Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Wugudise Umkhondo Wonyawo Lwakho” Ukuze Utyhalele Phambili

“Wugudise Umkhondo Wonyawo Lwakho” Ukuze Utyhalele Phambili

XA ABANTU bakaThixo babeshiya iBhabhiloni ngo-537 B.C.E., uYehova wayefuna ukuqinisekisa ukuba bayafika eYerusalem. Wathi kubo: “Hlahlani indlela yabantu. Fumbani, fumbani uhola wendlela. Susani amatye kuyo.” (Isa. 62:10) Cinga nje ngendlela abamele ukuba bakwenza ngayo oku. Abo babehamba phambili basenokuba balungisa indlela, bevala imijelo ngoxa besusa imiqobo. Oku kwakuza kunceda abazalwana babo ababelandela emva kwabo.

Ngendlela efanayo, silandela indlela ethile xa sikhonza uYehova. UYehova ufuna bonke abakhonzi bakhe bahambe kuloo ndlela ngaphandle kweziphazamiso. ILizwi lakhe lithi: “Wugudise umkhondo wonyawo lwakho, yaye ngamana zonke iindlela zakho zingamiselwa ngokuqinileyo.” (IMize. 4:26) Enoba uselula okanye akunjalo, kuya kukunceda ukuthobela eli cebiso livela kuThixo.

YENZA IZIGQIBO ZOBULUMKO

Mhlawumbi ukhe weva abantu bethetha ngomntu oselula besithi: ‘Lo mntwana, uya kunqandwa ngamafu.’ Ngokuqhelekileyo abantu abaselula baphile qete, banengqondo ekhawulezayo ibe bazimisele ukuphumelela ebomini. IBhayibhile inyanisile xa isithi: “Ubuhle babafana ngamandla abo.” (IMize. 20:29) Umntu oselula osebenzisa iziphiwo namandla akhe ukukhonza uYehova unokuphumelela aze onwabe ngokwenene.

Noko ke, njengokuba usazi, ihlabathi liwafuna shushu amandla olutsha lwethu. Xa iNgqina eliselula liqhuba kakuhle esikolweni, ootitshala okanye oontanga banokulicebisa ukuba lifune imfundo ephakamileyo ukuze liphumelele kule nkqubo yezinto. Elinye lisenokuba yincutshe kwezemidlalo, baze abaququzeleli balirhwebeshele ekubeni ngumdlali odumileyo. Ngaba wakha wakuloo meko, okanye kukho umntu omaziyo oye  wajongana naloo mpembelelo? Yintoni enokunceda umKristu enze ukhetho lobulumko?

Iimfundiso zeBhayibhile zinokumnceda umKristu alungele ukuhamba ngeyona ndlela imnandi ebomini. INtshumayeli 12:1 ithi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.” Unokumkhumbula njani uMdali wakho Ozukileyo, okanye unokumnceda njani umhlobo oselula ukuba enjenjalo?

Khawucinge ngento eyenzeka kuEric * waseNtshona Afrika. Wayekuthanda ukudlala ibhola. Xa uEric wayeneminyaka eyi-15, wayesele ekhethelwe ukudlala kwiqela lelizwe lakhe. Loo nto yayithetha ukuba kungekudala, wayenokuqeqeshwa eYurophu, aze abe ngumdlali webhola odumileyo. Kodwa laliza kumnceda njani icebiso elithi “khumbula uMdali wakho Ozukileyo”? Ziziphi izinto onokuzifunda wena okanye umhlobo wakho kula mava?

Xa wayesesesikolweni, uEric wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Oku kwamnceda wafunda ukuba uMdali wakhe uza kuziphelisa nya iingxaki zabantu. UEric watsho wabona indlela ekubaluleke ngayo ukusebenzisa ixesha namandla akhe ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngenxa yoku, uEric wakhetha ukungachithi amandla akhe ekudlaleni ibhola. Kunoko, wabhaptizwa waza wazimisela ekukhonzeni uThixo. Ethubeni, waba sisicaka solungiselelo waza wabizwa kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga.

Ukuba wayethe phithi kukudlala ibhola, uEric wayesenokuba sisityebi aze adume. Kodwa wakubona ukunyanisa komgaqo weBhayibhile othi: “Izinto zexabiso zesityebi ziyidolophu yaso eyomeleleyo, yaye zinjengodonga olukhuselayo kwingcamango yaso.” (IMize. 18:11) Kukuphupha emini ukucinga ukuba ubutyebi bunokumkhusela umntu. Ngaphezu koko, abantu abaleqa ubutyebi badla ‘ngokuzingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’—1 Tim. 6:9, 10.

Okuvuyisayo kukuba, ulutsha oluninzi luye lwafumana ulonwabo nonqabiseko lokwenene kwinkonzo yexesha elizeleyo. UEric uthi: “Ngoku ndikhethe ukuba ‘kwiqela’ elikhulu labantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo. Alikho elinye iqela elidlula eli, ibe ndimbulela gqitha uYehova kuba eye wandibonisa indlela yokufumana ulonwabo nempumelelo yokwenene ebomini.”

Kuthekani ngawe? Kunokusukela impumelelo kweli hlabathi, kutheni ungalungisi “iindlela zakho” phambi koYehova ngokuba nguvulindlela?—Funda ibhokisi ethi “ Ukufumana Iingenelo Ezingenakufunyanwa Eyunivesithi.”

UKUSUSA IMIQOBO ENDLELENI YAKHO

Xa esinye isibini sasityelele kwiBheteli yaseUnited States, sabona indlela abonwabe ngayo abantu abakhonza uYehova apho. Kamva udade wabhala wathi: “Sasisele siyiqhele kakhulu indlela esasiphila ngayo.” Esi sibini sagqiba ekubeni sisebenzise ixesha namandla aso ngakumbi ekukhonzeni uYehova.

Ngaxa lithile, kwakubonakala kunzima kwesi sibini ukwenza utshintsho olufunekayo. Kodwa ngenye imini, sacamngca ngetekisi yosuku. YayikuYohane 8:31, apho uYesu athi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam.” Sicinga ngaloo mazwi, sazixelela oku: “Nantoni na esiyincamayo ebomini asiyincameli lize.” Sathengisa ipomakazi laso nezinto ezingeyomfuneko, saza safudukela kwibandla elifuna uncedo. Ngoku singoovulindlela, ibe sincedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nakumalungiselelo eendibano zesithili. Sivakalelwa njani ngoku ngobomi baso? Sithi: “Iyasimangalisa indlela esonwabe ngayo njengokuba siphila ubomi obulula, sisenza kanye le nto ikhuthazwa yintlangano kaYehova.”

QHUBEKA UTYHALELA PHAMBILI

USolomon wathi: “Amehlo akho, afanele akhangele ngqo phambili, ewe, amehlo akho aqaqambileyo afanele athi ntsho phambi kwakho.” (IMize. 4:25) Njengokuba umntu oqhubayo enikela ingqalelo endleleni, simele siphephe naziphi na izinto ezinokusiphazamisa ekuzibekeleni usukelo lokukhonza uYehova size siluphumeze.

Luluphi usukelo onokuzibekela lona uze uluphumeze? Usenokukhetha ukuba kwinkonzo yexesha  elizeleyo. Usenokuya kwibandla elikufutshane elifuna abavakalisi abaza kuncedisa kwintsimi yalo enkulu. Okanye ibandla lisenokuba nabo abavakalisi, kodwa lingabi nabo abadala nezicaka zolungiselelo ezaneleyo. Ngaba unokuba luncedo ngenye yezi ndlela? Kutheni ungathethi nomveleli ohambahambayo ukuze ubone enoba unokuncedisa kusini na? Ukuba ukulungele ukuncedisa amabandla akude, unokukhangela amabandla afuna uncedo. *

Makhe sibuyele koko kuchazwe kuIsaya 62:10. Kusenokwenzeka ukuba wambi amaYuda asebenza nzima elungisa indlela ukuze abantu bakaThixo baye kufika eYerusalem. Ukuba uzimisele ukuphumeza usukelo lwakho lokukhonza uThixo, unganikezeli. UThixo unokukunceda uluphumeze. Qhubeka umcela uYehova akunike ubulumko ukuze ususe nayiphi na imiqobo enokuvela. Ethubeni, uya kutsho uyibone indlela anokukunceda ngayo ‘uwugudise umkhondo wonyawo lwakho.’IMize. 4:26.

^ isiqe. 8 Asilogama lakhe eli.

^ isiqe. 18 Funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 111-112.