Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela

UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela

UMDALI wethu ujizeke abantu ngenkululeko yokuzikhethela. Ngaphezu koko, uyabasikelela abo basebenzisa inkululeko yabo ukuze bahambisele phambili unqulo lokwenene baze benze unako nako ukungcwalisa igama lakhe elingcwele nokuxhasa injongo yakhe. UYehova akafuni senze uphela sonwabe xa simthobela okanye sithobele kuba nje sisoyika ukohlwaywa. Kunoko, uyabaxabisa abo bazinikela kuye ngokuzithandela beqhutywa luthando naluxabiso.

Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayesentlango eSinayi, uYehova wawayalela ukuba akhe indawo yokumnqula. Wathi: “Thabathani phakathi kwenu umnikelo kaYehova. Bonke abantliziyo zivumayo mabawuzise ube ngumnikelo kuYehova.” (Eks. 35:5) MSirayeli ngamnye wayenokunikela ngayo nantoni na awayenamandla okunikela ngayo, ibe umnikelo ngamnye wokuzithandela—kungakhathaliseki ukuba wawuyintoni okanye ungakanani—wawunokusetyenziselwa ukuphumeza injongo kaThixo. Asabela njani amaSirayeli?

“Wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo, abo bonke bamoya wabaqhubayo,” benza umnikelo wokuzithandela, ‘bonke ngeentliziyo ezivumayo.’ Amadoda nabafazi banikela kuYehova ngezinto abanazo: iimbasa, amacici, imisesane, igolide, isilivere, ubhedu, imisonto eluhlaza, uboya obudaywe bamfusa bubomvu, umchako omfusa, ilinen ecikizekileyo, uboya bebhokwe, iimfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu, izikhumba zeentini, imithi yomnga, amatye axabisekileyo, ibhalsam kunye neoli. Ekugqibeleni, “yawanela ke impahla leyo wonke umsebenzi owawufanele ukwenziwa, yada yangaphezu kwaleyo ifunekayo.”—Eks. 35:21-24, 27-29; 36:7.

Eyona nto yayikholisa uYehova, yayingezozinto ekwanikelwa ngazo, kodwa yayingumoya wokuzithandela wabo babexhasa unqulo lokwenyaniso. Banikela ngexesha nangamandla abo. Le ngxelo ithi: “Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo.” Nyhani ke, “bonke abafazi abaqhutywa yintliziyo ngobulumko basonta uboya bebhokhwe.” Ngaphezu koko, uYehova wanika uBhetsaleli ‘ubulumko, ukuqonda, ulwazi nobungcibi bohlobo lonke.’ UThixo wanika uBhetsaleli no-Oholiyabhi ubuchule bokwenza wonke umsebenzi ababewabelwe.—Eks. 35:25, 26, 30-35.

Xa uYehova wathi amaSirayeli makanikele, wayenentembelo yokuba “wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo” wayeza kuluxhasa unqulo lokwenene. Yena wabasikelela ngokubakhokela nokubanika uvuyo abo banikela ngeentliziyo ezivumayo. Ngaloo ndlela uYehova wabonisa ukuba xa ewusikelela umoya wokuzithandela wabakhonzi bakhe, abasweli nto ukuze injongo yakhe iphumelele. (INdu. 34:9) Ukuba ukhonza uYehova ngomoya wokuzithandela, uya kukusikelela.