, bendiza kufuna lo mntu andijonge njani? Ngaba bendiza kufuna andijonge njengomntu njee ofana nabanye abantu? Okanye bendiza kufuna aqale andazi?’ Ukuhlolisisa le mibuzo kunokusikhumbuza ukuba siphathe umntu ngamnye ngendlela emfaneleyo.

6, 7. Sifanele senze ntoni xa sidibana nomntu obonakala ekrwada entsimini?

6 Akakho umntu ofuna ukwaziwa njengomntu “ohlala egxeka.” Ngokomzekelo: NjengamaKristu, sizama kangangoko ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile esithi ‘amazwi ethu makasoloko ekholekile.’ (Kol. 4:6) Noko ke, ekubeni singafezekanga, maxa wambi siye sithethe izinto esiye sizisole ngazo. (Yak. 3:2) Ukuba besinokuthetha kakubi komnye umntu—mhlawumbi kuba usuku lungasihambeli kakuhle—besingenakufuna ukwaziwa njengabantu ‘abakrwada’ ‘nabangabacingeliyo abanye.’ Besiya kufuna loo mntu azi ukuba asibobuntu bethu obo. Ngaba asimele sibonise ulwazelelelo olufanayo kwabanye abantu?

7 Ukuba sidibana nomntu obonakala ekrwada entsimini, ngaba bekungayi kuba kuhle ukuzama ukuqonda isizathu soko? Mhlawumbi uxinezelekile emsebenzini okanye esikolweni. Kusenokwenzeka ukuba unesigulo esithile esimxhalabisayo. Amaxesha amaninzi, abantu ababenomsindo ekuqaleni baye basabela kakuhle xa abantu bakaYehova bebaphatha ngobubele nentlonelo.IMize. 15:1; 1 Pet. 3:15.

8. Kutheni simele sishumayele isigidimi soBukumkani “kubantu bazo zonke iintlobo”?

8 Sishumayela kubantu bazo zonke iintlobo. Ngokomzekelo, kwiminyaka embalwa edluleyo, kuye kwapapashwa amava angaphezu kwayi-60 kungcelele olukwiMboniselo oluthi, “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu.” Bambi kubantu ekubhalwe ngabo babengamasela, amanxila, imigulukudu namakhoboka eziyobisi. Abanye babekwezopolitiko, beziinkokeli zonqulo okanye bezixakekise ngemisebenzi yabo kuphela. Abanye babeziphethe kakubi. Nakuba kunjalo beva iindaba ezilungileyo,  bamkela isifundo seBhayibhile, benza utshintsho ebomini babo baza baba ngamaKristu. Ngoko ke, asimele sigqibe kwelokuba abantu abathile abanakuze basamkele isigidimi soBukumkani. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11.) Into esiyaziyo kukuba ‘abantu bazo zonke iintlobo’ banokusabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo.1 Kor. 9:22.

NDITHETHA NABO PHI ABANTU?

9. Kutheni simele siwahlonele amakhaya abantu?

9 Sibafumana phi abantu esishumayela kubo? Amaxesha amaninzi sibafumana emizini yabo. (Mat. 10:11-13) Amakhaya ethu abalulekile kuthi, ngoko sithanda ukuba nabanye babonise intlonelo ngawo nezinto zethu zobuqu. Sifuna ukuziva sikhuselekile ngaphandle kokuphazanyiswa xa sikuwo. Nathi kufuneka sibabonise intlonelo efanayo abamelwane bethu. Xa sikwindlu-ngendlu simele sicinge ngendlela esiwaphatha ngayo amakhaya abantu.IZe. 5:42.

10. Sinokukuphepha njani ukukhubekisa abantu entsimini?

10 Kweli hlabathi ligquba ulwaphulo-mthetho, abaninimzi badla ngokungabathembi abantu abangabaziyo. (2 Tim. 3:1-5) Simele siphephe ukwenza nantoni na eza kubenza bangasithembi. Ngokomzekelo, masithi sifika emzini size sinkqonkqoze emnyango. Ukuba akukho mntu usabelayo sisenokufuna ukukroba efestileni okanye sijikeleze indlu sikhangela umninimzi. Kwindawo ohlala kuyo, ngaba akuyi kumphazamisa oku umninimzi? Baza kucinga ntoni abamelwane bakhe? Yinyaniso ukuba sifuna ukuwenza ngokucokisekileyo lo msebenzi. (IZe. 10:42) Sifuna ukunceda abantu bazi inyaniso ngoThixo. (Roma 1:14, 15) Noko ke, siyakuphepha ukwenza nantoni na enokukhubekisa abantu kwintsimi yethu. Umpostile uPawulos wathi: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu.” (2 Kor. 6:3) Abantu entsimini banokuba nomdla enyanisweni xa sibonisa intlonelo ngemizi namakhaya abo.Funda eyoku-1 kaPetros 2:12.

Masisoloko sibonisa intlonelo ngomzi womninimzi (Funda isiqendu 10)

NDITHETHA NINI NABANTU?

11. Kutheni sivuya xa abanye bengasimoshel’ ixesha?

11 NjengamaKristu, abaninzi kuthi baxakekile. Ukuze sikwazi ukwenza yonke into kufuneka sicwangcise kwangaphambili size silabe kakuhle ixesha lethu. (Efe. 5:16; Fil. 1:10) Sisenokukruquka xa kukho into ephazamisa ucwangciso lwethu. Ngenxa yaloo nto, siyavuya xa abanye bengasimoshel’ ixesha, beqonda nokuba sisenokungakwazi ukuchitha ixesha kunye nabo. Sicinga ngoMthetho Omkhulu, sinokubonisa njani ukuba siyabahlonela abo sishumayela kubo?

12. Sinokulazi njani elona xesha lifanelekileyo lokuthetha nabantu entsimini?

12 Kufuneka sizame ukwazi elona xesha lifanelekileyo lokuthetha nabaninimzi. Babakho nini emizini yabo abantu kwintsimi yethu? Banokuba nalo nini ixesha lokusiphulaphula? Senza kakuhle nathi xa sihlengahlengisa ucwangciso lwethu luhambisane neemeko zabo. Kwezinye iindawo, kuba bubulumko ukuya kwindlu ngendlu emva kwemini okanye ngokuhlwa. Ukuba kunjalo nakwintsimi yakho, ngaba akunakuya kwindlu ngendlu ngelo xesha? (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:24.) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu yokushumayela ngexesha abafumaneka ngalo abantu.

13. Sinokuyibonisa njani intlonelo kumninimzi?

 13 Yintoni enye esinokuyenza ukubonisa intlonelo kumninimzi? Xa sifumene umntu onomdla, simele simshumayeze kakuhle kodwa singahlali kakhulu. Mhlawumbi kukho into afuna ukuyenza ebalulekileyo. Ukuba uthi uxakekile, sisenokuthi siza kubetha koomofu—ibe simele sisigcine eso sithembiso. (Mat. 5:37) Xa siqukumbela, sisenokumbuza ngexesha esinokuphinda sibuye ngalo. Abanye abavakalisi bakufumanise kuluncedo ukuthi: “Ndingakuvuyela ukuphinda ndize kukubona. Ndingakufowunela okanye ndikuthumelele isms xa ndiza kuza?” Xa sihlengahlengisa ucwangciso lwethu ukuze sikwazi ukufumana abantu emakhayeni abo sixelisa umzekelo kaPawulos, ‘owayengafuni ngenelo yakhe kodwa eyabona baninzi, ukuze basindiswe.’1 Kor. 10:33.

NDIMELE NDITHETHE NJANI NABANTU?

14-16. (a) Kutheni simele sichazele umninimzi ngoko sikuzeleyo? Zekelisa. (b) Yintoni awayifumanisa iluncedo omnye umveleli ohambahambayo?

14 Masithi ufowunelwa ngumntu ongamaziyo aze akubuze ngokutya okuthandayo. Uyazibuza ukuba ngubani lo ukufowunelayo, iyintoni kanye ayifunayo. Akufuni kuba krwada ngoko uthetha naye kangangexeshana uze uyiphelise loo ncoko. Kwelinye icala, masithi lo mntu uyazazisa ukuba ungubani nokuba umsebenzi wakhe kukunceda abantu batye ukutya okusempilweni. Ngokuqinisekileyo  ubuya kummamela. Kaloku, sithanda ukuthetha nabantu abangqalayo xa bethetha nathi. Sinokukwenza njani oku kubantu esidibana nabo entsimini?

15 Kwiindawo ezininzi, kufuneka siyenze icace kumninimzi into esiyizeleyo. Liyinyaniso elokuba, sinenkcazelo eluncedo angenayo umninimzi, kodwa khawube nombono wethu, singazazisanga sisuke nje sibuze umninimzi: “Ukuba ubukwazi ukusombulula nayiphi na ingxaki emhlabeni, ubunokuqala ngayiphi?” Siyazi ukuba siwubuza lo mbuzo kuba sifuna ukwazi oko akucingayo size ke sibhekise incoko eBhayibhileni. Noko ke, umninimzi usenokuzibuza ukuba: ‘Ngubani lo mntu, ibe kutheni endibuza lo mbuzo? Kuqhubeka ntoni?’ Ngoko kufuneka simthobe ixhala umninimzi. (Fil. 2:3, 4) Singakwenza njani oku?

16 Omnye umveleli ohambahambayo wenza oku kulandelayo: Emva kokubulisa umninimzi, umnika ikopi yephecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? aze athi: “Sinika wonke umntu kule ngingqi namhlanje. Liphendula imibuzo emithandathu edla ngokubuzwa ngabantu. Nali elakho.” Lo mzalwana uthi abantu bayakhululeka xa besazi ukuba sizele ntoni na. Oko kwenza kube lula nokuqalisa incoko. Lo mzalwana uphinda ambuze athi umninimzi: “Ngaba wakha wazibuza omnye wale mibuzo?” Ukuba umninimzi uthi ewe, lo mzalwana uvula eli phecana aze achaze oko iBhayibhile ikutshoyo ngalo mbuzo. Ukuba uthi hayi, lo mzalwana ukhetha umbuzo aze aqhubeke nencoko engakhange amfake ekoneni umninimzi. Kakade ke, zininzi iindlela zokuqalisa incoko. Kwezinye iindawo, kufuneka silandele amasiko alapho xa sibulisa abantu ngaphambi kokuba sibachazele ngoko sikuzeleyo. Kufuneka siqonde ukuba kubalulekile ukulungisa indlela esisibeka ngayo isigidimi sethu ukuze sifanele abantu bendawo esishumayela kuyo.

SEBENZISA UMTHETHO OMKHULU XA USHUMAYELA

17. Ziziphi iindlela esinokuwusebenzisa ngazo uMthetho Omkhulu?

17 Ziziphi ke iindlela esinokuwusebenzisa ngazo uMthetho Omkhulu entsimini? Xa siqhubana nomninimzi sifuna ukukhumbula ukuba abantu abafani. Sibonisa intlonelo ngekhaya nezinto zakhe. Senza konke esinako ukuze siye ebantwini ngexesha abafumaneka ngalo ezindlwini nangexesha abanokukwazi ngalo ukusiphulaphula. Isigidimi sethu sisitshayelela ngendlela eza kwenza abantu bafune ukusiphulaphula.

18. Ziziphi iingenelo eziziswa kukuphatha abantu entsimini ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo?

18 Zininzi iingenelo eziziswa kukuphatha abantu entsimini ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo. Xa sibaphatha ngobubele nangolwazelelelo, sibonisa ukuba siphila ngemigaqo yeBhayibhile, nto leyo ezisa uzuko kuBawo wethu wasezulwini. (Mat. 5:16) Sinokutsalela abantu abaninzi enyanisweni ngendlela esibaphatha ngayo. (1 Tim. 4:16) Enoba abo sishumayela kubo bayasamkela isigidimi soBukumkani okanye akunjalo, sifumana ulwaneliseko lokwazi ukuba senza konke okusemandleni ethu entsimini. (2 Tim. 4:5) Ngamana sonke singaxelisa uPawulos, owathi: “Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.” (1 Kor. 9:23) Masiqhubeke sisebenzisa uMthetho Omkhulu xa sishumayela.