Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyakufumana ‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’?

Ngaba Uyakufumana ‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’?

SIPHILA kwelona xesha linzima embalini yabantu. (2 Tim. 3:1-5) Indlela esimthanda ngayo uYehova nokuzimisela kwethu ukumthobela kuvavanywa mihla le. UYesu wayesazi ukuba le nto iza kwenzeka, ibe wabaqinisekisa abalandeli bakhe ukuba wayeza kubanika amandla okunyamezela de kube sekupheleni. (Mat. 24:3, 13; 28:20) Ukuze abomeleze, wamisela ikhoboka elithembekileyo elaliza kubanika ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’—Mat. 24:45, 46.

Ukususela ekumiselweni kwekhoboka elithembekileyo ngo-1919, izigidi ‘zabendlu’ bazo zonke iilwimi ziye zaqokelelwa zaza zangeniswa kwintlangano kaThixo ukuze zinikwe ukutya kokomoya. (Mat. 24:14; ISityhi. 22:17) Noko ke, ezinye iimpapasho azifumaneki kwezinye iilwimi, ibe asingabo bonke abantu abakwaziyo ukuzifumana iimpapasho zethu ezikwi-intanethi. Ngokomzekelo, abaninzi abanazo iividiyo neempapasho ezifumaneka kwiwebhsayithi ethi jw.org kuphela. Ngaba oku kuthetha ukuba abanye bayaphoswa kukutya kokomoya okufunekayo ukuze bahlale bengamaKristu omeleleyo? Ukuze siphenduleke kakuhle, makhe siqale siphendule le mibuzo mine.

 1. Yiyiphi eyona nto iphambili ekutyeni esikunikwa nguYehova?

Xa uSathana wahenda uYesu ukuba ajike amatye abe zizonka, uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mat. 4:3, 4) Amazwi kaYehova abhalwe eBhayibhileni. (2 Pet. 1:20, 21) Ngoko ke, iBhayibhile yeyona nto iphambili ekutyeni kokomoya esikufumanayo.—2 Tim. 3:16, 17.

Intlangano kaYehova iye yavelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo okanye inxalenye yayo ngeelwimi ezingaphezu kwe-120, ibe nyaka ngamnye kongezwa ezingakumbi. Ngaphezu koko, kukho iibhiliyon zeekopi zezinye iiBhayibhile, ezipheleleyo okanye ezinenxalenye, ngeelwimi ezingamawakawaka. Lo mmangaliso wento uyavisisana nomnqweno kaYehova wokuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:3, 4) Ekubeni kungekho “sidalwa singabonakaliyo emehlweni” kaYehova, sinokuqiniseka ukuba uya kubasondeza kwintlangano yakhe “abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya” aze abanike ukutya kokomoya.—Heb. 4:13; Mat. 5:3, 6; Yoh. 6:44; 10:14.

2. Iimpapasho zethu zisinceda njani sifumane ukutya kokomoya?

Ukuze umntu abe nokholo olomeleleyo, kufuneka angapheleli ekufundeni iBhayibhile. Kufuneka ayiqonde kakuhle into ayifundayo aze ayiphile. (Yak. 1:22-25) Ngenkulungwane yokuqala, enye indoda yomTiyopiya eyayilithenwa yayiyiqonda kakuhle loo nto. Yathi ifunda iLizwi likaThixo, uFilipu owayengumvangeli wayibuza: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” Le ndoda yaphendula yathi: “Ngokwenene, ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” (IZe. 8:26-31) UFilipu wanceda eli thenwa lalazi ngendlela echanileyo iLizwi likaThixo. Lachukumiseka kakhulu zizinto elazifundayo kangangokuba labhaptizwa. (IZe. 8:32-38) Ngendlela efanayo, iimpapasho zethu ezisekelwe eBhayibhileni zisinceda siyazi ngokuchanileyo inyaniso. Ziye zasichukumisa zaza zasenza saziphila izinto esizifundayo.—Kol. 1:9, 10.

Iimpapasho zethu zinika abakhonzi bakaYehova ‘ukutya neziselo’ ezaneleyo. (Isa. 65:13) Ngokomzekelo, IMboniselo, efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-210, icacisa iziprofeto zeBhayibhile, isincede siyiqonde nzulu inyaniso ize isenze sifune ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. UVukani! opapashwe ngeelwimi ezimalunga ne-100, usinika ulwazi olungakumbi ngendalo kaYehova uze usibonise indlela yokuthobela iziluleko zeBhayibhile. (IMize. 3:21-23; Roma 1:20) Ikhoboka elithembekileyo livelisa iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kwe-680! Ngaba suku ngalunye uzibekela ixesha lokufunda iBhayibhile? Ngaba uzifunda zonke iimagazini kunye neencwadi ezifumaneka ngolwimi lwakho nyaka ngamnye?

Ngaphezu kokuvelisa iimpapasho, intlangano kaYehova ilungiselela iintetho ezisekelwe eBhayibhileni ezinikelwa kwiintlanganiso nakwiindibano zethu. Ngaba uyazithanda iintetho, iidrama, imiboniso kunye nodliwano-ndlebe olwenziwa kwezi ndibano? Eneneni, uYehova usinika ukutya kokomoya okuyintabalala!—Isa. 25:6.

 3. Ukuba azifumaneki zonke ngolwimi lwakho iincwadi zethu, ngaba loo nto ithetha ukuba uza kulamba ngokomoya?

Hayi. Ayimele isothuse into yokuba ngamanye amaxesha abanye abakhonzi bakaYehova bafumane ukutya kokomoya okuninzi kunabanye. Ngoba? Cinga nje ngabapostile. Babefumana iimfundiso ezingakumbi kunabanye abafundi benkulungwane yokuqala. (Marko 4:10; 9:35-37) Sekunjalo, abanye abafundi babengaswele nto, kuba babekufumana ukutya kokomoya ababekudinga.—Efe. 4:20-24; 1 Pet. 1:8.

Simele sikhumbule nokuba izinto ezininzi ezathethwa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni azibhalwanga kwingxelo yeVangeli. Umpostile uYohane wathi: “Kukho, enyanisweni, nezinye izinto ezininzi uYesu awazenzayo, ezo, ukuba bezibhalwe ngokweenkcukacha ezipheleleyo, ndiba, ihlabathi ngokwalo belingenakuyiqulatha imisongo ebinokubhalwa.” (Yoh. 21:25) Nakuba abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala babenenkcazelo engakumbi ngoYesu kunathi, loo nto ayithethi kuthi kukho into esiphosileyo. UYehova uye waqinisekisa ukuba sifumana ulwazi olwaneleyo ngoYesu ukuze silandele emanyathelweni akhe.—1 Pet. 2:21.

Cinga nangeeleta ezathunyelwa ngabapostile kumabandla enkulungwane yokuqala. Ubuncinane kukho ileta enye eyabhalwa nguPawulos engekhoyo eBhayibhileni. (Kol. 4:16) Ngaba ukungabikho kwaloo leta kuthetha ukuba asinakutya kokomoya kwaneleyo? Tu kaloku. UYehova ukwazi kakuhle oko sikudingayo, ibe usinike ukutya okwaneleyo ukuze sihlale somelele.—Mat. 6:8.

UYehova ukwazi kakuhle oko sikudingayo, ibe usinike ukutya okwaneleyo ukuze sihlale somelele

Namhlanje, abanye abakhonzi bakaYehova banokutya kokomoya okuninzi kunabanye. Ngaba kukho iimpapasho ezimbalwa nje kuphela ngolwimi oluthethayo? Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba uYehova ukukhathalele. Funda ezo ncwadi zikhoyo, uze ukuba kunokwenzeka, uye kwiintlanganiso ekuthethwa ulwimi lwakho kuzo. UYehova uza kukunceda uhlale womelele.—INdu. 1:2; Heb. 10:24, 25.

4. Ukuba awukwazi ukufumana iimpapasho ezikwiwebhsayithi ethi jw.org, ngaba oko kuthetha ukuba ukholo lwakho luza kuba buthathaka?

KwiWebhsayithi yethu, sipapasha iimagazini zethu kunye nezinye iincwadi ezikunceda wazi iBhayibhile. Le Webhsayithi inawo namanqaku anceda izibini, abaselula kunye nabazali abanabantwana abancinane. Iintsapho zinokungenelwa xa zifunda la manqaku kuNqulo Lwentsapho. Ukongezelela, iWebhsayithi yethu isixelela nangezihlandlo ezikhethekileyo, njengokuphumelela kwabo baye kwisikolo saseGiliyadi nentlanganiso ebanjwa minyaka le kwikomkhulu lethu, ibe inceda onke amaKristu ehlabathini lonke ahlale esazi ngeentlekele zemvelo nangemithetho yamazwe eye yachaphazela abantu bakaYehova. (1 Pet. 5:8, 9) Iyanceda nasekushumayeleni kumazwe apho kunzima ukushumayela iindaba ezilungileyo okanye apho umsebenzi wethu uvaliweyo khona.

Noko ke, enoba uyakwazi ukungena kwiWebhsayithi yethu okanye akunjalo, unokuhlala womelele. Ikhoboka liye lasebenza nzima ukuze lisiprintele iimpapasho ezaneleyo ukuze sihlale sondlekile. Ngoko, awumele uzive unyanzelekile ukuthenga izinto zeteknoloji eziza kukunceda ungene kule Webhsayithi. Abanye basenokuprinta iimpapasho ezithile ezikwiWebhsayithi yethu besenzela abantu abangenayo i-intanethi, kodwa amabandla akanyanzelekanga ukuba akwenze oku.

Siyambulela uYesu kuba eye wasigcina isithembiso sokuba uza kusinika ukutya kokomoya. Njengokuba le mihla yokugqibela isiya ngasekupheleni, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuqhubeka esinika ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’