Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lisebenzise ILizwi LikaThixo—Liphilile!

Lisebenzise ILizwi LikaThixo—Liphilile!

“Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—HEB. 4:12.

1, 2. UYehova wamnika siphi isabelo uMoses, ibe wamqinisekisa wathini?

UCINGA ukuba ubuya kuvakalelwa njani xa ubuphambi koyena mlawuli unamandla emhlabeni ukuze uthethelele abantu bakaYehova? Mhlawumbi ubuya kuba nexhala, ungazinzi uze wothuke. Ubuya kuzilungiselela njani? Yiyiphi indlela obungenza ngayo ukuze amazwi akho abe namandla njengoko umela uThixo ongusomandla?

2 Yiloo meko kanye awayekuyo uMoses. UYehova waxelela le ndoda, ‘eyayiyeyona ilulamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba,’ ukuba uyithuma kuFaro ukuze iye kukhulula abantu bakaThixo kwingcinezelo nakubukhoboka baseYiputa. (Num. 12:3) UFaro wayengamhloneli uThixo ibe wayenekratshi. (Eks. 5:1, 2) Sekunjalo, uYehova wayefuna uMoses ayalele uFaro ukuba akhulule izigidi zamakhoboka akhe! UMoses wayefanele ukubuza uYehova ukuba: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa?” UMoses umel’ ukuba wayeziva engafaneleki. Kodwa uThixo wamqinisekisa ukuba akayi kumshiya. UYehova wathi: “Ndiya kuba nawe.”—Eks. 3:9-12.

3, 4. (a) Wayesoyika ntoni uMoses? (b) Anokukuxhobisa xa kutheni amava kaMoses?

3 Wayesoyika ntoni uMoses? Kubonakala ukuba wayenoloyiko lokuba uFaro akayi kuyibonela ntweni into yokuba  ungummeli kaYehova uThixo. Eny’ into, uMoses wayesoyika ukuba amaSirayeli akayi kukholelwa ukuba umiselwe nguYehova ukuba awakhuphe eYiputa. Ngenxa yoko, uMoses wathi kuYehova: “Kusenokwenzeka ukuba bangandikholelwa baze bangaliphulaphuli ilizwi lam, bathi, ‘UYehova akabonakalanga kuwe.’”—Eks. 3:15-18; 4:1.

4 Impendulo kaYehova kuMoses neziganeko ezalandelayo zinokusifundisa isifundo esibaluleke kakhulu. Ewe kona, usenokungaze uvele phambi kwegosa eliphakamileyo lakwarhulumente. Kodwa, ngaba akukhe kube nzima ukushumayela ebantwini abaqhelekileyo? Ukuba kukhe kube njalo, amava kaMoses aza kukuxhobisa.

“YINTONI LEYO ISESANDLENI SAKHO?”

5. UYehova wabeka ntoni esandleni sikaMoses, ibe loo nto yaluphelisa njani uloyiko lwakhe? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 Xa uMoses wathi woyika ukujongelwa phantsi, uThixo wamxhobisa ukuze aphumelele. Ingxelo ekwiEksodus, ithi: “Wathi uYehova [kuMoses]: ‘Yintoni leyo isesandleni sakho?’ Wathi yena: ‘Yintonga.’ Waza ke wathi: ‘Yiphose emhlabeni.’ Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; waza wayibaleka uMoses. Wathi ke ngoko uYehova kuMoses: ‘Yolula isandla sakho uze uyibambe ngomsila.’ Wasolula isandla sakhe waza wayibamba, yaza yaba yintonga entendeni yakhe. Waqhubeka wathi, ‘Ukuze bakholwe ukuba uYehova . . . ubonakele kuwe.’” (Eks. 4:2-5) UThixo wabeka esandleni sikaMoses into ekwakuya kubonwa ngayo ukuba isigidimi sakhe sivela kuYehova. Ngubani owayenokucinga ukuba intonga ingajika ibe yinyoka? Kodwa ngamandla kaThixo yajika! Loo nto yawenza anamandla amazwi kaMoses, kwacaca ukuba uxhaswa nguYehova! Ngenxa yoko, uYehova wathi kuye: “Le ntonga uze uyiphathe ngesandla sakho ukuze wenze imiqondiso ngayo.” (Eks. 4:17) Ekubeni ngoku wayenobungqina bokuba igunya ulinikwe nguThixo, uMoses waya kumela uThixo ezithembile kubantu bakhe nakuFaro.—Eks. 4:29-31; 7:8-13.

6. (a) Sifanele siphathe ntoni xa sishumayela, ibe ngoba? (b) Cacisa indlela ilizwi likaThixo eliphile nelinamandla ngayo.

6 Lo mbuzo unokuphakama nakuthi xa sisiya kushumayeza abanye: “Yintoni leyo isesandleni sakho?” Kumaxesha amaninzi siye siphathe iBhayibhile, silungele ukuyisebenzisa. Nangona abanye bengayithatheli ntweni iBhayibhile, uYehova uthetha nathi esebenzisa iLizwi lakhe eliphefumlelweyo. (2 Pet. 1:21) Inezithembiso zikaThixo eziphathelele izinto eziza kwenzeka phantsi koBukumkani bakhe. Kungenxa yeso sizathu le nto umpostile uPawulos wathi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” (Funda amaHebhere 4:12.) Zonk’ izithembiso zikaYehova ziyazaliseka, kuba uhlal’ eqinisekisa ukuba akukho nasinye angasizalisekisiyo. (Isa. 46:10; 55:11) Xa umntu eyiqonda le nto ngokuphathelele iLizwi likaYehova, oko akufunda eBhayibhileni kunokuba namandla okutshintsha ubomi bakhe.

7. Sinokuliphatha ngokufanelekileyo njani ilizwi?

7 UYehova ubeke esandleni sethu iLizwi lakhe eliphilayo nesinokungqina ngalo ukuba isigidimi sethu sithembekile ibe sivela kuye. Yiyo le nto uPawulos waxelela uTimoti xa wayemqeqesha ukuba azimisele ‘ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Sinokulisebenzisa njani icebiso likaPawulos? Ngokufunda iivesi ezikhethwe kakuhle ezinokufikelela iintliziyo zabo basiphulaphulayo. Amaphecana awakhululwa ngo-2013 enzelwe ukusinceda sikwazi ukuyenza le nto.

 SIKHETHE KAKUHLE ISIBHALO OSIFUNDAYO!

8. Wathini omny’ umveleli wenkonzo ngala maphecana matsha?

8 Onke la maphecana matsha ayafana. Ngoko, xa sikwazi ukusebenzisa elinye lawo, singakwazi ukuwasebenzisa onke. Ngaba kulula ukuwasebenzisa? Omnye umveleli wenkonzo waseHawaii, eUnited States, wathi: “Besingazi ukuba la maphecana aza kuba luncedo kangaka, kokubini kwindlu ngendlu nasesidlangalaleni.” Ufumanise ukuba indlela enziwe ngayo la maphecana yenza abantu bakhawuleze baphendule, nto leyo esoloko iphumela kwincoko ebangel’ umdla. Uthi le nto ibangelwa yimibuzo neempendulo ezahlukahlukeneyo umntu anokuzikhetha ezingaphambili kula maphecana. Akuyomfuneko ukuba umninimzi azikhathaze ngempendulo echanileyo.

9, 10. (a) Enziwe njani la maphecana matsha? (b) Ngawaphi amaphecana okhe waphumelela ekuwasebenziseni, ibe yintoni ekwenze waphumelela?

9 Iphecana ngalinye linevesi ekhethwe kakuhle. Ngokomzekelo, cinga ngephecana elithi Ngaba Ukubandezeleka Kuya Kuze Kuphele? Enoba umninimzi ukhetha ukuthi “ewe,” “hayi,” okanye “mhlawumbi,” wena nje vel’ utyhile ngaphakathi uze uthi, “Naku oko kuthethwa yiBhayibhile.” Emva koko ufund’ iSityhilelo 21:3, 4.

10 Kunjalo nangephecana elithi Uyijonga Njani IBhayibhile? Nokuba umninimzi ukhetha yiph’ impendulo, tyhila iphepha, uze uthi, “IBhayibhile ithi ‘sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.’” Usenokongeza uthi, “Le vesi iyaqhubeka.” Emva koko, uvule iBhayibhile yakho, ufund’ eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.

11, 12. (a) Yintoni ekwanelisayo entsimini? (b) Amaphecana angakunceda njani xa ulungiselela ukubuyela?

11 Into egqibayo ukuba ufunde indawo engakanani kwiphecana, ngumdla walo mntu uthetha naye. Qho xa uhambisa la maphecana, ngaphandle nje kokuwanika abantu, waneliswa kukubafundela iLizwi likaThixo—noba ubafundele ivesi enye okany’ ezimbini. Xa niphinda nidibana, uyakwazi ukuthath’ apho ubuyeke khona.

12 Kwiphecana ngalinye, ngasemva  kukho umxholo othi “Khawucinge Ngoku” neevesi ekunokuthethwa ngazo xa ubuyela. Kwiphecana elithi Ucinga Ntoni Ngekamva? xa ubuyela unokubuza umbuzo othi: “UThixo uza kulitshintsha njani libe ngcono ihlabathi?” Kucatshulwe uMateyu 6:9, 10 noDaniyeli 2:44. Kwelithi Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona? unokubuz’ uthi: “Kutheni sisaluphala size sife?” Kucatshulwe iGenesis 3:17-19 namaRoma 5:12.

13. Chaza indlela ongasiqalisa ngayo isifundo seBhayibhile usebenzisa amaphecana.

13 Qalis’ izifundo zeBhayibhile ngamaphecana. Xa umntu eskena ikhowudi engasemva ekuthiwa yiQR (quick response), uza kungena ngqo kwiWebhsayithi yethu eza kumkhuthaza ukuba afund’ iBhayibhile. Iphecana ngalinye libalaselisa isifundo esithile kwincwadana ethi Iindaba ezilungileyo ezivela kuThixo! Ngokomzekelo, elithi Ngubani Ngokwenene Olawula Ihlabathi? likhomba kwisifundo 5 sale ncwadana. Lona elithi Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe? likhomba kwisifundo 9. Ngokuwasebenzisa ngolu hlobo la maphecana, uya kukwazi ukuhlala uyisebenzisa iBhayibhile kutyelelo lokuqala naxa ubuyela. Loo nto inokuphumela ekubeni ube nezifundo eziliqela. Yintoni enye onokuyenza ukuze ulisebenzise kakuhle iLizwi likaThixo entsimini?

THETHA NGOMXHOLO OSEZINGQONDWENI ZABANTU

14, 15. Unokumxelisa njani uPawulos xa ulungiselela ukushumayela?

14 UPawulos wayenqwenela ukwazi indlela ecinga ngayo “inkoliso yabantu.” (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 9:19-23) Phawula uPawulos ukuba wayenethemba ‘lokuzuza amaYuda, abaphantsi komthetho, abangenamthetho nababuthathaka.’ Wayefun’ ukufikelela “kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke [asindise] abathile.” (IZe. 20:21) Sinokumxelisa njani uPawulos xa silungiselela ukushumayela “kubantu bazo zonke iintlobo”?—1 Tim. 2:3, 4.

15 KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani banyanga nganye, kubakho iintshayelelo onokuzisebenzisa. Khawuzizame. Kodwa ukuba kukho umxholo ongundaba mlonyeni kwintsimi yenu, lungiselela intshumayel’ ebangel’ umdla ngawo. Cinga ngendawo ohlala kuyo, abantu abahlala apho nangeyona nto ibaxhalabisayo. Emva koko, cinga ngevesi ethetha ngaloo nto. Omny’ umveleli wesiphaluka uthi xa echaza indlela abayisebenzisa ngayo iBhayibhile entsimini yena nenkosikazi yakhe: “Abant’ abaninzi bayasamkela xa singqala size sibethe koomofu. IBhayibhile siza sesiyivulile, kuth’ emva kokuba sibulisile, sifund’ ivesi.” Kwezi ziqendu zilandelayo, kukho imixholo, imibuzo neevesi ezikhe zasetyenziswa. Unokuzisebenzisa nawe.

Ngaba uyisebenzisa kakuhle iBhayibhile namaphecana entsimini? (Funda isiqendu 8-13)

16. Inokusetyenziswa njani incwadi kaIsaya 14:7 entsimini?

16 Ukuba uhlala kwindawo enolwaphulo-mthetho nogonyamelo, unokuthi emntwini: “Ucing’ ukub’ ingaze yenzeke into yokuba kuthiwe: ‘Umhlaba uphela uphumle, awuphazanyiswa. Abantu bachwayitile yintswahla yemivuyo’? Yiloo nto kanye ethethwa yiBhayibhile kuIsaya 14:7. EBhayibhileni uThixo uthembisa ukuba kwixesha elizayo kuza kubakho uxolo.” Ube sel’ ucel’ ukumfundela esinye sezo zithembiso eBhayibhileni.

17. Unokumsebenzisa njani uMateyu 5:3 xa uqalisa incoko?

17 Ngaba amadoda amaninzi ekuhlaleni akaphangeli? Ukuba kunjalo, unokuyiqalisa ngolu hlobo incoko: “Ucing’ ukuba indoda imel’ irhole malini ukuze  intsapho yayo yonwabe?” Emva kokuba ephendule, unokuthi: “Amadoda amaninzi afumana imali engaphezulu kunaleyo, kodwa iintsapho zawo azanelisekanga. Yintoni kanye kanye efunekayo?” Emva koko funda uMateyu 5:3 uze uqalise isifundo seBhayibhile.

18. Sinokubathuthuzela njani abanye ngoYeremiya 29:11?

18 Ngaba abantu bendawo ohlala kuyo basazikhoth’ amanxeba ngenxa yentlekele esandul’ ukwehla? Unokuyiqalisa ngolu hlobo incoko: “Ndize kukuthuthuzela. (Funda uYeremiya 29:11.) Uziphawulile izinto ezintathu asifunela zona uThixo? ‘Luxolo,’ ‘likamva,’ ‘nethemba.’ Akuvuyisi na ukwazi ukuba uThixo ufuna siphile kamnandi? Kodwa inokwenzeka njani loo nto?” Ube sel’ umbonisa isifundo esithetha ngalo mbandela kwincwadana ethi Iindaba Ezilungileyo.

19. Sinokusetyenziswa njani iSityhilelo 14:6, 7 ebantwini bonqulo?

19 Ngaba uhlala kwindawo enabantu abathand’ unqulo? Ukuba kunjalo, unokuyiqalisa ngolu hlobo incoko: “Ukub’ ingelosi ibinokuthetha nawe, ubungayimamela? (Funda iSityhilelo 14:6, 7.) Ekubeni le ngelosi isithi ‘moyikeni uThixo,’ ngaba akubalulekanga ukwazi ukuba nguwuphi lo Thixo ithetha ngaye? Le ngelosi isikrobisela ngokuthi ‘Lowo wenza izulu nomhlaba.’ Ngubani lowo?” Emva koko, funda iNdumiso 124:8, ethi: “Uncedo lwethu lusegameni likaYehova, uMenzi wezulu nomhlaba.” Cela ukumcacisela okungakumbi ngoYehova uThixo.

20. (a) Sinokuyisebenzisa njani iMizekeliso 30:4 ukuze sifundise umntu igama likaThixo? (b) Ngab’ ikhon’ ivesi edla ngokukunceda xa uyisebenzisa?

20 Kumntu oselula, unokuyiqalisa ngolu hlob’ incoko: “Ndicela ukukufundela ivesi enombuzo obalulekileyo. (Funda iMizekeliso 30:4.) Akakh’ umntu onokuchazwa ngale ndlela, ngoko ngokuqinisekileyo le vesi ithetha ngoMdali wethu. * Sinokulazi njani igama lakhe? Ndithand’ ukukubonis’ eBhayibhileni.”

SEBENZISA AMANDLA ELIZWI LIKATHIXO ENTSIMINI

21, 22. (a) Ivesi ekhethwe kakuhle inokubutshintsha njani ubomi bomntu? (b) Uzimisel’ ukwenza ntoni kumsebenzi wakho wokushumayela?

21 Ngeke wazi ukuba abantu baza kusabela njani kwivesi ekhethwe kakuhle. Ngokomzekelo, amaNgqina amabini eOstreliya ankqonkqoza kwindlu yeliny’ ibhinqa eliselula. Elinye iNgqina lathi: “Uyalazi igama likaThixo?” labe selifunda isibhalo esinye—iNdumiso 83:18. Eli bhinqa lithi: “Ndothuka ndaphants’ ukuwa! Emva kokuba emkile, ndahamba iikhilomitha eziyi-56 ndisiya kujong’ eziny’ iinguqulelo zeBhayibhile kwivenkile ethengisa iincwadi ndaza ndalijonga eli gama nakwisichazi-magama. Emva kokuba ndiqinisekile ukuba nyhani igama likaThixo nguYehova, ndazibuza ukuba kazi yintoni enye endingayaziyo.” Kungekudala nje emva koko, lona nomntu elaliza kutshata naye baqalisa ukufund’ iBhayibhile, baza kamva babhaptizwa.

22 ILizwi likaThixo liyabutshintsha ubomi bomntu olifundayo ibe limenza azikholelwe izithembiso zikaYehova. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:13.) IBhayibhile inamandla kunayo nantoni na esinokuyithetha ukuze sifikelele intliziyo yomntu. Ngenxa yoko, sihlandlo ngasiny’ esivelayo, sifanele sisebenzise iLizwi likaThixo. Liphilile!

^ isiqe. 20 Funda “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJulayi 15, 1987, iphepha 31.

Ngaba uyisebenzisa kakuhle iBhayibhile namaphecana entsimini?

(Funda isiqendu 8-13)