IMBONISELO—EFUNDWAYO Septemba 2014

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngo-Oktobha 27-Novemba 30, 2014.

Ngaba ‘Uzabalazela Umsebenzi Omhle’?

Yiyiphi indlela efanelekileyo yokukwenza oku?

Ngaba Weyisekile Ukuba Uyifumene Inyaniso? Ngoba?

Eli nqaku lithetha ngezizathu zokuba abantu abaninzi beye bavuma ukuba amaNgqina kaYehova ayifumene inyaniso. Siza kubona nezizathu zokuba amaNgqina ngokwawo eyiseke ukuba anenyaniso.

Khonza UThixo Ngokunyaniseka Nakuba Ujongene ‘Neembandezelo Ezininzi’

Wonke umntu uyabandezeleka ngenxa yokuphila kweli hlabathi likaSathana. Ziziphi ezinye iindlela uSathana ahlasela ngazo? Sinokuzixhobela njani?

Bazali—Yibani Ngabalusi Kubantwana Benu

Abazali banembopheleleko yokukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Eli nqaku lithetha ngeendlela ezintathu abazali abanokubalusa ngazo abantwana babo baze babancede bathande uYehova.

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba oko kuthethwa yiBhayibhile kwiNdumiso 37:25 nakuMateyu 6:33 kuthetha ukuba uYehova akasoze amvumele umKristu alambe?

Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya Kutshitshiswa

Ukufa nezinto ezikubangelayo zenza usizi. Kutheni abantu besifa? Utshaba lokugqibela olukukufa luya kutshitshiswa njani? (Eyoku-1 kwabaseKorinte 15:26) Khawuve indlela iimpendulo zale mibuzo ezibonisa ngayo ukuba uYehova unobulungisa, unobulumko, ibe ubalasele ngokuba nothando.

Ungabalibali Abo Bakwinkonzo Yexesha Elizeleyo

Abanquli bakaYehova basebenza nzima kwinkonzo yexesha elizeleyo. Yintoni esinokuyenza ukuze sikhumbule ‘umsebenzi wabo wokuthembeka nokubulaleka kwabo beqhutywa luthando’?—Eyoku-1 kwabaseTesalonika 1:3.