Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Buyela Uze Womeleze Abazalwana Bakho’

‘Buyela Uze Womeleze Abazalwana Bakho’

UPETROS walila ngokukrakra emva kokuba ekhanyele uYesu. Nakuba lo mpostile kwakuza kufuneka alwe nzima ukuze aphinde abe nokholo olomeleleyo, uYesu wayefuna ukumsebenzisa ukuba ancede abanye. Ngenxa yoko, uYesu wathi kuye: “Wakubuya, bomeleze abazalwana bakho.” (Luka 22:32, 54-62) UPetros waba yenye yeentsika zebandla lamaKristu enkulungwane yokuqala. (Gal. 2:9) Ngokufanayo, umntu owayekhonza njengomdala unokuphinda abe nguye aze afumane uvuyo ekomelezeni amanye amaKristu.

Abanye ababekhonza njengabaveleli baye bayekiswa, ibe loo nto inokubenza bazive bedimazekile. UJulio, * owayengumdala eBolivia kangangeminyaka engaphezu kweyi-20, wathi: “Ixesha lam elininzi ndandilichitha ndilungiselela iintetho, ndityelela abazalwana ibe ndisalusa amalungu ebandla! Ngephanyazo yaphela yonke loo nto, indishiya ndingenanto yokwenza. Lilonke, eli yayilixesha elibuhlungu kum.” Namhlanje, uJulio ungumdala kwakhona.

“KUGQALENI KULUVUYO OLUKHULU”

Umfundi uYakobi wabhala wathi: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo.” (Yak. 1:2) UYakobi wayebhekisela kwizilingo ezibangelwa yintshutshiso nakukungafezeki. Wakhankanya iminqweno yokuzingca, ukuba nekhethe, njalo njalo. (Yak. 1:14; 2:1; 4:1, 2, 11) Kusenokuba buhlungu xa uYehova esohlwaya. (Heb. 12:11) Kodwa ke oko akumele kusihluthe uvuyo lwethu.

Enoba sisuswe kwisigxina sembopheleleko ebandleni, sisenethuba lokuhlola umgangatho wokholo lwethu nokubonisa ukuba siyamthanda uYehova. Sisenokucinga nangento eyasenza sakhonza kweso sigxina. Ngaba kwakungenxa yengenelo  yethu, okanye kwakungenxa yokuthanda kwethu uThixo nokuqiniseka kwethu ukuba ibandla lelakhe ibe limele linyanyekelwe ngothando? (IZe. 20:28-30) Abazalwana ababengabadala nabaqhubeka benikela inkonzo engcwele ngovuyo babonisa bonke abantu, kuquka noSathana, ukuba bamthanda ngokwenene uYehova.

Xa uKumkani uDavide wohlwaywa ngesono sakhe esinzulu, wasamkela isohlwayo waza waxolelwa. UDavide wacula wathi: “Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe esigutyungelweyo. Unoyolo umntu uYehova angasibaleli kuye isiphoso, nekungekho nkohliso kumoya wakhe.” (INdu. 32:1, 2) UDavide wancedakala luqeqesho waza ngokungathabuzekiyo wabalusa kakuhle abantu bakaThixo.

Amaxesha amaninzi abazalwana abaphinda babe ngabadala balalusa kakuhle ngakumbi ibandla kunangaphambili. Omnye umzalwana owaphinda wangumdala wathi: “Ngoku ndikwazi bhetele ukunceda abo benza iimpazamo.” Omnye umdala wathi: “Ngoku ndilixabisa ngakumbi ilungelo lokukhonza abazalwana.”

NGABA UNOKUBUYELA?

Umdumisi wathi: “[UYehova] akayi kuqhubeka ehlab’ amadlala ngalo lonke ixesha.” (INdu. 103:9) Ngoko, asimele sicinge ukuba uThixo akanakuze aphinde amthembe umntu owenze impazamo enkulu. URicardo owaphulukana namalungelo akhe okuba ngumdala emva kokuba nguye kangangeminyaka uthi: “Izenzo zam zandishiya ndidanile. Kangangexesha elide, ukuziva ndingafaneleki kwandenza andafuna ukuphinda ndikhonze abazalwana njengomveleli. Ndandingacingi ukuba ndinokuphinda ndithenjwe ngabazalwana. Kodwa ekubeni ndikuthanda ukunceda abanye, ndakwazi ukuqhuba izifundo, ndakhuthaza abazalwana kwiHolo yoBukumkani ndaza ndasebenza nabo entsimini. Loo nto yandinceda ndaphinda ndazithemba, ibe ngoku ndikhonza njengomdala kwakhona.”

UYehova uye wanceda abantu ukuba baphinde bafumane uvuyo nomnqweno wokukhonza kwakhona

Ukufukama inzondo kunokumthintela umzalwana ekukhonzeni njengomdala. Sifanele sifane nomkhonzi kaYehova uDavide, ekwafuneka abaleke uKumkani uSawule owayenekhwele! UDavide  zange afune ukuziphindezelela kuSawule, nkqu naxa kwavela ithuba lokwenza njalo. (1 Sam. 24:4-7; 26:8-12) Xa uSawule wafa edabini, uDavide wamzilela, ebhekisela kuye nonyana wakhe uYonatan ngokuba ngabantu “abathandekayo nabahle.” (2 Sam. 1:21-23) UDavide zange afukame inzondo.

Ukuba uvakalelwa ukuba udlelw’ indlala, sukuvumela inzondo ilawule iingcinga zakho. Ngokomzekelo, xa uWilliam wayekiswa ukuba ngumdala emva kokuba nguye kangangeminyaka emalunga neyi-30 eBritani, wabaqumbela abanye abadala. Yintoni eyamnceda waphinda wanokholo olomeleleyo? Wathi: “Ndakhuthazwa kukufunda incwadi kaYobhi. Ukuba uYehova wamnceda uYobhi wenza uxolo namaqabane akhe amathathu, ngokuqinisekileyo wayeza kundinceda nam ndenze uxolo nabadala abangamaKristu!”—Yobhi 42:7-9.

UTHIXO UYABASIKELELA ABO BAPHINDA BABE NGABALUSI

Ukuba wazikhethela ukuyeka ukwalusa umhlambi kaThixo, kunokuba kuhle ukuzibuza ngesizathu soko. Ngaba wawuneengxaki zobuqu ezininzi? Ngaba ezinye izinto zabaluleka ngakumbi ebomini bakho? Ngaba wadinyazwa kukungafezeki kwabanye? Enoba sasiyintoni na isizathu, khumbula ukuba wawukwazi ukunceda abantu ngakumbi xa wawungumdala. Iintetho zakho zazibomeleza, umzekelo wakho wawubakhuthaza, ibe amatyelelo akho okwalusa ayebanceda banyamezele iimvavanyo. Umsebenzi wakho njengomdala othembekileyo wawungavuyisi intliziyo yakho nje kuphela kodwa nentliziyo kaYehova.—IMize. 27:11.

Bonisa ukuba uyamthanda uYehova ngokuba nenxaxheba kwinkonzo engcwele ngovuyo

UYehova uye wanceda abantu ukuba baphinde bafumane uvuyo nomnqweno wokukhokela ebandleni. Ukuba wayeka ukuba ngumdala okanye wayekiswa, unokuphinda ‘uzabalazele isigxina sobuveleli.’ (1 Tim. 3:1) UPawulos ‘zange ayeke ukuthandazela’ ukuba amaKristu aseKolose azaliswe lulwazi oluchanileyo lokuthanda kukaThixo ‘ukuze ahambe ngokumfaneleyo uYehova aze amkholise ngokupheleleyo.’ (Kol. 1:9, 10) Ukuba uphinde wanelungelo lokukhonza njengomdala, thembela kuYehova ukuba akunike amandla, umonde, novuyo. Kule mihla yokugqibela, abantu bakaThixo bafuna ukuxhaswa ngokomoya ngabadala abanothando. Ngaba unokukwazi ibe ukulungele ukomeleza abazalwana bakho?

^ isiqe. 3 Amanye amagama atshintshiwe.