Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umele Utshintshe Ingqondo?

Ngaba Umele Utshintshe Ingqondo?

AMAKRISTU aselula agqiba kwelokuba akhe aye kubukela imuvi. Avile ukuba abanye abantwana esikolweni bayithandile. Ukufika kwawo kwindawo yokubukela loo muvi, abona kwizibhengezo zayo kuvezwe izixhobo zokulwa namabhinqa anxibe impahla eveze umzimba. Aza kuthini ke ngoku? Ngaba aza kuqhubeka abukele le muvi?

Le meko ibonisa kakuhle ukuba kukhe kufuneke senze izigqibo ezinokonakalisa okanye zomeleze ulwalamano lwethu noYehova. Ngamany’ amaxesha, unokuzimisela ukwenza into ethile, kodwa emva kokuhlola imeko, utshintshe ingqondo. Ngaba loo nto ithetha ukuba ungumntu ongenazigqibo, okanye ngaba kufanelekile ukutshintsha kwakho ingqondo?

Xa Ukutshintsha Ingqondo Kungafanelekanga

Kuba simthanda uYehova, siye sazahlulela kuye saza sabhaptizwa. Sikufuna ngentliziyo yethu ukuhlala sithembekile kuThixo. Noko ke, uSathana uMtyholi olutshaba lwethu uzimisele ukuyinqanda ingenzeki loo nto. (ISityhi. 12:17) Sigqibe kwelokuba sikhonze uYehova size sithobele imiyalelo yakhe. Xa kufikwa kumba wokuzahlulela kuYehova, ibiya kuba buhlungu gqitha into yokuba sitshintshe ingqondo! Besinokuphulukana nobomi bethu.

Kwiminyaka engaphezu kwe-2 600 eyadlulayo, uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni wamisa isithixo esikhulu esenziwe ngegolide waza wayalela ukuba bonke abantu bawe phambi kwaso basinqule. Nabani na owayengakwenzi oku wayeza kuphoswa kwiziko elivuthayo. Abakhonzi bakaYehova abathathu ababengafuni ukwenza nantoni na engamkholisiyo uThixo—uShadraki, uMeshaki noAbhednego—abazange bavume. Ngenxa yoko, baphoswa kwiziko elivuthayo. UYehova wabasindisa ngendlela engummangaliso, kodwa babexolele ukubulawa kunokuba batshintshe kwisigqibo sabo sokukhonza uThixo.—Dan. 3:1-27.

Kamva, umprofeti uDaniyeli wazingisa ekuthandazeni, nakuba wayesongelwe ngokuphoswa emhadini weengonyama. Waqhubeka ethandaza kuYehova kathathu ngosuku. UDaniyeli akazange atshintshe kwindlela awayezimisele ngayo ukunqula uThixo wokwenyaniso. Ngenxa yoko, lo mprofeti wahlangulwa “emathupheni eengonyama.”—Dan. 6:1-27.

Nabakhonzi bakaThixo bale mihla abatshintshi kwisigqibo abasenzayo sokuzahlulela kuye. Kwisikolo esikwelinye ilizwe laseAfrika, abantwana abangamaNgqina kaYehova abazange bavume ukunqula uphawu lwesizwe. Baxelelwa ukuba baza kugxothwa esikolweni ukuba abayenzi loo nto. Kungekudala emva koko, umphathiswa wezemfundo weza kuloo dolophu waza wancokola nabanye babo bantwana abangamaNgqina. La maNgqina aselula achaza iinkolelo zawo, ethetha ngembeko kodwa enesibindi. Ukususela ngelo xesha, ayizange iphinde ivele le ngxaki. Ngoku abazalwana noodade abaselula bayakwazi ukuya esikolweni bengoyiki ukuba baza kunyanzelwa ukuba balalanise.

Omnye umzekelo ngokaJoseph, owaswelekelwa ngumfazi ngesiquphe emva kokugula ngumhlaza. Intsapho yakuloJoseph yayiwazi amasiko angawafuniyo uJoseph yaye iyamkela loo nto. Noko ke, abantu basebukhweni bakhe abekho senyanisweni, ibe babefuna kwenziwe amasiko athile, nkqu nalawo angafunwayo nguThixo. Uthi: “Bathi besakubona ukuba anditshintshi kwisigqibo sam, bazama ukuphembelela abantwana bam, kodwa nabo abazange bagungqe. Bazama nokwenza umlindo emzini wam, kodwa ndabaxelela ukuba bangakulinge benze mlindo apha kwam. Babesazi ukuba mna nomkam sasingakholelwa kwimilindo, ngoko bagqiba kwelokuba baye kuwenzela kwenye indawo.

“Kweli xesha linzima, ndabongoza uYehova ukuba asincede singayaphuli imithetho yakhe. Wayiva imithandazo yam waza wasinceda asagungqiswa yingcinezelo.” Xa kufikwa kumba wokunqula kwabo uThixo, uJoseph nabantwana bakhe babengayicingi kwaukuyicinga into yokutshintsha iingqondo zabo.

Xa Ukutshintsha Ingqondo Kusenokuba Yimfuneko

Kungekudala emva kwePasika ka-32 C.E., ibhinqa elingumSirofenike laya kuYesu Kristu eSidon. Lamcela kaninzi ukuba akhuphe idemon kwintombi yalo. Ekuqaleni, uYesu watya tyum akaliphendula. Wathi kubafundi bakhe: “Andithunyelwanga nakubaphi na ngaphandle kwezimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.” Lathi eli bhinqa lisakungapheli mandla, uYesu wathi: “Akulunganga ukuthabatha isonka sabantwana uze usiphose ezinjaneni.” Eli bhinqa labonisa ukholo olukhulu, laza lathi: “Ewe, Nkosi; kodwa ngokwenene iinjana zidla iimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.” UYesu wavuma waza wayiphilisa intombi yalo.—Mat. 15:21-28.

Xa wayesenza oku, uYesu wayexelisa uYehova, ekulungele ukutshintsha xa iimeko zivuma. Ngokomzekelo, uThixo wayezimisele ukuwatshayela amaSirayeli emva kokuba enze ithole legolide, kodwa wavumela uMoses ukuba amcenge ukuba atshintshe isigqibo sakhe.—Eks. 32:7-14.

Umpostile uPawulos waxelisa uYehova noYesu. Kwadlula ixesha uPawulos evakalelwa kukuba akanakuhamba noYohane Marko kuhambo lwabathunywa bevangeli, kuba uMarko wayeshiye uPawulos noBharnabhas kwesinomhlwa kuhambo lwabo lokuqala. Noko ke, kuyabonakala ukuba kamva uPawulos wabona ukuba uMarko wayezimisele, ibe wayeza kuba luncedo kuye. Ngoko uPawulos wathi kuTimoti: “Thabatha uMarko uze naye, kuba uyandinceda emsebenzini wobulungiseleli.”—2 Tim. 4:11.

Kuthekani ngathi? NjengoBawo wethu onenceba, umonde nothando, sisenokugqiba kwelokuba sitshintshe ingqondo kwizinto ezithile. Ngokomzekelo, sisenokutshintsha indlela esibajonga ngayo abanye. Ngokungafaniyo noYehova noYesu, asifezekanga. Ukuba bona bakulungela ukutshintsha, ngaba nathi asinakucinga ngeemeko zabanye size mhlawumbi sitshintshe ingqondo?

Ukutshintsha ingqondo kusenokuba yinto entle xa ucinga ngosukelo lokukhonza uThixo. Abanye abafundelwa iBhayibhile nabasele benethuba besiya kwiintlanganiso basenokukubekel’ amangomso ukubhaptizwa. Abanye abazalwana basenokuba mathidala ukuba ngoovulindlela, nakuba iimeko zabo zibavumela ukuba babe ngabo. Ibe abazalwana abathile basenokungabi namdla wokuzabalazela amalungelo ebandleni. (1 Tim. 3:1) Ngaba ungomnye wabo bantu? UYehova uyakuthanda, ibe uyakumema ukuba uxhamle kula malungelo. Ngoko kutheni ungatshintshi indlela ocinga ngayo uze ufumane ulonwabo olubangelwa kukuzinikela kuThixo nakwabanye?

Ukutshintsha ingqondo kunokukuzisela intsikelelo

Xa ebalisa ngokukhonza kwakhe kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova kwelinye ilizwe laseAfrika, uElla uthi: “Ukufika kwam eBheteli, ndandingaqondi ukuba ndiza kuhlala. Ndandikufuna ukukhonza uYehova ngomphefumlo wam uphela, kodwa ndandisondelelene kakhulu nentsapho yasekhaya. Ekuqaleni, ndandibakhumbula gqitha abantu basekhaya! Kodwa udade endandihlala naye wandikhuthaza, ndaza ndagqiba kwelokuba makhe ndihlale. Emva kweminyaka elishumi ndiseBheteli, ndisafuna ukuqhubeka ndikhonza abazalwana noodade apha kwesi sabelo.”

Xa Ukutshintsha Ingqondo Kunyanzelekile

Usayikhumbula into eyenzeka kuKayin xa wamonela umninawa wakhe waza walugcwabevu ngumsindo? UThixo wamxelela ukuba wayenokuphinda akholiswe nguye ukuba nje wayenokutshintsha enze okulungileyo. UThixo wacebisa uKayin ukuba asongamele isono ‘esasibuthumile ngasesangweni.’ UKayin wayenokuyitshintsha indlela awayecinga ngayo, kodwa wakhetha ukulibetha ngoyaba icebiso likaThixo. Okubuhlungu kukuba, uKayin wabulala umninawa wakhe waza waba ngumbulali wokuqala!—Gen. 4:2-8.

Kwakuya kuba njani ukuba uKayin wayetshintshe ingqondo?

Omnye umzekelo ngokaKumkani u-Uziya. Ekuqaleni, wayesenza okulungileyo emehlweni kaYehova ibe waqhubeka emfuna uThixo. Noko ke, okubuhlungu kukuba u-Uziya walimosha igama lakhe ngokuba nekratshi. Wangena etempileni waza watshisa isiqhumiso, engengombingeleli ke phofu. Xa ababingeleli bamlumkisa ukuba angagabadeli ngolu hlobo, ngaba watshintsha ingqondo? Kunani khona. U-Uziya “waba nomsindo” waza akasiphulaphula eso silumkiso. Ngenxa yoko, uYehova wambetha ngeqhenqa.—2 Kron. 26:3-5, 16-20.

Ziba khona iimeko apho kunyanzelekile ukuba sitshintshe ingqondo. Nanku umzekelo woku. UJoachim wabhaptizwa ngo-1955, kodwa ngo-1978 wasuswa kubudlelane. Emva kweminyaka engaphezu kweyi-20, waguquka waza waphinda waliNgqina likaYehova. Kutshanje, ukhe wabuzwa ngomnye umdala ukuba kutheni elinde ixesha elingaka ngaphambi kokuba acele ukubuyiselwa. UJoachim uphendule wathi: “Ndandiqhutywa ngumsindo nekratshi. Ndiyazisola ngokulinda ixesha elide kangaka. Ngela xesha ndandisusiwe, ndandisazi ukuba ngamaNgqina kaYehova afundisa inyaniso.” Kwafuneka atshintshe ingqondo aze aguquke.

Nathi sisenokuba kwimeko efuna ukuba sitshintshe ingqondo nekhondo lethu. Ngamana singakulungela ukuyenza loo nto ukuze uYehova akholiswe sithi.—INdu. 34:8.