Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubujonga NjengoYehova Ubuthathaka Babanye?

Ngaba Ubujonga NjengoYehova Ubuthathaka Babanye?

“Amalungu omzimba abonakala ebuthathaka ngakumbi . . . ayimfuneko.”—1 KOR. 12:22.

1, 2. Yintoni eyayisenza uPawulos abe novelwano kwabo babuthathaka?

SONKE sikhe sibe buthathaka. Ukuhlaselwa ngumkhuhlane nazezinye izigulo ezingephi kusenokusenza buthathaka de kube nzima ukwenza izinto eziqhelekileyo zamihla le. Cinga nje xa kunokuqengqeleka iinyanga uphethwe yiloo mikhuhlane. Ngaba ubungayi kuvuya xa abantu bebonisa uvelwano ngaloo meko ukuyo?

2 Umpostile uPawulos wayesazi kakuhle ukuba kunjani ukucinezeleka, de ube buthathaka, ngenxa yeemeko ezivela ngaphandle nangaphakathi ebandleni. Kukho izihlandlo awade wavakalelwa kukuba akasenamandla akunyamezela. (2 Kor. 1:8; 7:5) Ecinga ngobomi bakhe nobunzima obamehlelayo ngenxa yokuthembeka kwakhe, uPawulos wathi: “Ngubani na obuthathaka, ndize mna ndingabi buthathaka?” (2 Kor. 11:29) Ngokuphathelele amalungu ahlukahlukeneyo ebandla lamaKristu, afaniswa namalungu omzimba, uPawulos wathi lawo “abonakala ebuthathaka ngakumbi . . . ayimfuneko.” (1 Kor. 12:22) Wayetheth’ ukuthini? Kutheni simele sijonge abo babonakala bebuthathaka ngakumbi ngendlela abajongwa  ngayo nguYehova? Kuya kusinceda ngantoni ukubajonga ngaloo ndlela?

INDLELA UYEHOVA ABUJONGA NGAYO UBUTHATHAKA BETHU

3. Yintoni enokusenza sibajongele phantsi abo bafuna ukuncedwa ebandleni?

3 Siphila kwihlabathi elizaliswe lukhuphiswano, apho eyona nto iphambili ikukuba namandla nokuba mtsha. Abaninzi benza nantoni na ukuze balungelwe, kungakhathaliseki ukuba banyathela phezu kwabanye. NjengamaKristu asivumelani nomoya onjalo, kodwa sisenokuthi singaqondanga sizibone sele sibajongela phantsi abo basoloko befuna ukuncedwa. Yintoni enokusinceda sijonge umzalwana ngamnye ngendlela ajongwa ngayo nguYehova?

4, 5. (a) Umzekeliso okweyoku-1 kwabaseKorinte 12:21-23 usinceda njani siyiqonde indlela uYehova abujonga ngayo ubuthathaka bethu? (b) Kusinceda njani ukunceda ababuthathaka?

4 Umzekeliso okwincwadi yokuqala eyabhalelwa abaseKorinte nguPawulos usinceda siyiqonde kakuhle indlela uYehova abujonga ngayo ubuthathaka bethu. Kwisahluko 12, uPawulos usikhumbuza ukuba kwanelona lungu lomzimba lincinane libonakala lingaxabisekanga, linomsebenzi walo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 12:12, 18, 21-23.) Bambi abakholelwa ekubeni izinto ezikhoyo zazivelela abavumelani nale ngcamango kaPawulos. Noko ke, uphando ngamalungu omzimba lufumanise ukuba eneneni lawo kwakusithiwa akanamsebenzi enza imisebenzi ebalulekileyo. * Ngokomzekelo, bambi babekade berhanela ukuba awukho umsebenzi kacikicane oselunyaweni; kodwa ngoku yaziwa kakuhle into yokuba lo cikicane unceda umzimba ukwazi ukuzinza.

5 Umzekeliso kaPawulos ubalaselisa ukuba onke amalungu ebandla abalulekile. Ngokwahlukileyo kuSathana, osisingela phantsi isidima sabantu, yena uYehova ubagqala ‘njengabayimfuneko’ bonke abakhonzi bakhe, kuquka abo babonakala bebuthathaka ngakumbi. (Yobhi 4:18, 19) Ukwazi oko, kumele kusincede siqonde ukuba sinendima ebalulekileyo ebandleni yaye siyinxalenye yebandla labantu bakaThixo elisehlabathini lonke. Ngokomzekelo, cinga ngexesha owakha wolula ingalo yakho ukuze umntu ototobayo axhathise ngawe. Mhlawumbi kwanyanzeleka ukuba ucothe njengaye. Ngaba olo ncedo aluzange lumshiye enombulelo lwaza nawe lwakushiya wanelisekile? Kaloku, xa sinceda umntu osengxakini, sisala sivuya, sifunde ukuba nomonde, uthando size siqole. (Efe. 4:15, 16) UBawo wethu onothando uyazi ukuba ibandla eliwaxabisayo onke amalungu alo, kungakhathaliseki ubuthathaka bawo, libonisa ukuba lilungelelene yaye linothando.

6. UPawulos wayelisebenzisa njani maxa wambi igama elithi “ubuthathaka” nelithi ‘ukomelela’?

6 Okubangel’ umdla kukuba xa wayebhalela abaseKorinte, uPawulos wasebenzisa igama elithi “ubuthathaka” ebhekisela kwindlela awayejongwa ngayo amaKristu ngabo bangakholwayo nakwindlela awayezijonga ngayo. (1 Kor. 1:26, 27; 2:3) Xa uPawulos wayethetha ngabo “bomeleleyo,” yayingeyonjongo yakhe ukuba kubekho amaKristu acinga ukuba abhetele kunamanye. (Roma 15:1) Eyona nto wayeyithetha kukuba, amaKristu anamava ayemele abe nomonde kulawo angekazinzi enyanisweni.

NGABA SIMELE SITSHINTSHE INDLELA ESIBAJONGA NGAYO?

7. Ziziphi izinto ezinokusenza singabancedi abo basebunzimeni?

7 Xa sinceda ‘isisweli,’ asipheleli nje  ekuxeliseni uYehova kodwa naye uye akholiswe sithi. (INdu. 41:1; Efe. 5:1) Noko ke, inyaniso kukuba xa sibajongela phantsi abatsala nzima, sisenokungafuni ukubanceda. Enye ingxaki kukuba xa singayazi into esimele siyithethe, sinokuba neentloni size sizame ukubaphepha abo basebunzimeni. UCynthia, * udade owashiywa yindoda yakhe uthi: “Intliziyo iba lihlwili xa abazalwana bekuphepha okanye bengenzi ngendlela obuyilindele kubahlobo. Xa usebunzimeni, into oyidingayo ngabantu.” UDavide wamandulo wayeyazi kakuhle into yokuphetshwa ngabantu.INdu. 31:12.

8. Yintoni enokusinceda sibe novelwano kwabanye?

8 Enye into enokusinceda sibe novelwano kukukhumbula ukuba abanye abazalwana noodadewethu baye babuthathaka ngenxa yeemeko ezinzima—impilo enkenenkene, intsapho enamalungu angakholwayo, okanye uxinezeleko. Ezi zinto zinokusehlela nathi. Ngaphambi kokuba angene kwiLizwe Lesithembiso, amaSirayeli awayekade ehlwempuzekile yaye ebuthathaka kwilizwe laseYiputa, akhunjuzwa ukuba ayemele ‘angazenzi lukhuni iintliziyo zawo’ kubazalwana bawo abaxhwalekileyo. UYehova wayelindele ukuba abe novelwano kumahlwempu.Dut. 15:7, 11; Lev. 25:35-38.

9. Yiyiphi eyona nto ifunekayo xa umzalwana ethwaxwe ziingxaki? Zekelisa.

9 Kunokuba sibagwebe okanye sibakrokrele abo basebunzimeni, simele sibathuthuzele. (Yobhi 33:6, 7; Mat. 7:1) Ngokomzekelo: Xa umqhubi wesithuthuthu efika esibhedlele emva kokwenzakala endleleni, ngaba oogqirha baye bazame ukuqonda enoba nguye obangele loo ngozi? Akunjalo, into abayenzayo kukukhawuleza bamncede. Ngokufanayo, xa umzalwana wethu eye wathwaxwa ziingxaki de wabuthathaka, eyona nto ifunekayo kukuba simncede abe nolwalamano oluhle noThixo.Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:14.

10. Inokwenzeka njani into yokuba babe “zizityebi elukholweni” abanye ababonakala bebuthathaka?

10 Xa sicingisisa ngeemeko zabazalwana bethu, sinokutsho sibubone ngendlela eyahlukileyo ubuthathaka babo. Cinga ngoodade abaye banyamezela ukuchaswa yintsapho kangangeminyaka. Nakuba abanye kubo bebonakala bexhwalekile yaye bebuthathaka, ngaba ukunyamezela kwabo akubonisi ukuba banokholo olungagungqiyo? Xa ubona umama ongenaqabane esiza rhoqo kwiintlanganiso kunye nabantwana bakhe, ngaba akuchukumiseki lukholo nokuzimisela kwakhe? Kuthekani ngabantwana ababambelela nkqi kwinyaniso ngoxa becinezelwa ngabanye esikolweni? Ukucinga ngako konke okwenziwa ngabazalwana bethu ukuze bakhonze uYehova, kuya kusinceda sibone ukuba ‘bazizityebi elukholweni,’ nakuba bekhangeleka bebuthathaka.Yak. 2:5.

ZAMA UKUBAJONGA NGENDLELA KAYEHOVA

11, 12. (a) Yintoni enokusinceda sitshintshe kwindlela esibujonga ngayo ubuthathaka babanye? (b) Sifunda ntoni kwindlela uYehova awamphatha ngayo uAron?

11 Ukucingisisa ngendlela uYehova awayisingatha ngayo imibandela eyayiphathelele abakhonzi bakhe abathile kusinceda sitshintshe indlela esibujonga ngayo ubuthathaka babanye. (Funda iNdumiso 130:3.) Ngokomzekelo, ukuba wawukunye noMoses xa uAron wenza ithole legolide, wawuya kuvakalelwa njani xa uAron esenza izingxengxezo ezingavakaliyo? (Eks. 32:21-24) Wawuya kumjonga njani uAron xa wathi ngenxa yempembelelo yodadewabo uMiriyam wagxeka  uMoses ngokutshata umfazi wolunye uhlanga? (Num. 12:1, 2) Wawuya kuthini xa uAron noMoses bengazange bamzukise uYehova, owabavelisela amanzi ngendlela engummangaliso eMeribha?Num. 20:10-13.

12 Kwimeko nganye yezi, uYehova wayenokumohlwaya ngoko nangoko uAron. Kodwa wayebona ukuba uAron akakho ngendawo ibe zazingabangelwa nguye ngokupheleleyo zonke ezo ngxaki. Kuyabonakala ukuba uAron wavumela iimeko okanye impembelelo yabanye yamphambukisa kwikhondo elilungileyo. Noko ke, xa waziboniswayo iimpazamo zakhe, wazivuma waza wasamkela isohlwayo sikaYehova. (Eks. 32:26; Num. 12:11; 20:23-27) UYehova wakhetha ukujonga ukholo nokuguquka kuka-Aron. Kwiinkulungwane kamva, uAron nenzala yakhe babesakhunjulwa njengabantu ababesoyika uYehova.INdu. 115:10-12; 135:19, 20.

13. Nguwuphi umzekelo onokusinceda siphucule indlela esibajonga ngayo abo babuthathaka?

13 Ukuze sicinge njengoYehova, simele sihlolisise indlela esibajonga ngayo abo babonakala bebuthathaka. (1 Sam. 16:7) Ngokomzekelo, siye sithini xa oselula engazikhethi ngobulumko iindlela zokuzonwabisa okanye ebonakalisa ukungakhathali? Kunokusuka nje simgxeke, kutheni singazami ukucinga ngendlela esinokumnceda ngayo aqole? Xa sinceda abazalwana bethu ngale ndlela, siya kuba nomonde size sibathande ngakumbi.

14, 15. (a) UYehova wavakalelwa njani xa uEliya wayedimazekile? (b) Sifunda ntoni kwizinto ezenzeka kuEliya?

14 Enye into esinceda siphucule indlela esibajonga ngayo abanye kukujonga oko wakwenzayo uYehova xa abanye abakhonzi bakhe babedimazekile. Makhe sithethe ngoEliya. Nakuba wamelana ngesibindi  nabaprofeti abayi-450 bakaBhahali, uEliya wabaleka esakuva ukuba uKumkanikazi uIzebhele ufuna ukumbulala. Emva kokuhamba iikhilomitha ezimalunga ne-150 esiya eBher-sheba, wenjenjeya ukuya entlango. Edinwe eyimfe ngenxa yokuhamba kwingqatsini yelanga, lo mprofeti wahlala phantsi komthi waza ‘wacela ukufa.’1 Kum. 18:19; 19:1-4.

UYehova wayebazi ubuthathaka bukaEliya waza wathumela ingelosi ukuba imkhuthaze (Funda isiqendu 14, 15)

15 UYehova wavakalelwa njani xa ebona umprofeti wakhe othembekileyo edimazeke ngale ndlela? Ngaba wamlahla kuba nje eye wadimazeka waphelelwa sisibindi? Nakanye! UYehova waqonda ukuba uEliya akafezekanga waza wathumela kuye ingelosi. Le ngelosi yamkhuthaza kabini uEliya ukuba atye. Oko kwakuza kumnceda akwazi ukudlulela phambili. (Funda eyoku-1 yooKumkani 19:5-8.) Ewe, kwangaphambi kokuba amyalele into amele ayenze, uYehova wamphulaphula waza wamnceda.

16, 17. Singamxelisa njani uYehova kwindlela awamnyamekela ngayo uEliya?

16 Singenza njani ukuze sibe nenyameko njengoThixo? Asimele singxamele ukucebisa. (IMize. 18:13) Eyona nto ibhetele sinokuyenza kukubonisa abo bacinga ukuba ‘ababekekanga kangako’ ngenxa yeemeko abakuzo, ukuba siyavelana nabo. (1 Kor. 12:23) Kusemva koko apho siya kuyazi kakuhle eyona nto simele siyenze ukuze sibancede.

17 Ngokomzekelo, cinga ngoCynthia ekukhe kwathethwa ngaye, owashiywa nabantwana ababini yindoda yakhe. Bazifumana sele bengenabani. Yintoni awayenzayo amanye amaNgqina ukuze amncede? Uthi: “Emva kokufowunela abazalwana sibachazela ingxaki yethu, yathi iphela imizuzu eyi-45 babe sele belapha kwam. Bafika benyembezana. Bahlala nathi kangangeentsuku ezimbini nezintathu. Ekubeni sasingatyi kakuhle ngenxa yokuphazamiseka, basigcina emizini yabo kangangexesha elithile.” Oko kusicingisa ngamazwi kaYakobi athi: “Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela, eswele ukutya okulingene imini, aze omnye kuni athi kubo: ‘Hambani ngoxolo, nifudumale, nihluthe,’ kodwa ningabaniki izinto abazisweleyo, kunceda ngantoni oko? Ngoko ke, nalo ukholo, ukuba alunamisebenzi, lufile.” (Yak. 2:15-17) Ngenxa yoncedo lwabazalwana noodade bendawo ahlala kuyo, kwiinyanga nje ezintandathu emva kwaloo ntlungu, uCynthia neentombi zakhe baba ngoovulindlela abancedisayo.2 Kor. 12:10.

KUZUZA ABANINZI

18, 19. (a) Sinokubanceda njani abo babuthathaka? (b) Ngoobani abazuzayo xa sinceda abo babuthathaka?

18 Kusenokwenzeka ukuba uyazi kuwe into yokuba, kuthatha ixesha ukuze umntu obegula kakhulu achache. Ngokufanayo, kusenokudlula ixesha ngaphambi kokuba umKristu oye wabuthathaka ngenxa yobunzima okanye izilingo aphinde abe nokholo olomeleleyo. Yinyaniso ukuba, umzalwana wethu umele omeleze ukholo lwakhe ngokufundisisa, ukuthandaza nokuxakeka yimisebenzi yamaKristu. Noko ke, thina simele sibe nomonde kuye de aphinde omelele. Ngelo xesha achachayo, simele simbonise uthando. Simele sizame ukunceda abo babuthathaka ukuze bazive bexabisekile yaye bethandwa.2 Kor. 8:8.

19 Ungaze ulibale ukuba njengokuba sinceda abazalwana bethu, nathi sizuza uvuyo olufumaneka ngokupha. Nathi sitsho sikwazi ngakumbi ukubonisa uvelwano nomonde. Ayisithi sedwa abazuzayo koku. Ibandla lonke litsho lifudumale luthando. Okubaluleke ngakumbi kukuba, sixelisa uYehova oxabisa wonke umntu. Ewe, sonke simele siluthobele olu khuthazo ‘lokunceda abo babuthathaka.’IZe. 20:35.

^ isiqe. 4 Kwincwadi yakhe ethi The Descent of Man, uCharles Darwin uchaza amalungu aliqela omzimba ngokuthi “akukho msebenzi wawo.” Omnye wabalandeli bakhe wathi emzimbeni womntu kukho iqela “lamalungu angenamsebenzi,” kuquka iappendix nedlala elisentanyeni (thymus).

^ isiqe. 7 Asingomagama abo la.