IMBONISELO—EFUNDWAYO Agasti 2014

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoSeptemba 29 ukuya kutsho ngo-Oktobha 26, 2014.

Ngaba Uyakufumana ‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’?

Ngaba umntu umele akwazi ukuzifumana zonke iimpapasho zekhoboka elithembekileyo ukuze ahlale enokholo olomeleleyo?

Yintoni Indima Yamabhinqa Kwinjongo KaYehova?

Funda ukuba imvukelo yase-Eden yabangela yiphi ingxaki kumadoda namabhinqa. Funda nangamava amabhinqa amandulo. Funda nangendima edlalwa ngamabhinqa kumsebenzi kaThixo namhlanje.

Lisebenzise ILizwi LikaThixo—Liphilile!

Onke amaNgqina kaYehova afuna ukuba nobuchule entsimini. Funda amacebiso endlela yokusebenzisa iLizwi likaThixo namaphecana ukuze siqalise incoko nabantu.

Indlela UYehova Asondela Ngayo Kuthi

Simele sibe nobuhlobo obusondeleyo noYehova. Funda indlela intlawulelo neBhayibhile ezingqina ngayo ukuba uYehova usisondeza kuye.

Liphulaphule Ilizwi LikaYehova Naphi Na Apho Ukhoyo

Funda ngendlela ekubaluleke ngayo ukuphulaphula ilizwi likaYehova nokunxibelelana naye. Eli nqaku liza kusinceda sibone indlela esinokukuphepha ngayo ukuvumela uSathana kunye notyekelo lwethu lwesono lusiphazamise ekuphulaphuleni uYehova.

‘Buyela Uze Womeleze Abazalwana Bakho’

Ukuba umzalwana wayengumdala kodwa ngoku akasenguye, ngaba unokuphinda ‘azabalazele isigxina sobuveleli’?

Imibuzo Evela Kubafundi

Xa uYesu wathi abantu abavusiweyo “abatshati bengatshatiswa,” ngaba wayethetha ngovuko lwasemhlabeni?

SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

I-“Eureka Drama” Yanceda Abaninzi Bafumana Inyaniso YeBhayibhile

Le drama eyayithathwe kwi-“Photo-Drama of Creation,” yayinokuboniswa nakwiindawo ezisemaphandleni, nditsho nezingenambane.