Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Nceda Abanye Bazifeze Izinto Ezisemandleni Abo

Nceda Abanye Bazifeze Izinto Ezisemandleni Abo

“Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.”INDU. 32:8.

1, 2. UYehova ubajonga njani abakhonzi bakhe abasemhlabeni?

XA ABAZALI bebukele abantwana babo bedlala, badla ngokumangaliswa kukubona izinto abakwaziyo ukuzenza. Ngaba loo nto ikhe yenzeke nakuwe? Omnye umntwana usenokubonakala eyincutshe kwezemidlalo, ngoxa omnye elichule kumsebenzi wezandla nobugcisa. Kungakhathaliseki ukuba ziziphi iziphiwo abanazo abo bantwana, abazali bayavuyiswa kukubanceda ekuziphuhliseni.

2 Naye ke uYehova unomdla kubantwana bakhe abasemhlabeni. Xa ejonge abakhonzi bakhe banamhlanje uye abone “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga.” (Hag. 2:7) Eyona nto ibenza baxabiseke ngokukhethekileyo lukholo nokuzinikela kwabo. Noko ke, mhlawumbi uye waphawula ukuba phakathi kwamaNgqina kukho abazalwana abanezakhono ezahlukahlukeneyo. Abanye ngamachule okuthetha, ngoxa abanye bephum’ izandla ngokulungelelanisa izinto. Koodade abaninzi kulula ukufunda iilwimi zasemzini ukuze bashumayele ngazo, ngoxa abanye bebalasele ngokunceda abo bafuna ukhuthazo okanye ngokunyamekela abagulayo. (Roma 16:1, 12) Ngaba akusivuyisi ukuba kwibandla elizaliswe ngamaKristu anjalo?

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

3 Kusenokwenzeka ukuba abanye abazalwana, kuquka abo baselula  okanye basandul’ ukubhaptizwa, abakayazi ncam eyona nto banokuyenza ebandleni. Singabanceda njani bazifeze izinto ezisemandleni abo? Kutheni simele sizame ukukhangela izinto ezintle kubo, ngaloo ndlela sixelisa uYehova?

UYEHOVA UBONA OKULUNGILEYO KUBAKHONZI BAKHE

4, 5. Ingxelo ekuBagwebi 6:11-16 ibonisa njani ukuba uYehova uyakwazi ukubona izinto ezinokwenziwa ngabakhonzi bakhe?

4 IBhayibhile ineengxelo eziliqela ezibonisa phandle ukuba uYehova akaneliswa nje kukubona izinto ezintle kubakhonzi bakhe kodwa ubona nezo banamandla okuzenza. Ngokomzekelo, xa uGidiyon wakhethelwa ukuba akhulule abantu bakaThixo kwingcinezelo yamaMidiyan, umele ukuba wothuka xa ingelosi yambulisa isithi: “UYehova unawe, kroti, elinamandla.” UGidiyon wayengaziboni ‘enamandla,’ ibe wayevakalelwa ukuba akanakukwazi ukuhlangula abantu bakaThixo. Kodwa ke, yena uYehova wayengaboni ngolo hlobo. Wayeyibona into enokufezwa nguGidiyon yaye esazi ukuba unokumsebenzisa ukuze ahlangule uSirayeli.Funda aBagwebi 6:11-16.

5 UYehova wathuma uGidiyon ukuba ahlangule uSirayeli ngenxa yokuba wayebone ubuchule bakhe. Enye into, ingelosi kaYehova yakuphawula ukuzibhokoxa kukaGidiyon xa wayebhula ingqolowa. Ikho nenye into eyatsala umdla wale ngelosi kuGidiyon. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abalimi babeyibhulela ebaleni ingqolowa ukuze umququ uphetshethwe ngumoya. Yena uGidiyon wayeyibhulela emfihlakalweni, kwisixovulelo sewayini loo ngqolowa yakhe ingephi ukuze ingaphangwa ngamaMidiyan. Wayekrelekrele ngokwenene! Ayimangalisi ke into yokuba xa uYehova ejonge uGidiyon anganeli nje ukubona umlimi olumkileyo—wayebona iqili lendoda. Ewe, uYehova wazibona izinto anokukwazi ukuzenza waza wasebenza naye.

6, 7. (a) Yahluke njani indlela uYehova awayemjonga ngayo uAmosi kuleyo yamanye amaSirayeli? (b) Yintoni ebonisa ukuba uAmosi wayekhanyiselwe?

6 Nakwimeko yomprofeti uAmosi siyakwazi ukubona ukuba uYehova waziphawula izinto awayenokuzenza lo mkhonzi wakhe, nakuba wayebonakala kungekho yakhe kwabaninzi. UAmosi wazichaza njengomalusi nomtheni wamakhiwane emithi yesikamore—iziqhamo ezazityiwa ngamahlwempu. Xa uYehova wakhetha uAmosi ukuba agxeke ubukumkani bakwaSirayeli bezizwe ezilishumi ezazinqula izithixo, wambi amaSirayeli asenokuba ayecinga ukuba wenze impazamo.Funda uAmosi 7:14, 15.

7 Wayephuma kwilali esemaphandleni, kodwa ukwazi kwakhe ngezithethe nabalawuli bexesha lakhe kubonisa ukuba wayekhanyiselwe. Kuyabonakala ukuba wayeyiqonda kakuhle imeko yakwaSirayeli, kuquka eyezizwe ezingabamelwane, mhlawumbi ngenxa yokunxibelelana kwakhe nabarhwebi. (Amosi 1:6, 9, 11, 13; 2:8; 6:4-6) Bambi abaphengululi beBhayibhile bayabuncoma ubuchule bokubhala awayenabo uAmosi. Akazange anele nje kukukhetha amagama alula nanamandla, kodwa wayenesimbo sokuthelekisa nokudlala ngamagama. Enyanisweni, ukumphendula kwakhe ngenkalipho umbingeleli owonakeleyo uAmatsiya kwaqinisekisa ukuba uYehova wayengaphazamanga ngokukhetha kwakhe uAmosi yaye wayeza kusebenzisa izakhono zakhe ezisenokuba zazingabonakali ebantwini.Amosi 7:12, 13, 16, 17.

8. (a) UYehova wamqinisekisa wathini uDavide? (b) Kutheni amazwi akwiNdumiso 32:8 ebakhuthaza abo bangazithembanga okanye bangenamava?

8 UYehova uyakwazi ukubona izinto anamandla okuzenza umkhonzi wakhe ngamnye. Waqinisekisa uKumkani uDavide ukuba wayeza kusoloko emkhokela, ‘iliso lakhe likuye.’ (Funda iNdumiso 32:8.) Ngaba uyasibona isizathu sokuba kumele  kusikhuthaze oku? Nokuba sele singazithembanga, uYehova unokusinceda senze izinto esingazange sicinge ukuba singakwazi ukuzenza. Kanye njengokuba utitshala olichule enokuthi chu enceda umfundi ongenamava, naye uYehova uyasikhokela ukuze sifeze oko kusemandleni ethu. UYehova usenokusebenzisa omnye umKristu ukuze asincede sikwenze oku. Njani?

KHANGELA IZINTO EZILUNGILEYO KWABANYE

9. Yintoni esinokuyenza ukuze sithobele isibongozo sikaPawulos sokuba ‘sinyamekele’ izilangazelelo zabanye?

9 UPawulos wabongoza onke amaKristu ukuba ‘anyamekele’ izilangazelelo zabazalwana bawo. (Funda eyabaseFilipi 2:3, 4.) Eyona nto ithethwa nguPawulos kukuba simele siziphawule iziphiwo abanazo abanye yaye siyivume loo nto. Sivakalelwa njani xa kukho umntu onomdla kwinkqubela esiyenzileyo? Ngokuqhelekileyo, oko kudla ngokusikhuthaza sifune ukwenza ngakumbi, sikhuphe nawokugqibela amandla. Ngokufanayo, xa siyivuma into yokuba abazalwana bethu banesiphiwo, oko kubanceda batyhalele phambili baze bakhule ngokomoya.

10. Ngubani kanye kanye onokufuna ingqalelo yethu?

10 Ngubani kanye kanye onokufuna ingqalelo yethu? Kakade ke, sonke sikhe siyifune ingqalelo yabanye. Kodwa ke, abazalwana bethu abaselula nabo basandul’ ukubhaptizwa bamele bayive into yokuba banendima abayidlalayo ebandleni. Oku kuya kubanceda baqonde ukuba baxabisekile ebandleni. Kwelinye icala, ukungabahoyi kunokubatyhafisa kumnqweno wokuthwala iimbopheleleko ezingakumbi nakuba iLizwi likaThixo libakhuthaza ukuba benjenjalo.1 Tim. 3:1.

11. (a) Omnye umdala wamnceda njani umzalwana oselula woyisa ukuba neentloni? (b) Ufunda ntoni kumava kaJulien?

11 ULudovic, umdala owancedwayo ngabazalwana abaneliso elibukhali ngoxa wayeselula uthi: “Xa ndibonisa umdla wokwenene kumzalwana, uye enze inkqubela ngokukhawuleza.” Ethetha ngoJulien, umzalwana oselula owayeneentloni, uLudovic uthi: “UJulien wayekhe azame ukuzibhokoxa kodwa kube nzima kuba wayephakuzela. Kodwa ndandibona ukuba unobubele yaye uzimisele ukunceda abanye ebandleni. Ngoko ke, kunokuba ndimgxeke, ndandijonga kwezo zinto zintle azenzayo, ndize ndimkhuthaze.” Ethubeni uJulien wakufanelekela ukuba sisicaka solungiselelo, ibe ngoku unguvulindlela othe ngxi.

BANCEDE BAFEZE OKUSEMANDLENI ABO

12. Luluphi uphawu olufunekayo ukuze uncede umntu afeze okusemandleni akhe? Zekelisa.

12 Inyaniso kukuba, ukuze sikwazi ukunceda abanye bafeze okusemandleni abo, simele sibe neliso elibukhali. Njengokuba amava kaJulien ebonisa, kusenokufuneka sijonge ngaphaya kobuthathaka bomntu ukuze sibone iimpawu ezintle nobuchule anabo obufuna ukuphuhliswa. Yile ndlela kanye uYesu awayemjonga ngayo umpostile uPetros. Nakuba uPetros wayekhe abhatyaze, uYesu wabonisa ukuba wayeza kuzinza njengelitye.Yoh. 1:42.

13, 14. (a) UBharnabhas wayibonisa njani ingqiqo kwimeko kaMarko? (b) Omnye umzalwana oselula walufumana njani uncedo olufana nolo lwafunyanwa nguMarko? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

13 NoBharnabhas wenza okufanayo kuYohane, owayenefani yesiRoma enguMarko. (IZe. 12:25) Kuhambo lokuqala lukaPawulos njengomthunywa wevangeli ehamba noBharnabhas, uMarko waba ‘ngumlindi,’ mhlawumbi enyamekela iintswelo zabo. Noko ke, xa bafika ePamfiliya, uMarko wabashiya kwesinomhlwa. Kwanyanzeleka ukuba bahambe ngaphandle kwakhe basinga emntla, kummandla owawudume ngokuba nabaphangi. (IZe. 13: 5, 13) Noko ke, kuyabonakala ukuba uBharnabhas wakuphosa kwelokulibala oko kungazinzi kukaMarko ibe kamva wasebenzisa elo thuba ukumqeqesha ngakumbi. (IZe. 15:37-39) Oku kwamnceda lo mfana waba ngumkhonzi oqolileyo kaYehova. Okubangel’ umdla kukuba kamva, uMarko wayeseRoma noPawulos, owayelibanjwa ngelo xesha, ibe naye wabalwa kwabo bathumela imibuliso kumaKristu ebandla laseKolose. UPawulos wathetha kakuhle ngaye. (Kol. 4:10) Cinga nje indlela amele ukuba wavuya ngayo uBharnabhas xa uPawulos wayecela ukuncedwa nguMarko.2 Tim. 4:11.

14 UAlexandre, osandul’ ukuba ngumdala, ukhumbula ukuba kwamnceda gqitha ukuba nengqiqo kwabazalwana kule nkalo. Uthi: “Xa ndandiselula, kwakunzima nyhani ukuthandaza ebandleni. Omnye umdala wandibonisa into endinokuyenza ukuze ndikwazi ukuzola xa ndithandaza. Kunokuba andiyekise ukuthandaza, wandinika amathuba okuthandaza rhoqo kwiintlanganiso zenkonzo yasentsimini. Ethubeni, ndakwazi ukuzithemba.”

15. UPawulos wabonisa njani ukuba uyabaxabisa abazalwana bakhe?

15 Xa siphawula iimpawu ezintle komnye umKristu, ngaba siye simncome ngazo? KumaRoma isahluko 16, uPawulos wancoma amaKristu angaphezu kwayi-20 ngenxa yeempawu ezintle ezazibangela ukuba awathande. (Roma 16:3-7, 13) Ngokomzekelo, uPawulos wayivuma into yokuba uAndroniko noYuniya babenethuba elidana kunaye bemanyene noKristu, egxininisa ukunyamezela kwabo. UPawulos wathetha kakuhle nangomama kaRufo, mhlawumbi ngenxa yokuba wayekhe wamnyamekela ngothando.

UFrédéric (ngasekhohlo) wakhuthaza uRico ukuba ahlale ezimisele ukukhonza uYehova (Funda isiqendu 16)

16. Ukuncoma umntu oselula kunokuba nayiphi imiphumo?

16 Ukubancoma ngokunyaniseka abanye kuba nemiphumo emihle. Cinga nje ngemeko kaRico, inkwenkwana yaseFransi, eyayidinyazwa kukungafuni kukayise ongeloNgqina ukuba ibhaptizwe. URico wayecinga ukuba kuza kufuneka alinde de abe mdala ukuze akwazi ukukhonza uYehova ngokupheleleyo. Wayebuhlungu nayinto yokuba egculelwa esikolweni. UFrédéric, umdala webandla owayecelwe ukuba afundele uRico iBhayibhile, uthi: “Ndamncoma kuba ukuchaswa kwakhe kwakubonisa ukuba uye wanesibindi sokuzichaza ukuba uliNgqina likaYehova.” La mazwi amomeleza uRico wazimisela ngakumbi ukuhlala engumzekelo watsho wanobuhlobo ngakumbi noyise. URico wabhaptizwa xa wayeneminyaka eyi-12.

UJérôme (ngasekunene) banceda uRyan wafanelekela ukuba ngumthunywa wevangeli (Funda isiqendu 17)

17. (a) Singabanceda njani abazalwana bethu bazibhokoxe ngakumbi? (b) Omnye umthunywa wevangeli uye wabanceda njani abazalwana abaselula, ibe kuye kwanayiphi imiphumo oko?

17 Sihlandlo ngasinye sibancoma abazalwana ngokuzenza kakuhle izabelo zabo okanye ngemigudu abayenzileyo, oko kuyabakhuthaza ukuba bazibhokoxe ngakumbi ekukhonzeni uYehova. USylvie, * oye wakhonza kwiBheteli yaseFransi kangangeminyaka,  wathi nabo oodade banokudlala indima enkulu ekuncomeni abazalwana. Wakhankanya into yokuba oodade badla ngokuba nobuchule bokuchaza iinkcukacha ezahlukahlukeneyo okanye imigudu abaye bayiphawula. Ngoko ke, loo “mazwi okhuthazo anokongeza kulawo abazalwana abanamava.” Waphinda wathi: “Ndivakalelwa ukuba ngumsebenzi wethu ukuncoma abanye.” (IMize. 3:27) UJérôme, ongumthunywa wevangeli eFrench Guiana, uye wanceda abazalwana abaninzi abaselula bafanelekela ukuba ngabathunywa bevangeli. Uthi: “Ndiye ndaphawula ukuba xa ndibancoma ngokukhethekileyo kwiinkalo ezithile zobulungiseleli babo okanye ngamagqabaza abo acingisiswe kakuhle, abazalwana abaselula batsho bakwazi ukuzithemba. Oko kubanceda benze konke okusemandleni ukuze baphucule.”

18. Kutheni kuluncedo nje ukusebenza kunye nabazalwana abaselula?

18 Enye indlela esinokubakhuthaza ngayo abazalwana bethu ukuze benze inkqubela yokomoya kukusebenza kunye nabo. Umdala usenokucela umzalwana oselula onobuchule bokusebenzisa ikhompyutha ukuba amprintele inkcazelo ethile enokukhuthaza abakhulileyo abangenazo iikhompyutha kwiwebhsayithi ethi jw.org. Okanye xa kukho umsebenzi oza kuwenza kwiHolo yoBukumkani, unokucela umzalwana oselula ukuba akuncedise. Ezo nzame ziya kukunceda ufumane ithuba lokuzibona kakuhle izakhono zabaselula, ubancome uze ubone imiphumo.IMize. 15:23.

YAKHELA IKAMVA

19, 20. Kutheni simele sincede abanye benze inkqubela?

19 Xa uYehova wakhetha uYoshuwa ukuba akhokele amaSirayeli, wayalela uMoses ukuba ‘amkhuthaze aze amomeleze.’ (Funda iDuteronomi 3:28.) Baya bethontelana abantu ababa ngamaNgqina ehlabathini lonke. Onke amaKristu anamava—kungekhona abadala kuphela—anokunceda abazalwana abaselula nabo basebatsha bafeze izinto abanokukwazi ukuzenza. Xa esenjenjalo, baninzi abaya kungenela inkonzo yexesha elizeleyo, ibe kuya kuba njalo nangabo baya ‘kufanelekela ukufundisa abanye.’2 Tim. 2:2.

20 Enoba sikwibandla elimiselweyo okanye kwiqela elincinane eliseza kumiselwa njengebandla, masakhe silungiselela ikamva. Undoqo kukuxelisa uYehova, yena osoloko ekhangela okulungileyo kubakhonzi bakhe.

^ isiqe. 17 Asilogama lakhe eli.