Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bukhuthalele Ubulungiseleli

Bukhuthalele Ubulungiseleli

UKUSHUMAYELA iindaba ezilungileyo ngowona msebenzi ubalulekileyo owenziwa emhlabeni namhlanje. Kulilungelo ukumela uYehova kulo msebenzi wokufundisa. Noko ke, ngamany’ amaxesha kusenokuba nzima ukuba oovulindlela nabavakalisi babukhuthalele ubulungiseleli. Ngoba?

Yintoni eza kukunceda ubukhuthalele ubulungiseleli?

Abanye abavakalisi badla ngokuncokola nabantu abambalwa entsimini ngenxa yokuba abantu abaninzi bengekho emakhayeni abo. Kwaye naxa bekhona, basenokungabi namdla kwisigidimi soBukumkani de basibhebhethe ngomsindo. Abanye abavakalisi banentsimi enkulu nenabantu abanomdla, kodwa banexhala lokuba abasoze bakwazi ukushumayela kubantu bonke. Kanti abanye bebeshumayela kangangeminyaka bada badimazeka kuba singade sifike isiphelo.

Iza kubakho imiqobo esenza singakhuthali kubulungiseleli bethu. Siyilindele into yokuba kube nzima ukushumayela iindaba ezilungileyo, kuba siphila kwihlabathi elilawulwa ‘ngongendawo,’ uSathana uMtyholi.—1 Yohane 5:19.

Kungakhathaliseki ukuba ziziphi iingxaki odibana nazo kubulungiseleli bakho, siyakuqinisekisa ukuba uYehova uya kukunceda uzoyise. Kodwa yintoni onokuyenza ukuze ubukhuthalele ngakumbi ubulungiseleli? Makhe sithethe ngamanye amacebiso.

NCEDA ABAVAKALISI ABASEBATSHA

Nyaka ngamnye, amawaka abantu ayabhaptizwa abe ngamaNgqina kaYehova. Ukuba usandul’ ukubhaptizwa, ininzi into onokuyifunda kwabo sele bengamagqala entsimini. Ukuba sele uligqala, ngaba ungancedisa ekuqeqesheni abasebatsha? Uya kuziva wanelisekile xa usenjenjalo.

UYesu wayesazi ukuba ukuze abafundi bakhe babe ngabafundisi abaphumelelayo, kwakufuneka balathiswe, yaye wababonisa indlela yokushumayela. (Luka 8:1) Nanamhlanje, abantu abasebatsha badinga uqeqesho olufanayo ukuze babe ngabavakalisi abaphumelelayo.

Asimele sicinge ukuba umvakalisi osemtsha uya kuzibonela indlela yokufundisa ngokusuka nje aye entsimini. Udinga ukwalathiswa ngumqeqeshi onobubele nothando. Umvakalisi onamava kufuneka amfundise indlela (1) yokulungiselela nokuqhelisela into aza kuyithetha kumninimzi, (2) yokuncokola nabantu, (3) yokuhambisa iincwadi, (4) yokubuyela kwabo banomdla, kunye (5) neyokuqalisa isifundo seBhayibhile. Umvakalisi osemtsha unokuphumelela ukuba ubukela aze axelise indlela afundisa ngayo umvakalisi onamava. (Luka 6:40) Uya kutsho azithembe kuba esazi ukuba ukho umntu osoloko ekulungele ukumnceda xa kuyimfuneko. Enye into enokumnceda umvakalisi osemtsha kukumncoma nokumcebisa.—INtshumayeli 4:9, 10.

NCOKOLA NOMNTU OHAMBA NAYE ENTSIMINI

Enoba sizama kangakanani ukuncokola nabaninimzi, ngezinye iimini oyena mntu sikwaziyo ukuncokola naye entsimini iba ngulo sihamba naye. Khumbula ukuba uYesu wabathuma “ngababini” abafundi bakhe. (Luka 10:1) Njengoko besebenza kunye, babenokukhuthazana yaye bomelezane. Nathi sifumana ithuba ‘lokukhuthazana’ xa sisebenza nabazalwana noodadewethu entsimini.—Roma 1:12.

Ziintoni eninokuthetha ngazo? Ngaba ukhona kuni ekukhe kwenzeka into emkhuthazileyo? Ngaba ikho into ebangel’ umdla oyifumene kufundisiso lwakho okanye kwisifundo sentsapho? Ngaba kukho into ekukhuthazileyo ezintlanganisweni? Ngamany’ amaxesha usenokusebenza nomvakalisi ongamazi kakuhle. Usenokumbuza ukuba wayifumana njani inyaniso. Yintoni eyamqinisekisayo ukuba le yintlangano kaYehova? Ngawaphi amalungelo okanye amava anokuwabalisa? Mhlawumbi nawe ungambalisela awakho amava. Enoba injani intsabelo entsimini, xa usebenza nomntu ufumana ithuba elihle ‘lokwakhana’ naye.—1 Tesalonika 5:11.

PHUCULA INDLELA OFUNDISISA NGAYO

Ukuze sihlale sibukhuthalele ubulungiseleli, kufuneka siphucule indlela esifundisisa ngayo. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” linenkcazelo ngezinto ezahlukeneyo esinokufunda ngazo. (Mateyu 24:45) Makhe sithethe ngomnye umzekelo wombandela omhle esinokufunda ngawo: Kutheni kubalulekile ukushumayela? Ibhokisi ethi “ Kutheni Simele Sikhuthalele Ubulungiseleli?” iyazichaza ezinye izizathu.

Ukuhlolisisa iingongoma ezikule bhokisi kunokukukhuthaza ukuba uqhubeke uyikhuthalela intsimi. Kufundisiso lwakho, zama ukudwelisa ezinye izizathu ezikwiZibhalo zokuba siyikhuthalele intsimi. Camngca ngazo. Xa usenjenjalo, uya kukhuthala ngakumbi kubulungiseleli.

KULUNGELE UKUZAMA IINDLELA EZINTSHA

Intlangano kaYehova isoloko isicebisa ngeendlela esinokuphucula ngazo kubulungiseleli. Ngokomzekelo, ukongezelela ekushumayeleni kwindlu ngendlu, sisenokuzama ukushumayela ngeeleta, ngefowuni, esitratweni okanye kwiindawo zikawonke-wonke, nokushumayela ngokungacwangciswanga okanye kwiindawo abaphangela kuzo abantu. Sisenokude sicebe ukushumayela kwiindawo ezinamaNgqina ambalwa okanye ezingenawo.

Ngaba ukulungele ukuzama iindlela ezintsha? Abantu abaninzi abawazamileyo la macebiso baye baphumelela. Khawujonge le mizekelo mithathu.

Omnye udade ogama linguApril wagqiba kwelokuba khe azame icebiso elalisuka kuBulungiseleli BoBukumkani elithetha ngendlela yokuqalisa isifundo. Wacela ukuqhubela isifundo seBhayibhile abantu abathathu asebenza nabo. UApril wamangaliswa waza wavuya xa bobathathu bavumayo ukuqhutyelwa isifundo baza baqalisa nokuya kwiintlanganiso zebandla.

Siye sakhuthazwa nokuba sifune abantu abanokuba nomdla kumanqaku akwiimagazini zethu. Omnye umveleli wesiphaluka waseMerika wagqiba kwelokuba ahambise inqaku likaVukani! elithetha ngamatayara kubaphathi beevenkile zamatayara zommandla othile. Yena nomkakhe baphinda bahambisa amanqaku awayethetha ngendlela yokumqonda bhetele ugqirha wakho kwiiofisi zoogqirha ezingaphezu kweziyi-100. Uthi loo nto iye yanceda abantu baqhelana nomsebenzi wokushumayela neencwadi zethu. Emva kokuba beye babazi bhetele abantu abakwintsimi yabo, lo mveleli wesiphaluka nomkakhe baye benza amabuyelo angakumbi.

Omnye udade onguJudy wabhalela ikomkhulu ebulela ngokhuthazo lokushumayela ngefowuni. Wathi, unina owayeneminyaka eyi-86 yaye egula kakhulu, wayesoloko eshumayela ebantwini esebenzisa ifowuni. Wade waqalisa isifundo seBhayibhile nomakhulu oneminyaka eyi-92!

Asebenza nyhani amacebiso akwiincwadi zethu. Khawuwazame! Angakunceda uhlale wonwabile yaye ubukhuthalele ubulungiseleli.

ZIBEKELE USUKELO ONOKULUFIKELELA

Yintoni esenza siphumelele kumsebenzi wethu wokushumayela? Ayibobungakanani beencwadi esizihambisayo, izifundo zeBhayibhile esiziqhubayo, okanye abantu esibanceda babe ngamaNgqina kaYehova. Masenze umzekelo ngoNowa. Ngaphandle kwentsapho yakhe, bangaphi abantu awabancedayo baba ngabanquli bakaYehova? Sekunjalo, asithandabuzi ukuba wayengumshumayeli ophum’ izandla. Eyona nto ibalulekileyo kukuba sikhonze uYehova ngokuthembeka.—1 Korinte 4:2.

Abavakalisi abaninzi bayaqonda ukuba ukuze babe nehlombe kumsebenzi wokushumayela, kufuneka bazibekele usukelo olufikelelekayo. Ziziphi ezinye zezinto abanokuzibeka njengosukelo? Ezinye zazo zichazwe kwibhokisi ethi “ Zibekele Usukelo Onokulufikelela.

Cela uYehova akuncede wenze ubulungiseleli bakho banelise yaye bungabi lilize. Xa ufikelela usukelo lwakho, uya kuziva wanelisekile kuba usazi ukuba iindaba ezilungileyo uzishumayele ngamandla akho onke.

Ewe kona ukushumayela iindaba ezilungileyo kusenokuba nzima. Kodwa zikho izinto onokuzenza ukuze ubukhuthalele ubulungiseleli bakho. Ncokola ngezinto ezakhayo nomntu ohamba naye entsimini, ufundisise rhoqo nangendlela eza kukunceda, uzame amacebiso ekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, uze uzibekele usukelo onokulufikelela. Ngaphezu kwezinto zonke, khumbula ukuba ulinikwe nguYehova uThixo ilungelo lokushumayela iindaba ezilungileyo njengeNgqina lakhe. (Isaya 43:10) Uza konwaba nyhani njengoko uqhubeka ukhuthalela ubulungiseleli!