Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Weyisekile Ukuba Uyifumene Inyaniso? Ngoba?

Ngaba Weyisekile Ukuba Uyifumene Inyaniso? Ngoba?

“Nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”ROMA 12:2.

1. Yintoni ebisenziwa ngabefundisi beNgqobhoko ngexesha lemfazwe?

NGABA kukuthanda kukaThixo ukuba amaKristu okwenyaniso aye emfazweni aze abulale abantu bolunye uhlanga? Kule minyaka iyi-100 idluleyo, yiloo nto kanye ebisenziwa ngabo bazibiza ngokuba ngamaKristu. Abefundisi bezomkhosi bamaKatolika bebethandazela umkhosi welizwe labo nezixhobo zawo, ukuze woyise amanye amaKatolika ohlanga abalwa nalo. Nabefundisi bamaProtestanti bebesenza into efanayo. Le nto iye yaphumela kwindyikityha yokufa kwiMfazwe Yehlabathi II.

2, 3. Yintoni eyenziwa ngamaNgqina kaYehova ngeMfazwe Yehlabathi II nasemva koko, ibe ngoba?

2 Enza ntoni wona amaNgqina kaYehova ngexesha lemfazwe? Imbali ibonisa ukuba ahlal’ engathathi cala. Kwakutheni? Kwakungenxa yomzekelo neemfundiso zikaYesu. Wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yoh. 13:35) Akhumbula nemigaqo ekwincwadi kaPawulos eyayisiya kumaKristu aseKorinte, aza ayisebenzisa kwimeko yawo.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 10:3, 4.

3 Ngoko, amaKristu okwenyaniso nanesazela esiqeqeshwe yiBhayibhile, akafundi mfazwe okanye abe nenxaxheba kuyo. Ngenxa yoku, amawaka amaNgqina kaYehova, aselula nakhulileyo, amadoda namabhinqa, aye atshutshiswa. Amaninzi aye aphathwa kakubi kwiinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo nasezintolongweni. Ngexesha lamaNazi eJamani, amanye ayede abulawe. Nakuba ayejamelene nentshutshiso ekrakra eYurophu, amaNgqina akazange alulibale uthumo lwawo lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaYehova. Akwenza ngokuthembeka oku—ezintolongweni, kwiinkampu zoxinaniso naselubhacweni. * Kwiminyaka kamva, ngo-1994, amaNgqina akazange abandakanyeke ekubulaweni kwenkitha yabantu eRwanda. Ahlala engathath’ icala nakwimfazwe eyahlula ilizwe elalisakuba yiYugoslavia.

4. Ukungathath’ icala kwamaNgqina kaYehova kubachaphazele njani abanye?

4 Ukuzimisela kwamaNgqina kaYehova ukungathath’ icala, kwaqinisekisa amawaka abantu abasehlabathini lonke ukuba amaNgqina amthanda ngokwenene uThixo nommelwane. Ngamanye amazwi, angamaKristu okwenyaniso. Zikhona nezinye izinto eziye zaqinisekisa abantu ukuba xa bebona amaNgqina kaYehova, babona amaKristu okwenyaniso.

OWONA MSEBENZI UFUNDISAYO EMBALINI

5. Luluphi utshintsho ekwafuneka balwenze abafundi bakaKristu bokuqala?

5 Kamsinya nje emva kokuqalisa ubulungiseleli bakhe, uYesu wenza kwacaca ukuba ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngowona msebenzi ubalulekileyo emhlabeni. Wakhetha abafundi abayi-12 ukuze baqale lo msebenzi owawuza kwenziwa emhlabeni wonke, waza kamva, waqeqesha abanye abafundi abayi-70. (Luka 6:13; 10:1) Wabaqeqeshela ukufundisa iindaba ezilungileyo kumaYuda kuqala. Emva koko, babeza kuya kushumayela kubantu beentlanga abangalukanga. Olunjani utshintsho ekwakuza kufuneka balwenze abafundi abangamaYuda abazinikeleyo!—IZe. 1:8.

6. Wasabela njani uPetros kukungakhethi buso kukaYehova?

6 Umpostile uPetros wathunyelwa kwikhaya likaKorneli, umntu weeNtlanga ongalukanga. UPetros watsho waqonda ukuba uThixo akakhethi buso. UKorneli nendlu yakhe babhaptizwa. UbuKristu babusanda; abantu beentlanga bava inyaniso baza bayamkela. (IZe. 10:9-48) Ngoku intsimi yayilihlabathi lonke.

7, 8. Yintoni eyenziwe ngamaNgqina kaYehova ukuze ancede abantu bave iindaba ezilungileyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 Kule mihla yethu, abo bakhokelayo kwintlangano kaYehova baxhasa baze balungiselele ukuba umsebenzi wokushumayela nokufundisa wenziwe ehlabathini lonke. Namhlanje, aphantse abe zizigidi ezisibhozo amaNgqina anenzondelelo awenza konke okusemandleni awo ukusasaza umyalezo kaKristu ngeelwimi ezingaphezu kwe-600, ibe ziseza kwanda! AmaNgqina kaYehova abonwa ngomsebenzi wawo wokushumayela kwindlu-ngendlu nasezitratweni, maxa wambi esebenzisa iitafile neenqwelo ezineencwadi.

8 Bangaphezu kwe-2 900 abaguquleli abaqeqeshelwe ukuguqulela iBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo. Abaguquleli kwiilwimi ezinkulu nje kuphela. Benza umgudu wokuguqulela nakwiilwimi ezingamakhulukhulu ezingadumanga, kodwa zibe zithethwa zizigidi zabantu. Ngokomzekelo, eSpeyin azizigidi amaCatalan athetha ulwimi lwawo lweenkobe, isiCatalan, kubomi bawo bemihla ngemihla. Kutshanje, abantu abaninzi baye baqalisa ukuthetha isiCatalan kwizixeko zaseAndorra, eAlicante, kwiiBalearic Islands, naseValencia. Ngoku amaNgqina kaYehova avelisa uncwadi lweBhayibhile ngesiCatalan, ibe neentlanganiso ziqhutywa ngolwimi oluchukumis’ iintliziyo zamaCatalan.

9, 10. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba intlangano kaThixo ifuna bonke abantu bafunde inyaniso?

9 Lo msebenzi wokuguqulela nokufundisa wenziwa nakwezinye iintlanga. Ngokomzekelo, abantu abaninzi eMexico bathetha iSpanish, kodwa abaninzi bakhula bethetha ezinye iilwimi. Enye yezo lwimi sisiMaya. Ngoko iqela lokuguqulela lesiMaya lathunyelwa lisebe laseMexico ukuba liye kuhlala kwindawo ekuthethwa isiMaya kuyo ukuze lithethe lize live indlela esithethwa ngayo kubomi bemihla ngemihla. Omnye umzekelo woku sisiNepali, enye yeelwimi ezithethwa eNepal, ilizwe elinabantu abangaphezu kwezigidi eziyi-29. Kukho iilwimi eziyi-120 ezithethwa kweli lizwe, kodwa bangaphezu kwezigidi ezilishumi abantu abathetha isiNepali ibe abanye basithetha njengolwimi lwesibini. Iincwadi zethu ezisekelwe eBhayibhileni ziveliswa nangolu lwimi.

10 Umsebenzi wokuguqulela owenziwa ehlabathini lonke ubonisa indlela intlangano kaYehova ewujonga njengobaluleke ngayo umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani emhlabeni wonke. Kuye kwahanjiswa izigidi ngezigidi zamaphecana, iincwadana neemagazini kumaphulo ehlabathini lonke, ngaphandle kwentlawulo. Iindleko zibhatalwa ngeminikelo yokuzithandela yamaNgqina kaYehova, athobela umyalelo kaYesu othi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”—Mat. 10:8.

Iqela lokuguqulela lilungiselela ukuguqulela ngesiLow German (Funda isiqendu 10)

Iincwadi zethu zesiLow German ziluncedo eParaguay (Jonga nomfanekiso osekuqaleni)

11, 12. Bathini abantu ngomsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa esiwenza emhlabeni wonke?

11 Njengabashumayeli nabafundisi abangamaKristu, amaNgqina kaYehova aqinisekile ukuba ayifumene inyaniso kangangokuba ancama izinto ezithile ukuze abelane nabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo ngesigidimi. Abanye baye baphila ubomi obulula, bafunda olunye ulwimi, baza baqhelana nendlela yokuphila yezinye iindawo ukuze benze lo msebenzi ubalulekileyo wamaKristu. Ngenxa yokuba sishumayela yaye sifundisa emhlabeni wonke, abantu abaninzi bathi amaNgqina kaYehova ngabalandeli bokwenene bakaYesu Kristu.

12 AmaNgqina akwenza konke oku kuba eqinisekile ukuba ayifumene inyaniso. Kodwa yintoni enye eqinisekisa izigidi zabantu ukuba amaNgqina kaYehova ayifumene inyaniso?—Funda amaRoma 14:17, 18.

ISIZATHU SOKUBA SIKHOLELWA

13. AmaNgqina aye ayigcina njani intlangano icocekile?

13 Sinokungenelwa kumagqabaza amaKristu azinikeleyo exesha lethu. Omnye umkhonzi kaYehova onexesha elide emkhonza wathi: “Yonke imigudu eyenziwayo yenzelwa ukugcina intlangano kaYehova icocekile ibe ingadyobhekanga, enoba ngubani ekufuneka elulekiwe okanye ohlwayiwe.” AmaNgqina kaYehova awufikelela njani lo mlinganiselo uphakame kangaka? Ngokulandela imilinganiselo eseLizwini likaThixo nomzekelo owamiselwa nguYesu nabafundi bakhe. Ngenxa yoko, kule mihla yethu baye bambalwa abantu abakhutshelwa ngaphandle kwibandla lamaKristu ngenxa yokungayithobeli imilinganiselo kaThixo. Abaninzi—kuquka nabanye ababephila ngendlela engacocekanga phambi koThixo baza baguquka—baphila ngendlela ecocekileyo nengumzekelo.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11.

14. Baye benza ntoni abantu abaninzi abakhutshelwe ngaphandle, ibe oku kuphumele entwenini?

14 Kuthekani ngabo baye bakhutshelwa ngaphandle, ngokuvisisana nolwalathiso lweZibhalo? Amawaka aye aguquka kwizenzo zawo ezingezozabuKristu aza abuyiselwa ebandleni. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 2:6-8.) Ukubambelela kwimilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha eseBhayibhileni kuye kwenza ibandla lamaKristu lacoceka laza lathenjwa ngabantu. Ukubambelela kwamaNgqina kaYehova kwimilinganiselo kaThixo—ngokwahlukileyo kuvula-zibhuqe osezicaweni—kukodwa nje kuye kwaqinisekisa abaninzi ukuba amaNgqina ayayiphila inyaniso.

15. Yintoni eyaqinisekisa omnye umzalwana ukuba uyifumene inyaniso?

15 Kutheni amanye amaNgqina anamava ekholelwa ukuba ayifumene inyaniso? Omnye umzalwana oneminyaka eyi-54 wathi: “ Kwasebutsheni bam bendikholelwa ukuba ukholo lwam lusekelwe kwizinto ezintathu: (1) ukuba uThixo ukho; (2) uphefumlele iBhayibhile; ibe (3) usebenzisa ibandla lamaKristu lamaNgqina kaYehova namhlanje. Ukutyhubel’ iminyaka bendisoloko ndifunda, ndivavanya enoba ezo zinto zisenjalo kusini na. Ubungqina endibubonileyo unyaka nonyaka kuzo zontathu ezo zibakala buye bomeleza ukholo lwam ndaza ndaqiniseka ukuba siyibambile inyaniso.”

16. Yintoni eyaqinisekisa omnye udade ukuba uyifumene inyaniso?

16 Omnye udade otshatileyo nokhonza kwikomkhulu eNew York wathetha ngento eyamqinisekisayo ukuba uyifumene inyaniso. Uthi yintlangano kaYehova kuphela exelela abanye ngegama likaYehova, elivela eBhayibhileni malunga nezihlandlo eziyi-7 000. Ukhuthazwa nasisibhalo esikweyesi-2 kwiziKronike 16:9 esithi: “Amehlo [kaYehova] asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” Wongezelela ngokuthi: “Inyaniso indibonise indlela yokuba nentliziyo epheleleyo ukuze uYehova awabonakalise kakuhle amandla akhe kum. Ubuhlobo bam noYehova buxabisekile kum. Ndiyayixabisa nendima kaYesu yokundinika ulwazi olundincedayo ngoThixo.”

17. Yintoni aqiniseke ngayo omnye umntu owayekade engakholelwa kubukho bukaThixo, ibe ngoba?

17 Omnye umntu owayengakholelwa kubukho bukaThixo wavuma wathi: “Indalo iyandiqinisekisa ukuba uThixo ufuna uluntu lunandiphe ubomi, ngoko akasoze avumele ukubandezeleka kubekho ngonaphakade. Ukongezelela, njengoko ihlabathi liqatsela ebubini, abantu bakaYehova bayakhula elukholweni, inzondelelo nothando. Ngumoya kaYehova kuphela onokubangela lo mmangaliso.”—Funda eyoku-1 kaPetros 4:1-4.

18. Kutheni abanye abazalwana ababini beyisekile ukuba bayifumene inyaniso, ibe uvakalelwa njani ngaloo nto?

18 Elinye iNgqina ebelikhonza kangangeminyaka lachaza izizathu zokukholelwa inyaniso esiyishumayelayo: “Njengoko bendifunda kangangeminyaka, ndiye ndeyiseka ukuba amaNgqina enze umgudu wokubuyela kwindlela awayesenza ngayo amaKristu enkulungwane yokuqala. Ndiye ndazibonela umanyano lwamaNgqina kaYehova emhlabeni wonke njengoko bendihamba emazweni. Inyaniso eseBhayibhileni indinike ulwaneliseko nolonwabo.” Xa omnye umzalwana oneminyaka engaphezu kweyi-60 wabuzwa ngesizathu sokuba eyisekile ukuba uyifumene inyaniso, wanikela ingqalelo kuYesu uKristu, wathi: “Sifunde ngocoselelo ubomi nobulungiseleli bukaYesu saza sawuqonda umzekelo wakhe. Siye senza utshintsho kwindlela esiphila ngayo ukuze sisondele kuThixo ngoKristu uYesu. Siyaqonda ukuba idini lentlawulelo likaKristu sisiseko sosindiso lwethu. Siyazi nokuba wavuswa kwabafileyo. Sinamangqina okuzibonela.”—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:3-8.

SIFANELE SENZE NTONI NGALE NYANISO?

19, 20. (a) Yiyiphi imbopheleleko awayikhankanyayo uPawulos kwileta yakhe awayeyibhalela abaseRoma? (b) NjengamaKristu azinikeleyo, liliphi ilungelo esinalo?

19 NjengamaKristu athanda ummelwane wethu, asinakuyigcina kuthi le nyaniso. UPawulos wathi kubazalwana bakhe baseRoma: “Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo lizwi lisemlonyeni wakho, lokuba uYesu uyiNkosi, uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa. Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.”—Roma 10:9, 10.

20 NjengamaNgqina azinikeleyo kaYehova, seyisekile ukuba sinenyaniso ibe siyaliqonda ilungelo esinalo lokuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngoko, zibekele usukelo lokuba ungafundisi abanye iBhayibhile nje kuphela, kodwa ubabonise nangendlela ophila ngayo ukuba weyisekile ukuba uyifumene inyaniso.

^ isiqe. 3 Funda incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 191-198, 448-454.