IMBONISELO—EFUNDWAYO Novemba 2014
Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoDisemba 29, 2014 ukuya kutsho ngoFebruwari 1, 2015.
Uvuko LukaYesu—Oko Lukuthethayo Kuthi
Iingongoma ezine zisinika ubungqina obusiqinisekisayo ukuba uYesu wavuswa. Ukukholelwa ukuba uyaphila kufanele kusibangele ukuba senze ntoni?
Isizathu Sokuba Simele Sibe Ngcwele
Ngaba wakha wadidwa okanye wakruqulwa yincwadi yeLevitikus? Ubuncwane obufumaneka kwiLevitikus kunokukunceda ube ngcwele kunqulo lwakho.
Simele Sibe Ngcwele Kuyo Yonke Ihambo Yethu
Ukuphepha ukulalanisa, ukusebenzela uYehova ngamandla ethu onke, nokutya ukutya okuqinileyo kokomoya kufana ngantoni?
“Abantu AbaThixo Wabo UnguYehova”
Ngaba uYehova uyabamkela bonke abanquli abalungileyo, nokuba bakweyiphi icawa?
“Ngoku Nisisizwana SikaThixo”
Sinokwenza njani ukuze sibe “sisizwana sikaThixo” size sihlale sisiso?
Imibuzo Evela Kubafundi
Bamiselwa njani abadala nezicaka zolungiselelo ebandleni? Ngoobani amangqina amabini ekuthethwa ngawo kwiSityhilelo isahluko 11?
SIPHAKULA KOOVIMBA BETHU
Kuyasa Kwilizwe LaseJapan
Iikharavani ezazakhiwe ngokukhethekileyo ezibizwa ngokuba “ngooYehu” zanceda kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani eJapan.