Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungabalibali Abo Bakwinkonzo Yexesha Elizeleyo

Ungabalibali Abo Bakwinkonzo Yexesha Elizeleyo

“Asiwulibali umsebenzi wenu wokuthembeka, nokubulaleka kwenu niqhutywa luthando.”—1 TES. 1:3.

1. UPawulos wayevakalelwa njani ngabantu abakhonza uYehova ngokuzimisela?

UMPOSTILE uPawulos wayengabalibali abo babesebenza nzima ngenxa yeendaba ezilungileyo. Wathi: “Asiwulibali umsebenzi wenu wokuthembeka, nokubulaleka kwenu niqhutywa luthando, nokunyamezela kwenu ngenxa yethemba eninalo eNkosini yethu uYesu Kristu phambi koThixo uBawo wethu.” (1 Tes. 1:3) NoYehova ngokwakhe akayilibali imigudu yabo bamkhonza ngokuthembeka, enoba iimeko zobomi zibavumela ukuba benze okuninzi okanye okuncinane.—Heb. 6:10.

2. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

2 AmaKristu amaninzi—mandulo nakule mihla yethu—aye ancama izinto ezininzi ukuze amkhonze ixesha elizeleyo uYehova. Makhe sithethe ngendlela abanye abaye bamkhonza ngayo ngenkulungwane yokuqala. Siza kuhlolisisa neendidi ezahlukahlukeneyo zenkonzo yexesha elizeleyo ezikhoyo kule mihla, size sibone ukuba sinokubakhumbula njani abo baye bazinikela ukuze bakhonze uYehova ngendlela ekhethekileyo.

AMAKRISTU ENKULUNGWANE YOKUQALA

3, 4. (a) Amanye amaKristu enkulungwane yokuqala ayekhonza njengantoni? (b) Babencedwa njani ukuze bafumane izinto eziyimfuneko?

3 Kungekudala emva kokuba ebhaptiziwe, uYesu waqalisa umsebenzi owawuza kwenziwa emhlabeni wonke. (Luka 3:21-23; 4:14, 15, 43) Emva kokufa kwakhe, abapostile bakhe bakhokela ekuwenzeni lo msebenzi nakwamanye amazwe. (IZe. 5:42; 6:7) Amanye amaKristu, njengoFilipu, baba ngabavangeli nabathunywa bevangeli ePalestina. (IZe. 8:5, 40; 21:8) UPawulos nabanye banwenwela kwamanye amazwe. (IZe. 13:2-4; 14:26; 2 Kor. 1:19) Abanye—njengoSilvano (uSilas), uMarko noLuka—baba ngabakhupheli nababhali. (1 Pet. 5:12) Oodade abangamaKristu babesebenza kunye naba bazalwana bathembekileyo. (IZe. 18:26; Roma 16:1, 2) Amava abo bonke abo bazalwana enza kube mnandi ukufunda iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ibe abonisa ukuba uYehova akabalibali abakhonzi bakhe.

4 Abantu ababekwinkonzo yexesha elizeleyo ngaloo mihla babezifumana njani izinto eziyimfuneko? Maxa wambi, babedla ngokuncedwa ngamanye amaKristu, kodwa babenganyanzelisi mntu ukuba abancede. (1 Kor. 9:11-15) Abantu kunye namabandla babebanceda ngokuzithandela. (Funda iZenzo 16:14, 15; kwabaseFilipi 4:15-18.) UPawulos noogxa bakhe babedla ngokwenza imisetyenzana ukuze bakwazi ukuziphilisa.

ABANTU ABAKWINKONZO YEXESHA ELIZELEYO KWIMIHLA YETHU

5. Sivakalelwa njani esinye isibini ngobomi esibuphilayo kwinkonzo yexesha elizeleyo?

5 Nanamhlanje, abaninzi bayazibhokoxa kwiindidi ezahlukahlukeneyo zenkonzo yexesha elizeleyo. (Funda ibhokisi ethi “ Iindidi Zenkonzo Yexesha Elizeleyo.”) Bavakalelwa njani ngokhetho abalwenzileyo? Lo ngumbuzo omele uwubuze kubo, ibe kuya kukunceda ukwenjenjalo. Khawuve nanku umzekelo: Umzalwana oye waba nguvulindlela othe ngxi nokhethekileyo, waba ngumthunywa wevangeli, waza wakhonza kwiBheteli yelizwe lasemzini, uthi: “Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo sesinye sezona zigqibo zihle kwendakha ndazenza. Xa ndandineminyaka eyi-18, ndandingazi ukuba ndikhethe yiphi phakathi kokuya eyunivesithi, ukuphangela nokuba nguvulindlela. Amava endiwafumeneyo andifundise ukuba uYehova akasoze azilibale izinto ozincamileyo ukuze umkhonze ixesha elizeleyo. Ndiye ndakwazi ukusebenzisa nayiphi na italente neziphiwo endizinikwe nguYehova ngendlela ebendingenakuzisebenzisa ngayo ukuba ndandikhethe ukusebenzela ihlabathi.” Umkakhe uthi: “Sabelo ngasinye esiye sasifumana sindincede ndakhula. Siye sabona uYehova esikhusela yaye esalathisa ngokuphindaphindiweyo ngeendlela ebesingenakuzibona ukuba sasikhethe ukuqhubeka siphila ubomi obutofotofo. Ndimbulela yonke imihla uYehova ngobomi esibuphilayo kwinkonzo yexesha elizeleyo.” Ngaba akungethandi ukuvakalelwa ngaloo ndlela ngobakho ubomi?

6. Yintoni esinokuqiniseka ngayo sonke ngendlela uYehova avakalelwa ngayo?

6 Kakade ke, iimeko zabanye azibavumeli ukuba babe kwinkonzo yexesha elizeleyo okwangoku. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyayixabisa imigudu yabo yokumkhonza ngemiphefumlo yabo iphela. Cinga ngabo uPawulos awababiza ngamagama kuFilemon 1-3, kuquka nabo babekwibandla laseKolose. (Yifunde.) UPawulos wayebaxabisa, ngokunjalo noYehova. Ngendlela efanayo, uBawo wethu osezulwini uyayixabisa indlela omkhonza ngayo. Noko ke, unokubaxhasa njani abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo?

UKUNCEDA OOVULINDLELA

7, 8. Yintoni eyenziwa ngoovulindlela, ibe abanye abasebandleni banokubanceda njani?

7 Njengabavangeli benkulungwane yokuqala, oovulindlela abanenzondelelo balukhuthazo emabandleni. Abaninzi bazama ukushumayela iiyure eziyi-70 nyanga nganye. Unokubanceda njani?

8 Omnye udade onguvulindlela ogama linguShari wathi: “Oovulindlela babonakala bomelele, kuba basoloko besentsimini. Sekunjalo, bayakufuna ukukhuthazwa.” (Roma 1:11, 12) Xa ethetha ngoovulindlela abasebandleni lakhe, omnye udade owakwaziyo ukuba nguvulindlela kangangeminyaka ethile wathi: “Basebenza nzima. Baba nombulelo xa kukho umntu ocela ukubasa entsimini, abamemele isidlo, abanike imadlana yepetroli nezinye izinto. Batsho babone ukuba uyabathanda.”

9, 10. Ziintoni eziye zenziwa ngabanye ukunceda oovulindlela ebandleni?

9 Ngaba ungathanda ukuncedisa oovulindlela entsimini? UBobbi onguvulindlela wathi: “Siludinga kakhulu uncedo phakathi evekini.” Omnye uvulindlela osebandleni likaBobbi wongeza wathi: “Emva kwemini kuba nzima ukufumana umntu oza kusebenza naye.” Xa ecinga ngeentsuku zakhe zokuba nguvulindlela, udade ngoku oseBheteli eBrooklyn uthi: “Omnye udade owayenemoto wathi kum, ‘Nanini na udinga umntu wokusebenza entsimini, undifowunele, ndiza kuhamba nawe.’ Wandinceda nyhani loo dade.” UShari yena uthi: “Emva kwentsimi, oovulindlela abangatshatanga badla ngokuba bodwa. Usenokuman’ umema abazalwana okanye oodade abangatshatanga kunqulo lwentsapho. Ukwenza izinto kunye nabo kuyabomeleza.”

10 Ecinga ngexesha laxa wayenguvulindlela kunye nabanye oodade abangatshatanga, omnye udade oneminyaka ephantse ibe yi-50 ekwinkonzo yexesha elizeleyo uthi: “Abadala babedla ngokutyelela oovulindlela qho emva kweenyanga ezithile. Babesibuza benyanisekile ngempilo yethu nangemisebenzi yethu yokuziphilisa, baze babuze ukuba asinazinto zisixhalabisayo na. Babesiza nalapho sihlala khona ukuze babone ukuba akukho nto banokusincedisa ngayo na.” La mava anokukwenza ucinge ngendlela uPawulos awayixabisa ngayo into awayenzelwa yenye indoda enentsapho e-Efese.—2 Tim. 1:18.

11. Yintoni umsebenzi woovulindlela abakhethekileyo?

11 Amanye amabandla aye asikelelwa ngoovulindlela abakhethekileyo. Abaninzi kwaba bazalwana noodade bashumayela iiyure eziyi-130 nyanga nganye. Ngenxa yexesha abalichitha entsimini nasekuncediseni amabandla, lincinane gqitha ixesha lokwenza umsebenzi wokuziphilisa. Iofisi yesebe ibanika imadlana nyanga nganye ukuze bakwazi ukunikela ingqalelo entsimini.

12. Abadala nabanye banokubanceda njani oovulindlela abakhethekileyo?

12 Sinokubanceda njani oovulindlela abakhethekileyo? Omnye umdala okwiofisi yesebe nosebenzisana kakhulu noovulindlela abakhethekileyo uthi: “Kufuneka abadala bancokole nabo, bave ukuba banjani, baze babone ukuba banokuncedisa phi. Amanye amaNgqina acinga ukuba oovulindlela abakhethekileyo akukho nto bayidingayo kuba befumana imadlana kwiofisi yesebe, kodwa abazalwana basekuhlaleni banokubanceda ngeendlela ezininzi.” Njengoovulindlela abathe ngxi, oovulindlela abakhethekileyo bayakuxabisa ukuba nomntu wokusebenza entsimini. Ngaba unokusebenza nabo?

UKUNCEDA ABAVELELI BESIPHALUKA

13, 14. (a) Yintoni esimele siyikhumbule ngabaveleli besiphaluka? (b) Ucinga ukuba yintoni onokuyenza ukuze uncede abaveleli besiphaluka?

13 Abaveleli besiphaluka nabafazi babo badla ngokujongwa njengabantu abomeleleyo ngokomoya nabangenakugungqiswa. Ewe kona bomelele, kodwa nabo bayakufuna ukukhuthazwa, ukuba nabantu abaza kuhamba nabo entsimini, nokumenyelwa amaxesha okuzonwabisa. Kuthekani ukuba bayagula baze basiwe esibhedlele, mhlawumbi de kufuneke batyandwe? Bavuya nyhani xa abazalwana noodade basekuhlaleni besiba nomdla kubo baze babancede xa kuyimfuneko. Unokuyithelekelela indlela uLuka, “ugqirha oyintanda,” owabhala incwadi yeZenzo, awayibonisa ngayo inkxalabo kuPawulos noogxa bakhe.—Kol. 4:14; IZe. 20:5–21:18.

14 Abaveleli besiphaluka nabafazi babo bayabadinga abahlobo. Omnye umveleli wesiphaluka wathi: “Abahlobo bam bayandibona xa ndifuna ukukhuthazwa. Baye bandibuze imibuzo, nditsho ndikwazi ukuthetha ngezinto ezindityayo. Ndincedwa nje kukundiphulaphula kwabo.” Abaveleli besiphaluka nabafazi babo bayixabisa ngokwenene indlela abazalwana noodade abawubonisa ngayo umdla kubo.

UKUXHASA ABO BAKHONZA EBHETELI

15, 16. Abazalwana noodade abakhonza eBheteli nakwiiHolo zeNdibano benza wuphi umsebenzi, ibe sinokubanceda njani?

15 Ehlabathini lonke, abazalwana abakhonza eBheteli nakwiiHolo zeNdibano bawuxhasa ngendlela ebalulekileyo umsebenzi woBukumkani. Ukuba ibandla okanye isiphaluka okuso sinabazalwana noodade abaseBheteli, unokubonisa njani ukuba uyawuxabisa umsebenzi wabo?

16 Xa befika eBheteli, basenokukhumbula ekhaya, kuba becinga iintsapho nabahlobo ngasemva. Bavuya nyhani xa abanye abazalwana abaseBheteli kunye nabo basebandleni labo bezisondeza kubo! (Marko 10:29, 30) Ngokuqhelekileyo, umsebenzi abawenzayo udla ngokubavumela ukuba baye kwiintlanganiso nasentsimini veki nganye. Noko ke, maxa wambi kudla ngokufuneka benze eminye imisebenzi. Xa amabandla ekuqonda oku aze abonise ukuba ayawuxabisa umsebenzi owenziwa ngaba bazalwana noodade, kungenelwa wonke umntu.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:9.

UKUNCEDA ABAKWINKONZO YEXESHA ELIZELEYO KUMAZWE ASEMZINI

17, 18. Yiyiphi imisebenzi eyenziwa ngabo bakhonza kwamanye amazwe?

17 Abo bamkela isabelo sokukhonza kweliny’ ilizwe banokudibana nokutya, ulwimi, amasiko neemeko ezahluke kakhulu kwezo baziqhelileyo. Kutheni bekhetha ukwenza utshintsho olunzima kangaka nje?

18 Abanye ngabathunywa bevangeli, abasebenza kwintsimi enokunceda abantu abaninzi abadinga uqeqesho lwabo. Iofisi yesebe ibalungiselela indawo yokuhlala nemadlana ethile ukuze bakwazi ukwenza izinto eziyimfuneko. Abanye bathunyelwa kwamanye amazwe ukuze baye kusebenza kwiofisi yesebe okanye bancedise kumsebenzi wokwakha iiofisi zamasebe, iiofisi zokuguqulela, iiHolo zeNdibano okanye iiHolo zoBukumkani. Bancedwa ngokutya, indawo yokuhlala nezinye izinto ezibalulekileyo. Njengamalungu entsapho yaseBheteli, baya qho ezintlanganisweni nasentsimini, nto leyo ebenza babe lukhuthazo ngeendlela ezininzi.

19. Yintoni esimele siyikhumbule ngabo bakhonza kumazwe asemzini?

19 Unokubakhumbula njani aba bakhonzi bexesha elizeleyo? Khumbula ukuba—ingakumbi xa besafika—basenokungaqhelani nokutya kwaloo ndawo. Unokucinga nangaloo nto xa ubamemela isidlo; unokubabuza ukutya abakuthandayo okanye abanqwenela ukukuzama. Yiba nomonde njengoko befunda ulwimi namasiko asekuhlaleni. Kunokubathatha ixesha ukuqonda yonk’ into oyithethayo, kodwa unokubanceda ngobubele bawabize kakuhle amagama. Bayakufuna ukufunda!

20. Yiyiphi indlela entle esinokubakhumbula ngayo abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo nabazali babo?

20 Abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo bayaluphala, ibe kunjalo nangabazali babo. Ukuba abazali babo ngamaNgqina, bamel’ ukuba banqwenela ukuba abantwana babo bahlale kwizabelo zabo. (3 Yoh. 4) Kakade ke, abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo baya kwenza konke okusemandleni abo ukunyamekela abazali babo xa kuyimfuneko. Sekunjalo, abazalwana noodade abakunye nabo bazali ebandleni banokuhlala bekulungele ukunceda xa kuyimfuneko. Khumbula ukuba abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo baxhasa owona msebenzi ubalulekileyo emhlabeni. (Mat. 28:19, 20) Ngaba wena okanye ibandla lakho ninokunceda abazali babo xa kukho into abayidingayo?

21. Bavakalelwa njani abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo xa bekhuthazwa?

21 Abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo abakwenzi oku kuba befuna imali, kodwa kuba befuna ukupha uYehova nabanye. Baxabisa nantoni na onokubenzela yona. Indlela abavakalelwa ngayo ichazwa kakuhle ngala mazwi odade okhonza kwilizwe lasemzini athi: “Isibhilivana nje esifutshane esibulelayo sibonisa ukuba abanye bacinga ngawe yaye bayavuyiswa ngumsebenzi owenzayo.”

22. Uvakalelwa njani ngabo bakwinkonzo yexesha elizeleyo?

22 Ukukhonza uYehova ixesha elizeleyo yeyona ndlela imnandi yokuphila. Akululanga, kodwa kuyafundisa ibe kuyanelisa. Yeyona ndlela yokukunceda ulungele ukukhonza uYehova ngonaphakade phantsi koBukumkani bukaThixo. Sonke masingaze ‘siwulibale umsebenzi wokuthembeka’ wabo bakwinkonzo yexesha elizeleyo ‘nokubulaleka kwabo beqhutywa luthando.’—1 Tes. 1:3.