Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU

I-“Eureka Drama” Yanceda Abaninzi Bafumana Inyaniso YeBhayibhile

I-“Eureka Drama” Yanceda Abaninzi Bafumana Inyaniso YeBhayibhile

“EUREKA!” Elo gama linye lithetha ukuthi: “Ndiyifumene!” Xa kwafunyanwa igolide eKhalifoniya, eUnited States ngeminyaka yee-1800, abantu abemba emgodini babedla ngokukhwaza elo gama bakubhaqa igolide. Noko ke, uCharles Taze Russell kunye nabanye aBafundi BeBhayibhile, babefumene into exabiseke nangakumbi—inyaniso yeBhayibhile. Ibe babezimisele ukuxelela abanye ngayo.

Kwathi kusiba sehlotyeni ngo-1914, zabe izigidi zabantu kwizixeko ezikhulu sele zithontelene ukuya kubukela i-“Photo-Drama of Creation,” ifilimu ethatha iiyure ezisibhozo eyaveliswa yi-International Bible Students Association (I.B.S.A.). Le filimu esekelwe eBhayibhileni, eyayinemifanekiso eshukumayo emihle, izilayidi ezimibalabala, amabali abangel’ umdla kunye nomculo weklasiki omyoli, yayithatha ababukeli ibase ukususela kwixesha lendalo ukuya kutsho kuLawulo Lweminyaka Eliwaka LukaYesu Kristu.—ISityhi. 20:4. *

Kodwa kuthekani ngabantu ababehlala kwiidolophu ezincinane nasezilalini? Ukuze kungabikho mntu unxanelwe inyaniso ophoswayo ngulo mboniso, ngoAgasti 1914 i-I.B.S.A. yakhulula i-“Eureka Drama”—ephantse ifane ne-“Photo-Drama” kodwa engenayo inxalenye eneemuvi. Kwakukho iindidi ezintathu zale drama, nganye kuzo ifumaneka ngeelwimi eziliqela: Eyokuqala, i-“Eureka X,” yayinawo onke amabali kunye nomculo. Eyesibini, i-“Eureka Y,” yayinazo zonke izinto ezirekhodiweyo kunye nezilayidi. Eyokugqibela, i-“Eureka Family Drama,” eyayenzelwe ukudlalwa emakhayeni, yayinamabali athile kunye neengoma. Abantu babenokuthenga neegramafoni kunye nezixhobo zokuzidlala ngemali ephantsi.

Izilayidi zaziboniswa ngeprojektha

Ekubeni kwakungekho mfuneko yezixhobo zokudlala ifilimu, aBafundi beBhayibhile babekwazi ukudlala le drama kwiindawo ezisemaphandleni, befikelela imimandla ekude ngesigidimi soBukumkani. I-“Eureka X,” eyayidlala isandi kuphela, yayinokudlalwa emini okanye ebusuku. I-“Eureka Y” eyayidlala izilayidi yayinokudlalwa ngaphandle kombane, kusetyenziswa isibane segesi. Ingxelo eyabhalwa kwiMboniselo yesiFinnish yayisithi: “Zimbalwa iindawo esingenakuyibonisa kuzo le mifanekiso.” Yayinyanisile le ngxelo!

Endaweni yokurenta iindawo ezinkulu, aBafundi beBhayibhile babedla ngokufumana iindawo ezingahlawulisiyo, njengeeklasi zesikolo, iinkundla zamatyala,  izitishi zetreyini kunye neendawo zokubuk’ iindwendwe kwimizi yabantu abanezindlu ezinkulu. Amaxesha amaninzi kwakudla ngokusetyenziswa iindawo eziphandle, ize imifanekiso ibukwe kwishiti elikhulu elimhlophe elixhonywe edongeni lendlu yokugcina ingqolowa. UAnthony Hambuch wathi: “Amafama ayedla ngokubeka iziqobo zomthi kwindawo evulekileyo, ukuze abantu bahlale kuzo baze baphulaphule.” Eli qela le-“Eureka” lalidla ngokuzifaka kwinqwelo zonke izixhobo, impahla kunye nezinto zokupheka.

Ngamanye amaxesha, abantu ababeze kubukela i-“Eureka” babesiba liqaqobana nje, baze ngamanye bafikelele kumakhulu. EUnited States, kweza abantu abayi-400 kwidolophu enabemi abayi-150. Kwenye indawo, abanye abantu bahamba iikhilomitha ezisibhozo ukuza kubukela le “Eureka Drama.” ESweden, abamelwane bakaCharlotte Ahlberg ababeze kuphulaphula le drama emzini wakhe “bachukumiseka” zizinto abazivayo. Kwesinye isixeko esisemaphandleni saseOstreliya, kweza abantu abayi-1 500. IMboniselo yathi kwizikolo nakwiikholeji, “ooprofesa kunye nabafundi bashiywa bebamb’ ongezantsi xa bebona imifanekiso yethu baze bave iigramafoni zethu ezitsho kamnandi.” I-“Eureka Drama” yayithandwa nakwiindawo ezinamaziko okudlala iimuvi.

UKUHLAKULELA IMBEWU YENYANISO

I-“Eureka Drama” yanceda naxa kwakusandiswa iiklasi zaBafundi beBhayibhile, apho ezi klasi zazidla ngokuthumela izithethi ukuze ziqalise iiklasi ezintsha. Kunzima ukwazi ukuba bangaphi abantu abayibonayo le drama. Kwezinye iindawo, le drama yayibukelwa kakhulu. Sekunjalo, ngo-1915, kumaqela ayi-86, yaba ngamaqela ayi-14 kuphela awayeyithumela rhoqo ingxelo yokuza kubukela kwabantu. Kodwa ke, ingxelo yokuphela konyaka yatsho kwathi qabu kuba ngabantu abangaphezu kwesigidi abayibukelayo le drama. Abantu abamalunga ne-30 000 bacela iincwadi zeBhayibhile.

Isenokuba zange idume kangako le-“Eureka Drama,” kodwa ukususela eOstreliya ukuya kutsho eArgentina, nokususela eMzantsi Afrika ukuya kuthi ga kwiziqithi zaseBritani, eIndiya nakwiCaribbean, le drama ikhethekileyo yabukelwa zizigidi zabantu. Abaliqela kubo bayifumana inyaniso yeBhayibhile—exabiseke ngaphezu kwegolide—ibe bakhwaza bathi “Eureka!”

^ isiqe. 4 Funda inqaku elithi “Siphakula Koovimba Bethu—Imbalasan’ Eyomelez’ Ukholo Igqib’ Iminyak’ Elikhulu” kwiMboniselo kaFebruwari 15, 2014, iphepha 30-32.