Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda ngocoselelo iiMboniselo zakutsha nje? Khawubone enoba ungayiphendula kusini na le mibuzo:

Yayimele ixhelwe ngaliphi ixesha imvu yePasika ngoNisan 14?

Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zithi yayimele ixhelwe “phakathi kweengokuhlwa ezimbini,” into ethetha ukuthi ngorhatya okanye ukutshona kwelanga—emva kokuba ilanga litshonile kodwa kusakhanya. (Eks. 12:6)—12/15, iphepha 18-19.

Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda ulutsha lwenze izigqibo zobulumko?

Yile mithathu (1) Funa kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. (Mat. 6:19-34) (2) Fumana uyolo ngokukhonza abanye. (IZe. 20:35) (3) Fumana uvuyo ngokukhonza uThixo ebutsheni bakho. (INtshu. 12:1)—1/15, iphepha 19-20.

Ngabaphi abakhweli-mahashe abane abebephalisa amahashe ukususela ngo-1914?

Njengomkhweli wehashe elimhlophe, uYesu uye wakhupha uSathana needemon zakhe emazulwini. Umkhweli wehashe elimbala ubumlilorha, ufanekisela iimfazwe eziye zathwaxa uluntu. Umkhweli wehashe elimnyama ufanekisela indlala. Umkhweli wehashe elimbala uluthuthu ufanekisela indyikityha yokufa esuba izigidi zabantu. (ISityhi. 6:2-8)—2/1, iphepha 6-7.

Uqhubeka nini “umtshato weMvana”? (ISityhi. 19:7)

“Umtshato weMvana” uqhubeka emva kokuba uKumkani, uYesu Kristu, ephelelise uloyiso lwakhe, emva kokuba etshabalalise iBhabhiloni Enkulu waza walwa nemfazwe yeArmagedon.—2/15, iphepha 10.

Kwakutheni ukuze amaYuda ‘alindele’ uMesiya ngomhla kaYesu? (Luka 3:15)

Asinakuqiniseka ukuba amaYuda enkulungwane yokuqala ayesiqonda ngale ndlela sisiqonda ngayo isiprofeto sikaDaniyeli esiphathelele uMesiya. (Dan. 9:24-27) Sekunjalo, amele ukuba asiva isibhengezo sengelosi kubalusi okanye oko kwathethwa ngumprofetikazi uAna xa wabona usana olunguYesu etempileni. Enye into, kwafika nabavumisi ngeenkwenkwezi bekhangela “lowo uzelweyo ukumkani wamaYuda.” (Mat. 2:1, 2) Kamva, uYohane uMbhaptizi, wabonisa ukuba uKristu wayeza kuvela kungekudala.—2/15, iphepha 26-27.

Singayiphepha njani into yokuba uEwe wethu abe nguHayi? (2 Kor. 1:18)

Yinyaniso ukuba, kusenokuvela iimeko ezingaphaya kwamandla ethu ezinokwenza sijike kwizithembiso esizenzileyo. Kodwa ukuba senza isithembiso okanye isivumelwano, simele sizame kangangoko sinako ukusigcina.—3/15, iphepha 32.

Ziziphi izinto ezinokusinceda sixhathise isilingo sokujonga iphonografi?

Nazi ezintathu (1) Masikhawuleze sijonge ecaleni xa kusithi tshe umfanekiso ovuselela inkanuko yesini. (2) Masicinge ngezinto ezakhayo size sithandaze kuThixo. (3) Masiphephe iimuvi kunye neewebhsayithi ezinephonografi.—4/1, iphepha 10-12.

Yiyiphi imiphumo engalindelwanga enokubakho xa umKristu eshiya intsapho yakhe aye kuphangela kwelinye ilizwe?

Xa abazali bengahlali kunye nabantwana babo, uba mninzi umonakalo owenzekayo kwindlela abavakalelwa nabaziphatha ngayo. Basenokumcaphukela loo mzali. Abantu abahlala kude namaqabane abo banokuzibona sele besesilingweni sokukrexeza.—4/15, iphepha 19-20.

Yintoni eyayibangela ukuba imilenze yabenzi-bubi yaphulwe xa bebulawa?

AmaRoma ayezibulala ngokuzixhoma emthini ezinye izaphuli-mthetho. AmaYuda acela ukuba yaphulwe imilenze yezaphuli-mthetho ezazixhonywe ecaleni kukaYesu. Oko kwakuza kwenza kube nzima ukuba ziphefumle, nto leyo eyayiza kwenza zife ngokukhawuleza. Oko kwakuza kwenza zingachithi ubusuku bonke zixhonywe emthini. (Dut. 21:22, 23)—5/1, iphepha 11.

Yiyiphi imibuzo ekufuneka ihlale isengqondweni xa sisentsimini?

Ngoobani endithetha nabo? Ndithetha nabo phi? Ndithetha nini nabo? Ndimele ndithetha njani nabo?—5/15, iphepha 12-15.

Ungakanani umonakalo oye wabangelwa kukutshaya?

Kule nkulungwane iphelileyo, ukutshaya kuye kwabulala abantu abayi-100 000 000. Sithetha nje, kubulala abantu abamalunga ne-6 000 000 ngonyaka.—6/1, iphepha 3.